IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g90 2/8 iphe. 27-29
  • Eyona Nto Imbi Kakhulu KuneAIDS

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Eyona Nto Imbi Kakhulu KuneAIDS
  • Vukani!—1990
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ubomi Bokuziphatha Okubi Nobungazinzanga
  • Ukutshona Nzulu Ebubini Kwakhona
  • Umnqweno Wokufuna Ukuguquka
  • Amanzithinzithi Okuguquka Kwizinto Zangaphambili
  • Ulwaneliseko Phezu Kwako Nje Ukuba NoGawulayo
  • Ukusondela KuThixo Kwandinceda Ndaphumelela
    Vukani!—1993
  • IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Umfundi Usabela Kwincwadi Ethi Abantu Abaselula
    Vukani!—1990
  • IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
Khangela Okunye
Vukani!—1990
g90 2/8 iphe. 27-29

Eyona Nto Imbi Kakhulu KuneAIDS

“Ukuxilongwa kwakho kubonakala kuchanile. UnoGawulayo (iAIDS).” Loo mazwi athethwa ngugqirha wam ankenteza engqondweni yam njengoko ndandibeka phantsi umnxeba ngenye imini kunyaka ophelileyo. Ukuba nje ndandisiphulaphule isiluleko sikaThixo ndaza ndasisebenzisa, ngendandikuphephile oku!

NDAKHULISWA njengomnye wamaNgqina kaYehova kwisiphaluka saseWashington, ibe abazali bam babeqinisekile ukuba ndiyakwazi oko kufunwa nguThixo kum. Ngoko kwabothusa kakhulu abantu abaninzi ukuqalisa kwam ukuphila ngokuchasene nendlela endaqeqeshwa ngayo ebuntwaneni.

Ukuziva ndithandwa ngabanye abantwana esikolweni kwakuyeyona nto ndandisoloko ndicinga ngayo. Akukho nto endingazange ndiyizame ukuze ndamkeleke. Kambe ke, akuzange kubekho nto isebenzayo, yaye xa ndandineminyaka eli-15 ubudala, ndabona ukuba konke oko akuncedi nto. Ndade ndazama nokuzibulala, andaphumelela.

Ndicinga ukuba kwakuya kwenza izinto zibe bhetele, ndaqalisa ukusebenzisa icuba nomya. Kambe ke, azizange zincede nto. Ethubeni, ndagqiba ekubeni ndiyishiye intlangano kaYehoba ukuze ndikhangele ulonwabo kwenye indawo. Ndazisa abahlobo bam basesikolweni ukuba ndandingasenguye omnye wamaNgqina kaYehova, ibe babonakala bekuvuyela oko.

Ubomi Bokuziphatha Okubi Nobungazinzanga

Ekugqibeleni ndafumana umsebenzi kwanegumbi eliqeshisayo kwisixeko esimdaka apho kuhlala khona amanxila namahenyukazi. Athi gqolo endixelela indlela alula ngayo amacebo okwenza imali. Ngoncedo lwawo, akuzange kube lithuba elide ngaphambi kokuba ndifunde la macebo. Ndakuyeka ukuba ngumntu owayefuna ukuthandwa nguwonke wonke ndize ndonwabe ndaba nguthile oxhatshwaza nguwonke wonke nowayengonwabanga konke konke.

Ndandifuna ukuguquka, ndibuyele ekhaya ndize ndiqale ekuqaleni. Ndandibakhumbula abazali bam ndawonye nobomi endandibuphila ngaphambili. Ngoko ndathandaza kuYehova ukuba andincede. Yayinzima into yokuba ndiye kubazali bam ndize ndibacele ukuba bandixolele. Ndibamba ngazibini kubo, kuba bandixolela ngokusuk’ entliziyweni.

