IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g93 2/8 iphe. 27-29
  • Ukuhlangulwa Komhlaba Kusondele

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuhlangulwa Komhlaba Kusondele
  • Vukani!—1993
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Inkxalabo KaYehova Ngomhlaba
  • Ukonakaliswa Kwabo Bawonakalisayo Umhlaba
  • Ngaba Umhlaba Uya Kuphelela Emlilweni?
    Vukani!—1997
  • Ukuhlangula Umhlaba Ekonakalisweni
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • UYehova NguKumkani
    Isiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu I
  • Ubomi Bunenjongo Ezukileyo
    Iyintoni Injongo Yobomi? Unokuyifumana Njani?
Khangela Okunye
Vukani!—1993
g93 2/8 iphe. 27-29

Ukuhlangulwa Komhlaba Kusondele

KWINQAKU lomhleli uStephen M. Wolf, ongusihlalo negosa eliyintloko leUnited Airlines, wathi: “Enoba umntu ungumlondolozi wendalo okanye akunjalo, ayinakuphikiswa into yokuba ikamva eloyikekayo mayela nokonakaliswa kobomi basendle neentlango lithetha ikamva elimfiliba kuwo wonke umhlaba—yaye ekugqibeleni, lisongela ubukho bazo zonke iintlobo zezidalwa, kuquka uluntu. Njengokuba kubonisiwe, ‘Umxokelelwano wobomi awuzange wenziwe sithi; thina siphakathi kuwo. Nayiphi na into esiyenzayo kulo mxokelelwano, siyenza kuthi.’” Wayechan’ ucwethe.

Kwakhona wathi kwelo nqaku lomhleli: “Sithi oonobangela beengxaki. Yaye sithi kuphela abanokuzicombulula.” Koku waphantse wachana. Sithi oonobangela beengxaki; kodwa ayisithi abanokuzicombulula. Yaye akukho nento le ethi singazicombulula. Inkqubela yenziwe, kodwa ayiyonto xa kuqwalaselwa umonakalo oqhubekayo zwenibanzi.

Kunyaka ophelileyo uAl Gore wabhala incwadi ethi Earth in the Balance—Ecology and the Human Spirit. Le yincwadi elumkisa ngeengxaki ezandayo zemeko-bume yazwenibanzi, yaye kuyo wenza le nkcazelo iphawulekayo: “Okukhona ndisiya ndiziphanda ngokunzulu iingxaki zemeko-bume yazwenibanzi, kokukhona ndisiya ndiseyiseka ngakumbi kwelokuba le yimbonakaliso yangaphandle yeyona ngxaki ingaphakathi oko kukuthi, ukungabikho kwegama elilunge ngakumbi, ubumoya.”

Ngokwenene yingxaki engokomoya. Kukonakala komoya woluntu. Kukuvuma ukuncama ubuhle bemvelo bomhlaba nezinto zawo, ubomi bezigidi zeentlobo zezityalo nobezilwanyana, kwakunye nempilo nobomi babantu. Ngaphezu koko, kukungakhathaleli ngokupheleleyo abantwana nabazukulwana ekufuneka bejamelene nomhlaba oshiyeke wonakalisiwe. Kwakhona kukungamkhathaleli ngokungenambulelo kwanangokungenabubele Lowo wadala umhlaba waza wawulungiselela ukuba ube likhaya loluntu.

UIsaya 45:18 uchaza uYehova ‘njengoMdali wezulu, yena onguThixo, umenzi wehlabathi, umseki walo, yena walizinzisayo akalidalelanga ukuba kube senyanyeni, walibumba ukuba limiwe.’ Ekuqaleni wabeka umntu emhlabeni ukuba awunyamekele: “UYehova uThixo wamthabatha umntu, wambeka emyezweni we-Eden, ukuba awusebenze, awugcine.” (Genesis 2:15) Nangona wayedalwe efezekile, uAdam wayishiya imfezeko waza wahamba ngayibonayo. Wayishiya imbopheleleko yakhe ‘yokunyamekela umhlaba.’

