Ubungendawo BobuNazi Bubhenciwe
NGEMINYAKA yee-1920, njengoko iJamani yayisiwa ivuka ifuna ukomelela kwakhona emva kokoyiswa kwiMfazwe Yehlabathi I, amaNgqina kaYehova ayexakekile esasaza intaphane yoncwadi lweBhayibhile. Oku akuzange kuzise nje intuthuzelo nethemba kuphela kubantu baseJamani kodwa kwabalumkisa ngomoya wemfazwe owawukhula. Phakathi kowe-1919 nowe-1933, amaNgqina ahambisa umlinganiselo weencwadi ezisibhozo, iincwadana, okanye amaphephancwadi kwintsapho nganye yaseJamani kwezinokuba zizigidi ezili-15.
Amaphephancwadi iThe Golden Age neConsolation ngokufuthi alumkisa ngomoya wemfazwe okhulayo eJamani. Ngowe-1929, ngaphezu kweminyaka emithathu ngaphambi kokuba uHitler alawule, uhlelo lwesiJamani lweThe Golden Age ngenkalipho lathi: “UbuSoshiyali beSizwe . . . bungumbutho osetyenziswa . . . ngokuthe ngqo lutshaba lomntu, uMtyholi.”
Ngaphambi nje kokuba uHitler alawule, iThe Golden Age kaJanuwari 4, 1933, yathi: “Kukho ingozi ethukuzayo yombutho wobuSoshiyali beSizwe. Kubonakala kungumnqa ukuba umbutho wezobupolitika onemvelaphi engabalulekanga, onenkqubo engekho mgangathweni, ukuba kwiminyaka nje engephi, ukhule ngomlinganiselo wokuba umenze urhulumente wesizwe angaveli nangonwele. Ukanti uAdolf Hitler nombutho wakhe wobusoshiyali besizwe (amaNazi) baluphumelele olu loyiso lunqabileyo.”
Isibongozo Sokuqondwa
UHitler waba yinkulumbuso yaseJamani ngoJanuwari 30, 1933, yaye kwiinyanga ezimbalwa kamva, ngoAprili 4, 1933, iofisi yesebe yaseMagdeburg yamaNgqina kaYehova yathinjwa. Noko ke, lo myalelo warhoxiswa ngoAprili 28, 1933, yaye eso sakhiwo sabuyiselwa ebantwini baso. Kwakuza kwenzeka ntoni emva koko?
Phezu kwayo nje inkohlakalo ephandle yorhulumente kaHitler amaNgqina kaYehova alungiselela indibano eBerlin, eJamani, eyayiza kuba ngoJuni 25, 1933. Kwahlanganisana abantu abamalunga nama-7 000. AmaNgqina azenza zacaca iinjongo zawo: “Intlangano yethu ayipolitiki nangayiphi na ingqiqo. Kuphela sigxininisa ekufundiseni abantu iLizwi likaYehova uThixo, yaye oko sikwenza ngaphandle kokubaphazamisa.”
Ngaloo ndlela amaNgqina kaYehova enza umgudu onyanisekileyo wokuthetha ngemeko yawo. Yaba yintoni imiphumo?
Kuqalisa Uhlaselo
Ukuma kwamaNgqina okungagungqiyo kobundilele, okuhambisana nokunyaniseka kwawo kuBukumkani bukaThixo, kwakungamkelekanga kurhulumente kaHitler. AmaNazi ayengazimiselanga ukunyamezela nawuphi na umntu ongafuni ukuxhasa iingcamango zawo.
Kungekudala emva kokuba indibano yaseBerlin iqukunjelwe, amaNazi aphinda athimba iofisi yesebe yaseMagdeburg, ngoJuni 28, 1933. Adungadunga iintlanganiso zamaNgqina aza awabamba. Kungekudala amaNgqina agxothwa emisebenzini yawo. Ayegqogqwa emakhayeni awo, ebethwa yaye ebanjwa. Ekuqaleni kowe-1934 amaNazi athimba uncwadi lweBhayibhile oluziitoni ezingama-65 kumaNgqina aza alutshisa cebu kuhle eMagdeburg.
