Ukuhlangulwa Ziinkuba-bulongo ZaseAfrika!
NGUMBHALELI KAVUKANI! EMZANTSI AFRIKA
KWIINKULUNGWANE ezimbini ezadlulayo, xa iinkomo zaqalisa ukubakho eOstreliya, ngubani owayesazi ukuba kuya kuze kubekho iingxaki ezinzulu kangako kwelo lizwe?
Ekuhambeni kwexesha, amadlelo azala bubulongo benkomo, buthintela ukukhula kwengca kwindawo ezithile yaye bubangela ukuba iinkomo zingakwazi ukuyitya. Ekugqibeleni iimfumba zobulongo zaba ziindawo ezinkulu zokuzalela iimpukane ezikhathazayo. Enyanisweni, ngokwengxelo ekulindixesha iAfrica—Environment & Wildlife, ngeminyaka yee-1970 le ngxaki iye yabangela “ezoqoqosho nezinto eziphilayo nendawo eziphila kuyo zasemngciphekweni ngendlela eyoyikekayo.” Kwaye kwabalwa ukuba “ngaphezu kweehektare ezizizigidi ezibini zamadlelo ziye azabi namveliso nyaka ngamnye . . . , initrojeni eninzi ayibuyiselwanga emhlabeni ngenxa yobulongo obungagqunyelelwayo yaye iimpukane ziye zanda ngokomlinganiselo ongubhubhani.”
Konakele phi? Ngokuqhelekileyo eAfrika iinkuba-bulongo ziyalicoca idlelo ngokukhawuleza nangokuphumelelayo. Ubulongo obugqunyelelweyo buyawuchumisa umhlaba buze buwenze ube neentunja ezingakumbi, ngaloo ndlela buphucula ukukhula kwezityalo. Ngale ndlela, kuya kuthintelwa ukubakho kweempukane ezonakalisayo yaye namaqanda ezifunxi-gazi aya kutshatyalaliswa, kukhuselwa ukwanda kwezifo ezibangelwa ziintsholongwane.
Noko ke, okungazange kuqondwe ngabantu bokuqala abafudukela eOstreliya yayikukuba iinkuba-bulongo zaseOstreliya zisebenza nje kuphela ngeengqatha zezilwanyana zalapho yaye azinakukwazi ukumelana nobulongo obukhulu nobuthambileyo beenkomo.
Kwakuza kuthiwani? Kwakuza kuthunyelwa iinkuba-bulongo ezivela kwamanye amazwe! Ngokomzekelo, iintlobontlobo zaseAfrika (ekukho kuzo iindidi ezingama-2000), ziyakwazi ukumelana nobulongo obuninzi obuthambileyo, njengobo beendlovu. Kwezi nkuba-bulongo, imfumba yobulungo benkomo ayizisi ngxaki kwaphela. Kodwa ezingakanani ukuba ninzi iinkuba-bulongo ezifunekayo ukuze ziphumeze lo msebenzi! IAfrica—Environment & Wildlife inikela ingxelo yokuba kwenye ipaki, “iinkuba-bulongo ezingama-7000 zabonwa kwimfumba enye yobulongo bendlovu,” yaye kwenye ipaki, “ezingama-22 746 . . . zaqokelelwa kwimfumba yobulongo bendlovu obuziikhilogram ezisi-7 kwiiyure ezili-12.” Khawufan’ ucinge nje ngeenkuba-bulongo ezininzi ngolo hlobo ezifunekayo ukuze kupheliswe le ngxaki inkulu yaseOstreliya!
Okuvuyisayo kukuba, sithetha nje le meko iphucuka ngokuphawulekayo—sithi maz’ enethole kwiinkuba-bulongo zaseAfrika.