IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g96 6/8 iphe. 22-23
  • Ukufumana Isicombululo Esigqibeleleyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukufumana Isicombululo Esigqibeleleyo
  • Vukani!—1996
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukulungelelana KwamaKristu
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Iphulo Lokufuna Izicombululo Ezamkelekileyo
    Vukani!—1996
  • Ukushenxisa Ungcoliso Entliziyweni Nasengqondweni
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Ungcoliso—Ngubani Olubangelayo?
    Vukani!—1990
Khangela Okunye
Vukani!—1996
g96 6/8 iphe. 22-23

Ukufumana Isicombululo Esigqibeleleyo

ILIZWI LIKATHIXO, iBhayibhile, lithetha ngexesha laxa urhulumente kaThixo wasezulwini eya kucombulula zonke iingxaki zoluntu, ngoku eziquka ingxaki yokungcolisa kwezithuthi. Ngaba obu Bukumkani bungoMesiya, obo abantu abaninzi baye bafundiswa ukuba babuthandazele, buya kuza nesicombululo esigqibeleleyo ngokuvelisa izithuthi ezingangcolisiyo ngokupheleleyo? Okanye ngaba isicombululo esigqibeleleyo siya kufumaneka ngokuphelisa zonke iinqwelo-mafutha emhlabeni? Ekubeni iBhayibhile ingasiniki impendulo engqalileyo, simele silinde size sibone.—Mateyu 6:9, 10.

Kodwa sinokuqiniseka ngento enye: Urhulumente kaThixo akayi kuluvumela ungcoliso lonakalise ubuhle bendalo kwiParadisi ebuyiselweyo eya kuziswa buBukumkani.—Isaya 35:1, 2, 7; 65:17-25.

Ekubeni abo babambelele eLizwini likaThixo sele beqeqeshelwe ukuphila kwihlabathi elingenalo ungcoliso, bafanele bavakalelwe njani ngokusetyenziswa kwezithuthi namhlanje? IAwake! kaJuni 22, 1987, yaxubusha ngombandela othi “Kwenzeka Ntoni Kumahlathi Ethu?” Yanikela ingxelo yokuba ezinye izazinzulu zicinga ukuba ukufa kwamahlathi kunento yokwenza nezinto ezingcolisa umoya ezikhutshwa ziinqwelo-mafutha. Oku kwabangela ukuba omnye umfundi onenkxalabo abhalele iWatchtower Society abuze enoba ngokwesi sibakala kunokuba kokufanelekileyo ngamaKristu ukuqhuba iinqwelo-mafutha kusini na. Wayecinga ukuba ukwenjenjalo kwakuya kubonisa ukungabi nantlonelo ngendalo kaYehova.

Ileta yakhe yaphendulwa ngokuyinxenye ngokuthi: “AmaNgqina kaYehova ayithobela ngokuthembeka imigaqo engemekobume emiselwa ngamagosa karhulumente yokunciphisa ungcoliso. (Roma 13:1, 7; Tito 3:1) Ukuthabatha amanyathelo angaphaya kokufunwa ngurhulumente kuxhomekeke kukhetho lobuqu. Ukuba ubani ugqiba ekubeni angaphindi aqhube inqwelo-mafutha, lowo ngumcimbi wakhe wabucala. Noko ke, eli nqaku leAwake! labonisa indlela abavakalelwa ngayo abanye abantu, ngokuthi kwiphepha 8: ‘Abaninzi bathabatha amanyathelo asebenzayo ngokunciphisa ungcoliso lomoya ngomlinganiselo osengqiqweni onokufikeleleka. Baqhuba ngesantya esiphantsi, abahambi rhoqo, basebenzisa inqwelo-mafutha ngokwamaqela, basebenzisa ipetroli engenalothe, yaye bathobela imigaqo echasene nongcoliso emiselwe ngurhulumente.’”

Ukulungelelana KwamaKristu

Le mpendulo yabonakalisa ukulungelelana kwamaKristu. Kufanele kukhunjulwe ukuba asizozithuthi kuphela ezingcolisayo. Iinqwelo-moya noololiwe—enyanisweni, zonke izithuthi zala maxesha—ziyangcolisa. Kodwa ezi ntlobo zezithuthi azizange zenzelwe injongo yokungcolisa. Ukungcolisa kwazo likhwiniba nje elisecaleni, elibang’ usizi kodwa elibangelwa kukuba nolwazi olulinganiselweyo nesimo sengqondo sokungafezeki.