Ukuma Okuqinileyo KwamaNgqina
Phezu kwalo nje olu hlaselo lokuqala, amaNgqina kaYehova ema eqinile aza ayichasa ngokuphandle ingcinezelo nokungekho sikweni. Inkupho yeThe Watchtower kaNovemba 1, 1933, yabalaselisa inqaku elithi “Ningaboyiki.” Ngokukhethekileyo lalilungiselelwe amaNgqina aseJamani, liwakhuthaza ukuba akhaliphe xa ejamelene nengcinezelo eyandayo.
NgoFebruwari 9, 1934, uJ. F. Rutherford, umongameli weWatch Tower Society, wathumela ileta yezikhalazo kuHitler esithi: “Usenokulwa nabo bonke abantu uze uphumelele, kodwa akunakulwa noYehova uThixo uze uphumelele. . . . Egameni likaYehova uThixo noKumkani Wakhe othanjisiweyo, uKristu Yesu, ndifuna uyalele bonke abasemagunyeni nezicaka zorhulumente wakho ukuba bawavumele amangqina kaYehova abe neendibano ngokukhululekileyo eJamani yaye anqule uThixo ngaphandle kokuphazanyiswa.”
URutherford wamisela uMatshi 24, 1934, njengosuku lokugqibela. Wathi ukuba amaNgqina aseJamani ayengakhululwa ngelo xesha, kwakuya kupapashwa iinyaniso ngokuphathelele ukutshutshiswa kwawo kulo lonke elaseJamani nasehlabathini lonke. AmaNazi aliphendula ibango likaRutherford ngokuwaxhaphaza ngokuthe kratya, athumela amaNgqina kaYehova amaninzi kwiinkampu zoxinaniso ezazisandul’ ukusekwa. Ngaloo ndlela, ayephakathi kwabokuqala abavalelwa kwezi nkampu.
AmaNgqina Abhenca Izenzo Zenkohlakalo ZamaNazi
Njengoko amaNgqina kaYehova ayethembisile, aqalisa ukubhenca izenzo zenkohlakalo ezenzeka eJamani. AmaNgqina asemhlabeni wonke athumela ngokuphindaphindiweyo izikhalazo kurhulumente kaHitler.
Ngo-Oktobha 7, 1934, onke amabandla amaNgqina kaYehova eJamani ahlanganisana ukuze aphulaphule ukufundwa kweleta eyayithunyelwe kwabasemagunyeni kurhulumente kaHitler. Yayisithi: “Umthetho wenu ungqubana ngokungqalileyo nomthetho kaThixo . . . Ngoko ke oku kukunazisa ukuba nokuba sekumnyam’ entla siya kuthobela imithetho kaThixo, siya kuhlanganisana kunye ukuze sifundisise iLizwi Lakhe, yaye siya kumnqula size simkhonze njengoko eyalele.”
Kwangaloo mini, amaNgqina kaYehova akwamanye amazwe angama-49 ahlanganisana kwindibano ekhethekileyo aza athumela olu cingo lulandelayo kuHitler: “Ukuphatha kwenu kakubi amangqina kaYehova kuyabothusa bonke abantu abalungileyo emhlabeni yaye akulihloneli igama likaThixo. Musani ukuqhubeka nitshutshisa amangqina kaYehova; kungenjalo uThixo uya kunitshabalalisa kunye nalo mbutho wenu wesizwe.”
AmaNazi aphendula ngokukhawuleza ngokuyenza qatha ngakumbi intshutshiso yawo. UHitler ngenkqu wadanduluka wathi: “Eli qela labantu liza kutshayelwa kuthi tu eJamani!” Kodwa njengoko inkcaso yayikhula, ngokufanayo inkalipho yamaNgqina yaya iqina.
