IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w24 Februwari iphe. 31
  • Ngaba Ubusazi?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ubusazi?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
  • Amanqaku Afanayo
  • Imithandazo—Ngaba Ifanele Icengcelezwe Okanye Isuke Entliziyweni?
    Vukani!—1992
  • Intlonelo Engokobuthixo Ngegazi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Isizathu Sokuba Simele Sibe Ngcwele
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • Likhathalele “Ikhaka Elikhulu Lokholo” Lwakho
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2019
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
w24 Februwari iphe. 31
UEzra uphethe umsongo, udumisa uYehova phambi kwabantu.

Ngaba Ubusazi?

Kutheni eBhayibhileni kukho izinto eziphinda-phindiweyo?

ABABHALI beBhayibhile ngamanye amaxesha babedla ngokuphinda-phinda amazwi njengokuba enjalo. Ukuze wazi ukuba kwakutheni, khawujonge ezi zizathu zithathu zilandelayo:

Ixesha eyabhalwa ngalo loo ncwadi. Ngexesha lamaSirayeli, abantu abaninzi babengenazo ikopi zoMthetho. UMthetho babedla ngokuwuva xa bewufundelwa bedibene kwintente engcwele. (Dut. 31:10-12) Inoba babephazamiseka kuba babesima ixesha elide bemamele, kukho nabantu abaninzi. (Neh. 8:2, 3, 7) Xa kunjalo, ukumane kuphinda-phindwa izibhalo kwakuza kubenza bazikhumbule lula baze bakwazi ukuzisebenzisa. Babeza kuncedakala nakakhulu xa kukho amazwi aphinda-phindwayo ukuze bangayilibali imithetho kaThixo nezigwebo zakhe.—Lev. 18:4-22; Dut. 5:1.

Indlela ekwakubhalwa ngayo. EBhayibhileni kukho iincwadi ezimbalwa ezineengoma, njengeeNdumiso, iNgoma yazo iiNgoma, neZililo. Ngamanye amaxesha, ezi ngoma zaziba namazwi aphinda-phindwayo. Loo nto yayiwenza ucace umxholo wazo baze nabantu abazimameleyo bazibambe. Ngokomzekelo, khawujonge amazwi akwiNdumiso 115:9-11, athi: “Owu Sirayeli, thembela ngoYehova—uluncedo lwakho nekhaka lakho. Owu ndlu ka-Aron, thembela ngoYehova—uluncedo lwakho nekhaka lakho. Nina enoyika uYehova, thembelani ngoYehova—uluncedo lwenu nekhaka lenu.” Ukuphinda-phinda la mazwi kwakuza kunceda abantu abaculayo bangazilibali ezi zinto zibaluleke kangaka.

Isizathu sokuba ibhalwe. Ngamanye amaxesha, ababhali beBhayibhile babeziphinda-phinda izinto ezibalulekileyo. Ngokomzekelo, xa uYehova wayeyalela amaSirayeli ukuba angalityi igazi, waxelela uMoses ukuba amane esiphinda-phinda isizathu. UThixo wayefuna abantu bayiqonde kakuhle into yokuba ubomi bayo nantoni na ephilayo ligazi layo. Loo nto ithetha ukuba igazi limela ubomi. (Lev. 17:11, 14) Ekuhambeni kwexesha, xa abapostile nabadala baseYerusalem babechaza izinto abantu abamele baziphephe ukuze bangamkhathazi uThixo, bathetha ngendlela ekubaluleke ngayo ukuba baliphephe igazi.—IZe. 15:20, 29.

Nangona iBhayibhile imane iwaphinda-phinda amanye amazwi, loo nto ayithethi ukuba uYehova ufuna siyenze isiqhelo into yokumane siphinda-phinda amazwi aseBhayibhileni. Ngokomzekelo, uYesu wathi: “Uze ungaphinda-phindani nento enye xa uthandaza.” (Mat. 6:7) Emva koko waye wasichazela nezinto ezifanelekileyo esinokuzithandazela ezikukuthanda kukaThixo. (Mat. 6:9-13) Siyabona ke ukuba nangona singamele siphinda-phindane namazwi afanayo xa sithandaza, singakwazi ukuthandaza ngezinto ezifanayo.—Mat. 7:7-11.

Kukho izizathu ezibalulekileyo ezenza ukuba iBhayibhile iwaphinda-phinde amanye amazwi. Le yenye yeendlela ezininzi uMyaleli Ozukileyo wethu asifundisa ngazo izinto eziza kusinceda.—Isa. 48:17, 18.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share