IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g97 6/8 iphe. 14-16
  • Ngaba UThixo Uya Kuhlala Engumhlobo Wam?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba UThixo Uya Kuhlala Engumhlobo Wam?
  • Vukani!—1997
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • “Iliva Enyameni”
  • Uncedo Ekujamelaneni Neengxaki
  • Indlela Yokufumana Uncedo LukaThixo
  • Ukusebenza NoThixo
  • “Yivani Nibone Ukuba Ulungile UYehova”
  • Ukunyamezela “Iliva Enyameni”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Ubuthathaka Bomntu Buphakamisa Amandla KaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Ukuba Namandla Nakuba Unobuthathaka
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Ngaba ‘Uneliva Enyameni’?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
Khangela Okunye
Vukani!—1997
g97 6/8 iphe. 14-16

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Ngaba UThixo Uya Kuhlala Engumhlobo Wam?

UKUMKANI UDAVIDE wayeyindoda eyayinandipha ubuhlobo noThixo. Kodwa ngasihlandlo sithile wathi: “Iimbandezelo zentliziyo yam ziphangalalisiwe.” UDavide wayengabandezelwa kukuphathwa kakubi ngabanye abantu nje kuphela kodwa kwanangenxa yeziphoso zakhe. Waqalisa ukuvakalelwa kukuba wayelahlwe nanguThixo, ibe wathandaza esithi: “Ndibheke, undibabale, ngokuba ndindodwa, ndibandezelekile.”—INdumiso 25:11, 16-19.

Mhlawumbi nawe usenokuba ubandezelekile. Mhlawumbi ekhaya okanye esikolweni ukwimeko embi engaphaya kwamandla akho. Kwakhona, usenokuba uneengxaki ezinzulu zempilo okanye ufumanise ukuba udimazekile ngenxa yobuthathaka obuthile ojamelene nabo. Enoba imeko injani, akufanele ubandezeleke wedwa; uThixo unokuba ngumhlobo wakho aze ngobubele akuxhase.a Ukuba sele uqalisile ukukhulisa ubuhlobo naye, kuya kukuthuthuzela ukwazi ukuba akabashiyi abahlobo bakhe xa besengxakini. Sekunjalo, xa uhlaselwa ziingxaki, usenokuvakalelwa kukuba uThixo umele kude. Kuwe kusenokude kubonakale ngokungathi akakuncedi kwaphela. Kodwa ngaba oko kunjalo ngokwenene?

“Iliva Enyameni”

Okokuqala, nceda ufunde eyesi-2 kwabaseKorinte 12:7-10. Apho umpostile uPawulos ubalisa ngendlela awabandezelwa ngayo yinto ethile ebizwa ngokuba ‘liliva enyameni.’ Kusenokwenzeka ukuba “iliva” yayiluhlobo oluthile lwesigulo esisemzimbeni, mhlawumbi esichaphazela amehlo akhe. Enoba laliyintoni na lathi gqolo ‘limpakaza’ ngokweemvakalelo. Nangona wambongoza kathathu uThixo ukuba alisuse, eli “liva” laba ngunonca.

Ngaba uYehova wayengayisi so imithandazo kaPawulos? Nakanye! UThixo wathi kuye: “Ububele bam obunganifanelanga bukulingene; kuba amandla am enziwa agqibelele kubuthathaka.” Nangona uYehova wakhetha ukuba angalikhuphi elo “liva,” akazange amshiye kwesinomhlwa uPawulos. Ngenxa yobubele bukaThixo obungasifanelanga, uPawulos wanandipha ubuhlobo obusenyongweni naye. Oko ‘kwakukulingene’ ukunceda uPawulos ahlangabezane nesiphene anaso. Njengoko uPawulos wayezama nzima ukwenza oko, wayeza kubona ngendlela entsha nangamava akhe obuqu amandla kaThixo azimasayo.

Uncedo Ekujamelaneni Neengxaki

NjengoPawulos, usenokuba ‘uneliva,’ okanye ingxaki ekuhlabayo, ebangela ukuba uphelelwe lithemba uze udimazeke. Njengakwimeko kaPawulos, uThixo usenokuyivumela le ngxaki ukuba iqhubeke ikho. Oko akuthethi ukuba akasenguye uMhlobo wakho. UThixo wamxelela oku umpostile uPawulos: “Amandla am enziwa agqibelele kubuthathaka.” Ukuba uthembela kumandla kaThixo kungekhona kwawakho, unokunyamezela. Usenokude ufumanise ukuba ngoncedo lomoya kaThixo, uyakwazi ukufeza izinto ongazange ucinge ukuba unokuzifeza. UPawulos wathi: “Ndiyakholiswa bubuthathaka . . . Kuba xa ndibuthathaka, ndithi ke ndibe namandla.”

