IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g96 5/8 iphe. 8-11
  • Kungekudala Kuza Kubakho Ihlabathi Elingenazimfazwe

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kungekudala Kuza Kubakho Ihlabathi Elingenazimfazwe
  • Vukani!—1996
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Kuhlatyw’ Ikhwelo Kubathandi Boxolo
  • “Ekupheleni Kwemihla”
  • Ihlabathi Elingenazimfazwe
  • Kuza Kwenzeka Ntoni Emva Kwemihla Yokugqibela?
    Vukani!—2008
  • Funa Uxolo Lokwenyaniso Uze Ulusukele!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Uxolo Emhlabeni—Luya Kubakho Njani?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Xa Bonke Abantu Beya Kuba Bethandana
    Vukani!—1998
Khangela Okunye
Vukani!—1996
g96 5/8 iphe. 8-11

Kungekudala Kuza Kubakho Ihlabathi Elingenazimfazwe

KHAWUPHINDE uphos’ iliso kwisiprofeto seBhayibhile esikuIsaya esithi: “Ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zeediliya; uhlanga lungaphakamiseli uhlanga ikrele, nezizwe zingaphindi zifunde ukulwa.” Phawula ukuba ngokusuka kumongo abo bakhanda amakrele abo abe ngamakhuba “ngabantu abaninzi” abahamba ngeendlela zikaThixo. (Isaya 2:2-4, King James Version) Oku kuthetha ukuba aba bantu bakhonza uYehova uThixo yaye bathobela imithetho yakhe. Bangoobani?

Bamele ukuba bangabantu bezizwe ngezizwe abangakhange balahle nje izixhobo zemfazwe kodwa abaye basebenzela ukusikhupha neengcambu ezingqondweni nasezintliziyweni zabo isimo sengqondo notyekelo olukhokelela kwiimbambano nasekulweni. (Roma 12:2) Kunokuba babulale ummelwane wabo, bayamthanda. (Mateyu 22:36-39) Ngaba ukhe weva ngabantu abalolo hlobo?

Mhlawumbi ukhe weva ukuba amaNgqina kaYehova anandipha ubuzalwana bezizwe ngezizwe yaye aye akavuma ukuthabatha izixhobo ukuze abulale abanye. Khawucinge ngoku: Ukuba wonk’ ubani emhlabeni ebenaloo mbono, ngaba esi sijikelezi-langa ngesingaseyiyo indawo yoxolo nonqabiseko?

Kakade ke, asinguye wonk’ ubani onaloo mbono. Kunjengokuba uKumkani uSolomon wabhalayo kwiminyaka emalunga nama-3000 eyadlulayo: “Ndabuya ke mna, ndakubona konke ukucudisa okwenziwayo phantsi kwelanga. Ndazibona iinyembezi zabacudisiweyo, bengenamthuthuzeli; esandleni sabacudisi babo kuphuma ububhovubhovu, bengenamthuthuzeli bona.”—INtshumayeli 4:1.

Kuhlatyw’ Ikhwelo Kubathandi Boxolo

Ngaba liya kuze libekho ihlabathi elingenazimfazwe? Ewe. Ngaba liya kuza ngemigudu yomntu? Unotshe. Ngaba liya kuza ngokuguqukela kwenyambalala yabantu kunqulo oluyinyaniso? Akunjalo. Incwadi yeBhayibhile yeeNdumiso iyaphendula: “Yizani nikhangele imisebenzi kaYehova . . . Ulophelisa iimfazwe kude kuse eziphelweni zehlabathi.” (Akekeliswe sithi.)—INdumiso 46:8, 9.

Uya kukwenza njani oko uYehova uThixo? Incwadi yeMizekeliso iyaphendula: “Ngokuba abathe tye baya kulima ilizwe, basale kulo abagqibeleleyo. Banqunyulwe ezweni abangendawo [abo bangayikhathalelanga imithetho kaThixo], abanginizayo bancothulwe kulo.”—IMizekeliso 2:21, 22.

Isizathu esibalaseleyo sokuba uThixo eye akathabatha manyathelo ngokukhawuleza nasi: Unika abantu ithuba lokuba bafunde ngeendlela zakhe ukuze bahambe ngeendlela zakhe. Umpostile uPetros wabhala: “UYehova akacothi ngokuphathelele isithembiso sakhe, njengoko bambi bekugqala ikukucotha, kodwa unomonde kuni ngenxa yokuba akanqweneli ukuba kutshabalale nabani na kodwa unqwenela ukuba bonke bafikelele enguqukweni.” (2 Petros 3:9) Ngaloo ndlela, abantu bakaThixo ngokungazingci banceda abanye ukuba bafunde ngoYehova. Njengoko uIsaya wakuvakalisayo oku, bayadanduluka: “Yizani, sinyuke siye entabeni kaYehova, . . . asiyalele iindlela zakhe.”—Isaya 2:3.

“Ekupheleni Kwemihla”

Isibhalo esikuIsaya naso saxela kwangaphambili ukuba ukufundiswa kwabantu ngeendlela zoxolo kuya kwenzeka “ekupheleni kwemihla.” (Isaya 2:2) Sithetha nje siphila kanye kwelo xesha. Ngokungakholelekiyo, iimfazwe zale nkulungwane zibonisa ukuba sikulo.

