IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwb18 Novemba iphe. 7
  • ‘Isipho Esinikelwa Ngesandla KuYehova’

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • ‘Isipho Esinikelwa Ngesandla KuYehova’
  • Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2018
  • Amanqaku Afanayo
  • Siyambulela UYehova Ngothando Lwenu
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2021
  • Uxhaswa Njani Ngemali Umsebenzi WamaNgqina KaYehova?
    Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza NgamaNgqina KaYehova
  • Yintoni Esinokumpha Yona UYehova?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2018
  • Ixabiso ‘Leesentana Ezimbini’
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso——2020
Khangela Okunye
Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2018
mwb18 Novemba iphe. 7

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

‘Isipho Esinikelwa Ngesandla KuYehova’

Umntu ufaka umnikelo kwibhokisi yomnikelo; umntu uyanikela kwifowuni

Singenza njani ukuze ‘sizalise namhlanje isandla ngesipho sikaYehova?’ (1Kr 29:5, 9, 14) Apha ngezantsi kukho iindlela esinokukhetha kuzo ukunikela ukuze sixhase umsebenzi owenziwa ngamaNgqina KaYehova, apha ekuhlaleni okanye emhlabeni wonke.

IMINIKELO EYENZIWA NGEINTANETHI NAKWIIBHOKISI ZEMINIKELO IXHASA:

  • Umnikelo oya kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke

    UMSEBENZI OWENZIWA EHLABATHINI LONKE

    ukwakhiwa nokulungiswa kwamasebe neeofisi zokuguqulela

    izikolo zentlangano

    abazalwana abakwinkonzo ekhethekileyo yexesha elizeleyo

    xa kwehle intlekele

    ukuprintwa, ukwenziwa kweevidiyo nezinto ezifakwa kwizinto ze-elektroniki

  • Umnikelo oya kwibandla

    IINDLEKO ZEBANDLA

    izinto ezithengwayo zebandla nokulungiswa kwezinto zeHolo YoBukumkani

    neminye iminikelo ethunyelwa libandla kwisebe ukuze ixhase:

    • Ulwakhiwo lweeHolo ZoBukumkani nezeeNdibano emhlabeni wonke

    • Ilungiselelo Loncedo Ehlabathini

    • eminye imisebenzi eyenziwa ehlabathini lonke

IINDIBANO ZESIPHALUKA NEZENGINGQI

Iminikelo eyenziwa kwindibano yakho yengingqi ithunyelwa kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke. Zonke iindleko zeendibano zengingqi, ezikhethekileyo nezezizwe ngezizwe ziye zibhatalwe ngeminikelo esuka kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke.

Iminikelo yesiphaluka iye iqashe iiholo zendibano, izilungise ize yenze nezinye iindleko zesiphaluka. Isiphaluka sinokugqiba ukuba sithumele imali eshiyekileyo kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke wamaNgqina KaYehova.

donate.jw.org

INDLELA YOKUNIKELA NGEINTANETHI

Ungasebenzisa enye yezi ndlela xa unikela ngeintanethi:

  • yiya ku-donate.jw.org

  • yiya kwindawo ethi Inkcazelo Engakumbi Ngathi ku-jw.org/xh, uze ukhethe indawo ethi “Nikela”

  • kwiJW Library app yiya ezantsi kwindawo ethi “Nikela”

Kwamanye amazwe kukho incwadi ethi “Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza” edla ngokuphendula imibuzo eqhele ukubuzwa ngabantu ngeendlela zokunikela.

Ividiyo ethi Indlela Yokunikela Kwiwebhsayithi inamacebiso ancedayo ngeendlela zokunikela ezikhoyo.

EZINYE IINDLELA ZOKUNIKELA

Eminye iminikelo eyenziwa kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke uye ufune umntu acebe okanye afune amacebiso emthethweni. Loo minikelo iquka:

  • iminqophiso yamafa

  • indlu, imfuyo, ibhondi neinshorensi

Ukuba ufuna ukunikela, bhalela iofisi yesebe usebenzisa iinkcukacha ezikwindawo yokunikela ethi donate.jw.org.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share