IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g94 12/8 iphe. 10-13
  • Ngaba Ungumphulaphuli Onovelwano?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ungumphulaphuli Onovelwano?
  • Vukani!—1994
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Nikela Ingqalelo Ngokupheleleyo
  • Bonisa Ukuqonda
  • Abaphulaphuli Abalungileyo Nabo Bayathetha!
  • Ubuchule Bokuphulaphula Ngothando
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Xelisa Oyena Menzi Wabafundi Ubalaseleyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Ndimele Ndenze Ntoni Xa Abanye Bendixelela Iingxaki Zabo?
    Vukani!—2005
  • Indlela Yokuphulaphula Kakuhle
    Vukani!—2013
Khangela Okunye
Vukani!—1994
g94 12/8 iphe. 10-13

Ngaba Ungumphulaphuli Onovelwano?

KHAWUZITHELEKELELE unentywenka yemali uze unike wonke umntu ebomini bakho isipho esinexabiso elikhulu. Hayi indlela abebeya kuvuya baze babe noxabiso ngayo! Eneneni, unako ukubanika abanye isipho esikhethekileyo, okuthile abakufuna ngokwenene. Asibizi nesent’ emdaka. Siyintoni? Siyingqalelo yakho. Inkoliso yabantu ifuna ingqalelo yaye isabela ngoxabiso xa iyifumana. Noko ke, ukuze unikele ingqalelo ngokwenene, umele ube ngumphulaphuli onovelwano.

Ukuba ungumzali okanye umqeshi okanye ukuso nasiphi na isikhundla abathi abantu baze kufuna icebiso nolwalathiso kuwe, ufanele uphulaphule ngovelwano. Ukuba akwenzi njalo, abantu baya kukubona ukungabi naluvelwano kwakho, yaye ngenxa yoko bangabi nakukuthemba.

Kwanokuba akusoloko ucelwa icebiso, kusafuneka ubaphulaphule ngovelwano abantu, njengaxa umhlobo esiza kufuna intuthuzelo kuwe. Njengokuba umzekeliso weBhayibhile usitsho, ukusilela ukuphulaphula ngaphambi kokuba uthethe kunokuphumela kwihlazo. (IMizekeliso 18:13) Ngoko ke, ziziphi ezinye iindlela onokuzibonakalisa ngazo ukuba ungumphulaphuli onovelwano?

Nikela Ingqalelo Ngokupheleleyo

Yintoni umphulaphuli onovelwano? IWebster’s New Collegiate Dictionary iluchaza ngolu hlobo “uvelwano”: “Bubuchule bokuvakalelwa okanye ukucinga ngendlela omnye acinga ngayo.” Kwaesi sichazi-magama sikuchaza “ukuphulaphula” ngolu hlobo: “Kukuva unikele ingqalelo ngolwazelelelo.” Ngoko umphulaphuli onovelwano wenza okungaphezu kokuva oko kuthethwa ngomnye umntu. Unikela ingqalelo aze abelane naloo mntu ngeengcinga neemvakalelo zakhe.

Oku kufuna unikele ingqalelo ngokupheleleyo koko ukuvayo, ungavumeli ingqondo yakho ibhadule. Kwanokucinga ngendlela oya kuphendula ngayo kukwenza ungaphulaphuli kakuhle. Ziqeqeshele ukuhlala unikele ingqalelo koko kuthethwa ngomnye umntu.

Jonga ngqo kulo mntu uthetha nawe. Ukuba amehlo akho ayazulazula, uya kubonakala ngathi akunamdla. Qwalasela izimbo zakhe zomzimba. Ngaba uncumile okanye ukhathazekile? Ngaba amehlo akhe abonisa ukuba wonwabile, ulusizi okanye uxinezelekile? Ngaba oko angakuthethanga kubalulekile? Musa ukuxhalela indlela oza kuphendula ngayo; iya kuphuma ngokuzenzekelayo ngenxa yokuphulaphula kwakho ngenyameko.

Ngoxa uphulaphule, usenokunqwala intloko uze usebenzise amazwi abonisa ukuba uphulaphule, njengokuthi ‘ndiyabona’ nokuthi ‘ndiyaqonda.’ Oku kunokubonisa ukuba uyeva. Noko ke, musa ukucinga ukuba ukunqwala intloko namazwi abonisa ukuba uyeva aya kwenza abantu bacinge ukuba uphulaphule ngoxa eneneni ungaphulaphulanga. Eneneni, ukusoloko unqwala intloko ngokuphindaphindiweyo kunokudiza ukungabi namonde. Kufana nokuthi, ‘Khawulezisa. Thetha le nto ufuna ukuyithetha ngokukhawuleza. Gqiba.’

Nokuba imeko iyintoni na, akufuneki uyixhalabele ngokugqithisileyo inkqubo yokuphulaphula. Phulaphula ngokunyanisekileyo, yaye iimpendulo zakho ziya kubonakalisa ukunyaniseka kwakho.

