IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g92 10/8 iphe. 20-22
  • AmaNgqina KaYehova ‘Anikelwa Kwiinkundla Zamatyala’

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • AmaNgqina KaYehova ‘Anikelwa Kwiinkundla Zamatyala’
  • Vukani!—1992
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Imibandela Engelungelo Lokugcina Umntwana
  • Umbandela Wegazi
  • Silwela Ukunqula Ngokukhululekileyo
    UBukumkani BukaThixo Buyalawula!
  • ‘Ukukhusela Nokumisela Ngokusemthethweni Iindaba Ezilungileyo’
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
  • Abavakalisi BoBukumkani Baya Ezinkundleni
    UBukumkani BukaThixo Buyalawula!
  • Ukuzikhusela Ngokusemthethweni Iindaba Ezilungileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
Khangela Okunye
Vukani!—1992
g92 10/8 iphe. 20-22

AmaNgqina KaYehova ‘Anikelwa Kwiinkundla Zamatyala’

UBUKRISTU buye bachaswa ukususela ekusekweni kwabo. Enikela imiyalelo kubafundi bakhe, uYesu walumkisa: “Balumkeleni ke abantu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni [“kwiinkundla,” NW] zamatyala, banityakatye ezindlwini zabo zesikhungu; naye ke niya kusiwa phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, ze kube bubungqina kubo, nakuzo iintlanga.” (Mateyu 10:​17, 18) Kumazwe amaninzi namhlanje, uBukumkani buchaswa ngendlela echulwe ngakumbi kuneliza lentshutshiso eyayibulala eyavela kamsinya emva kokubulawa kukaYesu. Kwihlabathi esiphila kulo elineenkcukacha ezininzi, imibandela eveliswa ngabachasi iye yagqithela ngaphaya kokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo zoBukumkani.

Imibandela Engelungelo Lokugcina Umntwana

Enye inkundla yamatyala anikelwa kuyo ngokwandayo amaNgqina kaYehova yinkundla yamatyala engemibandela yeentsapho. EOstriya, eBelgium, eKhanada, eFransi, eNorway, eUnited States nakwamanye amazwe, iqela elincinane labachasi liye lazama ukwenza unqulo imbambano eyintloko ekugqibeni ngemibandela engelungelo lokugcina umntwana xa amaNgqina kaYehova athembekileyo esaliwa ngamaqabane angakholwayo. Kuba nje bengamaNgqina kaYehova, abazali abangamaNgqina baye baphulukana nelungelo lokugcina abantwana babo.

Elinye iNgqina laphulukana nelungelo lokugcina unyana walo oneminyaka emithathu ubudala yaye lamiselwa imiqathango yokuba lingakhe lilukhankanye kwaukulukhankanya unqulo ngamaxesha okumtyelela kwalo. ISebe Lemicimbi Engokwasemthethweni leWatchtower Society lafaka isibheno ngenxa yoku laza alaphumelela kwinkundla yezibheno. Sandula ke eso sibheno sasiwa kwiNkundla Ephakamileyo yeLizwana laseOhio. Okuvuyisayo kukuba ngoAprili 15, 1992, inkundla yawisa isigqibo esalikhululayo elo Ngqina. Eso sigqibo sibhaliweyo esasinamaphepha ali-11 samgqebh’ olungophiyo umntu owayebizwa ngokuba lingqina elinobuchule kweso sibheno nosusiweyo kubudlelwane owayezibanga esisazi ngengqondo. Inkundla yathi “unikele ubungqina, abusekele kwingxelo ayibhalileyo bokuba amaNgqina kaYehova agula ngengqondo ngaphezu kwabemi abaqhelekileyo. Obu bungqina babulilinge elicace mhlophe lokuba luhlale lujongwa ngale ndlela lonke olo nqulo. . . . Obu bungqina abunantsingiselo.”