Ndaya kubadala abangamaKristu, ndaza ndachaza umnqweno wam wokubuyiselwa kubudlelwane ebandleni. Kwakungeyonto ilula kubo okanye kum. Ndandinengxaki kungekuphela nje yemiphumo eyeminye eyingozi yokusebenzisa kakubi iziyobisi kodwa ndandikwafumene isifo esibi esasulelayo samalungu esini. Ugqirha wam wandixelela ukuba ukuba ndandilinde nje inyanga enye ngaphezulu, ngendandifile. Enjani yona ingxaki endandizifake kuyo!

Ekuhambeni kwexesha, ndabuyiselwa kubudlelwane, ibe ndade ndatshata inenekazi eliselula elalikwibandla eliselumelwaneni. Izinto zazithembisa. Ukanti, ndandisaqhubeka ndingaluxabisi uthando lukaYehova. Ndandizama ukwenza izinto ngendlela yam endaweni yokuthembela kuye ukuze ndifumane amandla.

Kungaphelanga neminyaka emibini kamva, ndaqhawula umtshato ndaza kwakhona ndasuswa ebudlelwaneni ngenxa yokuziphatha okubi. Ndaye ndazibandakanya nabanye abantu behlabathi. Kwakuyinto nje engenasikhwasilima ekuqaleni, kodwa ngokungaguquguqukiyo isiluleko esingokweZibhalo singqineka sichanile: “Incoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo.”​—⁠1 Korinte 15:⁠33.

Ukutshona Nzulu Ebubini Kwakhona

Ngokufudukela kude, ndandicinga ukuba ndandingayi kuyikhathaza kangako intsapho yakowethu. Andizange ndibe nangxaki ekufumaneni umsebenzi nendawo yokuhlala eSan Francisco, eKhalifoniya. Umthengisi weziyobisi wandiqesha kumsebenzi wokuhambisa iziyobisi. Ndandikwangomnye weqela lakhe elikhethiweyo elalifanele lilinge, ngesisa, zonke ‘iziyobisi ezitsha’ ezaziye zifike. Ngoku ndandithandwa lelinye iqela elitsha. Wonk’ ubani owayendazi (ibe babeliqela noko) wayesazi ukuba ndineziyobisi. Babeye beze kum ezitratweni, ezibharini kwanasemsebenzini, befuna ukuthenga kum.

Phezu kwako konke oku, kwakhona andizange ndiphozise maseko ekubandakanyekeni ekuziphatheni okubi; kwakuyindlela yokuba ndizive ndithandwa. Yaye ndandithandwa gqitha. Ndafunda ukuxhaphaza abanye abantu ngokwesini ngenjongo yokufumana izinto endandizifuna. Ndaphila ngale ndlela kangangeminyaka emininzi.

Ndisikhumbula ngokucacileyo esinye isihlandlo xa ndandinomkhuhlane gqitha ndaza ndaya ndisiba buthathaka. Ugqirha wam akazange akwazi oko ndandinako. Ekuhambeni kwexesha waphela umkhuhlane. Andizange ndiyazi into endandinayo de kwaba semva kweminyaka emithathu.

Kwakhona, ebudeni beli xesha, ndaqalisa ukuba nengxaki yeedemon, ibe ngesinye isihlandlo zakhe zafika zandihlasela ngokoqobo. Ndavakalelwa kukuba idemon yayizama ukungena emzimbeni wam. Ndabindeka andakwazi nokuthetha oku. Ndazama de ekugqibeleni ndanako ukukhala ndisithi, “Ndincede Yehova!” Ngoko nangoko idemon yahamba.

Khawuthelekelele indlela endavakalelwa ngayo! Nakuba ndiphila ubomi bokuziphatha okubi ngokugqithiseleyo yaye ndicinga kuphela ngesiqu sam, ukanti ndakwazi ukucinga ngokucela uncedo kuYehova! Ndaziva ndineentloni. Kwakutheni ukuze ndicinge ukuba uYehova wayeza kundinceda? Ndadandatheka ngokunzulu. Ubomi bam ndabubeka esichengeni ngabom, ndifuna ukuba kubekho umntu ondibulalayo.

