Imbono YeBhayibhile
Ngaba Ukudalwa Kwezinto Kwakusoloko Kugqitywa Ngomhla Ekuqaliswe Ngawo Ukudalwa?
MAXA wambi, amaNgqina kaYehova ayabuzwa malunga nolandelelwano lokudalwa kwezinto njengoko luboniswe kwincwadi yawo ethi Life—How Did It Get Here? By Evolution or by Creation? Eminye yale mibuzo yalatha kumahluko ophakathi kolandelelwano oluchazwe kule ncwadi nolo luchazwa zizazinzulu ngokwakhiwa komhlaba mayela nezi ziganeko.
Ngokomzekelo, kuphawuleka ukuba kuludwe lwazo izazinzulu ngokwakhiwa komhlaba zibonisa ukuba iintaka zabakho emva kokubakho kwezilwanyana ezanyisayo, ngoxa incwadi ethi Creation, kwiphepha 37, ibonisa iintaka njengezabakho kuqala kunezilwanyana ezanyisayo.
Okubangel’ umdla kukuba, ngoxa izazinzulu ngokwakhiwa komhlaba ezininzi zivakalelwa ukuba iintaka zabakho emva kwezilwanyana, ezinye zikholelwa ukuba izilwanyana zabakho emva kweentaka. Umzekelo wale meko yesibini uyafumaneka kwincwadi ethi Evolution, nguColin Patterson, iphepha 132. Oku kubonisa ukuba ubungqina obukwingxelo yeefosili abuqinisekanga.
Kodwa ngaba kuwo ngamnye umhla wokudala weGenesis isahluko 1 kwakusoloko kugqitywa oko kwaqaliswa ngaloo mhla, okanye ngaba iziganeko zokudala zadlulela ngaphaya kosuku ezaqaliswa ngalo? Ngokusekelwe eBhayibhileni, incwadi ethi Creation ithi izidalwa ezibhabhayo zaqalisa ukudalwa ngaphambi kokuba izilwanyana ezanyisayo zibekho. Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “izidalwa ezibhabhayo” kwiGenesis 1:20 (NW), ngu-‘ohph yaye linokuquka izinambuzane ezinamaphiko kunye nezirhubuluzi ezibhabhayo, njengeepterosaur. Izinambuzane zokuqala zisenokuba zadalwa ngaphambi kwezo zidalwa zinjengeepterosaur, ibe ezi zirhubuluzi zibhabhayo nezinamaphiko anenwebu zisenokuba zadalwa ngaphambi kweentaka nezilwanyana ezanyisayo.
Ingxelo yeBhayibhile engendalo ayinikeli zonke iinkcukacha ezingemisebenzi yokudala kaYehova uThixo. Ngolandelelwano idwelisa nje kuphela ezinye zezona zinto zibalulekileyo ezavelayo ngokuphathelele ukulungiswa komhlaba ukwenzela izinto eziphilileyo, ibe ibonisa ukuvela ngolungelelwano kwentlaninge yezityalo nezilwanyana. Ngokuvisisana nale ndlela yokunikela inkcazelo, ingxelo yeGenesis ayizidwelisi ngokwahlukileyo izinambuzane ezinamaphiko, izirhubuluzi ezibhabhayo kunye neentaka kodwa izibopha ngabande linye zonke phantsi kwebinzana lesiHebhere eliqhelekileyo neliziquka zonke eliguqulelwe ngokuthi “izidalwa ezibhabhayo.”
EBhayibhileni uhlobo lokuqhubeka lwezenzi zesiHebhere ezisetyenziswe kwiGenesis isahluko 1 lubonisa ukuba ukudala kwakubandakanya umsebenzi kaThixo oqhubekayo. Yaye imihla yokudala ekwiGenesis isahluko 1 yayingezontsuku ezinama-24 eeyure, kodwa yaqhubeka ukutyhubela amawaka amaninzi eminyaka.—Bona incwadi ethi Life—How Did It Get Here? By Evolution or by Creation?, iphepha 26-7.
