Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Ngaba UThixo Uyayiphendula Imithandazo Yam?
USANDRA oneminyaka eli-11 ubudala uthi: “Ndifuna ukwazi enoba uYehova uyayiphendula imithandazo yam kusini na, ngenxa yokuba andiqinisekanga nokuba uyayiphendula na. Luninzi ulutsha endilwaziyo olunale ngxaki.” UAlyssa oneminyaka elishumi elinesihlanu ubudala wayekhe wanengxaki efanayo ngomthandazo. Uthi: “Ngokufuthi ndandivakalelwa kukuba ndandithetha ndedwa.”
Ngokohlolisiso lweGallup olwenziwa ngowe-1988, ngama-87 ekhulwini olutsha lwaseUnited States oluye lwathandaza ngamathub’ athile, kodwa lungaphantsi kwesiqingatha olwenza njalo ngokuthe rhoqo. Kuyabonakala ukuba lumbi luvakalelwa kukuba imithandazo yalo ayiphendulwa. Maxa wambi, nawe usenokuvakalelwa kukuba akukho bani uyiphulaphulayo imithandazo yakho. Noko ke, iBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba xa ubani ethandaza ngokunyanisekileyo enokholo, ‘uMphulaphuli wemithandazo’ uyaphulaphula! (INdumiso 65:2) Kodwa wazi njani ukuba akangomphulaphuli nje—ophulaphulayo kodwa abe engenzi nto ingako ukuphendula okanye angenzi nto kwaphela?
Emva kokubiza uThixo ngokuba nguMphulaphuli wemithandazo, umdumisi wathi: “Usiphendula ngezenzo ezoyikekayo zobulungisa, Thixo osisindisayo.” (INdumiso 65:5; thelekisa INdumiso 66:19, 20.) Ngoko, kutheni bambi bevakalelwa kukuba imithandazo yabo ayiphendulwa?
Izinto Eziyimiqobo Emthandazweni
Isizathu isenokukungabi nalwalamano lokwenene noThixo. Olunye ulutsha luyamthandabuza kwaukuba ukho. Lumbi luyamkholelwa kodwa lumjonga njengesiqu esikude, esithelekelelwayo. Umthandazo uba lilinge lokugqibela ngamathuba engxakeko. Omnye umKatolika oselula uthi: “Ndiyakholelwa kuThixo. Xa ndisengxakini, xa ndifuna uncedo, ndisoloko ndicela uncedo lwakhe.” Omnye oselula uchaza ngokuphandle uthi: “Maxa wambi ndithandaza kuphela xa kukho into endiyifunayo ngokwenene.”
Noko ke, umthandazo ufanele ube yimbonakaliso yokholo, yentlonelo, yokuzinikela, neyokunyaniseka—ungabi yinto yokuncamela okanye umnqweno wokuzingca. Yaye ukuthandaza kuba ucinga ukuba uThixo usenokuba ukho akwanele. IBhayibhile ithi: “Lowo uzayo kuThixo, umelwe kukukholwa ukuba ukho, nokuba ungumvuzi wabo bamfunayo.” (Hebhere 11:6) Imithandazo yabo bathandabuzayo ayiphendulwa. (Yakobi 1:6-8) UYehova uyabaphulaphula abo baye bamazi baza bamthanda. Abathandazi ngamaxesha engxakeko kuphela. Njengokuba eyoku-1 kwabaseTesalonika 5:17 ibongoza, ‘bathandaza bangayeki,’ okanye njengokuba iTestamente Entsha yenguqulelo entsha yeBhayibhile yesiXhosa isitsho, ‘bathandaza njalo-njalo.’
Kulusizi ukuthi, olunye ulutsha lwamaKristu luye lwamazi uYehova kodwa alukhange lwakhe ubuhlobo kunye naye. (INdumiso 25:14) Imithandazo yalo ithanda ukuba mbalwa yaye ayenziwa rhoqo, ingabhekiswa mntwini, ize ekugqibeleni ingaphendulwa. Ngaba kunjalo ngeyakho imithandazo? Ukuba kunjalo, ‘sondela kuThixo’ ngokuzama ukumazi. (Yakobi 4:8) UAlyssa oselula, okhankanywe ngaphambilana, naye wayenamathandabuzo ngoYehova, kodwa ufundisiso lweBhayibhile lobuqu ngokuthe ngcembe lwakucima ukuthandabuza kwakhe lwaza lwamnceda wakha ubuhlobo noThixo.
