AGASTI 11-17
IMIZEKELISO 26
Ingoma 88 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)
1. Hambela Kude ‘Kwisidenge’
(imiz. 10)
“Isidenge” asifanelwa luzuko (IMi 26:1; it-2-E 729 ¶6)
Amaxesha amaninzi ‘abantu abazizidenge’ bakudinga kakhulu ukuqeqeshwa (IMi 26:3; w87 10/1 19 ¶12)
‘Umntu osisidenge’ akanakuthenjwa (IMi 26:6; it-2-E 191 ¶4)
INGCACISO: EBhayibhileni, igama elithi “isidenge” lithetha ngomntu ongayisebenzisiyo ingqondo nongayilandeliyo imilinganiselo kaThixo yokulungileyo nokungalunganga.
2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(imiz. 10)
IMi 26:4, 5—Kutheni sinokuthi ezi vesi aziphikisani? (it-1-E 846)
Ziintoni ozithandileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?
3. Ufundo LweBhayibhile
(imiz. 4) IMi 26:1-20 (th isifundo 5)
4. Ukuqalisa Incoko
(imiz. 3) KWINDLU NGENDLU. Qala incoko usebenzisa iphecana. (lmd isifundo 1 ingongoma 5)
5. Ukubuyela
(imiz. 4) KWINDLU NGENDLU. Qhubeka nencoko ekwiphecana obumshiyele lona kwixesha elidlulileyo. (lmd isifundo 7 ingongoma 4)
6. Ukwenza Abafundi
(imiz. 5) Nceda umntu omfundelayo alungiselele ukushumayela kumntu azalana naye. (lmd isifundo 11 ingongoma 5)
Ingoma 94
7. Yiba “Nobulumko Obuzakukunceda Usindiswe” Kufundisiso Lwakho Lobuqu”
(imiz 15) Ingxubusho.
Umpostile uPawulos wakhumbuza uTimoti indlela ezixabiseke ngayo izinto ezingcwele ezibhaliweyo awazifunda eselusana. Ezi zinto zibhaliweyo zamnceda uTimoti ‘wanobulumko obabuza kumnceda asindiswe.’ (2Ti 3:15) Kuba iinyaniso eziseBhayibhileni zixabisekile, kubalulekile ukuba umKristu ngamnye azibekele ixesha lokufundisisa iBhayibhile. Kodwa singenza njani xa singakuthandi ukufunda?
Funda 1 Petros 2:2. Uze ubuze le mibuzo:
Ingenzeka into yokuba sikuthande ukufunda iBhayibhile?
Singenza ntoni ukuze ‘silinqwenele’ ilizwi likaThixo?—w18.03 29 ¶6
Izixhobo ze-eletroniki esizenzelwe yintlangano zingasinceda njani sibe nezinto ezininzi esizifundayo xa sifundisisa iBhayibhile?
Dlala IVIDIYO ethi Okufezwe Yintlangano—Amacebiso Okusebenzisa iJW Library. Uze ubuze le mibuzo:
Ukuncede njani wena uJW Library®?
Zeziphi izinto ezifumaneka kuJW Library othandayo ukuzisebenzisa?
Zeziphi izinto ezifumaneka kuJW Library ongathanda ukuqalisa ukuzisebenzisa?
8. Isifundo SeBhayibhile Sebandla
(imiz. 30) lfb isifundo 8-9