Ukudinwa Engqondweni Nasemzimbeni—Ngubani Osesichengeni Yaye Ngoba?
KHAWUZITHELEKELELE ungumsebenzi waseofisini onentsapho—okanye mhlawumbi nawe unguye. Umsebenzi uyimfumba phezu kwedesika yakho. Imfonomfono ikhala okokoko ibe izinto ezifunwa ngabathengi phantse azifikeleleki. Umphathi wakho akakholiswa kukungafikeleli kwakho umsebenzi olindeleke ukuba uwugqibe. Unyana wakho usenkathazweni esikolweni. Umfundisi-ntsapho ufuna ukukubona ngokukhawuleza. Iqabane lakho xa ucela uncedo alikukhathalele. Xa imeko ibonakala ingalawuleki, uxinezeleko luba lunxunguphalo, luhlahlela indlela ukudinwa engqondweni nasemzimbeni.
Ngaba ukudinwa engqondweni nasemzimbeni kubangelwa kukusebenza kakhulu? UAnn McGee-Cooper, umphengululi ngezengqondo, wachaza ukuba ukudinwa engqondweni nasemzimbeni “kubangelwa kukuphila ngokungalungelelananga, okwenzeka xa usebenza ungaphumli.” Noko ke, ukusebenza kakhulu, asikuphela kothunywashe; ngoxa bethubeleza phantsi kwengcinezelo neemeko ezifanayo, abanye bayadinwa engqondweni nasemzimbeni ngoxa abanye bengadinwa.
Abo Kulindeleke Babe Ngamaxhoba Okudinwa Engqondweni Nasemzimbeni
Kanye njengokuba kukho abantu ekulindeleke ukuba basulelwe sisifo esithile, kukho uhlobo lwabantu ekulindeleke ukuba badinwe engqondweni nasemzimbeni. UElliot Aronson, ongunjingalwazi kwizifundo zengqondo kwiUniversity of California uthi: “Ukuze udinwe engqondweni nasemzimbeni kuqala umele ube nenzondelelo kakhulu entweni ethile.” Ngoko abo basesichengeni sokudinwa engqondweni nasemzimbeni banenzondelelo kakhulu kusukelo neengcamango eziphakamileyo. Kuthiwa abo badinwa engqondweni nasemzimbeni ngokufuthi ngabo basebenzi basebenza kakhulu kwiinkampani zabo.
Eshwankathela ubuntu babo kulindeleke babe ngamaxhoba okudinwa engqondweni nasemzimbeni, uNjingalwazi uFumiaki Inaoka weJapanese Red Cross College of Nursing, wabhala oku kwincwadi ethi, Moetsukishokogun (Isifo Sokudinwa Engqondweni Nasemzimbeni): “Abo basesichengeni sokudinwa engqondweni nasemzimbeni banotyekelo olunamandla lokuba novelwano, lobuntu, lokucaphuka msinya, lokuzinikela yaye banosukelo. Ngokungathi kunjalo, abanamdla koomatshini kodwa ‘banomdla ebantwini.’”
Icelwa ukuba yenze uhlolisiso lokubona abo basemngciphekweni wokudinwa engqondweni nasemzimbeni, enye ingcali yachaza ukuba endaweni yoko uhlolisiso lufanele lusetyenziswe njengomlinganiselo wokuqesha. Yathi: “Into ekufuneka iinkampani ziyenze kukufumana abantu abanenkathalo ngokwaneleyo ukuba badinwe engqondweni nasemzimbeni . . . zize zizame iinkqubo zokulwa nokudinwa engqondweni nasemzimbeni.”
Abasengozini ngokukhethekileyo ngabo bakwimisebenzi yokunceda abantu, njengoonontlalo-ntle, oogqirha, abongikazi nabafundisi-ntsapho. Ngenkuthalo bazama ukunceda abantu, bezinikela ukuze baphucule ubomi babanye, yaye basenokudinwa engqondweni nasemzimbeni xa befumanisa ukuba abalufikeleli usukelo abazibekele lona oluthi ngamanye amaxesha lungafikeleleki. Oomama abanenkathalo nabo basenokudinwa engqondweni nasemzimbeni ngenxa yesizathu esifanayo.
