Yintoni Onokuyenza Ngomoya Onukayo?
Kuthiwa yenye yezona ngxaki zixhaphakileyo ehlabathini, ichaphazela abantu abadala abangaphezu kwama-80 ekhulwini ngamaxesha ahlukeneyo. Isenokubangela iintloni, unxunguphalo nexhala.
KUMSEBENZI wezonyango, ngokubanzi yaziwa njengehalitosis, gama elo elisuka kwigama lesiLatini elithi halitus, elithetha “umoya,” yaye isimamva u-osis, sibhekisela kwimeko engaqhelekanga. Abanye bakwayibiza ngokuba livumba lomlomo. Kodwa inkoliso yabantu iyazi njengomoya onukayo!
Ngaba unomoya onukayo? Ngoxa usenokuba uwuva lula umoya onukayo kwabanye abantu, usenokungakwazi ukuva owakho. Ulindixesha weAmerican Dental Association, iJADA, uchaza ukuba sinotyekelo lokuwuqhela umoya wethu onukayo yaza yathi kwanabantu “abanomoya onuka kakubi gqitha basenokuba abaziqondi ukuba banale ngxaki.” Ngenxa yoko, inkoliso yethu iziqonda ukuba inengxaki yomoya onukayo kuphela xa ixelelwa ngomnye umntu. Hayi indlela okuziintloni ngayo!
Isibakala sokuba iyingxaki eqhelekileyo asithuthuzeli. Umoya onukayo ngokubanzi uyacekiswa yaye awuthandwa. Kwezinye iimeko, usenokude uzingxwelerhe kanobom iimvakalelo. UGqr. Mel Rosenberg, intloko yeLaboratory of Oral Microbiology kwiTel Aviv University kwaSirayeli uthi: “Ivumba lomlomo, enoba lelokwenene okanye liyaqikelelwa, linokukhokelela ekubeni ube yinkomo edla yodwa, kuqhawulo-mtshato kwanokuzama ukuzibulala.”
Yintoni Eyaziwayo Ngomoya Onukayo?
Iingcali zezonyango kudala zaliqonda elokuba umoya onukayo ubonisa ukuba kungakho iingxaki zempilo. Ngenxa yeso sizathu, ukususela kumaxesha amandulo oogqirha baye bahlolisisa amavumba omlomo womntu.
Malunga neminyaka engamakhulu amabini eyadlulayo, isazi ngemichiza esidumileyo esingumFrentshi uAntoine-Laurent Lavoisier wayila into yokuhlolisisa izinto ezakha umoya womntu. Ukususela ngoko, izazinzulu ziye zayila iindlela eziphuculiweyo. Namhlanje, izindlu zokwenza uphando lwenzululwazi eJapan, eKhanada, eNetherlands nakwaSirayeli zisebenzisa ihalimeter, enikela umlinganiselo wevumba elibi emlonyeni. ENew Zealand, izazinzulu ziye zakha iindawo zokukhulisa iplaque, ezikwaziwa ngokuba ngoosinga milomo. Zifana nqwa nomlomo womntu, onamathe, iplaque, iintsholongwane kwanomoya onukayo.a
Ngoncedo lobugcisa bezi mini, izazinzulu ziye zafunda okuninzi ngomoya wethu. Ngokomzekelo, ngokutsho kwephephancwadi iScientific American, “abaphengululi ngoku baye bazazi izinto eziphilayo ezinjengegesi eziphantse zibe ngama-400 kumoya womntu ophilileyo.” Noko ke, asizizo zonke ezi zinto ezikhupha ivumba elibi. Izinto eziyintloko ezifak’ isandla kumoya onukayo yigesi eyihydrogen sulfide neyimethyl mercaptan. Kuye kwathiwa ezi gesi zenza umoya wethu ube nevumba elifana twatse nevumba leqaqa.
Kumlomo womntu kukho iintlobo zeentsholongwane ezingaphezu kwama-300. ITufts University Diet & Nutrition Letter ithi: “Ekubeni umnyama, ushushu yaye ufumile, umlomo uyeyona ndawo zihlala zithi zava kuyo iintsholongwane ezibangela ivumba elibi.” Kodwa zine kuphela iintlobo eziwunukisa ngokuyintloko umoya. Zihlala emlonyeni wakho, kodwa mhlawumbi akukawazi amagama azo. Amagama azo yiVeillonella alcalescens, iFusobacterium nucleatum, iBacteroides melaninogenicus neKlebsiella pneumoniae. Zitya amasuntswana okutya, iiseli ezifileyo nezinye izinto ezisemlonyeni. Le nto yenziwa zezi ntsholongwane itsho ngesankqange sevumba elibi. Le nkqubo iyafana noko kwenzeka xa inkunkuma ibola. Ngokufanelekileyo, ulindixesha wamazinyo iJ Periodontol uthi: “Kwiimeko ezininzi, i-halitosis iqala emlonyeni kanye, ibangelwa yi-microbial putrefaction [ukubola kwezinto eziphilayo].” Ukuba akukho nto yenziwayo ngayo, le nkqubo inokukhokelela ekuboleni kwamazinyo nakwisifo seentsini.
