Iindlela Ezingalunganga Zokwenza Inguqulelo
WAKUBE uziqonda kakuhle iimpawu zobuntu bakho, unokuyenza njani inguqulelo? Ngubani onokuphethukela kuye yaye ziziphi iindlela ezinokusetyenziswa ukwenza uphuculo oluhlala luhleli?
Makhe siqwalasele amanyathelo athile angawona asetyenziswayo namhlanje.
Ingcinezelo Yobupolitika
Izigidi zabantu namhlanje ziphila phantsi kolawulo olufuna ukulawula iimbono nemithetho engokokuziphatha. Oorhulumente abanjalo basebenzisa igunya labo ukunyanzela abantu ukuba benze inguqulelo—bambi ngobuqhophololo, bambi ngegunya. Basebenzisa amacebo enkohliso, ngokufuthi kuquka ukuboyikisa, ukubavalela entolongweni nokubathuthumbisa. Balawula amaziko eendaba nezinye iinkqubo zemfundo, bafuna ukuthabathel’ indawo zonke iingcamango ezamiselwa kwangaphambili ngezo zinqwenelwa zizihandiba ezithile ezisemagunyeni ngoku. Kusetyenziswa amandla ukuchitha konke ukungevani. Nabani na ozingqina engakulungele ukufundiswa kwakhona unokufumana impatho eyoyikekayo ngokufuthi edandathekisayo.
Utyando Lobuchopho Nesivuseleli Sombane
Imimandla ethile yobuchopho iye yaphawulwa njengechaphazela izimo zengqondo ezithile neempawu ezithile zobuntu. Utyando lobuchopho lubandakanya ukususwa kokoqobo okanye ukutshatyalaliswa kobuchopho ngokwabo kuloo mmandla wobuchopho. Bakube bususiwe, loo nxalenye yobuchopho bakho ayinakuze isebenze kwakhona, ibe naluphi na uphawu lobuntu ebuluchaphazela luyaphela.
Kuthiwa kuye kwenziwa olu hlobo lotyando kumawaka abantu, ngokukodwa kubantu abaneempawu zobuntu ezingaqhelekanga neziyingozi ngokuphathelele isini. Bambi baye baneengcingo zombane ezincinane ezifakwe phakathi ebuchotsheni babo, yaye xa amandla ombane asetyenziswa, avuselela okanye athintela ukusebenza kobuchopho kuloo mmandla. Kuthiwa oku kuguqula iintshukumisa ezichaphazela iimpawu zobuntu ezilawulwa yiloo nxalenye yobuchopho.
Iziyobisi
Ukusetyenziswa kweziyobisi ekunyangeni izifo zengqondo kwandile ngokwenene yaye kufuneka ngokufuthi. Kukho iziyobisi zokuthomalalisa, iziyobisi ezibangela ubuthongo, iziyobisi ezenza umntu akhululeke neziyobisi ezilungisa ukungalungelelani okungokwemichiza engqondweni. Kukwakho neziyobisi eziye zasetyenziselwa ukohlwaya ezintolongweni nakwamanye amaziko okulungisa izimilo zabantu. Iziyobisi ezinjalo ezimbini yiapomorphine neAnectine.
Iapomorphine iye yasetyenziswa kumabanjwa ayeneempawu zobuntu ezazigqalwa njengezingamkelekanga. Ibangela isicaphucaphu nokuhlanza okubi. Ibanjwa liyaxelelwa ukuba ukuba liphinda liziphathe kakubi kwakhona, liya kunikwa iapomorphine engakumbi. Olu lukwabizwa ngokuba lunyango lokuguqula imikhwa emibi. IAnectine ibangela umbefu, imvakalelo yokurhaxwa kwibanjwa eliziphethe kakubi. Licinga ukuba liza kufa. Ukuba liziphatha kakubi kwakhona, lifumana iAnectine engakumbi.
Ngaba ezi ziindlela obuya kuzisebenzisa ukuguqula iimpawu zobuntu bakho?
Inkoliso yezi ndlela zingasentla ziphelisa inkululeko yokuzikhethela. Zikwabandakanya impembelelo yabantu abanamandla phezu komnye umntu kodwa kungasoloko kucingwa ngeengenelo zaloo mntu. Ngaba igunya lezobupolitika lifuna ukulungelwa kwalo okanye okomnye umntu? Kutyando lobuchopho, ngubani ophethe incakuba kagqirha yokutyanda? Ngubani olawula isixhobo sokuvula nokucima xa isivuseleli sombane sisetyenziswa? Unyango lokwenza inguqulelo kwimikhwa emibi luhlala ixesha elingakanani? Ngaba umntu owenza olu nyango unokuthenjwa?
Makhe siqwalasele enye inkqubo eyamkeleke ngakumbi.