Injongo Yokwenene Yobomi
MASITHI utyelele kwindawo asebenzela kuyo umhlobo wakho. Usandul’ ukugqiba ukwenza into yaye wena uthabathekile yiyo. Le nto yenziwe kakuhle yaye imile ngendlela enomtsalane. Kodwa nokuba uzama kangangoko unako, akukwazi ukukuqonda oko yenzelwe kona. Uza kuyazi njani? Kaloku, usuka nje ubuze umhlobo wakho, yaye ngokunokwenzeka uya kukuvuyela ukukuxelela.
Ngoko sinokuyazi njani injongo yobomi? Kutheni ungabuzi uThixo, ‘umthombo wobomi’? (INdumiso 36:9) Unokukwenza njani oko? Okuvuyisayo kukuba, uye wathetha nathi ngeBhayibhile. Wasebenzisa abantu ababenokholo ukuba babhale phantsi iingcinga zakhe ngendlela esinokuyiqonda. Eneneni, injongo yobomi inokuvakaliswa ngamazwi nje ambalwa: Silapha ukuze sifunde ngoThixo size senze ukuthanda kwakhe. IBhayibhile ithi: “Ukuhlanganiswa kwentetho, yakuba ivakele into yonke, nanku: Yoyika uThixo, ugcine imithetho yakhe; ngokuba indawo leyo yimfanelo yoluntu lonke.”—INtshumayeli 12:13.
Ngaba oko kubonakala kulula kakhulu? Akunjalo. Ukubakho kwethu apha ukuze sifunde ngoThixo nokuze senze ukuthanda kwakhe kunentsingiselo emangalisayo nenzulu.
Injongo KaThixo Yantlandlolo
Ukwazi oko uThixo wayekucebele uluntu ntlandlolo kuya kukunceda uyiqonde kakuhle injongo yobomi. Kwakhona kuya kucacisa isizathu sokuba ezinye zezinto ezikhankanywe kwinqaku elandulelayo zibangela ukuba ngokomlinganiselo othile ubomi babaninzi namhlanje bube nentsingiselo nenjongo.
Ingxelo yeBhayibhile ngokudalwa komntu ithi: “Wathi uThixo, Masenze umntu ngokomfanekiselo wethu ngokufana nathi.” (Genesis 1:26) Ngaloo ndlela, abantu benziwe ngendlela yokuba bafane noThixo, beneempawu ezibalaseleyo anazo, kuquka ubulumko, amandla, ubulungisa nothando. Ngoko, ngaba iyamangalisa into yokuba bambi besaneliswa kukufuna ulwazi olutsha okanye ukubandakanyeka kwizinto ezicel’ umngeni amandla abo engqondo okanye omzimba? Yaye ngaba ayilindelekanga into yokuba ukunceda abanye kuzise injongo eyanelisayo kubomi babaninzi? Akunjalo konke konke. Ngokuyinxenye, oku koko sadalelwa ukuba sikwenze.
Ingxelo yeBhayibhile ihlabela mgama isithi abantu banikwa igunya lokulawula zonke ezinye izinto eziphilayo emhlabeni—‘iintlanzi zolwandle, iintaka zezulu nezinambuzane zonke ezinambuzelayo emhlabeni.’ (Genesis 1:26) Ngoko ke, akumangalisi ukuba nanamhlanje abaninzi besaneliswa kukufuya izilwanyana nokudlala nazo. Bambi banoluvo lokuba banembopheleleko ngezilwanyana ukusa kumlinganiselo wokuba basebenze nzima ukuze kulondolozwe iintlobo ezithile zezilwanyana ezisongelwayo, okanye balwela ukuba kuyekwe ukuthuthunjiswa kwezilwanyana ngokungeyomfuneko.
Kwakhona abantu bayalelwa ukuba ‘baweyise umhlaba.’ (Genesis 1:28) Kwakuthetha ukuthini oku? Ngokuqinisekileyo kwakungathethi ukuba abantu babefanele ngokuzingca nangokungakhathali basebenzise umhlaba kude kuphele amandla awo okuvelisa, bangcolise umoya, ulwandle neendawo ezithile zomhlaba ngenkunkuma. Kunoko, uThixo wamisela umzekelo wokweyisa umhlaba xa “watyala umyezo e-Eden ngasempumalanga; wambeka khona umntu abembumbile.” (Genesis 2:8) Lo myezo wase-Eden wawungumzekelo obonisa oko umhlaba wawuya kuba kuko. Wabonisa injongo kaThixo ngesijikelezi-langa sethu.
