UGawulayo EAfrika—Ibekek’ Ityala Kangakanani INgqobhoko?
Ngumbhaleli kaVukani! eAfrika
Ibinzana elithi “iNgqobhoko” njengoko lisetyenziswe kweli nqaku, libhekisela kubuKristu bobuxoki ngokwahlukileyo kubuKristu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni.
INgqobhoko
“Iindawo zehlabathi apho inkoliso yabemi izibanga ikholelwa kubuKristu.”—Webster’s New World Dictionary.
UGawulayo
“Imeko yokusilela kwenkqubo yomzimba yokuzikhusela kwizifo ezinxulunyaniswe nokosulelwa kweeseli zale nkqubo yintsholongwane ethile.”—Webster’s Ninth New Collegiate Dictionary.
UGAWULAYO ngubhubhani ehlabathini lonke. Abantu abaqikelelwa kwizigidi ezili-17 sele bosulelwe yiHIV, intsholongwane ebangela uGawulayo. Yaye isasazeka ngokukhawuleza.
Nangona kuye kwanikelwa ingqalelo engakumbi kwimibandela yezonyango, yezobupolitika nengokweemvakalelo enxulumene nalo bhubhani, kuncinane okuye kwathethwa ngemibandela yonqulo ebandakanyekileyo. Ngoku ingcamango yokunxulunyaniswa konqulo nokusasazeka kukaGawulayo isenokubonakala igabadele kwabanye abafundi. Kodwa isengqiqweni xa uqwalasela imeko eye yavela kwilizwekazi laseAfrika.
UGawulayo uye ngokukhethekileyo wayithwaxa kanobom iAfrika.a Bambi bathi eli lizwekazi kulapho kufumaneka khona ama-67 ekhulwini abantu abanoGawulayo ehlabathini. EChad inani leemeko ezichaziweyo kwiminyaka emihlanu edluleyo liye laphindaphindeka kangange-100. Kanti, kuqikelelwa ukuba kuphela sisinye kwisithathu sezi meko esiye sachazwa. Ngokutsho kwengxelo yeWorld Bank, uGawulayo uye wangoyena nobangela uxhaphakileyo wokufa phakathi kwabantu abakhulileyo kwizixeko ezininzi zaseAfrika.
Unqulo—Ngaba Luye Lwafak’ Isandla?
Ngokuqinisekileyo, ubuKristu—unqulo awafundisa lona uYesu Kristu—alunakubekek’ ityala ngale ntlekele. Noko ke, njengoko kuboniswe ngezantsi, igama elithi “iNgqobhoko” libandakanya amazwe apho abantu bazibanga bengamaKristu. Yaye ngokucacileyo iNgqobhoko ibandakanyekile. Oku akuthethi ukuba iicawa ziye zabangela okanye ngokungqalileyo ziye zasasaza intsholongwane kaGawulayo. Kodwa uGawulayo uye wasasazeka eAfrika ngokuyintloko ngenxa yokuziphatha vakalala kwabesini esahlukileyo.b Ngenxa yoko uGawulayo unokubizwa ngokuba yingxaki engokokuziphatha yaye, ngaloo ndlela ebangela kuphakame imibuzo ekhathazayo yonqulo. Ngapha koko, “ubuKristu” baseAfrika babusuka ngokuthe ngqo kumazwe aseNtshona. Iinkokeli zecawa zabuthabathela kuzo ubuKristu ukuze ziguqulele abantu baseAfrika kuhlobo lwazo lonqulo, zisenza ibango lokuba buye babangela indlela yobomi elunge ngakumbi kuneendlela zesithethe zaseAfrika. Ngaba ngokwenene impembelelo yeNgqobhoko ikuphucule ukuziphatha kwamarhamente amatsha? Amanqam kaGawulayo abonisa ngokucacileyo ukuba kuye kwenzeka kanye okuchasene noko.