Ngokomzekelo iGenesis 1:3 ithetha ngokudalwa kokukhanya ngomhla wokuqala. Ngokwenguqulelo kaJ. W. Watts, loo ndinyana ifundeka ngolu hlobo: “Emva koko uThixo waqhubeka wathi, ‘Makubekho ukukhanya’; ibe ngokuthe ngcembe kwabakho ukukhanya.” Inguqulelo kaBenjamin Wills Newton inikela ingcamango efanayo yenkqubo eqhubekayo yokubakho kwenkqubo ethile yakuba nje iqalisiwe: “Yaye uThixo waqhubeka esithi [kwixesha elizayo], Makubekho Ukukhanya, ibe Ukukhanya kwaqhubeka kuvela ngokuvela [kwixesha elizayo].” (Akwizibiyeli ngakaNewton; akekeliswe sithi kuyo yomibini imibhalo.) Ukukhanya okwathi kwabonakala ngokuthe ngcembe kwaya kusanda ngokwanda, ibe le nkqubo yaqhubekela phambili ukususela ngoko.—Bona iNew World Translation of the Holy Scriptures—With References, eyapapashwa yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc., Isihlomelo 3C, iphepha 1527-3.
“Ukudalwa” kokukhanya okubonakalayo emhlabeni akuzange kugqitywe ngomhla wokuqala. Kambe ke, imithombo yako yayikho ngaphambi kwaloo mhla wokuqala kodwa yayingabonakali emhlabeni. (Genesis 1:1) Ngomhla wokuqala kwabonakala kuphela ukukhanya okuluzizi emhlabeni, okwakubangelwa kukuncipha komaleko, ofihlayo nowawugubungele umhlaba njengeentambo ‘zokusongela.’ (Yobhi 38:9) Ukukhanya phezu komhlaba ngokuthe ngcembe kwaye kusanda ngokuya kuncipha umaleko ophazamisayo.
Ngomhla wesibini wokudala, uThixo wabangela ukuba amanzi asemhlabeni ahlukane nalawo aphezu komhlaba, ebangela kubekho isibhakabhaka phakathi kwamanzi aphezulu namanzi angaphantsi. Kunjengokuba iGenesis 1:6, 7, kwinguqulelo kaWatts, ikubonisa oku: “Waza uThixo waqhubeka, esithi, ‘Makubekho isibhakabhaka phakathi kwamanzi, yaye makubekho ukwahluka phakathi kwamanzi.’ Ngokuvisisana noku, uThixo waqhubeka wawahlula amanzi angaphantsi kwesibhakabhaka kumanzi angaphezu kwesibhakabhaka; yaye ngokuthe ngcembe kwaba njalo.” (Akekeliswe sithi.) Kanye njengoko ngomhla wokuqala kwaqalisa ukuvela ukukhanya kodwa ingeyiyo imo yako yokugqibela, ngoko nangomhla wesibini kwabonakala ukuqalwa kwesibhakabhaka. Imo epheleleyo ayizange ifikelelwe ngoko nangoko.
IGenesis 1:9, 11, kwinguqulelo kaWatts, ithi ngokuphathelele umhla wesithathu: “Wandula ke uThixo waqhubeka, esithi, ‘Amanzi angaphantsi kwamazulu mawahlanganisane ndaweninye, kubonakale umhlaba owomileyo,’ yaye ngokuthe ngcembe kwaba njalo. Waza uThixo waqhubeka, esithi, ‘Umhlaba mawuphume ingca, imifuno evelisa imbewu, imithi yeziqhamo, eyenza iziqhamo ngokohlobo lwayo’; yaye ngokuthe ngcembe kwaba njalo.” (Akekeliswe sithi.) Ukusetyenziswa kwebinzana elithi “ngokuthe ngcembe” kubonisa umsebenzi wokudala oqhubekayo, ngokungafaniyo nesiganeko esinye kwinqanaba elithile kumsinga wexesha.
Ngomhla wesine kwabakho iinguqulelo eziphawulekayo: “Waza uThixo waqhubeka esithi, ‘Makubekho izikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zibe ngumahlulo wokwahlula imini kubusuku, zibe zezemiqondiso, zibe zezamaxesha omnyaka, zibe zezemihla neminyaka. Ibe ziya kuba zizikhanyiso esibhakabhakeni samazulu zikhanyise ehlabathini’; yaye ngokuthe ngcembe kwaba njalo. Wenza uThixo izikhanyiso ezikhulu zazibini, esona sikhulu isikhanyiso ukuba silawule imini, esona sincinane ukuba silawule ubusuku, wenza neenkwenkwezi.”—Genesis 1:14-16, Watts, akekeliswe sithi.