Oko kusilela kuqhubeke kwaza kuthi ga kumhla wethu, yaye ukonakaliswa okukhoyo komhlaba kuye kwakokuphawulekayo. “UThixo wamenza umntu wathi tye; ke bona bafune ubuqili obuninzi.” (INtshumayeli 7:29) “Isizukulwana esijibilizayo, esibhijeleneyo, sizonakalisile kuye—singenyana bakhe, sisiphako sabo.” (Duteronomi 32:5) Noko ke, umhlaba uya kuqhubeka umiwe, kodwa ungemiwanga sisizukulwana esijibilizayo nesibhijeleneyo. Umdumisi wathi ngexesha elifanelekileyo likaThixo, kuphela ‘ngamalungisa aya kulidla ilifa ilizwe.’—INdumiso 37:29.

Inkxalabo KaYehova Ngomhlaba

Xa uYehova wagqibayo ukudala umhlaba, “wakubona uThixo konke akwenzileyo, nanko, kulungile kunene.” Wayefuna ukuba kuhlale ngolo hlobo. Wayetyale umyezo omhle e-Eden, waza wabeka indoda enguAdam kuwo ukuba iwunyamekele. Izityalo ezazikhula apho zazingazukusetyenziswa ngumntu kuphela. UThixo wathi: “Nezinto zonke eziphilileyo zomhlaba, neentaka zonke zezulu, nezinambuzane zonke ezisemhlabeni, ezinomphefumlo ophilileyo, ndizinike yonke imifuno eluhlaza ukuba ibe kukudla.”—Genesis 1:30, 31.

Xa kamva uMthetho kaMoses wanikelwayo kuSirayeli, wenza ilungiselelo lokunyamekela umhlaba. Unyaka ngamnye wesixhenxe wawuza kuba “yisabatha yesabatha kulo ilizwe.” Oko kwakuzikhulele ebudeni belo xesha kwakungamele kuvunwe kodwa kwakusenziwa kufumaneke kubantu abangamahlwempu nakwizilwanyana zabo zasekhaya nezasendle ezazisezweni labo.”—Levitikus 25:4-7.

Inkxalabo kaYehova ngokulondolozwa kweentlobo zezidalwa yabonakaliswa ngokuba afune kuthatyathwe izilwanyana ngambini ukuze zingeniswe emkhombeni ngexesha loMkhukula womhla kaNowa. Kwakhona loo nkxalabo yayibonwa nakumnqophiso woMthetho. Ngokomzekelo, xa inkomo ibhula kwakufuneka ingabotshwa umlomo. Yayinelungelo lokutya koko kwakulinyiwe. Inkomo ne-esile zazingamele zibotshwe kunye ukuze zilime. Oko kwakuya kuba kukungasicingeli isilwanyana esincinane, esinamandla angaphantsi. Isilwanyana sommelwane esisetyenziselwa ukuthwala imithwalo kwakufuneka sincedwe xa sicinezelekile, enoba umnini waso wayelutshaba lwaloo mntu yaye enoba kwakuthetha ukwenza umsebenzi othile ngeSabatha. (Eksodus 23:4, 5; Duteronomi 22:1, 2, 10; 25:4; Luka 14:5) Amaqanda okanye amantshontsho entaka ayenokuthatyathwa endlwini yayo, kodwa kungekhona unina. Kwakufuneka ahlale ukuze aqhubeke evelisa olo hlobo lweentaka. Yaye uYesu wathi nangona ungqatyana wayenexabiso eliphantsi, ‘akukho namnye wabo owa emhlabeni uThixo engamazi.’—Mateyu 10:29, NW; Duteronomi 22:6, 7.

Umdumisi ophefumlelweyo wathi: “Amazulu ngamazulu kaYehova, ihlabathi ulinike oonyana babantu.” (INdumiso 115:16) UYesu wathi kuMateyu 5:5: “Banoyolo abanobulali; ngokuba umhlaba baya kuwudla ilifa bona.” Ngaba ucinga ukuba eli lifa livela kuYehova liya kuba ngumhlaba owonakalisiweyo? Ukuba ubunendlu entle obuza kuyishiyela abantwana bakho, ngaba ubuya kuvumela ukuba kuhlale kuyo abantu ababeyonakalisa loo ndlu nomhlaba oyingqongileyo baqhubeke behlala kuyo? Kunoko, ngaba ubungayi kubakhupha uze uyilungise ngaphambi kokuyishiyela abantwana bakho?