Isimo sengqondo nehambo zisenokuba yimiqobo emthandazweni. Umdumisi wathi: “Ukuba bendisekeleze ubutshinga ngentliziyo yam, iNkosi yam ibingayi kuphulaphula.” (INdumiso 66:18; IMizekeliso 15:29) Ngaba bekuya kuba sengqiqweni ukulindela ukuba uThixo aphendule imithandazo yakho ukuba ubusenza izinto ezichaseneyo naye—ukuba ubusebenzisa iziyobisi, utshaya, uphulaphula umculo othoba isidima, okanye ubandakanyeke ekuziphatheni okubi ngokwesini. Ngokuqinisekileyo akunjalo. Ngoko uYehova akayamkeli imithandazo yabo baphila ubomi obumbaxa, abathi ngobuqhophololo ‘banyhwalaze.’ (INdumiso 26:4) Uphulaphula kuphela ‘ohamba ngokugqibeleleyo, esenza ubulungisa, othetha inyaniso ngentliziyo yakhe.’ (INdumiso 15:1, 2) Ngoko ukuba unemvakalelo yokuba xa uthandaza uthetha wedwa, zigocagoce. Mhlawumbi kufuneka wenze iinguqulelo ezithile.
Ukusebenzisa Kakubi Umthandazo
Luhlobo luni lwezinto onokuzicela kuThixo? UYesu wasiqinisekisa wathi: “Zonke izinto enithe nazicela kubawo egameni lam, woninika.” (Yohane 16:23) Elo binzana lithabathekisayo—zonke izinto! Ngaba uThixo ngenene ulungele ukwamkela yonke imiyalelo yakho ngokungathi ngumshologu othile? Ngaba uya kuphendula zonke izicelo zakho, kwanezo ziyimfeketho? UYesu wawathetha la mazwi xa kwakusele iiyure ezimbalwa ngaphambi nje kokuba afe ukufa okubuhlungu. Ngokuqinisekileyo wayengacingi izinto ezibubudenge! Ngoko ke uYakobi 4:3 uyalumkisa ngokusebenzisa kakubi umthandazo. Uthi: “Niyacela, ningamkeli noko, ngenxa enokuba nicela kakubi, ukuze oko nikuchithele iziyolo zenu.”
Abaninzi namhlanje balisebenzisa kakubi ilungelo lomthandazo. Elinye iqela lesikolo elidlala ibhola yomnyazi laliye liguqe ebaleni lokudlala lize licengceleze umthandazo emva komdlalo ngamnye. Kodwa ngaba ngenene ucinga ukuba uThixo ungumxhasi webhola yomnyazi okanye ebeya kuzithoba aze afake isandla kumdlalo wokhuphiswano? (Thelekisa AmaGalati 5:26.) Okanye kuthekani ngebhinqa ekuthiwa lithandazela izihlangu? Lithi: “Maxa wambi evenkileni yezihlangu kusenokusala iperi enye okanye ezimbini zezihlangu ezindilinganayo, yaye ukuba andinayo imali ngelo xesha, ndiya kucela uThixo ukuba aqinisekise ukuba ziya kuba zisekho xa ndibuya.” Kaloku, yenye into ukuthandazela into oyisweleyo—ize ibe yenye ukulindela ukuba uThixo akuyele evenkileni.
Ngokufanayo, bekuya kuba yinto engafanelekanga—nelilize—ukuthandazela ukuba uThixo akusindise ekufumaneni isohlwayo okanye uqeqesho olufanelekileyo. (Hebhere 12:7, 8, 11) Ungazi kuphumelela nokucela uThixo ukuba akunike amanqaku aphezulu kwiimviwo ungakhange ufunde.—Thelekisa AmaGalati 6:7.
Imithandazo “Ngokokuthanda Kwakhe”
Umpostile uYohane uchaza ingongoma ebalulekileyo ngomthandazo: “Kuko oku ukungafihlisi esinako kuye: ukuba sithi sicele into ngokokuthanda kwakhe, uyasiva.” (1 Yohane 5:14) Umthandazo kaYesu ongumzekelo (uMthandazo weNkosi) ubonisa ezinye zezinto ezinokuqukwa kumthandazo onjalo. Wathandazela (1) ukungcwaliswa kwegama likaThixo, (2) ukufika koBukumkani bukaThixo, (3) ukwenziwa kokuthanda kukaThixo, (4) ukubonelelwa ngeentswelo zokwenyama nezokomoya (5) noncedo lokuphepha imigibe kaSathana.—Mateyu 6:9-13.