Ingxelo yeBhayibhile iyacacisa: “Wabasikelela [indoda nomfazi wokuqala] uThixo, wathi kubo uThixo, Qhamani nande, niwuzalise umhlaba niweyise.” (Genesis 1:28) UThixo wayefuna ukuba abantu babe nabantwana baze bahlale emhlabeni. Wadibanisa indoda nomfazi wokuqala, ngokungathi kunjalo, wenza owona mtshato wokuqala. (Genesis 2:22-24) Akumangalisi ke ngoko ukuba umtshato nentsapho zibangela ubomi babantu abaninzi kangaka bube nentsingiselo nenjongo ethe chatha.
Oko Ubomi Bebunokuba Kuko
Njengoko sifundisisa iBhayibhile, kuyabonakala ukuba uThixo wayecebe ukuba intsapho ka-Adam ikhule yaye yena nabantwana bakhe bandise imida yomyezo wase-Eden bade abantu bawuzalise wonke umhlaba. Yaye umhlaba oweyisiweyo wawuya kuba yiparadisi. Kuyinyaniso ukuba, umntu wayeza kusebenzisa ubutyebi bomhlaba ukuze kungenelwe yena. Kodwa oku wayeza kukwenza ngenkathalo. Umntu wayeza kuba ngumlawuli womhlaba, angabi ngumonakalisi wawo. Ukonakaliswa komhlaba esikubonayo namhlanje kuchasene nokuthanda kukaThixo, yaye abo banegalelo ekuwonakaliseni benza ngokuchaseneyo nenjongo yobomi.—ISityhilelo 11:18.
Sifunda enye into kwingxelo yokuqala yeBhayibhile, yaye oko kukuba yayingeyonjongo kaThixo ukuba abantu bafe. Abazali bethu bokuqala bafa ngenxa yokuba abazange bamthobele uThixo. (Genesis 2:16, 17) Xa bengazange bathobele, babengasayizalisekisi injongo yobomi—babengasakwenzi ukuthanda kukaThixo. Ngoko abazange nje bafe kodwa yonke inzala yabo iye yajamelana nokufa ngenxa yokuzuza ilifa ukungafezeki kubo. (Roma 5:12) Noko ke, ekuqaleni abantu babenzelwe ukuba baphile ngonaphakade, bangafi. Ngokunokwenzeka esi sisizathu esibangela ukuba abaninzi banxunguphale xa becinga ukuba umsebenzi abawenzayo ebomini uza kuphelela esithubeni ngenxa yokufa.
Ukuzalisekisa Injongo KaThixo
Injongo yokuqala kaThixo ngoluntu nangalo mhlaba ayiguqukanga. Usenenjongo yokuba nomhlaba oyiparadisi ozaliswe sisizwe esifezekileyo sabantu. Noko ke, kuye kwafuneka ukuba enze amalungiselelo okuphelisa imiphumo elusizi yokusilela kwabazali bethu bokuqala. Ukwenza ukuthanda kukaThixo namhlanje kubandakanya ukwenza ngokuvisisana nawo onke la malungiselelo kaThixo. Okuvuyisayo kukuba, iBhayibhile inikela inkcazelo engokuzalisekiswa kwenjongo yakhe ngokwamabakala.
Kwincwadi yokuqala yeBhayibhile sifunda ukuba uThixo wathetha ‘ngembewu’ eyayiza kuphelisa wonke umonakalo owabangelwa kukusilela kuka-Adam noEva ukwenza ukuthanda Kwakhe. (Genesis 3:15) KwiZibhalo zamaKristu zesiGrike (“iTestamente Entsha”), sifunda ngokubakho kukaYesu Kristu njengaloo “mbewu,” ngobomi bakhe obungenasono, nangokufa kwakhe ebulawa ziintshaba zakhe. Eneneni, ukufa kukaYesu kwaba lidini lokukhululwa kwethu, kusivulela indlela yokuba siphinde sizuze ubomi obungunaphakade obalahlwa nguAdam noEva. (Hebhere 7:26; 9:28) Ewe, iBhayibhile ithi: ‘Bonke abakholwayo kuye [abayi] kutshabalala koko baya kuba nobomi obungunaphakade.’—Yohane 3:16.
