Isixhobo Esitsha Sokulwa Nesifo Seengcongconi
NJENGOKUBA kwanikelwa ingxelo kuVukani! (wesiNgesi) kaMeyi 8, 1993, isifo seengcongconi siphinde sangubhubhani ehlabathini. IThe New York Times (kaMatshi 23, 1993) yanikela ingxelo yokuba “kunyaka ophelileyo iBrazil yachaza ukuba kwakukho amaxhoba esifo seengcongconi angama-560 000.” Nyaka ngamnye abantu baseBrazil abangama-8 000 babulawa sisifo seengcongconi. Ngoku umphandi waseColombia, uGqr. Manuel Elkin Patarroyo, uze nento eyahlukileyo—umxube wamachiza okugonya obiza iisenti ezingama-90 kuphela amathamo amathathu. UGqr. Patarroyo wathi: “Ubiza ngaphantsi kwesiselo esiyiCoca-Cola [eColombia].” Okwangoku ungqineke usebenza kumaxhoba amalunga nama-67 ekhulwini anyangwe ngawo. Nangona ungesosicombululo ngokupheleleyo kwisifo seengcongconi esibulalayo, ubonakala unegalelo elikhulu kumlo nxamnye nesifo seengcongconi.