IMboniselo kaJanuwari 1, 1993, iphepha 31, yaxubusha ngalo mbandela, yathi: “NjengamaNgqina kaYehova, sizixhalabele ngokunzulu iingxaki ezininzi zokonakaliswa kwendalo kungoku nje ezichaphazela ikhaya lethu elingumhlaba. Ngaphezu kwabantu abaninzi, siyaqonda ukuba umhlaba wawudalelwe ukuba ube likhaya elicocekileyo, nelinika impilo kwintsapho engabantu abafezekileyo. (Genesis 1:31; 2:15-17; Isaya 45:18) . . . Ngaloo ndlela kufanelekile ukwenza imigudu elungeleleneyo, esengqiqweni ukuze siphephe ukuba negalelo ngokungeyomfuneko kumonakalo ohambela phambili wesi sijikelezi-langa sethu obangelwa ngumntu. Noko ke, phawula igama elithi ‘esengqiqweni.’ . . . Abantu bakaThixo abafanele bangayikhathaleli le mibandela yokonakaliswa kwendalo. UYehova wayefuna abantu bakhe bamandulo bathabathe amanyathelo okulahla inkunkuma, manyathelo lawo ayenokuthanani nendalo nempilo. (Duteronomi 23:9-14) Yaye ekubeni siyazi imbono yakhe ngabo bonakalisa umhlaba, ngokuqinisekileyo asifanele sizityeshele izinto esinokuzenza ukuze sigcine imekobume icocekile. . . . Noko ke, umkhamo oya kuhanjwa ngumKristu ngokwalo mcimbi, ngumbandela wobuqu ngaphandle kokuba uyalelwe ngumthetho. . . . Abantu abangafezekanga bawela lula kumgibe wokubaxa izinto. . . . Imigudu yomntu yokuhlangula umhlaba kwiingxaki zawo ezinkulu zendalo, eziquka ungcoliso, ayinakuphumelela ngokupheleleyo. Kusenokubakho inkqubela phaya naphaya, kodwa ekuphela kwesicombululo esinokuhlala sihleli siya kufumaneka ngokungenelela kukaThixo. Ngenxa yesi sizathu imigudu yethu nobuncwane bethu sibujolisa kwisicombululo sikaThixo, kunokuzama nje ukuphelisa iingxaki ezingekho nzulu kangako.”

AmaKristu alungelelene njengoko ethobela imigaqo yeBhayibhile, akhumbula uthumo lobuthixo aye alufumana lokushumayela isigidimi soBukumkani bukaThixo ehlabathini lonke. (Mateyu 24:14) Akukho nto ibaluleke ngakumbi okanye engxamiseke ngakumbi kunalo! Ukuba izithuthi nonxibelelwano lwala maxesha lunokunceda amaKristu aphumeze le mbopheleleko, anezizathu ezininzi zokuzisebenzisa. Kwangaxeshanye, ayakuphepha ukungcolisa ngokungafanelekanga okanye ngabom. Ngaloo ndlela agcina isazela esihle phambi komntu naphambi koThixo.

Ngoko nangona thina namhlanje singayazi ngokwenene indlela eya kuconjululwa ngayo ekugqibeleni le ngxaki yongcoliso neyeenqwelo-mafutha, siyazi ukuba iya kuconjululwa. Eneneni, sezivakala izingqi zesicombululo esigqibeleleyo.

[Ibhokisi ekwiphepha 23]

Ukulwa Ungcoliso

• Ukuhamba ngeenyawo okanye ukukhwela ibhayisikile ukuba kunokwenzeka

• Ukusebenzisa inqwelo-mafutha ngokwamaqela

• Ukulungisa inqwelo-mafutha rhoqo

• Ukuphaphela ukusebenzisa ipetroli ecocekileyo

• Ukuphepha uhambo olungeyomfuneko

• Ukuqhuba ngesantya esifanelekileyo kodwa ngokungaguqukiyo

• Ukusebenzisa isithuthi sikawonke wonke xa kunokwenzeka

• Ukucima injini nokuba uza kuma ixesha elingakanani

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share