Inkundla yamisela indlela entsha yokuthethwa kwetyala isithi: “Umzali akanakuvinjwa ilungelo lokugcina umntwana kuba nje engayi kukhuthaza umntwana wakhe ukuba akhahlele indwe, abhiyozele iiholide, okanye abe nenxaxheba kwimicimbi engaphandle kweeyure zesikolo. Siyayijika imiyalelo yenkundla engelungelo lokugcina nokutyelela umntwana, kuba ezi zigqibo zazisekelwe ngokungafanelekanga kwiinkolelo [zomzali] zonqulo.” Ngenxa yoko, lo mama wanandipha ukuya eSikhumbuzweni sokufa kukaKristu ngoAprili 17 unyana wakhe ehleli ecaleni kwakhe kwiHolo yoBukumkani.

ISebe Lemicimbi Engokwasemthethweni leofisi yesebe yeWatch Tower Society eKhanada ngoku linamatyala amabini akwangalo mbandela asachotshelwe yiNkundla Ephakamileyo yaseKhanada. Isebe laseOstriya liye loyisa ngokubalaseleyo kwityala elalichotshelwe nguMbutho WaseYurophu Ophanda Ngamalungelo Abantu. Ukongezelela, iBelgium, iFransi neNorway ziye zanikel’ iingxelo ngokuphumelela kwamaNgqina aphethwe kakubi kwiinkundla zamatyala kwamanye amatyala angelungelo lokugcina umntwana apho ayehlaselwa ngenxa yonqulo. Kwimeko nganye, njengokuba uYesu watshoyo, oku kuye kwanikela ubungqina kungekuphela nje enkundleni yamatyala nakumagqwetha kodwa nakwiintlanga ngokubhengeza kwamajelo eendaba.

Umbandela Wegazi

Enye into ajamelana nayo amaNgqina ngumbandela wegazi. Phezu kwako nje ukuphumelela kutshanje ekufumaneni inkululeko yonqulo neyokuzilawula kwamaNgqina kaYehova kwiiNkundla Eziphakamileyo zaseFlorida, eIllinois, eMassachusetts naseNew York yaye phezu kwayo nje imigudu engayekeleliyo yamaSebe Enkcazelo Yezibhedlele neyeekomiti zamaNgqina kaYehova zokunxibelelana nezibhedlele kulo lonke elo lizwe, lo mbandela ungathandekiyo usoloko uvela. Noko ke, abasebenzi abanyamekela impilo basazi zisuka yaye zimbi izibhedlele zizama ukubabona ngokukhawuleza nangokucacileyo abaguli abangamaNgqina kaYehova.

Elinye iNgqina laseJapan eliseKhalifoniya lenza ukuba ukuma kwalo kumbandela wegazi kuhlonelwe yinkundla yamatyala eSan Diego. Laba nesifo semithambo yegazi ebuchotsheni laza alabikho zingqondweni. IMedical Directive yalo ebhalwe ngendlela efanelekileyo nobungqina obanikelwa ngugqirha onyanga izifo zabantwana owalibuza ngenyameko ngombandela wegazi xa ladibana nalo gqirha kumsebenzi wendlu ngendlu babanele ukweyisela ijaji kwelokuba eli Ngqina lingekho zingqondweni belingayi kulamkela igazi phantsi kwazo naziphi na iimeko.

Ityala lakwisiQithi iLong apho iNgqina labanjwayo laza latofelwa igazi ngoxa umyeni walo wayebanjiwe liye lasiwa kwiNkundla Ephakamileyo eseNew York liSebe Lemicimbi Engokwasemthethweni leWatchtower Society. Kwakhutshwa isigwebo esasixhasa amalungelo obuqu amaNgqina kaYehova, yaye ngoku eli tyala ligqithele phambili kwinkqubo yokuvavanywa kwetyala kwinkundla yoluntu yezimangalo. Isimangalo senkwenkwe eneminyaka eli-16 ubudala nonina kwinkundla yamazwe amanyeneyo eAtlanta sele siza kuchotshelwa. Le nkwenkwana yabotshelelwa yaza yatofelwa igazi kangangeeyure ezisibhozo. Ukuchotshelwa kwalo mbandela khon’ ukuze kufunyanwe umyalelo wenkundla ogunyazisa esi senzo kwenziwa esibhendlele yaye umyalelo wafunyanwa ingaziswanga le nkwenkwe okanye unina. Kukho amatyala amaninzi asesezandleni zeenkundla zamatyala ezibheno kwaye kuvela amatsha yonke imihla. Amadabi ayaphunyelelwa, kodwa ukulwelwa kwamalungelo abantu akukapheli. AmaNgqina kaYehova akhangele kuYehova uThixo ukuba athethelele umthetho wakhe ngalo mbandela, ngexesha lakhe alimisileyo.