Ngowe-1935, iThe Golden Age yabhenca iinkqubo zorhulumente wamaNazi zokuthuthumbisa ezazifana neNkqubo Yenkundla Yokuncina Amakholwa ngokuwathuthumbisa nenkqubo yakhe yoontamnani. Yakwatyhila ukuba yayiziinjongo zombutho weHitler Youth ukwenza ulutsha lwaseJamani luyeke ukukholelwa kuThixo. Kunyaka olandelayo iphulo lamaGestapo kwelo lizwe laphumela ekubanjweni kwamawaka amaNgqina. Kungekudala emva koko, ngoDisemba 12, 1936, amaNgqina aphendula ngelawo iphulo, ngokuthi asasaze kulo lonke elaseJamani amashumi amawaka emibhalo yesigqibo sokukhalazela ukutshutshiswa kwamaNgqina kaYehova.
NgoJuni 20, 1937, amaNgqina awayesakwazi ukwenjenjalo asasaza esinye isigidimi esasiyidiza elubala le ntshutshiso. Sasibabiza ngamagama abasemagunyeni yaye sichaza imihla neendawo. Othuka ngokwenene amaGestapo ngoku kubhencwa nokukwazi kwamaNgqina ukuwabhenca.
Ukuthanda ummelwane kuko okwashukumisela amaNgqina ukuba alumkise abantu baseJamani bangabethwa ngemf’ iphindiwe ngemibono echuliweyo yolawulo oluzukileyo lweminyaka eliwaka loRhulumente Wesithathu WaseJamani. Incwadana ethi Face the Facts, eyapapashwa ngowe-1938 yathi: “Simele sithethe inyaniso size sinikele isilumkiso. Urhulumente wobuzwilakhe simgqala . . . njengemveliso kaSathana eyenzelwe ukuthabathela indawo ubukumkani bukaThixo.” AmaNgqina kaYehova ayephakathi kwamaxhoba okuqala awaxhatshazwa ngamaNazi, kodwa akwazichasa ngokuphandle izenzo zenkohlakalo ezazisenziwa kumaYuda, kubantu basePoland, kwimilwelwe nakwabanye abantu.
Isigqibo esithi “Isilumkiso!,” esathatyathwa kwindibano yamaNgqina kaYehova eyayingowe-1938 eSeattle, eWashington, eUnited States, sathi: “UbuFasi nobuNazi, imibutho eneengcamango zopolitiko ezingaqhelekanga, ithabathele kuyo ngokungafanelekanga ulawulo lwamazwe amaninzi aseYurophu . . . Bonke abantu baya kulawulwa, baya kuphangwa yonke inkululeko yabo, yaye bonke baya kunyanzeleka ukuba bazithobe kulawulo olungamkelekanga lobuzwilakhe emva koko kuya kuvuselelwa ngokupheleleyo iNkundla Yokuncina Amakholwa yamandulo.”
URutherford wayesasaza rhoqo kumaza omoya, enikela iintetho ngenkalipho ngobuNazi bukaSathana. Ezo ntetho zaphinda zasasazwa ehlabathini lonke yaye zashicilelwa ukuze kusasazwe izigidi zazo. Ngo-Oktobha 2, 1938, wanikela intetho enomxholo othi “UbuFasi Okanye Inkululeko,” apho wayekhwel’ ezehlela kuHitler engacengi ndolalaphi.
URutherford wathi: “EJamani abantu nje abaqhelekileyo ngabathandi boxolo. UMtyholi ubeke ummeli wakhe onguHitler elulawulweni, indoda engaqiqiyo, ekhohlakeleyo, engcolileyo nengenalusizi . . . Utshutshisa amaYuda ngenkohlakalo kuba ayekhe angabantu abakumnqophiso kaYehova nababethwele igama likaYehova, yaye kuba uKristu Yesu wayengumYuda.”
Njengoko ingqumbo yamaNazi ngakumaNgqina kaYehova yayithabath’ unyawo, namaNgqina ayengayekanga ukubugxeka kabukhali kunanini na ngaphambili. Inkupho kaMeyi 15, 1940, yeConsolation yathi: “UHitler lithole likaMtyholi lokwenene kangangokuba ezi ntetho nezi zigqibo zakhe uzikhupha nje oku kwamanzi aqukuqela emjelweni.”