Oko koko uYehova wakwenzayo ngaphambi kokubeka amaSirayeli kwilizwe awayewathembise lona. AmaKanan ngokuziphatha kwawo okubi alonakalisa ilizwe, yaye ngeso sizathu uYehova wawakhupha. Kwangaxeshanye, wawalumkisa amaSirayeli esithi ukuba aye alonakalisa ilizwe njengokuba amaKanan enzayo, nawo ayeya kukhutshwa. Le ngxelo ibhalwe kwiLevitikus 18:24-28:

“Musani ukuzenza inqambi ngezo nto zonke [ukulalana kwabantu abazalanayo, ubufanasini, ukulalana nezilwanyana, ityala legazi]; kuba zenziwa iinqambi ngezo nto zonke iintlanga endizigxothayo ebusweni benu. Lenziwe inqambi nelizwe elo; ndiyabuvelela ubugwenxa babo phezu kwabo, nelizwe liyabahlanza abemi balo. Ize niyigcine imimiselo yam namasiko am nina, ningenzi nalinye kuloo masikizi, kwaozalelwe ekhaya, nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu. Kuba onke loo masikizi bawenzile abantu belo zwe abaphambi kwenu, lenziwa inqambi ilizwe; ukuze linganihlanzi ilizwe ngokulenza kwenu inqambi, njengoko liluhlanzileyo uhlanga oluphambi kwenu.”

Noko ke, amaSirayeli alonakalisa ilizwe ngokwenza oko kuziphatha okubi amaKanan ayekwenza. Ngokwelizwi lakhe, uYehova wawakhupha amaSirayeli ngokuthumela amaBhabhiloni ukuba awathimbele eBhabhiloni. Kudala ngaphambi kokuba oku kwenzeke, ngomprofeti kaYehova uIsaya kwanikelwa esi silumkiso kumaSirayeli: “Yabona uYehova ulithi qongqololo ihlabathi, ulenza amagqagala, uyabuphethula ubuso balo, uyabachithachitha abemi balo. Ihlabathi lihlanjelwe ngaphantsi kwabemi balo; ngokokuba beyigqithile imiyalelo, badlula emimiselweni, bawaphula umnqophiso ongunaphakade. Ngenxa yoko lidliwe ihlabathi kukuqalekiswa, bathwele ityala abemiyo kulo; ngenxa yoko baphanzile abemi behlabathi, kwasala abantu abambalwa.”—Isaya 24:1, 5, 6.

Ukonakaliswa Kwabo Bawonakalisayo Umhlaba

Namhlanje sikwimeko efanayo. Iincwadi, amaphephancwadi, amaphephandaba, umabonwakude, iivideo namaziko eendaba ngokubanzi abonisa ibutho labantu eliziphethe kakubi ngokwesini, elinogonyamelo nenkohlakalo, nelinganyanisekanga ngokwezopolitiko. Amaqumrhu ezorhwebo abawayo aziphethe kakubi onakalisa intlalo, ade athumele iimveliso eziyekiweyo ukusetyenziswa kumazwe awo atyebileyo kuba zisonakalisa impilo kumazwe asakhasayo apho kungekho lukhuseleko lulolo hlobo lusebenzayo. AmaKristu ayalunyukiswa ukuba aliphephe ikhondo elinjalo:

“Ke ngoko, oku ndiyakuthetha ndikungqine ndiseNkosini, ukuthi, maningabi sahamba njengoko zihamba ngako nezinye iintlanga, ngamampunge engqiqo yazo, zenziwe mnyama iingqondo, zingazani nobomi bukaThixo ngenxa yokungazi okukuzo, ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yazo; abathe bona, bengasaziva, bazinikela eburheletyweni, ukuze basebenze ukungcola konke, bebawa.”—Efese 4:17-19; 2 Timoti 3:1-5.

Umoya wabantu nentlalo yabo zonakalisiwe. Umhlaba unezinto ezikuwo zokulawula nokulungelelanisa yonke into. Ngenxa yokuwela komntu esonweni, isazela somntu, into yakhe engaphakathi emlawulayo, siye sonakaliswa, nto leyo ekhokelela ekonakalisweni komhlaba. Ngoku, nguThixo kuphela onokulawula umntu. NguThixo kuphela onokusindisa umhlaba. KwiSityhilelo 11:18, sinesiqinisekiso sokuba uya kwenjenjalo, apho uYehova uThixo athembisa ukuba ‘uya konakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.’

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share