Kwesi siseko zininzi izinto ezifanelekileyo onokuzithandazela. Eneneni, eyoku-1 kaPetros 5:7 ibongoza amaKristu ukuba ‘aphose lonke ixhala lawo phezu koThixo, ngokuba yena ewakhathalele.’ Oko kuthetha ukuthi kufanelekile ukuthandazela phantse zonke iimeko zobomi bethu. Ngaba kufuneka wenze izigqibo, njengokukhetha uludwe lwezifundo oya kuzifundela? Thandazela ubulumko bukaThixo. (Yakobi 1:5) Ngaba wenze impazamo yobudenge? Ngoko cela uxolo kuThixo.—Isaya 55:7; 1 Yohane 1:9.
Kodwa umele wenze ngokuvisisana nomthandazo wakho. Phawula uClint oselula. Waba ngumshumayeli wexesha elizeleyo emva kokuphumelela kwisikolo semfundo ephakamileyo. Kangangeenyanga akazange afumane bani unomdla ekufundisiseni iBhayibhile. Ngoko wayithandazela le meko. Phofu ke, akazange alindele ukuba umntu awayeza kumfundela iBhayibhile wayezakuhla ezulwini. Ngenkuthalo wathi gqolo kumsebenzi wendlu ngendlu, yaye ekuhambeni kwethuba wafumana abantu abaninzi ababenomdla wokufundisisa iBhayibhile.
Indlela UThixo Aphendula Ngayo
Maxa wambi umthandazo ngokwawo uluncedo. USandy oselula wayezamana nengxaki yokuphulula amaphambili. Uthi: “Ukuthandaza kuYehova kuyandinceda kuba ndiyazi ukuba emva kokuba ndimcelile ukuba andincede ndingaphululi amaphambili, kuhle ukuba ndingakwenzi oko.”
Noko ke, maxa wambi kubonakala ngathi uThixo ulawula iziganeko ukuze aphendule imithandazo. UKen oselula wakha wafuna ukuya kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova ukuze aye kunikela intetho emfutshane yeBhayibhile awayeyabelwe. Ngelishwa, akukho bani wayenokumnceda ukuze amse apho. Wakuthandazela oku ngokunenzondelelo. Kwimizuzu elandelayo kamva udade wabo, owayengafane atyelele, wafika. Nangona wayengenamdla kunqulo lwakhe, wamkhwelisa kwinqwelo-mafutha yakhe. Ngaba kwakuphendulwe umthandazo wakhe? Mhlawumbi. Sekunjalo, kusoloko kufanelekile ukumbulela uThixo xa izinto zisihambela kakuhle. UPawulos uyabongoza: “Ezintweni zonke bulelani.”—1 Tesalonika 5:18.
Noko ke, musa ukulindela ukuba uThixo aphendule imithandazo yakho ngokungummangaliso. Yaye ungafanele ujonge yonke into encinane eyenzekayo kuwe njengembonakaliso yokuthanda kukaThixo. Ngokuqhelekileyo imithandazo yethu iphendulwa ngeendlela esingenakuziqonda: Ufunda into ethile eBhayibhileni okanye kuncwadi lweBhayibhile; umzali okanye omnye umKristu ukunika icebiso elifanelekileyo. Kuyavunywa ukuba, kusenokufuneka ukuqiqa ukuze ufumanise into okuyiyo ukuthanda kukaThixo ngawe. Ngokuqhelekileyo izinto zidla ngokucaca emva kwethuba.
Ewe, emva kwethuba! Musa ukulindela ukuba uThixo akuphendule xa wena uvakalelwa kukuba ufanele enjenjalo. UYeremiya wabhala oku: “Kulungile ukuba umntu alulindele, ethe cwaka usindiso lukaYehova.” (IZililo 3:26) Ngokubhekele phaya, akuqinisekiswanga ukuba uya kufumana impendulo oyifunayo. Umpostile uPawulos wacela uThixo izihlandlo ezithathu ukuba asuse ingxaki awayibiza ngokuba ‘luviko enyameni.’ Impendulo kaThixo yaba nguhayi. (2 Korinte 12:7-9) Noko ke, uPawulos akazange aphelelwe luxabiso ngesipho somthandazo kodwa waqhubeka nenkonzo kaYehova. Nguye owabhala la mazwi: “Zingisani ukuthandaza.” (Kolose 4:2) Ngoko “qhubekani nicela, . . . qhubekani nifuna, . . . qhubekani ninkqonkqoza.” (Mateyu 7:7, NW) Ngokwenjenjalo uya kusondela kuYehova, yaye imithandazo yakho isenokuphendulwa kakuhle.
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Xa uthandaza awufanele ucele izinto eziyimfeketho eziphathekayo