Xa abafundi bakaYesu bambuzayo ukuba yintoni eya kuba ngumqondiso wokuphela kwale nkqubo yezinto, wabaxelela kwangaphambili ukuba “kuya kubakho iinyikima zomhlaba ezinkulu, neendyikitya zokufa nokunqongophala kokutya kwiindawo ngeendawo.” (Luka 21:11; Mateyu 24:3) Kwakhona wathi: “‘Xa nisiva ngeemfazwe nezidubedube, ningabi navuso. Kuba ezi zinto zimele zibekho kuqala, kodwa isiphelo asibikho ngoko nangoko.’ Wandula ke wahambisa wathi kubo: ‘Uhlanga luya kuvukelana nohlanga nobukumkani buvukelane nobukumkani.’”—Luka 21:9, 10.

Nangona kuye kwakho iimfazwe kangangamawaka eminyaka, le nkulungwane kuphela iye yaneemfazwe zehlabathi ezimbini, ngokolunye ubalo, kuye kwakho ngokoqobo amakhulu ezinye iimfazwe ezincinane. Isibakala sokuba kuye kwabulawa amashumi ezigidi zabantu ezimfazweni kule nkulungwane sihlathuzelis’ iinwele. Ngokutsho kwephephancwadi iWorld Watch, ebudeni beminyaka engama-2000 ngaphambi kwenkulungwane yama-20, ngokomlinganiselo, kwithuba leminyaka engama-50 kwafa abantu abasisigidi esinye emfazweni. Ebudeni bale nkulungwane, ngokomlinganiselo, kwithuba lonyaka omnye kufa abantu abasisigidi esinye emfazweni.

Ihlabathi Elingenazimfazwe

Iimfazwe ezimasikizi zenkulungwane yethu, kunye nezinye izinto ezininzi ezachazwa kwisiprofeto seBhayibhile, zibonisa ukuba sisemgubasini wehlabathi elitsha eliya kwenziwa nguThixo. Izidubedube zehlabathi elidala ziya kutshayelwa kuthi tu zize zithatyathelw’ indawo ‘ngumhlaba omtsha,’ apho kuya kubalasela uxolo nobulungisa. (2 Petros 3:13) ILizwi likaThixo lithi: “Abenzi bobubi baya kunqunyulwa; ke bona abamthembayo uYehova, baya kulidla ilifa ilizwe. Ke bona abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe, baziyolise ngobuninzi boxolo.”—INdumiso 37:9, 11.

Emhlabeni wonke namhlanje, izigidi ezingenakubalwa zilangazelela ihlabathi elingenazimfazwe. Ukubonisa ukuba uThixo uqinisekile ngokuzalisekisa idinga lokudala ihlabathi elinjalo, umprofeti kaThixo wabhala oku kwamhla mnene: “Umbono usaya kuba ngowexesha elimisiweyo, ukhawulezela ekupheleni, angathethi wona amanga; ukuba uthe wazilazila, wulinde, kuba uya kuza, awuyi kubuya umva.”—Habhakuki 2:3.

Ngoko ke, ngobulumko, thembela kuThixo uze unandiphe ukuzaliseka kwamadinga akhe: “NoThixo ngokwakhe uya kuba nalo [uluntu lwakhe]. Kwaye uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni alo, yaye ukufa akusayi kubakho, kungayi kubakho nakukhedama nasikhalo nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”—ISityhilelo 21:3, 4.

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 9, 10]

Oko Kuthenjiswa Yibhayibhile Ngelo Hlabathi Litsha:

Akukho Lwaphulo-mthetho, Ugonyamelo, Okanye Ubungendawo

“[UThixo] uphelisa iimfazwe kude kuse eziphelweni zehlabathi.”—INdumiso 46:9.

“Abenzi bobubi baya kunqunyulwa . . . Kusaya kuba mzuzwana angabikho ongendawo.”—INdumiso 37:9, 10.

Lonke Uluntu Luseluxolweni

“Sizalelwe umntwana, sinikwe unyana; ukuthethela kusesixhantini sakhe; igama lakhe kuthiwa . . . nguMthetheli woxolo. Ukuba kwande ukuthethela oko, kubekho uxolo olungenakuphela.”—Isaya 9:6, 7.

Wonke Umhlaba Uyiparadisi

UYesu wathi: “Uya kuba nam eParadesi.”—Luka 23:43.

“Amalungisa aya kulidla ilifa ilizwe, ahlale kulo ngonaphakade.”—INdumiso 37:29.

Uthando Lobuzalwana Lwehlabathi Lonke

“UThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.”—IZenzo 10:34, 35.

Ukuvuka Kwabafileyo Esibathandayo

“Liyeza ilixa ekuya kuthi ngalo bonke abo bakumangcwaba enkumbulo balive ilizwi lakhe [uYesu] baze baphume.”—Yohane 5:28, 29.

Akusekho Kugula, Ukwaluphala, Okanye Ukufa

“Kwaye uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni alo, yaye ukufa akusayi kubakho, kungayi kubakho nakukhedama nasikhalo nantlungu kwakhona. Izinto za- ngaphambili zidlule.”—ISityhilelo 21:4.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share