IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g95 3/8 iphe. 23-27
  • Ukutyelela Kwakhona ERashiya

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukutyelela Kwakhona ERashiya
  • Vukani!—1995
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Sasicinga NgeRashiya
  • Intsapho YaseRashiya Enobubele
  • Bayazi Kakuhle IBhayibhile
  • Indlela Oku Okufana Ngayo NobuKristu Bokuqala
  • Umgudu Wokuhambisana Nolwando
  • Abantu BaseRashiya Bayayixabisa Inkululeko Yonqulo
    Vukani!—2000
  • Emva Kwetyala Elide Bade Boyisa!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Abantu Abathanda Uxolo Bayazithethelela
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • INdibano Yokuqala Yezizwe Ngezizwe YamaNgqina KaYehova ERashiya
    Vukani!—1993
Khangela Okunye
Vukani!—1995
g95 3/8 iphe. 23-27

Ukutyelela Kwakhona ERashiya

ENYE YEZONA NGUQULELO ZINKULU KWINDAWO EYAYISAKUBA YISOVIET UNION YINKULULEKO YOKUXUBUSHA NGONQULO. ABANTU BASERASHIYA ABANINZI BAYE BASEBENZISA LOO NKULULEKO UKUZE BAHLOLISISE IIMFUNDISO ZEBHAYIBHILE. NGOKUNGATHI KUNJALO, OKO KUYE KWANGUMMANGALISO WANAMHLANJE.

HAYI indlela endamangaliswa ngayo ngoJulayi 28, 1993, xa ndathabatha iNew York Times yakusasa ndaza ndabona kwiphepha lokuqala umfanekiso omkhulu wobhaptizo othatyathwe eMoscow! Kwakubhalwe oku ngakuloo mfanekiso: “Ukukhululwa konqulo eRashiya kwenze ukuba amaguquka eze kwiLocomotive Stadium yaseMoscow ukuze onke abhaptizwe njengamaNgqina kaYehova.”

Mna nomfazi wam sabuya eRashiya ngosuku olwandulelayo. Sasikho xa kwakubhaptizwa abo bantu bali-1 489. Uthando lobuKristu olwaboniswa ngabantu baseRashiya nomdla wabo kwizinto zokomoya lwasimangalisa ngokwenene. Amava esawafumana emva kocwangciso lokugqibela lwendibano ngorhatya lwangeCawa ayakubonisa oku.

Xa sasihamba ngeMetro sibuyela kwihotele yethu, ndahlala ecaleni komfana oselula mhlawumbi oneminyaka eli-18 okanye eli-19 ubudala. Ndamnika iphecana lesiRashiya elithetha ngeBhayibhile, elithi Liyintoni Ithemba Ngabafileyo Obathandayo?a Emva kokulijonga ithutyana, waligqithisa kunina. Ngoko ndamnika elinye. Emva koko walatha kumbuzo osekuqaleni, “Ukuba uthe umfo wafa, wophila na?” wandula ke, ethetha ngendlela ebonisa ukungakholwa, wabuza ngesiNgesi, “Ngaba uyakukholelwa oku?”—Yobhi 14:14.

Ndaguquka ndamjonga ngqo emehlweni, ndaza ngolweyiseko, ndaphendula: “Ndikukholelwa ngokwenene!” Ngokukhawuleza ndongezelela: “Khawucinge ngoku. Ubomi bethu njengabantu abakrelekrele nabacingayo bungummangaliso. UMntu othile oPhakamileyo umele ukuba nguye owenze imithetho elawula ubukho bethu njengabantu abaphilayo. Ngoko ndikholelwa ukuba Lowo woNgamileyo unako nokuphinda amdale umntu ofileyo ukuze aphile kwakhona.”

Ngokukhawuleza lo mfana waqalisa ukulifunda eli phecana. Akuba eligqibile, ndamnika incwadana enemifanekiso yesiRashiya, ethi Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?b Wayefuna ukufunda okungakumbi, kodwa sasiza kuhla kwisikhululo esilandelayo. Nangona lo mfana nonina babemele bakhwele uloliwe ngobo busuku, behla esikhululweni kunye nathi ukuze sithethe eminye imizuzu engakumbi. Emva kokumxelela ngokufutshane ngelungiselelo lethu lesifundo seBhayibhile, ndambonisa ikhelingi engasemva kuloo ncwadana enemifanekiso apho anokubhalela khona ukuze afumane inkcazelo engakumbi.