Amasikizi Asezinkampini Abhenciwe
Nangona abantu ngokubanzi babengazi nto ngeenkampu zoxinaniso de kwangowe-1945, iinkcazelo ezingokweenkcukacha zazivela ngokufuthi kwiimpapasho zeWatch Tower ngeminyaka yee-1930. Ngokomzekelo, ngowe-1937, iConsolation yabalisa ngolingelo lwegesi ebulalayo eDachau. Ngowe-1940, iimpapasho zamaNgqina zabiza ngamagama iinkampu ezahlukeneyo ezingama-20 yaye zachaza amanyundululu awayesenzeka apho.
Kwakutheni ukuze amaNgqina kaYehova azazi kakuhle kangaka ezi nkampu zoxinaniso? Xa iMfazwe Yehlabathi II yaqalisayo ngowe-1939, kwakusele kukho amaNgqina angama-6 000 awayevalelwe ezinkampini nasezintolongweni. Umbhali-mbali waseJamani uDetlef Garbe uqikelela ukuba ngelo xesha amaNgqina ayephakathi kwesi-5 ne-10 ekhulwini kwinani labo bonke ababesenkampini!
Kwintlanganiso eyayiphathelele amaNgqina nokuBulawa Kwabantu Ngenkohlakalo, uGarbe wathi: “Kubantu abangama-25 000 abavumayo ukuba bangamaNgqina kaYehova ekuqaleni kolawulo loRhulumente Wesithathu WaseJamani, abamalunga ne-10 000 bankantsa izigwebo ezingalinganiyo entolongweni. Kwaba, abangaphezu kwama-2 000 basiwa kwiinkampu zoxinaniso. Oku kuthetha ukuba amaNgqina kaYehova, ngaphandle kwamaYuda, ayengabona bantu babetshutshiswa ngokukrakra ngamaSS kunawo onke amaqela onqulo.”
NgoJuni 1940, iConsolation yathi: “Kwakukho amaYuda azizi-3 500 000 ePoland xa iJamani yaqalisa iBlitzkrieg yayo [uHlaselo Lwequbuliso] . . . , yaye ukuba iingxelo ezifikelela kumazwe aseNtshona zichanile ukutshatyalaliswa kwawo kubonakala kuqhubeka.” Ngowe-1943, iConsolation yathi: “Zonke iintlanga njengamaGrike, abantu basePoland namaSerbs zitshatyalaliswa ngendlela ecetyiweyo.” Ngowe-1946, iThe Golden Age neConsolation zachaza iintolongo neenkampu zoxinaniso ezahlukahlukeneyo ezingama-60.
AmaNazi Ohlulwe NgamaNgqina
Nangona amaNazi ayezama ukunqumamisa ukusasazwa koncwadi lweWatch Tower, osemagunyeni eBerlin wavuma: “Kunzima ukufumana iindawo ezifihlakeleyo eJamani apho uncwadi lwaBafundi BeBhayibhile lusashicilelwa khona; akakho onamagama needilesi yaye akakho ofuna ukungcatsha omnye.”
Phezu kwayo nje imigudu yawo yempambano, amaGestapo akazange akwazi ukubamba ngaphezu kwesiqingatha samaNgqina akhoyo eJamani nangaliphi na ixesha. Khawufan’ ucinge indlela eyahluleka ngayo inkqubo yoontamnani entsonkothileyo yobuNazi—ayizange ikwazi ukulivalela ndawonye yaye ilivale umlomo eli qaqobana lomkhosi okanye inqumamise ukusasazwa koncwadi lwalo. Olu ncwadi lwaluhanjiswa ezitratweni yaye lwade lwaphumela ngaphaya kocingo oluhlabayo olubiyele iinkampu zoxinaniso!
Ukoyisa Ubundlavini
AmaNazi, ayegqalwa njengeencutshe ekulawuleni izenzo neemvakalelo zabanye abantu, enza onke amatiletile okwenza amaNgqina kaYehova alahle ubundilele bawo bobuKristu, kodwa abuya nemband’ esikhova. Incwadi ethi The Theory and Practice of Hell yathi: “Akukho unokuliphika elokuba, amaSS ayesodlulwa ngamaNgqina kaYehova, ngokusebenzisa ingqondo.”