“Molo! Unjani Umoya Wakho Ngale Ntsasa?”
Le nkqubo yokubola emlonyeni iyakhawuleza xa ulele. Ngoba? Emini, umlomo uhlala ucocwa ngamathe azele yioksijini nanentwana yeasidi, akhucula iintsholongwane. Noko ke, xa ulele amathe akhutshwa rhoqo ngeyure nganye ancipha ngokuphindwe kangangesi-1/50 kunomlinganiselo oqhelekileyo. Njengokuba elinye iphephancwadi likubeka, umlomo owomileyo “kulapho zidakasa khona iintsholongwane ezingaphezu kwe-1 600 lamawaka ezigidi,” ubangela “umoya wakusasa” owaziwayo ophelekwa livumba elibi.
Amathe asenokuncitshiswa kukuxinezeleka ngoxa uhleli. Ngokomzekelo, isithethi sasesidlangalaleni esinovalo sisenokomelwa ngumlomo ngoxa sithetha size sithi sigqiba apho sibe sinehalitosis embi. Ukoma komlomo kukwangumphumo okanye umqondiso wezifo eziliqela.
Kodwa umoya onukayo awusoloko ubangelwa koko kwenziwa ziintsholongwane emlonyeni. Enyanisweni, ivumba elibi lomlomo ngokufuthi liba ngumqondiso weemeko nezigulo ezahlukahlukeneyo. (Bona ibhokisi ekwiphepha 13.) Ngenxa yesi sizathu, kwiimeko ezingachazekiyo zomoya onuka ngokuzingisileyo, kukokona kulungileyo ukufuna uncedo lwezonyango.
Umoya onukayo usenokusuka esiswini. Noko ke, ngokuchasene nenkolelo exhaphakileyo, oku akufane kwenzeke. Ngokufuthi, amanye amavumba angathandekiyo afika emlonyeni wakho evela kwimiphunga. Njani? Emva kokuba okunye ukutya kwetyisiwe, njengekonofile okanye itswele, kungena egazini kuze kuthunyelwe kwimiphunga. Elo vumba landula ke liphume ngomlomo nangeempumlo zakho xa uphefumla. Ngokutsho kwephephancwadi iHealth, “uhlolisiso luye lwabonisa ukuba abantu banokuba nomoya onuka ikonofile kwanaxa amagaqa ekonofile eqatywe kwiintende zeenyawo zabo okanye bewaginye bengawahlafunanga.”
Kwakhona ukusela utywala kusenokwenza igazi nemiphunga yakho zibe nevumba lotywala. Xa oku kusenzeka, phantse akukho nto unokuyenza ukuze unyange loo meko ngaphandle kokuba ulinde. Amanye amavumba okutya anokuhlala emzimbeni wakho kangangeeyure ezingama-72.
Indlela Yokuthintela Umoya Onukayo
Umoya onukayo awunakunyangwa ngokusuka uhlafune into yokuhlaziya umoya efana nelekese. Khumbula ukuba umoya onukayo ngokufuthi ubangelwa koko kwenziwa ziintsholongwane emlonyeni. Ngamnye umele ahlale ekhumbula ukuba amasuntswana amancinane okutya ahlala emlonyeni aba sisisusa kwizigidi zeentsholongwane. Ngoko ke, enye indlela ebalulekileyo yokulwa nomoya onukayo ikukugcina umlomo wakho ucocekile, ngaloo ndlela unciphisa inani leentsholongwane. Oku kwenziwa ngokususa amasuntswana okutya neplaque emazinyweni akho rhoqo. Njani? Ukuxukuxa amazinyo akho ngebrashi emva kokutya nangexesha lokulala kubalulekile. Kodwa ukuxukuxa usebenzisa ibrashi kulelinye lamanyathelo.
Kukho iindawo zamazinyo ezingafikelelekiyo ngebrashi. Ngoko ukusebenzisa umsonto wesilika ekuvunguleni amazinyo (flossing) ubuncinane kanye ngemini kubalulekile. Iingcali zikwancomela ukuba ulukhuhle kancinane ngebrashi ulwimi lwakho, oluyindawo ezithanda ukuzimela nokufukamela kuyo iintsholongwane. Ukuhlolwa nokucocwa kwamazinyo ngamaxesha ngamaxesha ngugqirha wamazinyo nako kuyimfuneko. Ukutsiba naliphi na elinye lala manyathelo kusenokuphumela ekubeni nomoya onukayo yaye, ekuhambeni kwexesha, kwizifo ezinzulu zamazinyo neentsini.
Zikho iindlela zokwexeshana ezinokusetyenziswa ukuze uhlaziye umoya wakho. Sela amanzi, hlafuna itshungama engenaswekile—yenza into eza kwandisa amathe akho. Khumbula ukuba amathe asebenza njengesicoci-mlomo sokwemvelo esikhucula iintsholongwane size senze kube nzima ukuba zihlale.
