IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g92 6/8 iphe. 21
  • Ikhoboka Lotywala Entsatsheni

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ikhoboka Lotywala Entsatsheni
  • Vukani!—1992
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukukhotyokiswa Butywala Nabantu Abaxhomekeke Kuwe
  • Inokunceda Njani Intsapho?
    Vukani!—1992
  • Ndinokuhlangabezana Njani Nemeko Yokuba Nomzali Olikhoboka Lotywala?
    Vukani!—1992
  • Unokuzoyisa Iingxaki Ezonakalisa Intsapho
    Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho
  • Kunokwenzeka Ukuchacha
    Vukani!—1992
Khangela Okunye
Vukani!—1992
g92 6/8 iphe. 21

Ikhoboka Lotywala Entsatsheni

“Ukukhotyokiswa butywala kuquka amakhoboka otywala . . . Ngoxa lisenokuba linye kuphela ikhoboka lotywala entsatsheni, intsapho yonke iyabandezeleka ngenxa yokukhotyokiswa butywala.”—⁠UGqr. Vernon E. Johnson.

UALICE oneminyaka emihlanu ubudala wayelele emandlalweni, umlenze wakhe ubuhlungu kakhulu. Ngenxa yokwenzakala kwiintsuku ezimbini ngaphambilana kwafuneka ukuba umlenze lo wonke ufakwe isamente. Kodwa loo samente yayiqiniswe kakhulu, yaye oko kwabangela ukuba umlenze wakhe udumbe. UAlice wabongoza abazali bakhe ukuba bamse kwagqirha, kodwa uyise wayephethwe yibhabhalaza, yaye unina wayengayazi into amakayenze, engaqinisekanga ngoyena wayefanele anikelwe ingqalelo kakhulu.

Kwiintsuku eziliqela, umlenze kaAlice waba ndindisholo. Xa kwaqalisa ukuphuma ulwelo olumdaka eluzwaneni, ekugqibeleni abazali baka-Alice bambalekisela esibhedlele. Xa kwasuswa isamente, omnye umongikazi waf’ isiqaqa akuwubona lo mlenze. Kwafuneka ukuba umlenze ka-Alice unqunyulwe kuba wawubolile.

Ukukhotyokiswa Butywala Nabantu Abaxhomekeke Kuwe

Intlekele yesi siganeko ayipheleliselwanga nje ekuphulukaneni nomlenze. Uyise ka-Alice wayelikhoboka lotywala. Ngenxa yoko, ngokweemvakalelo nangokomzimba wayengenako ukuyinceda intombi yakhe xa kanye yayimfuna gqitha. UToby Rice Drews ongumluleki uthi: “Ukukhotyokiswa butywala kubangela ukuba ikhoboka lotywala liyibeke kwindawo yokugqibela intsapho yalo​—⁠into ephambili butywala nazo zonke izinto obuzifunayo.”

Kuthekani ngonina ka-Alice? Naye ngokwakhe wayexhomekeke kokuthile, wayengaxhomekekanga etywaleni, kodwa wayexhomekeke kumyeni wakhe olikhoboka lotywala. Ngokuqhelekileyo, iqabane lomtshato elingelokhoboka lotywala lizixakekisa ngokupheleleyo ngokwenza imigudu yokuyekisa ikhoboka lotywala ukusela okanye ubuncinane eyokuhlangabezana nehambo yalo engenakwaziwa kwangaphambili.a Libandakanyeka ngokunzulu kwingxaki yekhoboka lotywala kangangokuba libonakalisa iimpawu ezifanayo zokuxhomekeka​—⁠kodwa ezingezizo ezokuxhomekeka etywaleni. Ngenxa yesi sizathu, ngokufuthi abantu abanjengonina ka-Alice kuthiwa baxhomekeke etywaleni.

Ikhoboka lotywala nomntu oxhomekeke kulo bengaqondi balawulwa yinto ethile okanye ngumntu othile ongaphandle. Bobabini bamfanyekiswa yingcamango yokuyikhanyela ingxaki yabo. Iimvakalelo zabo bobabini azikho kwimeko yokunyamekela abantwana babo. Bobabini baphila ubomi obunxunguphalisayo, kuba kanye njengokuba ikhoboka lotywala lingenakuyilawula indlela elisela ngayo, umntu oxhomekeke kulo akanakulilawula ikhoboka lotywala, yaye akukho namnye kubo onokuwuthintela umphumo ukukhotyokiswa butywala okuya kuba nawo kubantwana babo.

Kodwa kukho indlela elinokuncedwa ngayo ikhoboka lotywala nentsapho yalo. Oku kuza kuxutyushwa kumanqaku alandelayo.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ngoxa sibhekisela kwikhoboka lotywala njengeliyindoda, imigaqo enikelwa apha isebenza ngokufanayo nakwikhoboka lotywala elilibhinqa.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share