Yaye kukho okungakumbi. Emva kokufa kwakhe, uYesu wavuswa njengesidalwa somoya esingafiyo yaye ngoku ulawula njengoKumkani woBukumkani bukaThixo basezulwini. Kungekudala obo Bukumkani buza kususa oorhulumente bomhlaba abakhoyo ngoku buze buzise ibutho lehlabathi elitsha eliya kulawula imicimbi yabantu. Isiprofeto seBhayibhile siyathembisa: “Obo bukumkani abuyi kusala nabantu bambi; buya kuzicola buzigqibe zonke ezo zikumkani, bona bume ngonaphakade.”—Daniyeli 2:44.
Emva koko, obu Bukumkani buya kuvelela umsebenzi owonwabisayo wokubuyisela iParadisi emhlabeni buze benze ukuba abantu bafezeke. IBhayibhile ikwathetha nangovuko lwabafileyo, ukuze nabo babe nethuba lokuba nesabelo ekuzalisekisweni kwenjongo kaThixo ezukileyo ngoluntu. (IZenzo 24:15) Ngoko liya kuzaliseka eli dinga lithandekayo: “Abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe, baziyolise ngobuninzi boxolo. Amalungisa aya kulidla ilifa lizwe, ahlale kulo ngonaphakade.”—INdumiso 37:11, 29.
Ukungenelwa Ngokobuqu
Ukuze singenelwe ngokobuqu ekuzalisekisweni kwenjongo kaThixo ezukileyo ngalo mhlaba, kuqala simele simazi uThixo. UYesu Kristu wathi: “Bubo ke obu ubomi obungunaphakade, ukuba mabakwazi, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, naye uYesu Kristu omthumileyo.” (Yohane 17:3) Sinokukwenza njani oko? Sifunda izinto ezithile ngoThixo ngokuqwalasela ihlabathi elisingqongileyo, indalo, kuquka nesibhakabhaka esizele ziinkwenkwezi. (INdumiso 19:1) Noko ke, eyona ndlela sifunda ngayo ngoThixo—nangoNyana wakhe, uYesu Kristu—kungokufunda iBhayibhile. Sifunda ngegama nangeempawu zakhe, yaye sifumana ngokweenkcukacha oko uThixo akwenzele uluntu. Ulwazi olunjalo lusenza simthande yaye lusisondeza ngakumbi kuye nakuNyana wakhe.
Ukumazi uThixo kusenza sifune ukwenza ukuthanda kwakhe. Mhlawumbi siye sathandaza njengoko uYesu wayalelayo: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini.” (Mateyu 6:10) Injongo yokwenene yobomi—leyo izisa ulwaneliseko lokwenyaniso—kukuphila ubomi bethu ngokuvisisana noko kuthanda kukaThixo.
Noko ke, kubandakanyeke ntoni ekwenzeni ukuthanda kukaThixo? KuAdam noEva, kwakubandakanyeke ukulawula zonke izilwanyana nokweyisa umhlaba nokuwuzalisa ngenzala efezekileyo. Ukuba siza kwenza ukuthanda kukaThixo namhlanje, simele sifunde size sibe nokholo kwidini lentlawulelo likaYesu. Yaye simele silandele umzekelo kaYesu ngokuxelela abanye ‘ngeendaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo.’—Mateyu 24:14.
Kwakhona ukwenza ukuthanda kukaThixo kuquka ukuvelisa ubuntu bokuhlonela uThixo. Ngoko siyaziqonda izinto azithiyileyo uThixo—njengokuxoka, ubusela, ukuhleba okwenzakalisayo, umsindo ongalawulekiyo—size sizichase. Kwakhona sifunda iimpawu azithandayo uThixo—njengothando, uvuyo, uxolo, ububele nokulunga—size sizihlakulele ngokuncedwa ngumoya oyingcwele kaThixo. (Galati 5:19-24) Ukuba siza kuzuza ubomi obungunaphakade, simele sibe luhlobo lwabantu aya kulufuna uThixo ukuba luphile ngonaphakade. Ngokwenene, ukufunda ngoThixo nokwenza ukuthanda kwakhe kwenza ubomi bethu bube nenjongo nentsingiselo engenakuziswa zezinye izinto!