Umnqweno Wokufuna Ukuguquka

Ngenye imini, ngoxa ndandizonwabise nabahlobo abathile, saqalisa ingxoxo emalunga neemeko zehlabathi. Xa bandibuza oko ndandikucinga ngekamva, ndazifumanisa ndibaxelela ngenjongo kaThixo ngomhlaba nabantu abemi kuwo. Bamangaliswa. Kodwa omnye wabo wakucaphukela kakhulu oko ndandikuthetha waza wandibiza ngokuba ndingumhanahanisi! Wayechan’ ucwethe. Ndandiphila ubomi obumbaxa. Kanti, emazantsi entliziyo, ndandisazi ukuba uYehova wayekuphela kosindiso lwethu nokuba intlangano yakhe yayikuphela kwendawo umntu anokuba kuyo.

Ngeli thuba ubomi bam nobomi babo babendingqongile baqalisa ukuguquka. Abaninzi kubahlobo bam baba noGawulayo. Kwakubuhlungu ukubukela abantu ababekhe basempilweni bephela ngokuthe ngcembe baze bafe. Ndaziva ndingakwazi nokubomeleza. Kwakudimaza ngakumbi ekubeni ndandiyazi indlela elunge ngakumbi yokuphila. Kungelo xesha endathi ndaqonda ukuba ndifuna ukubuyela kuthando lukaYehova. Kodwa njani?

Ndaqalisa ukuthandaza kuYehova ndicela uncedo. Kwakunzima kakhulu ukukwenza oko. Ndaziva ndineentloni yaye ndinyhukunyhuku. Ngenye imini ndafumana umnxeba. Wawuvela kumakazi, umntu endandingasamboni kangangeminyaka esithoba. Wayefuna ukuza kundibona. Nangona wayengakholwa njengabazali bam, ndamxelela ukuba ndandifuna ukuguqula ubomi bam ndize ndiphinde ndibe ngomnye wamaNgqina kaYehova. Wayekubona ukunyaniseka kwam waza wafuna ukundinceda.

Amanzithinzithi Okuguquka Kwizinto Zangaphambili

Umakazi wandibiza ukuba ndize kuhlala naye de ndomelele. Xa wandibuzayo enoba oko kwakuya kunceda na, ndesuka nje ndema apho ndalila. Ndandisazi ukuba le yayiyinto eyayifuneka kum ukuze ndiphume kwingxaki endandikuyo, ngoko ndazishiya izinxulumani zam zangaphambili. Kwiinyanga ezimbalwa ezalandelayo kwakungelula, kodwa ndandinethemba lokuba uYehova wayeza kundinceda ndiphumelele. Ndicinga ukuba uMalaki 3:⁠7 uyasebenza koku: “Buyelani kum, ndibuyele kuni; utsho uYehova wemikhosi.”

Ndaya kubadala ngokukhawuleza emva kokuba ndifudukile. Ndabachubela konke ngam nokuba ndandikufuna ngokunyanisekileyo ukukhonza uYehova. Babesazi yaye nam ndandisazi ukuba ukubuyiselwa kwam kubudlelwane kwakungasayi kukhawuleza nangayiphi na indlela. Ndandinembali embi yezinto endandizenzile. Kanti, ndandizimisele ke noko ngesi sihlandlo. Ndandithandaza imini nobusuku ngokuzingisileyo kuYehova ndicela uncedo. Ndandidla ngokucinga ukuba ndandingoyena mntu ubuthathaka. Xa ndindedwa ndicinga ukuba ndinjalo. Kodwa xa ufumene uncedo lukaYehova, iyamangalisa indlela owomelela ngayo.

