UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | MATEYU 8-9
UYesu Wayebathanda Abantu
Isahluko 8 nese-9 sencwadi kaMateyu sithetha ngokushumayela kukaYesu kummandla waseGalili. Xa wayephilisa abantu, uYesu wayebonisa amandla akhe ibe okubaluleke nangakumbi wayebonisa indlela abathanda ngayo abantu nanovelwano ngayo.
UYesu waphilisa umntu oneqhenqa.—Mat 8:1-3
UYesu waphilisa isicaka segosa lomkhosi.—Mat 8:5-13
Waphilisa umkhwekazi kaPetros.—Mat 8:14, 15
Wakhupha iidemon waza wanyanga nabantu ababegula.—Mat 8:16, 17
UYesu wakhupha iidemon ezazinobundlobongela obungaqhelekanga waza wazithumela kugxubha lweehagu.—Mat 8:28-32
UYesu waphilisa umntu ofe umzimba.—Mat 9:1-8
Waphilisa ibhinqa elachukumisa isambatho sakhe waza wavusa nentombi kaYayiro.—Mat 9:18-26
Waphilisa imfama nesimumu.—Mat 9:27-34
UYesu wakhenketha zonke izixeko needolophana, ephilisa lonke uhlobo lwesifo nalo lonke uhlobo lobulwelwe.—Mat 9:35, 36
Ndingabonisa njani ukuba ndiyabathanda ibe ndinovelwano kubantu abasondeleyo kum?