Umahluko Ewenzayo
Ubomi babantu abazizigidi kulo lonke ihlabathi bungqina ukuba ukufumana injongo yokwenene yobomi ngokwenene kwenza umahluko. Khawuqwalasele umzekelo kaWayne, owayedandathekiswe kukufa komfazi wakhe wokuqala. Umfundisi wecawa yasekuhlaleni wayengakwazi ukumthuthuzela, ngoko uWayne waxakeka kumsebenzi wasemkhosini awayewungenele ngokuzithandela. Waba ngumphathi kumbutho waseUnited States wokunyamekela amagqala emfazwe yaye wayelilungu elizeleyo lemibutho yezobupolitika. Wathi ke watshata kwakhona, kodwa loo mtshato waba namagingxiginxi. Yena nomkakhe babephila ubomi obungenanjongo.
Noko ke, ngenye imini uWayne wathabatha iBhayibhile waza waqalisa ukuyifunda. Wayigqiba ukuyifunda ngeenyanga ezintathu, yaye uthi: “Ngoku bendisazi ukuba kukho injongo yokubakho kwethu apha nethemba lobomi emva kokufa.” Waxelela umkakhe: “Sifanele sifumane abantu esiza kunxulumana nabo ababambelele ngokuqinileyo eBhayibhileni.” Kungekudala badibana namaNgqina kaYehova, yaye iingxubusho zawo kunye nabo zawandisa umnqweno wabo wokwenza ukuthanda kukaThixo. UWayne nowakwakhe bahlulela ubomi babo kuThixo, yaye ubomi bentsapho yabo bangenelwa kakhulu.
USusan, intombi yabavangeli becawa yamaRhabe, wayefuna ukwenza okuthile ngobomi bakhe nokwakuya kulinceda ngokwenene ihlabathi. Isifundo esasithetha ngeengozi zezixhobo zenyukliya samqinisekisa ukuba oku kwakubaluleke kakhulu. Ngoko wemka kwanokholeji ukuze asebenzise ixesha lakhe lonke efundisa abantu ngale ngxaki. Xa wayeneminyaka engama-21, waba ngumlungelelanisi wendibano enkulu eyayichasene nezixhobo zenyukliya. Kamva watyelelwa ngamaNgqina kaYehova waza waboniswa oko iBhayibhile ikuthethayo yaye, ekuhambeni kwexesha, wayifumana injongo yokwenene yobomi. Ngoxa ngokungathandabuzekiyo esakuxhalabele ukonakaliswa komhlaba luluntu, uyaqonda ukuba uThixo uya kuzicombulula ezi ngxaki ngoBukumkani bakhe. Ngenxa yoko, unceda abanye ukuba babe nokholo koko.
UMarielle wakwenza injongo yakhe ebomini ukunandipha izinto ezinikelwa lihlabathi. Wathi phithi ngumsebenzi. Wanandipha zonke izinto zefashoni eLos Angeles, eKhalifoniya, eUnited States, kuquka amatheko neziyobisi. Kodwa xa waqalisa ukufundisisa iBhayibhile, wamazi waza wamkhonza uThixo, wayibona indlela ezazingenantsingiselo ngayo zonke ezo zinto. Uthi ubomi bakhe bunentsingiselo ngakumbi ngoku ekubeni buvisisana nenjongo kaThixo.
Inani labo ubomi babo buye banentsingiselo ngenxa yokufunda injongo yokwenene yobomi landa ngamakhulu yonke imihla. Ukuphila ngokuvisisana naloo njongo yokwenyaniso yobomi ngokwenza ukuthanda kukaBawo wethu wasezulwini onothando, ngokwenene kwenza umahluko. Kunokubuphucula gqitha ubomi bakho. Siyakumema ukuba uwuhlolisise ngokwakho lo mbandela. Ubomi bakho buya kwanelisa ngakumbi ukuba wenjenjalo.
[Umfanekiso okwiphepha 19]
UMniki wobomi wayenenjongo ekudaleni uluntu
[Umfanekiso okwiphepha 20]
UThixo akayilahlanga injongo yakhe yokwenza umhlaba ube yiparadisi ezaliswe sisizwe esifezekileyo sabantu