Imbono YeBhayibhile
Ngaba Abantwana Bafanele Bazikhethele Olwabo Unqulo?
ABAZALI bamenzela izigqibo umntwana wabo, ukususela nje ekuzalweni kwakhe ade afikise kubuntu obukhulu. Kwangaxeshanye, umzali olumkileyo uyazi ukuba umele abe bhetyebhetye nini, enikel’ ingqalelo nanini na kunokwenzeka kwinto eya kukhethwa ngumntwana.
Sekunjalo, ubungakanani benkululeko yokuzikhethela abafanele bayinike umntwana busenokuba lucelomngeni kubazali. Ngoxa liyinyaniso elokuba abantwana banokwenza ukhetho olulungileyo yaye bangenelwe kwinkululeko yabo elinganiselweyo, ngokukwanjalo liyinyaniso elokuba banokwenza ukhetho olungalunganga, olunokuphumela kwintlekele.—2 Kumkani 2:23-25; Efese 6:1-3.
Ngokomzekelo, ngokufuthi abantwana bakhetha ukutya okungenasondlo kunokutya okunesondlo. Ngoba? Ngenxa yokuba xa beselula, abakwazi ukuzenzela izigqibo ezilungileyo. Ngaba bekuya kuba bubulumko ukuba abazali babayeke abantwana bazikhethele kulo mcimbi, benethemba lokuba ekugqibeleni baya kukhetha ukutya okunesondlo? Akunjalo. Kunoko, abazali bamele babenzele izigqibo abantwana babo kuba benomdla kakhulu kwikamva labo.
Ngoko ke, abazali babenzela ukhetho abantwana babo ngokuphathelele ukutya, ukunxiba, ukuzilungisa nokuziphatha. Kodwa kuthekani ngonqulo? Ngaba abazali bamele benze ukhetho nalapha?
Ukhetho
Bambi banokuphikisa ngelithi abazali abafanele banyanzele iinkolelo zonqulo lwabo ebantwaneni babo. Enyanisweni, kwiminyaka engaphezu kwe-160 eyadlulayo, abo babezibanga bekholelwa kubuKristu babenengcamango yokuba “abantwana abafanele bafundiswe ngonqulo kuba iingqondo zabo ziya kunamathela kuhlobo oluthile lwenkolo, kodwa bafanele bayekwe de bakwazi ukuzenzela ukhetho, yaye bazikhethele olo baya kululandela.”
Noko ke, le ngcamango ayivisisani nembono yeBhayibhile. IBhayibhile igxininisa ukubaluleka kokubethelela iinkolelo zonqulo ebantwaneni ukususela ekuzalweni kwabo. IMizekeliso 22:6 ithi: “Mfundise umntwana [inkwenkwe NW] ngendlela efanele umntwana; naxa athe wamkhulu, akasayi kumka kuyo.”
Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “inkwenkwe” liquka ubudala obususela ebusaneni ukusa kubuntu obukhulu. Ngokuphathelele ukubaluleka kokufunda kwangethuba, uGqr. Joseph M. Hunt, weYunivesithi yaseIllinois, eUnited States, wathi: “Kusebudeni beminyaka yokuqala emine okanye emihlanu yobomi apho ukukhula komntwana kukhawuleza ngendlela emangalisayo yaye uyatshintsha. . . . Mhlawumbi ama-20 ekhulwini esiseko sobuchule [bakhe] bukhula phambi kwemini yakhe yokuzalwa, mhlawumbi isiqingatha phambi kokuba abe neminyaka emine.” Oku ngokwenene kugxininisa isiluleko seBhayibhile esiphefumlelweyo esithi kubalulekile ukuba abazali bamnike ulwalathiso lobulumko umntwana esemncinane, bemqeqesha ngeendlela zikaThixo.—Duteronomi 11:18-21.