Ngoku, okwesihlandlo sokuqala, ukukhanya okunamandla ngakumbi kwafikelela emhlabeni. Imithombo yokukhanya—ilanga, inyanga neenkwenkwezi—yaba nokubonwa emhlabeni. Kwingxelo yomhla wokudala wokuqala, igama lesiHebhere elithetha ukukhanya lelithi ’ohr, ukukhanya ngengqiqo eqhelekileyo; elibhekisela kukukhanya komhla wesine, lelithi ma·’ohr, elithetha umthombo wokukhanya.
Umhla wesihlanu wawungowokudalwa kweentlobo zezinto eziphila emanzini, ngokucacileyo eziquka izirhubuluzi ezikhulu zasemanzini. Ingxelo yeGenesis iyafundeka: “Wathi uThixo, Amanzi la makanyakazele inyakanyaka, imiphefumlo ephilileyo; zithi nezidalwa ezibhabhayo, zibhabhe ehlabathini, esibhakabhakeni sezulu. Wadala uThixo oominenga mikhulu, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo enambuzelayo, awanyakazela ngayo amanzi ngohlobo lwayo, nezidalwa ezibhabhayo ezinamaphiko ngohlobo lwazo. Wabona uThixo ukuba kulungile.” (Genesis 1:20, 21, NW) Ngoko, eli yayilithuba laxa izidalwa ezibhabhayo zadalwayo. Ukudalwa “kwazo zonke izidalwa ezibhabhayo nezinamaphiko ngohlobo lwazo” kwaqhubeka ebudeni bomhla wesihlanu lakube livuliwe ithuba lokudala.
IGenesis 2:19 ibonakala isalatha kukudalwa okuqhubekayo okuquka izidalwa ezibhabhayo, kuba ithi: “UYahweh uThixo waqhubeka ukubumba ngomhlaba onke amarhamncwa asendle nazo zonke iintaka [“zonke izidalwa ezibhabhayo,” NW] zezulu wazizisa emntwini ukubona ukuba wothini na ukuzibiza.”—Watts, akekeliswe sithi.a
Ngoko ingxelo yeBhayibhile yeGenesis isahluko 1 ibonisa ukuba iintlobo ngeentlobo zezityalo nezilwanyana zaqalisa ukudalwa xa umhlaba wenziwa wafikelela kwinqanaba lokuba ungafanelekela ukuba iintlobo ezithile zezidalwa zingaphila kuwo. Ukuzaliswa komhlaba ngeentlobo ezahlukeneyo zobomi, ezifana “nezidalwa ezibhabhayo,” kwakungumsebenzi kaThixo oqhubekayo nohambela phambili. Lo msebenzi kaThixo ohambela phambili usenokuba wawudlulela ngaphaya komhla owaqaliswa ngawo.
Ingxelo engokwakhiwa komhlaba ayiphelanga yaye ixhomekeke ekutolikweni ngokuvisisana neengcamango zabo bafuna ukuxhasa iingcamango ezingaqinisekanga. Njengoko kuboniswa kwincwadi ethi Creation, iBhayibhile isoloko ichanile xa ifikelela kwimicimbi yezenzululwazi, kuquka ulandelelwano lwendalo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona incwadi ethi “All Scripture Is Inspired of God and Beneficial,” uhlelo lowe-1990, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc., iphepha 287.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 27]
Into yokuba lo msebenzi wokudala wawungoqhubekayo iboniswa ngokuse-tyenziswa kwegama elithi “ngokuthe ngcembe”
[Blurb no page 28]
Ukudalwa kweentlobo ezininzi zobomi kwakungumsebenzi kaThixo oqhubekayo
[Imifanekiso ekwiphepha 29]
Ukukhanya kwaqala ukuvela emhlabeni ngomhla wokuqala, kodwa kwaqhubeka kusanda ngemihla elandelayo
Umhla woku-1
Umhla wesi-2
Umhla wesi-3
Umhla wesi-4
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 26]
The Bettmann Archive