Enyanisweni, amaNgqina, aliphumelela eli dabi, ngokuxhaswa ngumoya kaThixo. Umbhali-mbali uChristine King, ingqonyela yeStaffordshire University eNgilani, wachaza amaqela abandakanyeke kolu ngquzulwano: “Elinye [amaNazi] likhulu, linamandla, libonakala lingenakoyiswa. Elinye [amaNgqina] liqaqobana nje . . . elinokholo kuphela, elingenaso esinye isixhobo . . . amaNgqina kaYehova aloyisa ngokuziphatha okuhle igunya elinamandla lamaGestapo.”
AmaNgqina kaYehova ayengummandla omncinane, ojikelezwe bubukumkani bamaNazi. Ukanti, alwa aza aliphumelela eli dabi ngendlela yawo—idabi lokufumana ilungelo lokunqula uThixo wawo, idabi lokuthanda abamelwane bawo nedabi lokuthetha inyaniso.
[Ibhokisi ekwiphepha 22]
AmaNgqina Ayephakathi Kwabantu Bokuqala Ezinkampini
UNKOSIKAZI Geneviève de Gaulle, umtshana wowayesakuba ngumongameli waseFransi uCharles de Gaulle, wayelilungu loMbutho Wabavukeli baseFransi. Emva kokubanjwa aze kamva avalelwe kwinkampu yoxinaniso eRavensbrück ngowe-1944, wadibana namaNgqina kaYehova. Emva kweMfazwe Yehlabathi II, uNkosikazi de Gaulle wafundisa kulo lonke elaseSwitzerland yaye wathetha ngokufuthi ngengqibelelo nenkalipho yamaNgqina. Kudliwano-ndlebe olwenziwa ngoMeyi 20, 1994, wathi ngawo:
“Ayephakathi kwabathinjwa bokuqala enkampini. Amaninzi ayesele efile . . . Sasiwaqonda ngebheji yawo eyahlukileyo. . . . Ayengavumelekanga ngokupheleleyo ukuba athethe ngeenkolelo zawo okanye abe nazo naziphi na iincwadi zonqulo, ngakumbi iBhayibhile, eyayigqalwa njengencwadi ephambili ekuphembeleleni imvukelo. . . . Ndazi [omnye wamaNgqina kaYehova], yaye ndaxelelwa nangamanye awabulawayo ngenxa yokuba namaphepha ambalwa emibhalo yeBhayibhile. . . .
“Endikuncoma gqitha kuwo kukuba ayenokuphuma nangaliphi ixesha ngokutyobela nje uxwebhu lokulahla ukholo lwawo. Ekugqibeleni, aba bafazi, ababebonakala bebuthathaka ngeyona ndlela yaye betyhafile, babenamandla ngakumbi kunamaSS, awayenegunya nazo zonke izinto awayenokuzisebenzisa. [AmaNgqina kaYehova] ayenamandla, yaye ngenxa yenkalipho yawo kwakungekho namnye owayenokuwoyisa.”
[Ibhokisi ekwiphepha 23]
AmaNgqina Abhenca Ubukho Beenkampu
NANGONA amagama anjengelithi Auschwitz, Buchenwald, Dachau nelithi Sachsenhausen yayingamagama angaziwayo yinkoliso yabantu de kwasemva kweMfazwe Yehlabathi II, abafundi beThe Golden Age neConsolation babewazi kakuhle. Iingxelo zamaNgqina kaYehova, ezazithutyeleziswa nzima gqitha ukuphuma ezinkampini yaye zipapashwa kuncwadi lweWatch Tower, zabhenca ukunxanelwa igazi koRhulumente Wesithathu WaseJamani owayezimisele ukubulala.
Ngowe-1933, iThe Golden Age yapapasha iingxelo zokuqala kuthotho lweengxelo ezingobukho beenkampu zoxinaniso eJamani. Ngowe-1938, amaNgqina kaYehova apapasha incwadi ethi Crusade Against Christianity, ngesiFrentshi, ngesiJamani nangesiPolish. Kuyo kwakubhalwe ngobuchule ngokuhlaselwa ngokuneengcwangu kwamaNgqina ngamaNazi kuquka nemizobo yeenkampu zoxinaniso zaseSachsenhausen nase-Esterwegen.