Sanduluka eRashiya ngosuku olulandelayo, kodwa amava anjengala asinakuze siwalibale.

Sasicinga NgeRashiya

Bendisoloko ndicinga ngabantu abaninzi gqitha ababhaptiziweyo emva kokuba ekugqibeleni kwarhoxiswa ukuvalwa komsebenzi wamaNgqina kaYehova kwindawo eyayisakuba yiSoviet Union ngoMatshi 1991. Ngokukhawuleza kwalungiselelwa iindibano ezisixhenxe ngehlobo lowe-1991, yaye abangama-7 820 bantywiliselwa emanzini. Kwandula ke, kwiindibano zehlobo lowe-1993—kuquka leyo sasiye kuyo eMoscow—kwantywiliselwa abangama-11 238.

Inzondelelo yokuhambisa ivangeli yamaNgqina aseRashiya iye yaphawulwa ngabantu baseRashiya abaninzi. Xa ucinga ngendlela abasabela ngayo abantu baseRashiya kwiimfundiso zeBhayibhile, ibonakala ingummangaliso.

‘Olu lwando lwenzeka ngokukhawuleza lubangelwa yintoni?’ sazibuza. ‘Banesiseko esiqine kangakanani aba bantu baseRashiya kwiimfundiso zobuKristu?’

Xa esinye isibini esihlala eMoscow sathi sasiya kusilungiselela indawo yokuhlala ukuba sityelele eRashiya kwakhona, saqalisa ukwenza amalungiselelo okutyelela. Salulangazelela ngakumbi olu hambo xa safumana iingxelo ezingakumbi ngomdla ongaqhelekanga wabantu baseRashiya kwiinyaniso zeBhayibhile.

Intsapho YaseRashiya Enobubele

NgoJulayi 24 safika siphethe iisutkheyisi kwindawo esasiza kuhlala kuyo eMoscow—igumbi elikumgangatho wesibini kumgama onokuwuhamba imizuzu elishumi ukusuka kwisakhiwo esihlala abahlobo bethu. Kwintsapho esasiza kuhlala nayo, kuphela nguKatia oneminyaka eli-15 ubudala owayekho ukuze asamkele. Kwakungorhatya lwangeCawa, yaye amanye amalungu entsapho ayesekubulungiseleli bamaKristu.

Kungekudala, amanye amalungu entsapho aqalisa ukufika ekhaya—uGalina, umama; uZhenia oneminyaka eli-13 ubudala, oyintombazana encinane; yaye, ekugqibeleni, uViktor, ubawo. Akukho namnye kubo owayesazi kakuhle isiNgesi, yaye nathi sasingasazi kangako isiRashiya. Kwakulula noko ukunxibelelana xa abahlobo bethu abathetha isiNgesi bekho njengeetoliki kodwa kwakunzima xa bemkile. Sasidla ngokusebenzisa isichazi-magama sesiRashiya nesiNgesi nezimbo zomzimba. UKatia noZhenia babenobuchule ekunxibelelaneni, kuba bafunde intetho yezandla.

Yonke le ntsapho yabhaptizwa ngexesha elinye, kwiminyaka emibini kuphela edlulileyo. UViktor wayesisicaka solungiselelo ebandleni, yaye amantombazana ayesebenzisa iiholide zawo zesikolo ukuze achithe ixesha elingakumbi kubulungiseleli. Esikolweni, ayengekho mathidala ekuthetheni ngokholo lwawo. Eneneni, ukushumayela kwawo kwada kwaphawulwa ngabasemagunyeni abangaphandle kwesithili sesikolo sabo. Kwasivuyisa ukwazi ukuba le ntsapho yayiqhubela abantu abanomdla izifundo zeBhayibhile zamakhaya ezingama-28 iiveki ngeeveki!

