Ngubani Okhotyokiswayo, Yaye Ngasiphi Isizathu?
MASITHI ngoxa uqhuba inqwelo-mafutha yakho kuhola wendlela, uva ingxolo engaqhelekanga isitsho kwinjini. Yintoni oya kuyenza? Ngaba uya kuyivula ngaphambili uze uhlole ingxaki? Okanye ngaba uya kusuka nje unyuse unomathotholo ukuze agqumelele loo ngxolo?
Impendulo izicacele, ukanti abantu abangamakhoboka basoloko besenza ukhetho oluphosakeleyo—kungekhona ngeenqwelo-mafutha zabo, kodwa ngobomi babo. Besebenzisa izinto ezikhobokisayo ezinjengeziyobisi, utywala, kwanokutya, abaninzi bazama ukuzigqumelela iingxaki zabo zobuqu endaweni yokuhlangabezana nazo ngokuphumelelayo.
Umntu angazazi njani ukuba ukhotyokisiwe? Omnye ugqirha ukuchaza ukukhotyokiswa ngale ndlela: “Ngokusisiseko, ukusebenzisa isiyobisi okanye ukwenza into ethile kuyakukhobokisa ukuba kukubangela iingxaki ebomini bakho kodwa uqhubeke ukwenza.”
Ukuba kunjalo, inkulu kakhulu ingxaki ekhoyo ngaphambili kwinqwelo-mafutha yakho, ngokungathi kunjalo, efuna ukuhlolisiswa ngaphambi kokuba ukukhotyokiswa kuguqulwe.
Iziyobisi Notywala
Yintoni le ibangela umntu abe likhoboka leziyobisi notywala? Oonobangela abaphawulekayo idla ngokuba yingcinezelo yoontanga nokufun’ ukwazi izinto, ngokukodwa kulutsha. Eneneni, isizathu sokuba abantu abaninzi bakhotyokiswe lunxulumano lwabo olubi nabo basebenzisa kakubi utywala neziyobisi. (1 Korinte 15:33) Oku kulwenza lucace olunye uhlolisiso lwaseUnited States olwatyhila ukuba ama-41 ekhulwini abafundi abagqibezelayo kwisikolo samabanga aphakamileyo baba neembutho ezinotywala rhoqo emva kweeveki ezimbini.
Noko ke, kukho umahluko phakathi kokusebenzisa kakubi nokukhotyokiswa yinto ethile. Inkoliso yabantu abasebenzisa kakubi into ethile abakhotyokiswanga yiyo.a Aba banokuyeka ukuyisebenzisa kakubi loo nto kuze kungabikho nento ebanyanzelela ukuba baphinde bayisebenzise. Kodwa abo bakhotyokisiweyo bafumanisa ukuba abakwazi ukuyiyeka. Ngokubhekele phaya, naluphi na ulonwabo ababekhe banalo lugqunyelelwa kukunxuba. Incwadi ethi Addictions iyacacisa: “Ikhondo eliqhelekileyo labo bangamakhoboka likukuba, kwinqanaba elithile ebudeni bekhondo lokukhotyokiswa kwabo, baqalisa ukuzicaphukela, yaye bathuthunjiswa kanobom ligunya ukukhotyokiswa okuye kwanalo kubo.”
Abaninzi abaxhomekeke kutywala okanye iziyobisi ezi zinto bazisebenzisa njengeendlela zokuphuncula kwiingxaki ezingokweemvakalelo. Ezo ngxaki zixhaphake gqitha namhlanje. Ibe oku akufanele kusimangalise kangako, ekubeni iBhayibhile iyichaza le mihla ‘njengemihla yokugqibela’ yale nkqubo yezinto, apho kuya kubakho “amaxesha anomngcipheko.” IBhayibhile yaxela kwangaphambili yathi abantu babeya kuba ‘ngabathandi bemali,’ “abakratshi,” “abangengcwele,” “izibhoja,” “abancethezi,” ‘nabathiwe lwale likratshi.’ (2 Timoti 3:1-4) Ezi zinto zibangele kwalula ukuba abantu bakhotyokiswe.
Iingxaki ezingokweemvakalelo zikaSusan zabangelwa yimpatho-mbi awayifumana ngaphambili. Ngaloo ndlela, wabhenela ekusebenziseni icocaine. Uthi: “Yayindiqhatha indenze ndizive ndikwazi ukuzilawula yaye ndizixabisa. Yayindenza ndizive ndinamandla endandingasoloko ndinawo imihla yonke.”
Olunye uhlolisiso olwenziwa kubafana abakwishumi elivisayo abakhotyokisiweyo lwatyhila ukuba umfana omnye kwabathathu kubo ubephethwe kakubi ngokwasemzimbeni. Kolunye uhlolisiso olwenziwa kumabhinqa akhulileyo akhotyokiswe butywala ali-178 kwafunyaniswa ukuba angama-88 ekhulwini kuwo ayephethwe kakubi gqitha ngandlel’ ithile. KwiNtshumayeli 7:7 iBhayibhile ithi: “Ukucudisa kugezisa isilumko.” Umntu obandezelekileyo ngokweemvakalelo ngenxa yamava amasikizi obomi bakhe kamva usenokuzilahlela kwiziyobisi okanye kutywala ukuze acime iintsizi.