Kwakhona imibuzo efanelekileyo ibonisa ukuba unikele ingqalelo ngokupheleleyo yaye uyeva. Ibonisa ukuba unomdla. Cela ingcaciso kwiingongoma ezingakhankanywanga okanye ezingacacanga. Buza imibuzo ebangela loo mntu acacise aze avakalise izimvo zakhe ngokubhekele phaya. Musa ukuzikhathaza ngokuba maxa wambi usenokumbeth’ emlonyeni, kodwa musa ukukwenza ngokugqithisileyo oko. Ukuziqonda ngokucacileyo izinto kuyinxalenye yendlela yokuphulaphula. Ukuba akusoloko umbeth’ emlonyeni ngokugqithisileyo, loo mntu uya kuwuxabisa umnqweno wakho wokuqonda ngokuzeleyo konke oko akuthethayo.

Bonisa Ukuqonda

Le isenokuba yeyona nto inzima, kwanokuba uvelana ngokwenene naloo mntu uthetha nawe. Xa umntu obandezelekileyo esiza kuwe, ngaba usuka ngokukhawuleza unikele amacebiso nezicombululo ocinga ukuba ziya kusebenza? Ngaba ngokukhawuleza uye umxelele ukuba loo meko ayimbanga kangako xa ithelekiswa nokubandezeleka komnye umntu? Oku kusenokubonakala kuluncedo, kodwa kusenokuba nesiphumo esingesihle.

Kukho izizathu eziliqela ezisenokukubangela uyeke ukuphulaphula uze uqalise ukunikela isicombululo. Usenokucinga ukuba ukunikela kwakho amacebiso ngehlombe koko kanye kufunekayo ukuze kwenze loo mntu azive ebhetele. Okanye usenokuvakalelwa kukuba kungumsebenzi wakho “ukulungisa” nantoni na “eyonakeleyo” yaye ukuba akwenzi njalo, akuloncedo kwaphela okanye ‘akuwenzi umsebenzi wakho.’

Phofu ke, ukunikela uthotho lwezicombululo kwasekuqaleni, kudla ngokugqithisela izigidimi ezidimazayo, ezinjengezi, ‘Ndiyaqonda ukuba le ngxaki yakho ayinzima njengokuba uyibeka wena.’ Okanye, ‘Ndinomdla ngakumbi kudumo lwam oluhle njengomcombululi weengxaki kunempilo-ntle yakho.’ Okanye, mhlawumbi, ‘Andiqondi kwaphela—yaye andifuni kuqonda.’ Ukuthelekisa ingxaki yalowo ubandezelekileyo nezabanye ngokuqhelekileyo kufana nokuthi, ‘Ufanele uzive uneentloni ngokuziva ukhathazekile ngoxa abanye abantu bebandezeleka ngaphezu kwakho.’

Ukuba uthi ungaqondanga ugqithisele izigidimi ezidimaza ngolo hlobo, umhlobo wakho uya kuvakalelwa kukuba akumvanga kakuhle, nokuba akuqondi. Usenokugqiba kwelithi wena ucinga ukuba uphucukile kunaye. Kwixa elizayo, uya kuphethukela komnye umntu xa efuna intuthuzelo.—Filipi 2:3, 4.

Kuthekani ukuba umhlobo wakho ukhathazekile ngokungeyomfuneko? Ngokomzekelo, usenokuziva enetyala ngaphandle kwesizathu esibambekayo. Ngaba ufanele ngokukhawuleza umxelele oku ukuze aqalise ukukhuthazeka? Akunjalo, kuba ukuba akumphulaphulanga kuqala, ukumkhuthaza kwakho akuyi kumthuthuzela kangako. Kunokuba afumane isiqabu, usaya kuvakalelwa kukuba akakawuthuli umthwalo wakhe, nokuba usalithwele ityala lakhe. Kunjengokuba isithandi sobulumko senkulungwane ye-19 uHenry David Thoreau sakubeka ngolu hlobo oku: “kubandakanya abantu ababini ukuchaza inyaniso: omnye uyayithetha aze omnye ayive.”

Hayi indlela olufaneleke ngayo ulwalathiso lweBhayibhile: ‘Yenza msinya ukuva, wenze kade ukuthetha.’ (Yakobi 1:19) Yaye kwakhona kubaluleke gqitha ukuphulaphula ngovelwano! Vakalelwa ngendlela avakalelwa ngayo umntu ozityand’ igila kuwe. Buvume ubunzima bengxaki yakhe, ubunzulu bembandezelo yakhe. Musa ukuyenza ncinane ingxaki yakhe ngamazwi anjengala, ‘Hayi noko, ingxaki yakho iza kudlula’ okanye ‘Izinto azimbi kangako.’ Okubi ngakumbi kukuba, oko kuzenza ncinane izinto kusenokumenza akhathazeke ngakumbi. Uya kudana ngenxa yokuba ungakuthabathi nzulu oko akuthethayo. Ngoko iimpendulo zakho mazibonise ukuba uyakuva oko kuthethwayo yaye uyaqonda ukuba leyo yindlela avakalelwa ngayo okwangoku.