Licacile elokuba lungu ngalinye lentsapho lalinikela ingqalelo kwisifundo seBhayibhile nakubulungiseleli bamaKristu, yaye sasibona ukuba ubomi bawo babutyetyisiwe ngenxa yoko. Ayezele luvuyo.—IZenzo 20:35.

Bayazi Kakuhle IBhayibhile

Ngaphambi kokuba silale ngokuhlwa, ndabuza le ntsapho ngeendinyana zeBhayibhile. Ndaqala ndabuza oko kuthethwa siSityhilelo 21:3, 4. Ngoko nangoko, ngaxeshanye, amantombazana asicaphula. Emva koko ndabuza uIsaya 2:4. Babeyazi naleyo, babede basebenzise izimbo zomzimba ukubonisa ukukhandwa kwamakrele esenziwa amakhuba.

Ndaqhubeka nezibhalo ezikuIsaya ezithetha ngolawulo loBukumkani nangeentsikelelo zehlabathi elitsha, ezinjengezi, Isaya 9:6, 7; 11:6-9; 25:8; 33:24; 35:5, 6; nesama-65:21, 22. Ingajonganga kwiiBhayibhile zayo, le ntsapho yayikwazi ukuchaza oko kuthethwa yindinyana nganye. Maxa wambi amantombazana ayebonisa ukuba ayasazi isibhalo ngokusebenzisa izimbo zomzimba, njengezo zibonisa umntwana ekhokela ingonyama.

Ngolunye urhatya saqwalasela izibhalo ezithetha ngobunjani bukaThixo, sigxininisa kwezo zibonisa ukuba uYesu ungaphantsi kuThixo nokuba uThixo noYesu abekho kwisiqu esinye kodwa bamanyene. Le ntsapho yayikwazi oko kuthethwa zizibhalo ezinjengoYohane 10:30, Yohane 17:20, 21, neyoku-1 kwabaseKorinte 11:3. Mna nomfazi wam sasimangalisiwe yindlela ababezazi kakuhle ngayo iiBhayibhile zabo.

Kusasa ngoLwesibini siliqela labantu abali-12 sahlanganisana saza sahamba kunye ngeMetro saya kwipaki entle apho sachitha iiyure ezimbini ezinesiqingatha sithetha nabantu ngeBhayibhile. Sahlukana saza sasebenza ngababini. Omnye wabo ndandisebenza nabo yayinguNadia, intombazana yaseRashiya eyayibonisa ukuqiniseka xa isiya ebantwini ize ixubushe nabo. Wayenobuchule bokwalathisela ingqalelo kwiingcinga zikaThixo eziseBhayibhileni. Ndazixelela oku, ‘Lo ngumvakalisi onamava.’ Kamva ndamangaliswa kukufumanisa ukuba wayeneminyaka eli-17 kuphela ubudala yaye uneenyanga ezimbini kuphela ebhaptiziwe!

Safumana amava amaninzi anjalo, awabethelela kuthi ukuba imeko yaseRashiya ayinakufaniswa nanto. Ukususela ekupheleni kobuKomanisi, abantu baseRashiya baye babonisa ukuba bayakulangazelela ukuhlolisisa iimfundiso zeBhayibhile. Uninzi lwabo lufundile, yaye luyakuthanda ukufunda. Kwanabaselula bafunda baze baqonde kakuhle, oko sakubona xa satyelela intsapho yaseRashiya eyafunda iinyaniso zeBhayibhile ngoxa amaNgqina ayevaliwe.

Unyana omncinane wesi sibini wathi ufuna ukubuza umbuzo. Etolikelwa, wenza isicelo. Sandichukumisa gqitha kangangokuba ndathi ukuba wayenokusibhala phantsi, ndandiya kusigqithisa kubapapashi bakaVukani! Engalibazisanga wahlala phantsi waza wabhala ileta. Oku kulandelayo yinguqulelo yoko wakubhalayo. Ileta iboniswe kwiphepha 25.

