IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g97 2/8 iphe. 23-25
  • Ulungelelwano Olufanelekileyo Lunokwenza Ubomi Bakho Bunandipheke

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ulungelelwano Olufanelekileyo Lunokwenza Ubomi Bakho Bunandipheke
  • Vukani!—1997
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Abantu Abazifaka Kwizinto Ezingezozabo
  • “Imvakalelo Enzulu Yokungaqiniseki”
  • Wuphephe Umgibe Wokungakhathali
  • Ukukhusela Inkululeko—Inokwenziwa Njani Loo Nto?
    Vukani!—1999
  • Ukunyamezela—Ngokubaxiweyo Nokunganyamezeli Kwaphela
    Vukani!—1997
  • Ukuba Bhetyebhetye, Kodwa Ubambelele Kwimilinganiselo KaThixo
    Vukani!—1997
  • Ukunyamezelana
    Vukani!—2015
Khangela Okunye
Vukani!—1997
g97 2/8 iphe. 23-25

Ulungelelwano Olufanelekileyo Lunokwenza Ubomi Bakho Bunandipheke

UKUNYAMEZELA kufana neswekile kwikomityi yekofu. Umlinganiselo ofanelekileyo unokwenza ubomi bunandipheke ngomlinganiselo othile. Kodwa ngoxa sisenokuba asiyicuntsi iswekile, ngokufuthi siba ngamagogotya xa kufikelelwa ekunyamezeleni iimbono zabanye. Ngoba?

UArthur M. Melzer, ongunjingalwazi osaqeqeshwayo kwiMichigan State University wabhala wathi: “Abantu abafuni ukunyamezela. Into abatyekele kuyo . . . likhethe.” Ngoko ukunganyamezeli akusosiphako sobuntu esichaphazela nje iqaqobana labantu; ukungaphangalali ngengqondo kuyazenzekela kuthi sonke ngenxa yokuba lonke uluntu alufezekanga.—Thelekisa eyabaseRoma 5:12.

Abantu Abazifaka Kwizinto Ezingezozabo

Ngowe-1991, iphephancwadi iTime lanikela ingxelo ngokwanda kokungaphangalali ngengqondo eUnited States. Eli nqaku lachaza “abantu abazifaka kwindlela yokuphila yabanye,” abantu abazama ukumisela imilinganiselo yabo yokuphila kwabanye. Abantu abangayekeleliyo baye baphathwa kakubi. Ngokomzekelo, elinye ibhinqa laseBoston lagxothwa emsebenzini ngenxa yokuba lingazange livume ukufaka izithambiso zokuzihombisa. Enye indoda yaseLos Angeles yagxothwa emsebenzini ngenxa yokuba yayityebe gqitha. Siyintoni isizathu sokwenza abanye batshintshe?

Abantu abangaphangalelanga ngengqondo abakho ngqiqweni, bayazingca, bangoontamo-lukhuni, yaye bazithembe gqitha. Kodwa ngaba abakho baninzi abantu abangekho ngqiqweni, abazingcayo, babe ngoontamo-lukhuni, okanye bazithembe gqitha ukusa kumlinganiselo othile? Ukuba le mikhwa iyendela kubuntu bethu, siya kungaphangalali ngengqondo.

Kuthekani ngawe? Ngaba unikin’ intloko xa ubona ukutya okuthandwa ngothile? Xa kuncokolwa, ngaba ngokuqhelekileyo ufuna kugqibele wena? Xa usebenza neqela, ngaba ulindele ukuba lilandele indlela ocinga ngayo? Ukuba kunjalo, kuya kuba bhetele uthi chatha iswekile kwikofu yakho!

Kodwa, njengokuba sele kuchaziwe kwinqaku elandulelayo, ukungazinyamezeli iimbono zabanye kunokuba likhethe elinentiyo. Enye inkalo enokongeza ukungazinyamezeli iimbono zabanye kukuxhalaba ngokugqithiseleyo.

“Imvakalelo Enzulu Yokungaqiniseki”

Iingcali ngokucalucalulwa kwabantu ngokweemvelaphi ziye zahlolisisa imbali yoluntu ukuze zifumanise ixesha nendawo eyaqala kuyo intiyo yobuhlanga. Zafumanisa ukuba olu hlobo lokunganyamezeli alusoloko lubonakaliswa ngalo lonke ixesha, okanye luboniswe kwilizwe ngalinye ngomlinganiselo ofanayo. Iphephancwadi laseJamani lenzululwazi engezinto zendalo iGEO linikela ingxelo yokuba ungquzulwano lobuhlanga lubonakala ngamaxesha amanqam xa “abantu benemvakalelo enzulu yokungaqiniseki neyokusongelwa.”

Ngaba “imvakalelo enzulu yokungaqiniseki” enjalo isasazeke ngokubanzi namhlanje? Ngokuqinisekileyo kunjalo. Kunanini na ngaphambili, uluntu luye lwakhathazwa ziintlekele enye emva kwenye. Ukungaqeshwa, ukunyuka kweendleko zokuphila, ukuphuphuma kwabemi, ukonakaliswa kocwecwe lweozone, ulwaphulo-mthetho ezixekweni, ukungcoliswa kwamanzi okusela, ukufudumala okusemhlabeni—uloyiko oluzingisileyo lwayo nayiphi na kwezi lwandisa ukuxhalaba. Amaxesha obunzima abangela ukuxhalaba, yaye ukuxhalaba ngokungeyomfuneko kukhokelela kukunganyamezeli.