Ukuphulaphula ngovelwano akuthethi kuthi uvumelana naloo mntu uzityand’ igila kuwe. Usenokukholelwa kwelokuba umntu akanasizathu sakudanduluka athi, “Ndiwuthiyile umsebenzi wam!” Kodwa ukuba usabela ngokuchasene noko (‘Akufanele uzive ngaloo ndlela’) okanye ngokwala (‘Akunakuyithetha loo nto’), uya kugqiba ekubeni akuqondi. Amagqabaza akho amele abonise ukuba uyaqonda. Kumntu owuthiyileyo umsebenzi wakhe, usenokuthi, ‘Umele ukuba unzima.’ Yandula ke ucele ukuba acacise. Ngaloo ndlela akuvumi ukuba ufanele awuthiye umsebenzi wakhe kodwa uyavuma ukuba le yindlela avakalelwa ngayo okwangoku. Ngaloo ndlela umenza onwabe kuba ephulaphulwe, wazityand’ igila ngokupheleleyo. Ngokufuthi, ukwabelana ngengxaki kusenokuyinciphisa.

Ngokufanayo, umntu othi, “Namhlanje umfazi wam uza kuxilongwa,” usenokuba uthetha ukuthi, “Ndixhalabile.” Impendulo yakho mayikwamkele oku. Ibonisa ukuba uphulaphule intsingiselo yamazwi akhe, nto leyo ethuthuzela kakhulu kunokuba ungayisi so intsingiselo yamazwi akhe, uyiphikise, okanye uzame ukumlungisa ngokumxelela ukuba akafanele axhalabe.—Roma 12:15.

Abaphulaphuli Abalungileyo Nabo Bayathetha!

IThe Art of Conversation ithetha ngabo baphulaphulayo kodwa bathethe nje kancinane, “becinga ukuba oko kubenza bakhangeleke benesidima.” Oku kubangela omnye umntu athethe yedwa, nto leyo ekrwada. Kwelinye icala, ikwabubukrwada, yaye kuyadika, ukuba umntu omphulaphuleyo uthetha angayeki engakuvumeli wena uvakalise izimvo zakho. Ngoko, ngoxa ufanele ube ngumphulaphuli olungileyo, kufuneka umenze loo mntu azi ukuba unokuthile okuluncedo ofuna ukukuthetha.

Yintoni onokuyithetha? Wakuba ukuphulaphule ngentlonelo oko kuthethwa ngumhlobo wakho, ngaba ngoku umele unikele icebiso? Ukuba uyakufanelekela ukulinikela, mhlawumbi unokulinikela. Ukuba unaso isicombululo sokushenxisa ingxaki yomhlobo wakho, ngokuqinisekileyo ufanele wabelane naye ngaso. Amazwi akho aya kuba nempembelelo, ekubeni uye wazinika ixesha lokuphulaphula kuqala. Ukuba akunazo iimfaneleko ezifunekayo ukuze unike umhlobo wakho uhlobo lolwalathiso okanye uncedo alufunayo, zama ukumdibanisa nomntu okwisikhundla sokulunikela.

Phofu ke, kwezinye iimeko, icebiso aliyomfuneko yaye alicelwa. Ngoko kulumkele ukuwugalel’ amanzi umgudu wakho omhle wokuphulaphula ngokongezelela amazwi amaninzi. Kusenokuba kufuneka nje umhlobo wakho anyamezele imeko engalawulekiyo okanye azinike ixesha lokuba ekugqibeleni oyise iimvakalelo zakhe ezidakumbisayo. Uze kuwe ukuze abelane nawe ngengxaki yakhe. Wena waphulaphula. Wavakalelwa ngendlela avakalelwa ngayo, umqinisekisa ukuba unenkxalabo yaye uya kucinga ngaye yaye uya kumthandazela. Mazise ukuba wamkelekile ukuza kuwe kwakhona yaye akuyi kuthetha ngayo kwabanye ingxaki yakhe. Kunokwenzeka ukuba ufuna intuthuzelo enjalo ngaphezu kokuba efuna ukuba uzame ukulungisa ingxaki yakhe.—IMizekeliso 10:19; 17:17; 1 Tesalonika 5:14.

Enoba ukuphulaphula kuhamba necebiso okanye akunjalo, kungenelwa abo babandakanyekileyo bobabini. Lowo uthethayo unolwaneliseko lokuphulaphulwa nokuqondwa. Uyathuthuzelwa kukwazi ukuba kukho umntu okhathalayo ofuna ukuva konke afuna ukukuthetha. Nomphulaphuli uyavuzwa. Abanye bayayixabisa inkxalabo yakhe. Ukuba unikela icebiso, lithenjwa ngakumbi kuba akathethi de ayiqonde ngokupheleleyo imeko eziswe engqalelweni yakhe. Liyinyaniso elokuba ukuphulaphula ngovelwano kufuna ixesha. Kodwa hayi indlela ekuxabiseke ngayo! Eneneni, ngokunika abantu ingqalelo yakho yolwazelelelo, ubanika isipho esikhethekileyo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share