“USerosha ubhala eseRashiya ebhalela iWatchtower Society. Ndineminyaka esixhenxe ubudala, yaye sele ndishumayela noTata noMama. Ndiyakuthanda ukuthetha nabantu ngoBukumkani bukaThixo. Kwakhona ndiyakuthanda ukufunda iphephancwadi uVukani! Liphuma eRashiya ngesiRashiya kube kanye kuphela ngenyanga kodwa ngesiNgesi liphuma kabini ngenyanga. Ndingakuvuyela kakhulu ukufumana eli phephancwadi kabini ngenyanga, kuba ndilithanda gqitha. Ncedani nikwenze oku.”

Ukushiya abahlobo esasibafumene eMoscow kwakungelula. Ngexesha elifutshane ngolo hlobo, sabathanda gqitha.

Indlela Oku Okufana Ngayo NobuKristu Bokuqala

Sanduluka saya eTallinn, e-Estonia, ngololiwe wasebusuku. Apho sabona izakhiwo ezitsha ezihle ngoku ekwalathiswa kuzo umsebenzi wokushumayela kuloo riphabliki yendawo eyayisakuba yiSoviet Union. Kwiintsuku ezintathu kamva sakhwela uloliwe oya eSt. Petersburg. Kuzo zombini ezi ndawo amaKristu esikhonza nawo abuza ngomsebenzi wokushumayela eMoscow. Ndaphendula: “Ukuba phaya ndize ndibone ulwando, kundincede ndakuqonda ngakumbi oko kubhalwe kwinxalenye yokuqala yeZenzo 17 nakwiincwadi eziya kwabaseTesalonika.”

Bendisoloko ndimangaliswa kukuba kwasekwa ibandla eTesalonika mhlawumbi kwiiveki ezimbalwa kubulungiseleli bompostile uPawulos apho. Enye into ebindimangalisa kukuba kwisithuba esinokuba ngangonyaka, uPawulos wabhalela la maKristu matsha iincwadi ezimbini ngemibandela yokomoya enzulu enjengovuko ‘nokuxwilelwa emafini,’ ‘imini yeNkosi,’ isibhengezo ‘soxolo nokunqaba,’ kunye ‘nobukho beNkosi yethu uYesu Kristu.’ (1 Tesalonika 4:13-17; 5:1-3; 2 Tesalonika 2:1, 2, NW) Ukusebenza ngenzondelelo kwaloo maKristu okuqala, ngokungathi kunjalo, kwavelisa ummangaliso wenkulungwane yokuqala—intlangano yezizwe ngezizwe yabashumayeli eqolileyo neyokomoya ngexesha elifutshane kakhulu. Kwiminyaka enokuba lishumi kamva, uPawulos wabhala wathi ‘iindaba ezilungileyo zazishunyayelwe kwindalo yonke ephantsi kwezulu’! (Akekeliswe sithi.)—Kolose 1:23.

Oko kwakusenzeka eRashiya mna ndakubona kufana noko kwenzeka kwinkulungwane yokuqala.

Umgudu Wokuhambisana Nolwando

IRashiya lelona lizwe likhulu emhlabeni, ngoko ukunikela ulwalathiso kumawaka ashumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo apho ngokucacileyo kungumsebenzi omkhulu.—Mateyu 24:14.

IBhayibhile ithi ngabo babeve ngobuKristu ngenkulungwane yokuqala: “Saye ke isandla seNkosi sinawo, kanjalo kwakholwa inani elikhulu, labuyela eNkosini.” (IZenzo 11:21) Hayi indlela la mazwi esiwafumene esebenza kakuhle ngayo kubazalwana bethu abangamaKristu baseRashiya! Kwanga intsimi yaseRashiya ingahlala ilungele ukuvunwa ngokomoya, yaye kwanga amawaka angakumbi angathelela kwilungelo elixabisekileyo lokunceda abanye beze endleleni esa ebomini.—Linikelwe.

[Umbhalo osemazantsi]

a Zipapashwe yiWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania.

b Zipapashwe yiWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania.

[Imifanekiso ekwiphepha 24, 25]

Phezulu: Intsapho esasihlala nayo. Ngasentla nangasekunene: Ukunikela ubungqina epakini. Ezantsi ngasekunene: USerosha neleta yakhe

[Umfanekiso okwiphepha 26]

Izakhiwo ezitsha zeWatch Tower, eTallinn, e-Estonia

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share