Ngokomzekelo, khawucinge ngelizwe laseChad. Kwizixeko zalo ezikhulu ezine, ezithathu zinabemi abaninzi “abangamaKristu.” Elinye linamaSilamsi kakhulu. Kanti, kukwezi zixeko zithathu “zinamaKristu” ethe ngoku le ntsholongwane yagqugqisa! Imeko efanayo iye yenzeka ngokuphindaphindiweyo kulo lonke eli lizwekazi. Embindini nakumazantsi eAfrika, ndawo ezo ezinabantu abazibanga bengamaKristu, kukho umlinganiselo ophakame gqitha wokwasulelwa kunoMntla Afrika, onabantu abaninzi abangamaSilamsi.
Indlela IAfrika Eyaba “YeyobuKristu” Ngayo
Kutheni le ntsholongwane iye yasasazeka ngokukhawuleza kangaka ebantwini abazibanga bengabalandeli bakaKristu? Enyanisweni, nangona abantu baseAfrika abaninzi bezibiza ngokuba bangamaKristu, bambalwa gqitha abathi ngenene baphile ngokuvisisana nemilinganiselo yokuziphatha yobuKristu, echazwe eBhayibhileni. Oku kungumphumo othe ngqo wendlela abavangeli beNgqobhoko abaye bakufeza ngayo “ukuguqula” abemi baseAfrika.
Kwinkulungwane ye-18 neye-19, iinkolelo zeNgqobhoko zesithethe ziye zahlaselwa. Uhlalutyo oluqatha lweBhayibhile lwaba yinto edumileyo, luthoba iBhayibhile emehlweni abaninzi ukuze ibonakale iyincwadi nje yamandulo. Kwakhona ingcamango yendaleko yaqalisa ukwamkelwa nangabefundisi. Kwahlwayelwa imbewu yamathandabuzo. Kwabakho amathandabuzo ngokukholelwa kwiZibhalo Ezingcwele. Kule mekobume akumangalisi ukuba imigudu yeNgqobhoko “yokuguqula” abantu baseAfrika ibe yayigxininise kwimibandela engeyoyanqulo. Abavangeli becawa baye bashumayela ivangeli yokuphucula intlalo, begxininisa kakhulu ekwenzeni izenzo zobubele kunokunceda abo bangamaguquka ukuba baphile ngokuvisisana nemilinganiselo yeBhayibhile yokuziphatha. Mhlawumbi bengaqondanga, abavangeli baye bancedisa ekusingeleni phantsi indlela yokuziphatha eyayikho.
Ngokomzekelo, isithembu kudala silisiko kubantu abaninzi baseAfrika. Noko ke, ukuziphatha kakubi ngokwesini kwakunqabile, njengoko uninzi lwezizwe lwalunemithetho engqongqo ephathelele ukrexezo. UJoseph Darnas, umfundisi-ntsapho osele esidla umhlalaphantsi, nowaziwa kakhulu eChad, waxelela uVukani! ukuba ngaphambi kokufika kwabavangeli becawa, “kwakucingwa ukuba ukrexezo luza nelishwa.” Ngenxa yoko, “ababenetyala babesohlwaywa ngokuqatha ngokubeka ubomi babemi esichengeni—ngokufuthi babesohlwaywa ngokufa.” Ngaba oko kwakuyinkolelo nje? Ewe, kodwa iinkolelo ezinjalo zakuthintela ukuziphatha okubi.
Kwafika abavangeli beNgqobhoko. Bashumayela nxamnye nesithembu kodwa benza okuncinane kakhulu ekunyanzeliseni imilinganiselo yeBhayibhile yokuziphatha. Nangona iBhayibhile isithi abahenyuzi nabakrexezi bamele bashenxiswe ebandleni lamaKristu, kunqabile ukuba iicawa zeNgqobhoko zibohlwaye aboni. (1 Korinte 5:11-13) Ukuza kuthi ga ngoku, uninzi lwabezobupolitika baseAfrika ababalaseleyo ludume kakubi ngamatyala alo okuziphatha okubi, luze sekunjalo luhlale lungamalungu ecawa anokuma okuhle. Ukunyaniseka emtshatweni kunqabile phakathi kwabo bazibiza ngokuba bangamaKristu eAfrika.