Ndandisebenzise iziyobisi kangangeminyaka emininzi ukuze ndihlangabezane nobomi bamihla le. Ngoku kwakufuneka ndahlukene nazo. Ndandisoyika. Ndandizoyika izihlwele, yaye ndandidla ngokugula ngokoqobo xa ndiphakathi kwazo ixesha elide. Kwangaxeshanye, ndandikwazama nokuyeka ukutshaya emva kokuba ndiqhele ukutshaya phantse iipakethe ezine ngosuku. Ekuphela kwento eyandincedayo ukuze ndiphumelele koku yayingumthandazo nokuzikhumbuza rhoqo ukuba iinguqulelo endandizenza zazimkholisa uYehova. Ndakwafumana intuthuzelo noxolo ngokuya rhoqo kwiintlanganiso. Nakubeni ndandingenakuthetha namntu ngenxa yokuba ndandisusiwe kubudlelane, ndandisaluva uthando nokufudumala kwabo babeza kuba ngabazalwana noodade bam bokomoya. Ekugqibeleni, malunga nonyaka emva kokuguqula ubomi bam, uYehova wakubona kulungile ukuba ashukumise abakhonzi bakhe ukuba bandibuyisele entlanganweni yakhe. Wayelazi ixesha elifanelekileyo lokundamkelela kuye. Akakuyekeli ukuba ulingwe ngaphezu koko unokukuthwala. Kungekudala emva koko, ndafumana loo mnxeba wawuvela kugqirha undixelela ukuba ndinoGawulayo. Eneneni, oko kuthethwa kumaGalati 6:⁠7 kuyinyaniso: “Musani ukulahlekiswa; uThixo yena asingowokuhlekisa. Kuba into athe wahlwayela yona umntu wovuna kwayona.”

Ekuqaleni ndalila. Iingcinga zabethabethana engqondweni yam. Ndaba nemibono yezimanga endandizenza ngaphambili. Ndikwazi ngokuvela kumava am obuqu oko kwenziwa sesi sifo emntwini, nendlela abasabela ngayo abanye kumaxhoba aso. Hayi indlela endaba sisidenge ngayo ukucinga ukuba ihlabathi lalinento elalinokundinika yona! Yaye elinjani lona ukuxabiseka ixesha endilichithileyo!

Ulwaneliseko Phezu Kwako Nje Ukuba NoGawulayo

Ndiyazi ukuba kukho ulutsha olukwimeko endandikuyo, olunqwenela ukwamkelwa ngamaqabane ehlabathi. Ncedani, musani ukukhohliseka ekukholelweni ukuba okwenzekayo kum ehlabathini akuyi kwenzeka okufanayo kuni ukuba niyasityeshela isiluleko sikaThixo. Imigibe kaSathana isenokwahlukahlukana, kodwa imiphumo isoloko ifana.

Phofu ke, kwakhona ndiye ndafunda ukuba kungakhathaliseki ukuba ubusebubini obukangakanani na okanye kungakhathaliseki ukuba ziziphi na iziphoso ozenzileyo, sekunjalo uYehova uThixo uya kukunceda aze akuxolele ukuba ukufuna ngokunyanisekileyo ukumkholisa nokuba uthandaza kuye unyanisekile.

Nantoni na eyenzekayo kum ayisandikhathazi kangako. Ngokuqinisekileyo, ndiyanxunguphala kancinane maxa wambi kodwa ndiyakoyisa kwakamsinyane. Ekuphela kwento endizikhathaza ngayo ngoku kukukholisa uYehova. Ngokwenene ungumthombo wam wovuyo nentuthuzelo. Ndiyazi ukuba ukuba ndenza konke endinokukwenza ukuze ndimkholise, ndiya kunyanyekelwa kakuhle ndize ndithandwe nguye.

Ndinombulelo omkhulu kukuba ndibuyele phakathi kwabantu bakaYehova kuba nokuba ndinokufa ngaphambi kokuba athethelele igama lakhe eArmagedon, ndinethemba lovuko. Phulaphula ndikuxelele, ukuphila ngaphandle kothando nobabalo lukaYehova kubi ngaphezu kokuba noGawulayo.​—⁠Linikelwe.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 28]

Ukuziva ndithandwa ngabanye esikolweni kwakuyeyona nto ndandisoloko ndicinga ngayo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share