Ukufikelela Abangakumbi Ngentetho Yezandla
UKUSUSELA ngoJuni 1995 ukutyhubela lonke ihlobo, kummandla wentsimi yesebe laseUnited States, amaNgqina kaYehova aye aqhuba iindibano zesithili ezili-181 ezinomxholo othi “Abadumisi Abanovuyo.” Kwezimbini zazo—enye empuma enye entshona—lonke ucwangciso luye lwanikelwa ngokungqalileyo ngeNtetho Yezandla YaseMerika. Ngaloo ndlela ucwangciso luye lwacaca gca—kuba ukunikelwa kwalo ngokungqalileyo kwabangevayo ngentetho yezandla kuqondakala ngakumbi kunokuba luguqulelwe lusuka kwintetho yamazwi.
Kwakukho iindwendwe ezazisuka kumabandla ali-11 asebenzisa intetho yezandla kwanamaqela angama-30 asebenzisa intetho yezandla asuka kulo lonke elaseUnited States. Kodwa kwakhona kwakukho iindwendwe ezisuka eBritani, eKhanada, eDenmark, kwiDominican Republic, e-Ecuador, eJamani, eJapan, eMexico, eNorway, ePuerto Rico naseRashiya. Ngenxa yoko, kwakukho abantu bamazwe ngamazwe.
Kwalungiselelwa oomabonwakude ekwakuza kubukelwa kubo ucwangciso. Noko ke, iindwendwe ezininzi zazingeva yaye zingaboni. Babeza kungenelwa njani aba bantu kolo cwangciso? Kwakuchukumisa ngokwenene ukubona amatsha-ntliziyo angaphezu kwekhulu ebolekisana ngokudlulisela ucwangciso losuku ngalunye esebenzisa indlela yokutolika ngezandla.
Kwezi ndibano zimbini, abangama-36 bafuzisela uzahlulelo lwabo kuYehova uThixo ngokubhaptizwa. Enye imbalasane yayingumdlalo othi, Ukubeka Abafanelekileyo Kwiminyaka Yabo Yobudala. Hayi indlela ekwakuchulumancisa ngayo ukufumana lo mdlalo wenziwe wonke ngentetho yezandla, uvumela amalungu angevayo ukuba abe nenxaxheba enkulu kulo mdlalo!
Emva koko kwakhululwa incwadi entsha yokufundisisa iBhayibhile, ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Ababekho endibanweni bakuvuyela ngokukhethekileyo ukwazi ukuba uhlelo lwentetho yezandla lwale ncwadi lwenziwe lwafumaneka kwiteyipu yevidiyo! UMqulu 1, owakhululwa endibanweni, uqulethe izahluko ezithathu zokuqala. Imiqulu emihlanu eyongezelelekileyo iza kulandela. Olunye undwendwe olusuka eOhio lwagqabaza lwathi: “Hayi indlela esinombulelo ngayo ngale vidiyo intsha. Iya kusinceda sikhawulezise umsebenzi kwabangevayo.”
Abangama-2621 ababezile kwezi ndibano zimbini babuyela emakhaya behlaziyekile ngokomoya. Ngaphezulu kunanini na ngaphambili, babezimisele ukuphinda amazwi omdumisi athi: “Yonke into ephefumlayo mayimdumise uYehova. Haleluya!”—INdumiso 150:6.