Izicoci-mlomo ezithengiswayo zisenokunceda, kodwa uhlolisiso lwakutshanje lubonisa ukuba ufanele ungaqameli ngazo ngokupheleleyo xa usilwa nomoya onukayo. Enyanisweni, ukurharhaza rhoqo ngezicoci-mlomo ezinealkoholi kunokubangela ukuba umlomo wome. Ezinye iimveliso ezisebenza kakhulu zokucoca umlomo ezifumaneka kubathengi zinciphisa iplaque ngama-28 ekhulwini kuphela. Ngoko emva kokuxukuxa kakuhle ngesicoci-mlomo osithandayo, usenokuba neentsholongwane ezingaphezu kwama-70 ekhulwini emlonyeni wakho. Iphephancwadi iConsumer Reports ichaza ukuba kulingelo olwenziwa izihlandlo ezilandelelanayo, “ngokuqhelekileyo umoya ubuphinda unuke kwithuba elingangemizuzu eli-10 ukuya kwiyure emva kokuba uxukuxe” ngesicoci-mlomo. Kwanezona zicoci-mlomo zinamandla ngakumbi, ezifumaneka kumazwe amaninzi ngoncomelo lukagqirha kuphela, zinciphisa iplaque ngama-55 ekhulwini kuphela. Ngeeyure nje ezingephi, iintsholongwane ziphinda zibe ninzi njengakuqala.
Licacile elokuba ngokuphathelele ukuthintela umoya onukayo, isimo sengqondo sokungakhathali simele siphetshwe. Kunoko, ufanele uphathe umlomo namazinyo akho njengezixhobo ezixabisekileyo ezifuna ukunyanyekelwa ngokuzingisileyo. Abachweli nabakhandi abanenkathalo bayazikhusela izixhobo zabo kumhlwa, ekudlekeni nakokunye ukonakala ngokulandela iinkqubo ezithile zokuzigcina emva kokugqiba umsebenzi ngamnye. Amazinyo nomlomo wakho axabiseke ngakumbi kunazo naziphi na izixhobo ezenziwe ngumntu. Ngoko wagcine uze uwanike inyameko ewafaneleyo. Ngokwenza oku, uya kwahlukana nomoya onukayo, nonxunguphalo neentloni ozibangelayo. Okubaluleke nangakumbi, umlomo wakho uya kucoceka ngakumbi uze ube sempilweni ngakumbi.
[Umbhalo osemazantsi]
a Iplaque yinto encangathi ekhula ezinyweni. Yakhiwe ikakhulu ziintsholongwane ezinokwenzakalisa amazinyo neentsini zakho.
[Ibhokisi ekwiphepha 13]
Yintoni Ebangela Umoya Onukayo?
Ezi zilandelayo zezinye zeemeko, izigulo nemikhwa emininzi enokubangela umoya onukayo:
Ibronchitis
Igastritis engapheliyo
Isifo seswekile
Ukusela utywala
Ukoma komlomo
Iempyema
Ukubhodla
Isifo seentsini
Ihiatal hernias
Ukungasebenzi kwezintso
Isifo sesibindi
Ukuya exesheni
Izilonda emlonyeni
Ukukhutshwa kweqanda kwisiyilelo-maqanda
Ukungalukhathaleli ucoceko lomlomo
Isinusitis
Ukutshaya icuba
Ezinye iintlobo zomhlaza
Ezinye iintlobo zamayeza
Ukubola kwezinyo
Isifo sephepha
Amanxeba ngenxa yotyando olwenziwe emazinyweni
[Ibhokisi ekwiphepha 14]
Ulwimi Lwakho Nalo Lufuna Ingqalelo
Yiya kwesona sipili sikufutshane, uze ujongisise kakuhle ulwimi lwakho. Ngaba lucandeke kakhulu? Oku kuyinto eqhelekileyo. Kodwa oko kucandeka elulwimini lwakho kunokuba yindawo yezigidi zeentsholongwane. Xa zingaphazanyiswa, iintsholongwane zisenokubangela ingxaki ezingisileyo yomoya onukayo nezinye iimeko ezingekho mpilweni. Noko ke, ngokufuthi abantu bayalutyeshela ulwimi xa becoca umlomo.
Oogqirha bamazinyo bancomela ukuba umphezulu wolwimi ukhuhlwe rhoqo ngebrashi yamazinyo ethambileyo njengonyango lwehalitosis. Ezinye iingcali zincomela ukuba kusetyenziswe into yokukhuhla ulwimi. EIndiya, abantu bebesebenzisa izinto zokukhuhla ulwimi kangangezizukulwana njengendlela yokwahlukana nomoya onukayo. Kwiminyaka eyadlulayo zazisenziwa ngenkcenkce, kodwa namhlanje kuxhaphake izinto zokukhuhla ulwimi ezenziwe ngeplastiki. Kwezinye iindawo, kusenokufuneka ukuba uqhagamshelane nogqirha wakho wamazinyo ukuze ufumane into yokukhuhla ulwimi.
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
Ucoceko olulungileyo lomlomo luquka ukuvungula amazinyo ngomsonto wesilika nokubrasha amazinyo nolwimi
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 12]
Life