IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yb15 iphe. 162-iphe. 163 isiqe.¶ 2
  • Abantu Abayi-22 Bayishiya Icawa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Abantu Abayi-22 Bayishiya Icawa
  • Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2015
Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2015
yb15 iphe. 162-iphe. 163 isiqe.¶ 2

EDOMINICAN REPUBLIC

Abantu Abayi-22 Bayishiya Icawa

Umfanekiso okwiphepha 162

KUBANTWANA abayi-11, uGerman Gomera wayelandelwa liphelo. Emva kokufa kukayise noodadewabo ababini, unina uLuisa, waya kuhlala nentsapho yakhe edolophini. Bafika apho bangena kwiCawa yoobhuti bakaLuisa neentsapho zabo, iMennonite.

UGerman uthi: “Ngo-1962, kwafika isibini esingoovulindlela abakhethekileyo. Kwakusithiwa sibhukuqela abantu baloo dolophu ‘kwiimfundiso ezibusathanarha.’ Sekunjalo, xa safika kwikhaya labakwaPiña, samkelwa. Intsapho yeli khaya yayinkulu kakhulu. Yayithanda ngokwenene indlela aba vulindlela ababenobubele ngayo, ngoko yayiphulaphula ngomdla intshumayelo yabo. Emva koko, kwaqaliswa isifundo kwabakwaPiña nakoosisi bam abathathu.

UGerman uhlabela mgama esithi: “Ngenye imini, bathi bakufika aba vulindlela kule ntsapho yakwaPiña, kwacelwa nomama ukuba eze kuphulaphula. Afunda iZibhalo ezazibalaselisa ithemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni. Umama wawabuza, ‘Kutheni ke icawa yam yona isithi siya ezulwini?’ Emva kokuba umzalwana emphendule ngeBhayibhile waza wamcacisela oko kuthethwa ziZibhalo ngovuko, umama waba nomdla waza waxelela abanye ngezinto azifundileyo.

“Xa abefundisi beCawa yamaMennonite beva ukuba amarhamente abo afunda namaNgqina kaYehova, bazama ukuwanyanzela ukuba ayeke ukufunda yaye bewoyikisa. UMaximina, umama wentsapho yakwaPiña wathi kubo, ‘Jongan’ apha! Ndimdala ndingaka nje, futhi andizuxelelwa mntu ukuba mandenze ntoni.’

UGerman uthi: “Ekugqibeleni, abantu abayi-22 bayishiya loo Cawa yamaMennonite baza baya kwiintlanganiso zebandla ezaziqhutyelwa kwindlu eyayiqeshiwe. Umama wabhaptizwa ngo-1965, ndaza mna ndabhaptizwa kwiminyaka emine kamva, xa ndandineminyaka eyi-13, ngo-1969.”

Umfanekiso okwiphepha 163

UGerman ekunye noodadewabo. Bonke bakhonza uYehova ngokuthembekileyo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share