Kodwa iziyobisi notywala asikuphela kwezinto ezikhobokisa abantu.
Ukutya Ngokungalungelelananga
Ukutya ngokungalungelelananga (ezinye iingcali ezikubiza ngokuba kukukhotyokiswa) maxa wambi kuba yinto yokukuyolisa xa ungonwabanga. Ngokomzekelo, bambi basebenzisa ukutyeba njengesebe lenkawu xa izinto zingahambi kakuhle ebomini babo. UJennie uthi: “Maxa wambi ndicinga ukuba ndiza kuhlala ndityebile kuba nayiphi na into engahambi kakuhle ebomini bam ndiya kutyhola oku kutyeba. Ngenxa yoku ukuba ubani akandithandi, ndinokusoloko ndityhola oku kutyeba kwam.”
Kwabanye, ukutya kunikela imvakalelo engachananga yokukwazi ukuzilawula.b Ukutya kusenokuba yeyona nto umntu aziva ekwazi ukuyilawula. Abaninzi abatya ngokungalungelelananga bacinga ukuba ngandlel’ ithile banesiphako. Ukuze bazive befanelekile, bazama ukoyisa umnqweno womzimba wokufuna ukutya. Elinye ibhinqa lathi: “Uzakhela ubukumkani emzimbeni wakho onokuthi kuwo ube yingqwayingqwayi, uzwilakhe ngokupheleleyo.”
La mava angasentla asingawo kuphela acacisa ngokupheleleyo indlela ezikhobokisa ngayo iziyobisi, utywala nokutya. Basenokuba bakho nabanye oothunywashe ababandanyekileyo. Ezinye iingcali zityhola umzila wemfuza njengowenza abanye abantu babe sesichengeni sokuba ngamakhoboka ngakumbi kunabanye. UJack Henningfield weZiko Lesizwe Lokusetyenziswa Kakubi Kweziyobisi uthi: “Le nto ikhoyo ngoku yimpembelelo yobuntu, yemekobume, yebhayoloji neyezinto ezamkelwayo ekuhlaleni. Asifuni kubhanxwa kukujonga nje isibakala esinye kuphela.”
Enoba imeko iyintoni na, akukho mntu ukhotyokisiweyo—kungakhathaliseki ukuba ukhotyokiswe yintoni na—ekungekho themba lokuba uya kuze ancedakale ngokwenyama okanye ngokweemvakalelo. Lukho uncedo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Kambe ke, ukusebenzisa kakubi utywala okanye ezinye iziyobisi—enoba kukhokelela ekukhotyokisweni okanye akunjalo—kuyangcolisa yaye amaKristu amele akuphephe.—2 Korinte 7:1.
b Inkcazelo eyongezelelekileyo engokutya ngokungalungelelananga inokufunyanwa kuVukani! (wesiNgesi) kaDisemba 22, 1990, nokaMatshi 8, 1992.
[Ibhokisi ekwiphepha 14]
Isibetho Sokukhotyokiswa Esisehlabathini Lonke
◼ Uhlolisiso olwenziwa eMexico lwatyhila ukuba umntu omnye kwabasibhozo abaphakathi kweminyaka eli-14 nengama-65 ukhotyokiswe butywala.
◼ Unontlalo-ntle uSarita Broden unikela ingxelo ngokwanda kokutya ngokungalungelelananga eJapan. Uthi: “Phakathi kowe-1940 nowe-1965, ukutya ngokungalungelelananga kwanda ngokuthe ngcembe ekwathi kamva phakathi kowe-1965 nowe-1981 kwantinga kubaguli abalele esibhedlele nabangaphandle. Noko ke, ukususela ngowe-1981 kuye kwaphawuleka ukwanda kwesigulo sokungatyi ne-bulimia.”
◼ ETshayina kubonakala ngathi inani labasebenzisa iheroin landa ngokukhawuleza. UGqr. Li Jianhua, osebenza kwiZiko LaseKunming Lophando Ngokusetyenziswa Kakubi Kweziyobisi, uthi: “I-heroin yande isusela kwimida yeli lizwe yangena ngaphakathi, isuka emaphandleni yangena ezixekweni, yaye isetyenziswa ngabantu abaselula nabancinane.”
◼ EZurich, eSwitzerland, ishishini elilingwayo leziyobisi ezithengiswa ekuhleni lazisa impoxeko. UGqr. Albert Weittstein ekhalazela ukuba bona babetsala nje abo basebenzisa iziyobisi abasuka kude, uthi: “Besicinga ukuba siza kubafumana abo basebenzisa iziyobisi, kodwa satsho phantsi.”