IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g97 5/8 iphe. 28-30
  • Kutheni Ndigula Kangaka Nje?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Ndigula Kangaka Nje?
  • Vukani!—1997
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • ‘Kutheni Oku Kusenzeka Kum?’
  • Ukuhlangabezana Noloyiko
  • Ukuhlangabezana Nocelomngeni Lokugula
  • Amatyelelo Okunyangwa—Akakho Myoli
  • Kutheni Ndigula Kangaka Nje?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
  • Isifo Esinganyangekiyo—Umbandela Wentsapho
    Vukani!—2000
  • Unokuphumelela Nokuba Uyagula—Njani?
    Vukani!—2001
  • Ndinokuhlangabezana Njani Nokugula Kangaka?
    Vukani!—1997
Khangela Okunye
Vukani!—1997
g97 5/8 iphe. 28-30

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Kutheni Ndigula Kangaka Nje?

XA UJASON wayeneminyaka eli-13 ubudala, wayezibona ngenye imini ekhonza njengomlungiseleli wexesha elizeleyo eBheteli, ikomkhulu lehlabathi lamaNgqina kaYehova eBrooklyn, eNew York. Wazenzela ibhokisi yamaplanga yaye wayibiza ngokuba yibhokisi yakhe yaseBheteli. Waqalisa ukufaka izinto awayecinga ukuba ziya kuba luncedo xa eqalisa umsebenzi wakhe waseBheteli.

Noko ke, kwinyanga nje ezintathu emva kokugqiba kwakhe iminyaka eli-18 ubudala, kwafunyaniswa ukuba uJason unesifo sikaCrohn—ukuqaqamba kwamathumbu okungayekiyo. Ukhumbula oku: “Esi sifo sandixhwalekisa. Ekuphela kwento endandiyenza yayikukutsalela uTata umnxeba emsebenzini ndize ndikhale. Ndandisazi ukuba, ukuba kwakungekho nto inokwenziwa, oko kwakuthetha ukuba umnqweno wam wokuya kukhonza eBheteli wawungayi kuphumelela.”

Ukugula sesona sizathu sisisiseko sokuba ‘indalo ihlale igcuma kunye kwaye ibe sentlungwini kunye de kube ngoku.’ (Roma 8:22) Izigidi zabaselula ezingenakubaleka nazo ziyagula. Ekugqibeleni uninzi lwabantu abaselula luba bhetele. Kodwa abanye bamele bajamelane nezifo ezingapheliyo okanye, kwezinye iimeko, ezisongel’ ubomi. Phakathi kwezinye izigulo ezithwaxa ulutsha ngokufuthi sisifo sesifuba, isifo seswekile, isifo ekuthiwa yisickle cell, izifo ezasulelayo, isathuthwane, ukugula ngengqondo, nomhlaza. Olunye ulutsha lujamelana nezigulo ezininzi.

‘Kutheni Oku Kusenzeka Kum?’

Ngokufuthi ukugula kubangela uxinezeleko engqondweni nangokweemvakalelo, kungasathethwa ngokuxhwaleka emzimbeni. Ngokomzekelo, ukuba akuyi esikolweni kangangeenyanga ezithile ngenxa yokugula, akuyi kushiyeka nje kuphela emsebenzini wakho kodwa uya kuziva ulilolo. Xa uSunny oneminyaka eli-12 ubudala engayi esikolweni ngenxa yokutyelela esibhedlele ngamaxesha athile, uye acinge ngoku, ‘Benza ntoni abanye abantwana eklasini yethu? Yintoni endiphoswa yiyo namhlanje?’

Ngokufanayo, unokubonakala ungakhuli ngokomoya ukuba uyagula kangangokuba ude ungakwazi ukuya kwiintlanganiso zamaKristu okanye ukufunda iBhayibhile. Ngaphantsi kwezi meko ufuna inkxaso engakumbi ngokweemvakalelo nangokomoya. Ekuqaleni, usenokungakukholelwa oko kuthiwa ugula kuko. Kamva, usenokuziva unomsindo, mhlawumbi ucinga ukuba ngandlel’ ithile ngowukuphephile ukugula. Usenokuziva ufuna ukukhala uthi, ‘Bekutheni ukuze uThixo avumele oku kwenzeke kum?’ (Thelekisa uMateyu 27:46.) Eneneni, kuqhelekile ukujamelana nento ethile edandathekisayo.

