Iinkwenkwezi Zinomyalezo Wakho!
NJENGOKUBA kubonisiwe kumanqaku andulelayo, phezu kwabo nje ubuqaqawuli iinkwenkwezi ezinabo, umntu wayedalelwe ukuba azijonge ngendlela eziyiyo—izinto ezingenabomi ezibekwe ezulwini nguMdali ukwenzela injongo yakhe. Zazingafanelanga zinqulwe. Njengenxalenye eyimfuneko yendalo kaYehova emangalisayo elawulwa yimithetho yakhe, iinkwenkwezi zaziza ‘kubalisa uzuko lukaThixo’ yaye kwangaxeshanye zibe ngumthombo wokukhanyisela umntu njengokuba ephumeza iinjongo zoMdali ngaye.—INdumiso 19:1; Duteronomi 4:19.
EBhayibhileni sifunda oku: “Maze kungafunyanwa namnye kuwe . . . novumisayo, nolitola, nohlaba izihlabo, nokhafulayo, nobopha ngomabophe, nobuza koneshologu, nosiyazi, noquqela kwabafileyo. Kuba balisikizi kuYehova bonke abenza ezo zinto.” (Duteronomi 18:10-12) UIsaya wathi: “Mabamise kaloku, bakusindise oonocanda bezulu, oojongiinkwenkwezi . . . Yabona, basuke baba njengeendiza.”—Isaya 47:13, 14.
Esinokukufunda Kwiinkwenkwezi
Noko ke, iinkwenkwezi ezingenabomi zinokusixelela into ethile ukuba sikulungele ukuziphulaphula. UEdwin Way Teale wabhala oku: “Iinkwenkwezi zisixelela indlela amncinane ngayo umntu ixesha elide elingunaphakade.” Ewe, xa siqonda ukuba uninzi lweenkwenkwezi esizibonayo ngeliso lenyama kubusuku obuzolileyo zazibonwa ngookhokho bethu kwiinkulungwane ezadlulayo, ngaba oko akusenzi sithobeke? Ngaba asiziva simhlonela lowo unoBungangamsha owazidalayo “ekuqalekeni” owathi kamva wadala uluntu? UKumkani uDavide wakwaSirayeli ngentlonelo wabhala oku: “Xa ndilikhangelayo izulu lakho, umsebenzi weminwe yakho, inyanga neenkwenkwezi ozimisileyo: uyintoni na umntu lo, le nto umkhumbulelayo? Unyana womntu, le nto umvelelayo?” Amazulu afanele asenze sithobeke aze asenze sizibuze ngoko sikwenzayo ngobomi bethu.—Genesis 1:1; INdumiso 8:3, 4.
Ngesinye isihlandlo uDavide wathandaza: “Ndifundise ukwenza ikholo lakho, ngokuba unguThixo wam.” (INdumiso 143:10) Ingxelo yobomi bukaDavide ibonisa ukuba umthandazo wakhe waphendulwa. Wafunda ukwenza ukuthanda kukaThixo njengokuba kwandlalwe kuMthetho Wakhe. Wakwafunda ngenjongo yoMdali ngoluntu, ibe wayibhala. “Kusaya kuba mzuzwana, angabikho ongendawo; . . . Ke bona abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe, baziyolise ngobuninzi boxolo. . . . Suka ebubini, wenze okulungileyo, uhlale ngonaphakade. . . . Amalungisa aya kulidla ilifa ilizwe, ahlale kulo ngonaphakade.” Ukwazi loo njongo kuzisa imbopheleleko: “Suka ebubini, wenze okulungileyo.”—INdumiso 37:10, 11, 27-29.
Iinkwenkwezi zinomyalezo ofanayo kulo lonke uluntu. Ngaphandle kokuzinqula okanye “ukuziquqela,” sinokubona uthando, ubulumko namandla oMdali aboniswa zizo. Ukuhlolisisa inzululwazi ngeenkwenkwezi, engekuko ukuvumisa ngeenkwenkwezi, kufanele kubethelele intlonelo ezintliziyweni zethu. Kodwa ngaphezu koko, ngaba akubetheleli kuthi umnqweno wokufunda okungakumbi ngoThixo? Uye walungiselela iLizwi lakhe, iBhayibhile, kanye ngaloo njongo. Ukuba uye wawuqonda lo myalezo weenkwenkwezi, ungafunda oko uYehova akugcinele uluntu yaye, okubaluleke ngakumbi, ngendlela onokuba nesabelo ngayo kwiintsikelelo azilungiselele lona. Ukuba unemibuzo ngoThixo nangenjongo yobomi, zive ukhululekile ukuqhagamshelana namaNgqina kaYehova kummandla okuwo, okanye ubhalele kwikhelingi ekufutshane kuwe eboniswe kwiphepha 5.
[Umfanekiso okwiphepha 8]
Iinkwenkwezi zinokusifundisa ukuthobeka