Isizathu Sokuba Abantu Badinwe Engqondweni Nasemzimbeni
Uhlolisiso olwenziwa kubongikazi lwatyhila oothunywashe abathathu abakhokelela ekudinweni engqondweni nasemzimbeni. Owokuqala owaphawulwayo ziingxaki zemihla ngemihla ezibangela unxunguphalo. Ngokomzekelo, uninzi lwabongikazi kwakufuneka luthwale iimbopheleleko ezinzima, lusingathe ubunzima ekuqhubaneni nabagulayo, luziqhelanise nezixhobo ezitsha, lujamelane neendleko ezinyukayo luze lunyamezele ubomi obungaqhelekanga. Incwadi ethi Moetsukishokogun ithi: “Ezi ngxaki zemihla ngemihla ziba neyona mpembelelo inkulu ekudinweni kwabo engqondweni nasemzimbeni.” Xa iingxaki zihlala zingaconjululwa, unxunguphalo lusuka lukhule luze lukhokelele ekudinweni engqondweni nasemzimbeni.
Uthunywashe wesibini owaphawulwayo kukungaxhaswa, kungabikho bani wokuzityanda igila kuye. Ngaloo ndlela, umama ozenza ikheswa kwabanye oomama usemngciphekweni wokudinwa engqondweni nasemzimbeni. Uhlolisiso olukhankanywe ngasentla lwafumanisa ukuba abongikazi abangatshatanga bachanabeke ngakumbi ekudinweni engqondweni nasemzimbeni kunabo batshatileyo. Sekunjalo, ukuba ngotshatileyo kusenokwandisa iingxaki zemihla ngemihla ukuba indoda nomfazi abanxibelelani ngokukhululekileyo. Kwanaxa wonk’ ubani esekhaya, umntu usenokuzifumanisa eyedwa ngenxa yokuba intsapho ayiva nangeendlebe ibukele umabonwakude.
Uthunywashe wesithathu yayiziimvakalelo zokungabi nakuzinceda. Ngokomzekelo, abongikazi basemngciphekweni wokuba neemvakalelo zokungabi nakuzinceda kunoogqirha ngenxa yokuba abongikazi abanagunya lokutshintsha izinto. Abo bakwizikhundla zokongamela eziphakathi basenokudinwa engqondweni nasemzimbeni xa benoluvo lokuba eyona migudu yabo mikhulu ayiphumeleli. Njengokuba omnye umphathi wobuncwane babantu watshoyo, ukudinwa engqondweni nasemzimbeni kubangelwa “kukunxunguphaliswa kukungasiwa so kwemizamo yokufak’ isandla.”
Iimvakalelo zokungabi nakuzinceda ebantwini zibakho xa abantu okunye nabo bengenaluxabiso zize zivelise ukudinwa engqondweni nasemzimbeni. Abafazi badinwa engqondweni nasemzimbeni xa amadoda abo engaqondi ukuba ungakanani umsebenzi obandakanyekileyo ekulungiseni ikhaya nasekunyamekeleni abantwana. Abakwizikhundla zokongamela eziphakathi badinwa engqondweni nasemzimbeni xa uso maqhuzu engawusiso umsebenzi omhle abawenzileyo aze abachukele ngeempazamo ezincinane. Iphephancwadi iParents lithi: “Into ebalulekileyo ikukuba sonke sifuna ukuba imigudu yethu ixatyiswe ize iqondwe yaye ukuba sisebenza kwindawo engayivuziyo imigudu yethu—enoba kusemakhayeni ethu okanye eziofisini zethu—ngoko sisenokuba semngciphekweni wokudinwa engqondweni nasemzimbeni.”
Okubangela umdla kukuba ngoxa abongikazi abakumlinganiselo ophakamileyo bedinwa engqondweni nasemzimbeni, iingcali zokubelekisa azidinwa kangako. Ngokuqhelekileyo, umsebenzi wengcali yokubelekisa uquka ukunceda ubomi obutsha ukuba buze ehlabathini. Oomama nootata bayazibulela ngomsebenzi wazo. Xa bexatyiswa, abantu bavakalelwa kukuba baluncedo yaye bayakhuthazeka.
Akuba nje ubani esazi ukuba ngubani otyekele ekudinweni engqondweni nasemzimbeni nesizathu soko, kuba lula ngakumbi ukuhlangabezana nale ngxaki. Inqaku elilandelayo lingawanceda amaxhoba okudinwa engqondweni nasemzimbeni ukuba abe nembono elungeleleneyo ngobomi.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 6]
Ukudinwa engqondweni nasemzimbeni kubangelwa kukusebenza ungaphumli