Okubalaseliswayo kukuba, iZibhalo zalathisa abazali aboyik’ uThixo ukuba babethelele uthando ngoYehova ebantwaneni babo. IDuteronomi 6:5-7 ithi: “Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke, nangamandla akho onke. La mazwi ndikuwisela umthetho ngawo namhlanje, aze abe sentliziyweni yakho. Uze uwatsolise koonyana bakho, uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho, nasekuvukeni kwakho.” (Akekeliswe sithi.) Isenzi sesiHebhere esiguqulelwe ngokuthi “uwatsolise” sinikela ingcamango yokulola isixhobo, ngokungathi kukwilitye lokulola. Oku akunakuphunyezwa ngezihlandlo nje ezimbalwa kodwa kumelwe kwenziwe ngenkuthalo, ngokuphindaphindiweyo. IThe New English Bible iguqulela isenzi sesiHebhere ngokuthi “ukuphinda.” Ngokucacileyo, “ukuwatsolisa” kuthetha ukushiya umfanekiso oya kuhlala ixesha elide.—Thelekisa IMizekeliso 27:17.
Kungoko, abazali abangamaKristu okwenyaniso bemele bayithabathe nzulu imbopheleleko yabo yokubethelela iinkolelo zonqulo lwabo ebantwaneni babo. Akunakuba yinto efanelekileyo ukuyityeshela le mbopheleleko ngokuvumela abantwana babo bazikhethele ngokwabo. Oku bekuya kuquka ukuhamba “nabancinane” babo ukuya ezintlanganisweni. Apho abazali banokuhlala nabo baze babancede bakwazi ukuziqonda iingenelo zokomoya ezinokuzuzwa yintsapho emanyeneyo ngokuphulaphula ngenyameko kwingxubusho engokweZibhalo nokuba nesabelo kuyo.—Duteronomi 31:12, 13; Isaya 48:17-19; 2 Timoti 1:5; 3:15.
Imbopheleleko Yomzali
Ukuxelela nje umntwana ukuba makatye into ethile kuba inesondlo akuthethi ukuba umntwana uya kuyinandipha. Ngenxa yoko, umama olumkileyo uyayazi indlela angakwenza ngayo ukutya kube nencasa ukuze umntwana wakhe akuthande. Yaye, kwakhona, ulungiselela ukutya ngendlela eya kumanelisa umntwana ukuze akwazi ukukwetyisa ukutya.
Ngokufanayo, umntwana ekuqaleni usenokwala xa efundiswa ngonqulo, yaye umzali usenokufumanisa ukuba ukuzama ukuqiqa naye akuphumeleli. Noko ke, ulwalathiso oluvela eBhayibhileni lucacile—abazali bamele benze konke okusemandleni abo ukuqeqesha abantwana babo ukususela ebusaneni. Ngoko ke, abazali abalumkileyo bayenza imfundiso engokonqulo yamkeleke ngokuyinikela ngendlela eza kumchukumisa umntwana, babe nolwazelelelo ukuze kube lula emntwaneni ukuyiqonda.
Abazali abanothando banomdla wokuthwala imbopheleleko ukuze balungiselele abantwana babo izinto eziyimfuneko ebomini, yaye kwiimeko ezininzi akukho mntu uzaziyo izinto ezifunwa ngumntwana ngaphezu kwabazali. Ngokuvisisana noku, iBhayibhile ithi imbopheleleko eyintloko yokunikela iintswelo zokwenyama nezokomoya ithiwe zinzi emagxeni abazali—ngokungakumbi ubawo. (Efese 6:4) Ngaloo ndlela, abazali abamele bayiphephe imbopheleleko yabo ngokufuna ukuyithwalisa omnye umntu. Nangona besenokungenelwa ngoncedo olunikelwayo, oku kuya kongezelela, kungathabathel’ indawo, imfundo engokonqulo evela kubazali.—1 Timoti 5:8.
Ngaxa lithile ebomini, wonke umntu uyazigqibela ngeenkolelo zonqulo aya kuzamkela, ukuba zikho. Ukuba abazali abangamaKristu bayithabathela kubo imbopheleleko yokufundisa abantwana babo imfundo engokonqulo ukususela ebuntwaneni yaye ukuba bayalisebenzisa eli xesha bebafundisa ukuba baqiqe ngeyona migaqo ilungileyo, kamva ebomini ukhetho abalwenzayo luya kungqineka lulolona lubalaseleyo.—2 Kronike 34:1, 2; IMizekeliso 2:1-9.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 20]
The Doré Bible Illustrations/Dover Publications, Inc.