UGqr. Thomas Mann owafumana ibhaso likaNobel wabhala oku: “Ndiyifundile incwadi yenu nenkcazelo yayo ehambis’ umzimba nelusizi. Andikwazi ukuzichaza iimvakalelo zentiyo eziye zazalisa intliziyo yam ngoxa ndifunda ngocoselelo ezi ngxelo zithob’ isidima nezenkohlakalo ezimasikizi. . . . Ukuthi cwaka bekuya kuthetha ukuhambisana nokungakhathalelwa kwemilinganiselo yokuziphatha okukweli hlabathi . . . Nenze umsebenzi omkhulu ngokupapasha le ncwadi nangokwazisa abantu bonke ngezi zishiqi.”—Akekeliswe sithi.
[Ibhokisi ekwiphepha 25]
Ihambo YamaNgqina Ezinkampini
NGENXA yokuthanda ummelwane—abantu ababevalelwe nawo esiseleni, ababevalelwe nawo kwizindlu zamajoni, ababevalelwe nawo enkampini—amaNgqina ayengabelani nabo ngokudla kwawo kokomoya kuphela kodwa ngako nakuphi na ukudla kokwenyama awayenako.
UmYuda owasinda kwinkampu yoxinaniso yaseBuchenwald wathi: “Apho ndadibana neeBibelforscher. Zazisoloko zinikela ubungqina ngeenkolelo zazo. Enyanisweni, yayingekho into eyayinokuziyekisa ekuthetheni ngoThixo wazo. Zaziluncedo kakhulu kwamanye amabanjwa. Xa ababulali bathi bathumela inyambalala yamaYuda kule nkampu ngoNovemba 10, 1938, ii-‘Jehovah’s schwein’, njengoko abalindi babewabiza njalo, zazisabelana ngomxhesho wazo namaYuda alupheleyo alambileyo, nakubeni wona ayengatyi kangangeentsuku ezine.”
Ngokufanayo, ibhinqa elithile elingumYuda elalivalelwe kwinkampu yaseLichtenburg lathi ngamaNgqina: “Ayengabantu abakhaliphileyo, abakwaziyo ukuzinyamezela ngomonde iinzingo zabo. Nangona amabanjwa angengomaYuda ayesalelwa ukuba athethe nathi, la mabhinqa akazange awuthobele loo myalelo. Ayesibeka emithandazweni ngokungathi sasingabentsapho enye, yaye esibongoza ukuba singanikezeli.”
[Ibhokisi ekwiphepha 26]
Imigudu Yokukhanyela Ukubulawa Kwabantu Ngenkohlakalo Yachazwa Kwangaphambili
KWINKUPHO yayo kaSeptemba 26, 1945, iConsolation yachaza ukuba kwixesha elizayo kusenokwenziwa imizamo yokuphinda kuqwalaselwe imbali kuze kukhanyelwe okwenzekileyo. Inqaku elithi “Ngaba UbuNazi Buye Batshatyalaliswa?” lathi:
“Abantu abasasaza ubuxoki bacinga ukuba abantu balibala ngokukhawuleza. Iinjongo zabo kukucima imbali yexesha elidluleyo, bavela ngesigqubuthelo sanamhlanje sokuzenza ngathi baluncedo, amatyala abo angaphambili ayagushwa.”
Eli phephancwadi lanikela eli cebiso libukhali: “Ade uYehova alwe eArmageddon, ubuNazi buseza kuqhubeka bulizothe.”
[Imizobo ekwiphepha 25]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Le mizobo yeenkampu zoxinaniso yavela kwiimpapasho zamaNgqina ngowe-1937
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Abasebenzi abali-150 kwiofisi yesebe yaseMagdeburg yamaNgqina kaYehova ngowe-1931
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Iimpapasho zamaNgqina kaYehova zabhenca ukusebenzisana kwecawa nobuNazi