Ukususela ngowe-1943 ambalwa amaNgqina kaYehova eUnited States aye abizelwa phambi kweenkundla zamatyala ngombandela wokushumayela. Noko ke, veki nganye iWatchtower Society ifumana iminxeba neeleta ezininzi ezivela kumaqumrhu abadala becela uncedo xa amaNgqina kaYehova ejamelana neengxaki kubulungiseleli bawo basesidlangalaleni. Kukho ingxelo ehlekisayo evela kwilizwana laseWashington. Omnye umninimzi owayelugcwabevu ngumsindo watshixela iqela lamaNgqina awayehamba ngenqwelo-mafutha ngaphakathi eyadini yakhe ebiyelweyo waza wabiza amapolisa. Indlela awayebagrogrisa nawayebasongela ngayo yenza ukuba balinde ngaphakathi kwinqwelo-mafutha ngobulumko. Xa inqwelo-mafutha yamapolisa yafikayo, kunokuba abambe amaNgqina ngokungena emzini wakhe ngaphandle kwemvume, amapolisa awabulela. Kaloku, amapolisa ayekrokrela ukuba lo mninimzi wayesabe kwenye indawo, kodwa ayengakwazi ukungena emzini wakhe ukuze aqinisekise oko. Ngoku ekubeni wayewamemele emzini wakhe, aqinisekisa ngokujonga isazisi sakhe aza aya kumphosa ngaphaya kwezitshixo kunye nebhinqa awayehlala nalo, ngoxa amaNgqina aqhubekayo nomsebenzi wawo wokushumayela nowokufundisa.

Iimeko zibonisa ukuba kuza kubakho amadabi angokwasemthethweni amaninzi okulwela izilangazelelo zoBukumkani. IWatchtower Society iyakuxabisa ukuba nomdla, ukuxhalabela nokuthandazela kwamaNgqina amaninzi ehlabathini jikelele ulwalathiso nokhokelo lukaYehova ekuqhubaneni nemibandela engokwasemthethweni enzima ekufezeni umsebenzi kaThixo namhlanje. UYehova waxelela uhlanga lwakwaSirayeli ukuba lwalungayi kuloyisa lonke iLizwe Ledinga ngaxeshanye kodwa oko kwakuya kufezwa “kancinane, kancinane.” (Duteronomi 7:​22) Ukuhambela phambili kwamalungelo abantu bakaYehova namhlanje kwenzeka ngendlela efanayo; benza inkqubela kancinane kancinane. Kodwa nokuba bayaphumelela okanye abaphumeleli, ngokuqinisekileyo nanini na abantu bakaYehova bemiswa phambi kwabalawuli, kookumkani, kweenkundla zamatyala, okanye phambi kwakhe nabani na, oko kunikela ubungqina kubo nakwiintlanga.

Kungekudala uYehova uza kuzithethelela ngokupheleleyo kungekuphela nje kwimibandela ebandakanya igazi nelungelo lokugcina umntwana kodwa nakwimbambano ebandakanya ulongamo lwakhe. Ngoko abantu bakhe baya kuba noxolo xa bengasekho bonke abachasi babo baze bonwabe phantsi kolawulo loBukumkani​—⁠kuba uYehova uthanda okusesikweni.​—⁠INdumiso 37:⁠28.

[Umfanekiso okwiphepha 21]

Inkwenkwana ethile yabotshelelwa yaza yatofelwa igazi kangangeeyure ezisibhozo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share