Ukongezelela, oselula usenokucinga ukuba ukuba wenza umgudu onyanisekileyo, njengokuzama ukuba ngolunge ngakumbi, uThixo uya kusisusa eso sigulo sakhe. Noko ke, ukucinga okunjalo kunokubangela udano, ekubeni uThixo engathembisi ukuphilisa ngemimangaliso okwangoku.—1 Korinte 12:30; 13:8, 13.

Mhlawumbi ubunethemba lokungafi—lokuba ubuya kuba usaphila xa uThixo efikisa “imbandezelo enkulu.” (ISityhilelo 7:14, 15; Yohane 11:26) Ukuba kunjalo, ukufumanisa ukuba unesigulo esisongel’ ubomi kunokothusa nangakumbi. Usenokuzibuza enoba kukho nto ithile uyenzileyo emcaphukisileyo uYehova, okanye usenokucinga ukuba uThixo ukunyulile ngandlela ithile ukuze avavanye ingqibelelo yakho. Noko ke, ezi asizozigqibo zifanelekileyo. ILizwi likaThixo iBhayibhile lithi: “Kuba uThixo akanakulingwa ngezinto ezimbi yaye naye akalingi namnye.” (Yakobi 1:13) Ukugula nokufa yinxalenye yezinto ezingalonwabisanga uluntu lwanamhlanje, yaye sonke sifikelwa “lixesha nasisihlo.”—INtshumayeli 9:11.

Ukuhlangabezana Noloyiko

Ekuqaleni ukugula ngokungaginyisi mathe kusenokubangela ube noloyiko olunzulu. Incwadi ethi How It Feels to Fight for Your Life inengxelo yoko kuthethwa ngabantu abaselula abali-14 abanezigulo ezingaginyisi mathe. Ngokomzekelo, uAnton, oneminyaka elishumi ubudala, wayesoyika ecinga ukuba uza kufa xa wahlaselwa ngamandla sisifuba. Yaye uElizabeth, 16, owayenomhlaza wamathambo, wayesoyika ukulala aze angavuki.

Noko ke, lumbi ulutsha, lunoloyiko olwahlukahlukeneyo—loyika ukuba akukho mntu oya kuze atshate nalo okanye loyika ukuba kamva ebomini alunakukwazi ukuba nabantwana abasempilweni. Olunye ulutsha loyika ukuba lusenokudlulisela izigulo zalo kumalungu entsapho, enoba ezo zigulo zalo ziyosulela okanye akunjalo.

Kwanokuba isigulo asinakuqhubela phambili okanye siyachacha, ukuba singaphinda sivuke, uloyiko lunokuphinda luqale. Ukuba ukhe wanalo uloyiko olunjalo, uyazi ukuba lubangelwa kokuthile. Ngethamsanqa, iimvakalelo zokuqala ezingentle ziya kuphela emva kwexesha elithile. Ngoko usenokuqalisa ukuhlolisisa iimeko zakho ngendlela esengqiqweni.

Ukuhlangabezana Nocelomngeni Lokugula

UJason ekuthethwe ngaye ekuqaleni uthi: “Xa uselula, uziva womelele kungekho nto inokoyisa. Ngoko, ngequbuliso, ukugula ngokungaginyisi mathe kukubangela ungabi nakuphinda ufane nakuqala. Uvakalelwa kukuba uye wamdala ngobusuku, ekubeni kufuneka uthob’ isantya.” Ewe, ukujamelana nobuthathaka babumini kulucelomngeni.

UJason wafumanisa ukuba olunye ucelomngeni lubakho xa abanye bengayiqondi imeko okuyo. UJason unoko kunokubizwa ngokuba “kukugula okungabonakaliyo.” Imbonakalo yakhe yangaphandle ayingqinelani neengxaki anazo ngaphakathi. UJason uthi: “Umzimba wam awukucoli ukutya njengoko ufanele wenjenjalo, ngoko ngokufuthi ndimele nditye ukutya okuninzi kunabanye. Sekunjalo, ndinciphile. Kwakhona, maxa wambi ebudeni bemini ndiyadinwa ndize ndingakwazi nokuvula amehlo la. Kodwa abantu baye bathethe izinto ezibonisa ukuba bacinga ukuba ndisisirhovu okanye inqenerha. Badla ngokuthi: ‘Unokwenza bhetele kunoku. Akuzami nokuzama oku!’”