Ngokomzekelo, ukunganyamezeli okunjalo kuzibonakalisa xa amaqela eentlanga anezithethe ezahlukahlukeneyo exubene, njengakwamanye amazwe aseYurophu. Ngokutsho kwengxelo eyanikelwa yiNational Geographic ngowe-1993, ngelo xesha amazwe akwiNtshona Yurophu ayesamkela abaphambukeli abangaphezu kwezigidi ezingama-22. Abantu abaninzi baseYurophu “abakwazi ukukunyamezela ukuthontelana kwaba bantu batsha” nabathetha ulwimi olwahlukileyo, abanezithethe, okanye unqulo olwahlukileyo. Imbono yokungabamkeli abantu abasuka kwamanye amazwe iye yanda eBelgium, eBritani, eFransi, eItali, eJamani, eOstriya, eSpeyin naseSweden.

Kuthekani ngeenkokeli zehlabathi? Ebudeni beminyaka yee-1930 neyee-1940, uHitler wakwenza ukunganyamezeli kwayinkqubo karhulumente. Okulusizi kukuba, namhlanje zimbi iinkokeli zobupolitika nezonqulo zisebenzisa ukunganyamezeli ukuze zingenelwe. Oku bekunjalo kwiindawo ezinjengeFransi, i-Ireland, iOstriya, iRashiya, iRwanda neUnited States.

Wuphephe Umgibe Wokungakhathali

Xa iswekile incinane kwikofu yethu siyaqonda ukuba ikho into engekhoyo; xa iswekile ininzi gqitha iba nencasa ekrakra gqitha emlonyeni. Kunjalo kanye nangokunyamezela. Khawucinge ngamava endoda efundisa ekholejini eUnited States.

Kwiminyaka embalwa eyadlulayo, uDavid R. Carlin, Omnci., wafumana indlela elula kodwa esebenzisekayo yokuvuselela ingxubusho eklasini. Wayedla ngokuthetha amazwi alungiselelwe ukucel’ umngeni iimbono zabafundi bakhe esazi ukuba baza kumchasa. Oku kwakuphumela kwingxubusho eshushu. Noko ke, ngowe-1989, uCarlin wabhala wathi le nkqubo inye yayingasasebenzi kakuhle. Kwakutheni? Nangona abafundi babengavumelani noko akuthethayo, babengasazikhathazi ngokuphikisana naye. UCarlin uthi baqalisa “ukwamkela nantoni na enokuba iyathandabuzeka”—okusisimo sengqondo sokungakhathali.

Ngaba isimo sengqondo sokungakhathali siyafana nokwamkela iimbono zabanye? Ukuba akukho mntu uyikhathaleleyo into ecingwa neyenziwa ngomnye umntu, akukho milinganiselo apho kwaphela. Ukungabikho kwemilinganiselo kukungakhathali—ukungabikho komdla ngokupheleleyo. Inokubangelwa yintoni imeko elolo hlobo?

Ngokutsho kukaNjingalwazi Melzer, ukungakhathali kunokwanda kwibutho labantu elamkela imigaqo emininzi eyahlukahlukeneyo yokuziphatha. Abantu baye bakholelwa ukuba zonke iindlela zokuziphatha zamkelekile yaye yonke into ingumbandela nje wokhetho lobuqu. Kunokufunda ukucinga nokufumanisa okwamkelekileyo nokungamkelekanga, abantu “ngokufuthi bafunda ukungacingi kwaphela.” Abanawo amandla ashukumisela umntu ukuba amelane ngenkalipho nokungabanyamezeli abanye.

Kuthekani ngawe? Ngaba uzibhaqa sele usamkela isimo sengqondo sokungakhathali? Ngaba uyazihleka iziqhulo ezingcolileyo okanye ezocalucalulo lobuhlanga? Ngaba uvakalelwa kukuba ifanelekile into yokuba unyana okanye intombi yakho ekwishumi elivisayo ibukele iividiyo ezithethelela ukubawa okanye ukuziphatha okubi? Ngaba kufanelekile ngabantwana bakho ukuba badlale imidlalo yekhompyutha enogonyamelo?

Ukuba inyamezela kakhulu, intsapho okanye ibutho labantu liya kufumana intlungu, ekubeni kungekho ukwaziyo—okanye ukukhathaleleyo—okulungileyo nokubi. ILungu Lendlu Yeengwevu eUnited States uDan Coats walumkisa “ngomgibe wokunyamezela njengokungakhathali.” Ukunyamezela kunokukhokelela ekubeni uphangalale engqondweni; ukunyamezela kakhulu—ukungakhathali—kunokukhokelela ekubeni ngongahluzekanga engqondweni.

Ngoko, ziziphi iimbono esifanele sizinyamezele ibe ziziphi esifanele singazamkeli? Siyintoni isikhokelo sokufikelela kulungelelwano olufanelekileyo? Oku kuya kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo.

[Umfanekiso okwiphepha 23]

Zabalazela ukusabela ngendlela elungeleleneyo kwiimeko

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share