Intlanganiso Yasebusuku ETanzania
EMVA kwendibano yezizwe ngezizwe yamaNgqina kaYehova eKenya, ngochulumanco saqalisa uhambo lwethu lokuya eTanzania.
Indawo yokuqala esamisa kuyo yaba yiLake Manyara National Park. Samangaliswa zizilwanyana zasendle ezahlukahlukeneyo—iinkawu eziluhlaza, neeimpala, inyathi efumaneka kwiAfrika esemazantsi, amaqwarhashe nezingakumbi. Khawube nomfanekiso-ngqondweni wakho wondele ichibi elineemvubu. Ubukele indlulamthi isidla kwelinye icala, ingonyama ikwingca ethe qelele, nomhlambi weenqu ngaphesheya.
Sakuba sifikile kuMngxuma wentaba-mlilo waseNgorongoro, saqesha umalathisi nenqwelo-mafutha etsala ngamavili omane ukulungiselela uhambo losuku oluya kumngxuma omkhulu wentaba-mlilo edilikileyo. Sahamba malunga neemitha ezingama-600 kwindlela enezigingqi ukusuka apha ekuqaleni komngxuma wentaba-mlilo ukuya emazantsi awo. Onjani wona umbono! Izilwanyana zasendle zazithe thantalala kulo lonke elo thafa. Imihlambi yeenqu yayihamba ngokungathi iyafuduka. Amaqwarhashe, amaxhama, uhlobo oluthile lwenyamakazi ekuthiwa lolukaThomson nolukaGrant ayenguMbo nomXesibe. Kwenye indawo esamisa kuyo, inkunzi yengonyama yaphumla emthunzini wenqwelo-mafutha yethu, ingakhathazwa yinto yokuba sasiyondele. Kamva semisa ukuze sibukele umkhombe omnyama umgama neendlovu zasendle kufuphi zisidla emithini. Njengoko sasibuyela emva apho uqala khona lo mngxuma, sakhumbula izilwanyana ezichukumisayo ezininzi gqitha. Ngaba sikho esasingasibonanga?
Ewe sasikho, ihlosi laseAfrika. Kodwa ukuthemba ukubona libe linye endle phantse kuliphupha. Umfoti uErwin Bauer wathi: “Abakhenkethi bazingela amahlosi ngenzondelelo egqithiseleyo nangenkuthalo, ubuncinane ngokuyinxenye kuba ezi zilwanyana kunzima gqitha ukuzifumana, kungasathethwa ke ngokuzifota. Abahambi abaninzi kuhambo olufanayo ababoni nelinye. Kuzo zonke izihlandlo ezili-15 endiye ndakhenketha ngazo, ndiye ndabona amahlosi asibhozo ewonke, lalilinye kuphela elalikumgama elalinokufotwa kuwo.”—International Wildlife.
Ngokuhlwa sasinomnye umbandela ezingqondweni zethu. Indawo esasiyigcinelwe kwigumbi eliqeshisayo sasingasenakuyifumana, ngoko kwafuneka sikhangele iindawo zokuhlala. Oku kwasenza sasebenzisa indlela yomhlaba kwisithokothoko sobumnyama. Ngequbuliso ababini kuthi ababekwisihlalo esingaphambili bothuka. Sabona into enkulu empofu itsibela kwilitha lezibane zethu. Sema ngokukhawuleza yaye sikhefuzela kukumangaliswa!
Apho kanye phambi kwethu yayilihlosi elikhule ngokupheleleyo! Ukuba abo bakwizihlalo ezingemva bavakalelwa kukuba abakuboni okwakuqhubeka, izinto zaguquka ngokukhawuleza. Eli hlosi lenza wamnye lisiya ngasekunene—laza lema bhuxe. ‘Ndithini?’ lalibonakala licamngca apho ekukhanyeni yaye silibona sonke. ‘Ndihlasele okanye ndilunikele umva olu “tshaba” lungaziwayo ndize ndizame ukubalekela etyholweni?’
UAdrian, omnye wamaqabane ethu, wayengoyena ukufuphi, wayekumgama nje wemitha ukusuka kwesi silwanyana sihle sinamandla nesilungele ukutsiba. “Khawuleza, undinike isibane sekhamera,” wayesebeza ngoxa esithi hlasi ikhamera yakhe ezitshintshelayo. Ngasemva kwakuvakala amazwi athethela phantsi, “Ungangxoli.” Ikhamera yalungiswa ngokukhawuleza kwaza kwathatyathwa umfanekiso, kodwa oku akuzange kusebenze kuba ukukhanya kwesibane kwaphelela ngaphakathi kwinqwelo-mafutha yethu. Njengoko iibhetri zazihlaziyeka kwakhona, uAdrian wathoba ifestile yakhe. Eli hlosi lahlala likumgama onokuba ngangengalo, incam yomsila walo yayingcangcazela, amehlo ekhazimla.
Kungekudala sakuba nje sithabathe umfanekiso wesibini, lenza ukhetho. Iqhawe lehlosi lenza umtsi ukuya ematyholweni angaphantsi kwemithi laza lathi shwaka. Olunjani uchulumanco kwinqwelo-mafutha yethu! Amava angenakulibaleka, lawo abalathisi kamva basixelela ukuba ayenqabe gqitha. Xa loo foto yesibini yaphuma kakuhle, sayithabatha ukuze someleze iinkumbulo zethu ngalaa ntlanganiso ichwayitisayo yasebusuku eTanzania.