Kwandule ke kubekho umzekelo ombi oye wamiselwa ngamalungu angabefundisi. Kwaba bantu bathanda ukuba neentsapho, kuyinto eqhelekileyo ukutshata uze ube nenkumbula yabantwana. Mhlawumbi ngenxa yoko inani elothusayo labefundisi abangamaKatolika liye lavakalelwa kukuba kufanelekile ukutyeshela izifungo zabo zokuba nyulu nokungatshati. IThe New York Times kaMeyi 3, 1980 yanikela le ngxelo: “Kwiindawo ezininzi ezinabemi abagqagqeneyo, . . . abefundisi noobhishophu batshate isithembu.”
Ngokuqhelekileyo, imitshato enjalo ayiqhutywa ngokusemthethweni, yaye “nabafazi” babo enyanisweni, baba ngamashweshwe nje. Ukuziphatha kakubi ngolo hlobo akunakubethwa ngoyaba njengento engenamsebenzi. Ngokutsho kweTimes, “umfundisi ophambili wamaKatolika” uyavuma ukuba “umfundisi eAfrika ungumqondiso wegunya, imbonakaliso yamandla kunokuba abe sisicaka sikaYesu Kristu.” Isigidimi esivela kwaba “basemagunyeni” sibonakala njengesithi, “Yenza njengoko ndisitsho kodwa ungenzi njengokuba ndisenza.”
Ukungenelela Kwendlela YaseNtshona Yokuzonwabisa
Enye into engamele ibethwe ngoyaba, ziindlela ezininzi zokuzonwabisa ezikhuthaza ukuziphatha okubi ngokwesini eziye zangena eAfrika kwiminyaka yakutshanje. EChad iindawo ezinemidlalo yevidiyo zikawonkewonke ezingabekwanga sweni nezilungiselela ukuzonwabisa okunjalo zikho kuyo yonke indawo—emakhayeni abantu, kwiigaraji yaye ngokufuthi ezintendelezweni emva kokuba kurhatyele. Le miboniso ayibizi mali ininzi, ibiza imali encinane engangeeFrancs ezingama-25 (iisenti ezili-18). Abantwana abancinane babakho. Ivela phi le miboniso? Emininzi yayo ivela eUnited States—lizwe elo elizibanga linabantu abaninzi abangamaKristu!
Kodwa ngaba oku kungenelela kwempucuko yaseNtshona kuye kwanomphumo ophawulekayo kubabukeli? Omnye umvangeli wasemazweni wamaNgqina kaYehova, oneminyaka eli-14 yamava esebenza kuMbindi Afrika, uthi: “Ngokufuthi abantu balapha banoqhagamshelwano nje olungephi namazwe aseNtshona ngaphandle koko bakubona kwiikhasethi zevidiyo. Bafuna ukufana nabantu baseNtshona abababona kule mifanekiso ishukumayo. Andifumananga luhlolisiso luneenkcukacha olungqina oku, kodwa kubonakala kucacile kwinkoliso yabantu balapha ukuba ukuzonwabisa okunjalo kuyakukhuthaza ukuziphatha okubi ngokwesini.”
Hayi indlela okuyimpoxo ngayo ukuba nangona amagosa ezempilo ebila esoma ezama ukuthintela ukwanda kwesifo esibulalayo esidluliselwa ngesini, amazwe abizwa ngokuba ngawobuKristu asebenzisa impembelelo yenkohliso ukukhuthaza ukuziphatha okubi nokuyingozi! Ngoxa iicawa ziye zenza okuncinane kakhulu ukuzama ukuthintela ukwanda kwesi sifo ekuhlaleni nakwimimandla ekude, bambi oorhulumente baseAfrika, njengowaseChad nowaseCameroon, baye bazama ukwalela okanye ubuncinane ukusikela umda ukungeniswa kwezinto ezibonisa amanyala kumazwe abo. Kodwa ngokufuthi imigudu yabo isoloko ingqineka ililize.