UJason unabantakwabo noodade wabo abaselula abangasoloko besiqonda isizathu sokungakwazi ukwenza izinto awayezenza ngaphambili, njengokuhamba aye kudlala nabo ibhola. UJason uthi: “Kodwa ndiyazi ukuba ukuba ndingenzakala, ndingaphila emva kweeveki eziliqela. Bayathanda ukuthelekisa intlungu yabo nentlungu yam yaye bathi: ‘Uncwina nje kuba efuna kunikelwe ingqalelo kuye.’ Eyona nto ibuhlungu kubo mhlawumbi kukukruneka unyawo ngoko abakwazi kuyicinga intlungu endiyivayo.”

Ukuba ukugula kwakho kubonakala ngathi kuzisa umthwalo kwintsapho yakowenu, usenokuziva unetyala. Kwanabazali bakho basenokuziva benetyala. UJason uthi: “Bobabini abazali bam babecinga ukuba ngabo abandosulelayo. Abantwana baye bakuqonde ukugula emva kokuba beye baqhelana nako. Kodwa abazali ngabona beva ubunzima. Bacel’ uxolo kum ngokuphindaphindiweyo. Ndimele ndenze konke okusemandleni am ukuzama ukubenza bazive bengenatyala.”

Amatyelelo Okunyangwa—Akakho Myoli

Ukutyelela ugqirha rhoqo kungayeyona nto ikubangela ixhala elingakumbi. Kunokukwenza uzive ungabalulekanga yaye ungenakuzinceda. Ukuhlala nje esibhedlele kwigumbi lokuxilongela ulindile kungayeyona nto yoyikisayo. “Uziva . . . ulilolo yaye bekuya kuba mnandi ukuba bekukho umntu ohamba naye,” watsho uJoseph, oneminyaka eli-14 ubudala, onesifo sentliziyo. Okubuhlungu kukuba, abathile kwabaselula abayifumani inkxaso enjalo kwanakubazali babo.

Ngokufanayo ukuxilongwa kunokubangela ixhala. Ngeliphandle, ezinye iindlela zokuxilonga azimyoli. Emva koko, kusenokufuneka unyamezele ukuhlala uxhalabile iintsuku neeveki ulindele iziphumo. Kodwa khumbula oku: Ukuxilongwa akufani nokubhala iimviwo esikolweni; ukuba neengxaki zempilo akuthethi kuthi uyasilela ngandlel’ ithile.

Eneneni, ukuxilongwa kunokukwenza ufumane inkcazelo eluncedo. Kunokubonisa ukuba unengxaki yempilo ekulula ukuyinyanga. Okanye, ukuba akunjalo, ukuxilongwa kunokukunceda ubone oko unokukwenza ukuze uphile uneso siphene. Ngapha koko kusenokubonisa ukuba akunaso neso sigulo sirhanelekayo. Ngoko zama ukuba ungakhawulezi wenze izigqibo ngemeko yakho.

Ukuxhalaba kakhulu kuya kukubangela utyhafe. IBhayibhile ithi: “Isithukuthezi [ixhala, NW] esisentliziyweni yendoda siyenza igobe.” (IMizekeliso 12:25) Kunoko, uThixo uyasimema ukuba simxelele zonke izinto ezisixhalabisayo. Kufuneka sithembe ukuba usikhathalele yaye uya kusinika ukhokelo nobulumko bakhe ukuze sikwazi ukusingatha loo ngxaki ngeyona ndlela ilungileyo.—INdumiso 41:3; IMizekeliso 3:5, 6; Filipi 4:6, 7; Yakobi 1:5.

Sinokuvuyiswa kukuba uMdali wethu, uYehova uThixo, eye wenza ilungiselelo lokusamkela kwihlabathi elitsha elinobulungisa. Uya kude avuse nabo bafileyo, ebanika ithuba lokuba banandiphe elo hlabathi litsha. IBhayibhile iyasiqinisekisa ngokuthi, ngelo xesha “akayi kuthi ummi wakhona, Ndiyafa.”—Isaya 33:24.

De kube ngoko, kusenokufuneka ujamelane nokugula okungaginyisi mathe. Noko ke, zininzi izinto onokuzenza ukuze uphucule imeko yakho. Ezi siza kuxubusha ngazo kwinqaku elilandelayo.

[Umfanekiso okwiphepha 29]

Usenokubuza, ‘Bekutheni ukuze uThixo avumele oku kwenzeke kum?’

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share