Isiphelo sako konke oku siye saba kukwesamela kwemilinganiselo ephantsi yokuziphatha phakathi “kwamaKristu” aseAfrika. Kwakhona iimeko zezoqoqosho ezikumgangatho ophantsi ziye zabangela imiphumo emibi. Ngenxa yokunqaba kwemisebenzi, ngokufuthi kuye kunyanzeleke ukuba amadoda ashiye iintsapho zawo kangangeenyanga ezininzi ukuze afumane umsebenzi. Ngokucacileyo amadoda anjalo aba zizisulu zoonongogo balapho. Noko ke, oonongogo ngokuqhelekileyo bathwaxwa bubuhlwempu. Ukufuna kwabazali ilobola ephezulu ngomnye unobangela. Amadoda amaninzi akatshati ngenxa yokuba akakwazi ukuqokelela imali efunekayo yokuhlawula ilobola. Ngenxa yoko bambi baye baphelele ekubeni neentlobano zesini ezingekho mthethweni. Kwimekobume enjalo yokuziphatha neyezoqoqosho uGawulayo uye wanda okomlilo wedobo.
Isicombululo Kula Manqam
Ngokucacileyo, iNgqobhoko ayinakubekwa ityala ngawo onke amanqam kaGawulayo eAfrika. Kodwa ukuba netyala lamaninzi awo kucace gca. Oku kuba nemiphumo enzulu kubantu abafuna ukuba phakathi kwabo uYesu awababiza ‘njengabanquli bokwenyaniso.’—Yohane 4:23.
Phezu kwako nje ukubek’ ityala, yintoni enokwenziwa ukuthintela ubhubhani onguGawulayo? Oorhulumente baseAfrika baye baqalisa iphulo lokukhusela uGawulayo, bekhuthaza ukusetyenziswa kweecondom. Kodwa uGqr. Samuel Brew-Graves, ummeli weWorld Health Organization eNigeria, wavuma ngeliphandle esithi: “Mntu ngamnye umele aphile ubomi obucocekileyo . . . , ngoxa intsapho imele . . . ikuphephe ukuziphatha okubi ngokwesini.”
Kudala ngaphambi kokuba abantu bazi ngegama elithi uGawulayo, iBhayibhile yakugweba ukuziphatha okubi yaza yakhuthaza ubunyulu, ukuzeyisa nokunyaniseka emtshatweni. (IMizekeliso 5:18-20; 1 Korinte 6:18) Amakhulu amawaka amaNgqina kaYehova eAfrika anokubunikela kakuhle ubungqina bokuba ukulandela le migaqo kunokuwakhusela ngokuphawulekayo kuGawulayo nakwezinye izifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini. Ukubambelela kwawo kwimilinganiselo yeBhayibhile kusisizathu esibambekayo sokubekek’ ityala kweNgqobhoko. Kwakhona la maKristu okwenyaniso aye abeka ithemba lawo kwihlabathi elitsha elizayo apho “kuza kuhlala ubulungisa.” (2 Petros 3:13) Kubantu abanokholo, esi sisicombululo esigqibeleleyo kumanqam kaGawulayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, bona ungcelele lwamanqaku athi “UGawulayo eAfrika—Uya Kuphela Njani?” kwinkupho yethu ka-Agasti 8, 1992.
b Kwakhona esi sifo sinokusasazwa ngotofelo-gazi nangokusebenzisa kunye iinaliti ezisetyenziselwa ukutofela iziyobisi. Wambi amaKristu amsulwa aye asifumana esi sifo kumaqabane aye aziphatha kakubi ngokwesini okanye asebenzisa iziyobisi.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 13]
“Kwiindawo ezininzi ezinabemi abagqagqeneyo, . . . abefundisi noobhishophu batshate isithembu.”—The New York Times
[Umfanekiso okwiphepha 14]
Umzekelo ombi wabefundisi beNgqobhoko uye waphembelela ubhubhani wokuziphatha okubi eAfrika
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Ulutsha luye lwachanabeka kukuzonwabisa okukhuthaza ukuziphatha okubi okuvela kumazwe “obuKristu”