Ibhinqa eliselula elibizwa ngokuba nguRobinb lakufumanisa kuyinyaniso oku. Xa lalineminyaka eli-14 langenwa kukungaboni ngenxa yesifo samehlo ekuthiwa yiglaucoma. Kwangaloo nyaka, unina wafa ngequbuliso. URobin uthi ngokuqalisa kwakhe ukuhlangabezana nala “meva” abuhlungu: “Kwakusele mna noYehova. Ndandisazi ukuba, ukuze ndiphumelele, kwakufuneka ndinamathele kuye.” URobin wenza kanye oko, ekugqibeleni waba ngumhambisi wevangeli wexesha elizeleyo. Uthi: “Ndandicela uYehova ukuba andincede kuyo yonke into. Wenza kanye oko.”

Ulutsha oluninzi luye lwafumanisa ukuba ukutyhubela izilingo kuyalunceda ukuba lusondele ngakumbi kuThixo. Khawucinge ngoJeff oselula. Uyise wayishiya intsapho yakhe, eshiya umama kaJeff enyamekela abantwana abasixhenxe. UJeff, owayeneminyaka eli-12 ubudala ngelo xesha uvuma ngelithi: “Yayivakala ngokwenene indawo katata kum. Ndandilangazelela ubani wokuvala loo mvandedwa wawundibhuqa imihla ngemihla.” Wenza ntoni uJeff? “Ndathandaza kuYehova ukuba andincede ndiphelise loo mvandedwa.” UJeff wasebenza ngokuvisisana nemithandazo yakhe waza wazinikela kwimisebenzi yokomoya. Ekuhambeni kwexesha, waqonda ukuba uYehova wayemxhasa—ngomoya wakhe oyingcwele owomelezayo nangebandla lamaKristu. (Thelekisa INdumiso 27:10.) Ngoku sele eneminyaka engama-27 ubudala, uJeff ukhumbula oku: “Akakho umntu owayenokundikhusela, ngoko ndasondela ngakumbi kuYehova.” Olo lwalamano lusenyongweni ulubiza ngokuba “yintsikelelo exabisekileyo eyavela kwesi silingo.”

Indlela Yokufumana Uncedo LukaThixo

Ngokufanayo, uMhlobo wakho wasezulwini uya kukunceda xa uneengxaki. Kodwa umele wenze ntoni? Ngoko, ukuze nabuphi na ubuhlobo buphumelele, kumele kubekho unxibelelwano. Umthandazo yindlela esinxibelelana ngayo noThixo. Ngawo siyamazisa ukuba siyalufuna uncedo lwakhe. Noko ke, umthandazo awuncedi kangako, ukuba ungumbandela nje wokudlulisa usana kunina okanye uyinto nje yokuzalisa idinga. Njengolutsha olucatshulwe ngasentla, umele ‘uphalaze intliziyo yakho’ kuThixo! (INdumiso 62:8) Kusenokude kufuneke wenze izikhungo. (Filipi 4:6) Izikhungo yimithandazo enzulu nenyaniseke ngokukhethekileyo.

Masithi unengxaki yokulawula indlela ocinga ngayo okanye unengxaki yokoyisa umkhwa ombi. Yenza isikhungo kuYehova! Cela uncedo lwakhe ngamaxesha ezilingo. Oku kusenokungasoloko kulula. UGary uyavuma: “Xa ndiziva ndilangazelela ngamandla ukwenza okuthile okuphosakeleyo, ndiye ndizame ukuthandaza. Maxa wambi ndiye ndizibuze, ‘Ndingayiqala ngaphi into yokuthetha noYehova?’ Sekunjalo, ndisazityand’ igila kuye ukuze ndifumane uncedo. Undinika amandla afunekayo ukuze ndinyamezele.” Kwanokuba kunzima ekuqaleni, qhubeka uyivula intliziyo yakho kuThixo.

Kodwa kuthekani ukuba kubonakala ngathi imithandazo yakho ayiphendulwa? Ngokomzekelo, uLora wayenengxaki ekoyiseni umkhwa ombi wokuphulula amaphambili. Uthi: “Ndandidla ngokuthetha noYehova ngokunyanisekileyo ngale ngxaki, kodwa kwakungabonakali ngathi ndingayiyeka.” Maxa wambi uThixo usenokusivumela ukuba sibonise indlela esizimisele ngayo ngezicelo zethu. (Thelekisa INdumiso 88:13, 14.) Ngoko simele sizingise emthandazweni! (Mateyu 7:7; Roma 12:12) ULora wenza kanye oko. Kwangaxeshanye, waqalisa ukusebenzisa amacebiso akumanqaku akwiimpapasho zeWatch Tower Society axubusha ngalo mbandela.c Ekuhambeni kwexesha, waqalisa ukubona imiphumo. Ukhumbula oku: “Ngalo lonke ixesha ndimelana ngokunempumelelo nesi silingo, ndandidla ngokubulela uYehova ngenxa yokuba ndandisazi ukuba wayekunye nam.” Liyinyaniso elokuba, usenokuphinda uvukwe likakade njengoko uzama ngamandla ukoyisa ingxaki yakho. Kodwa logama nje usilwa yaye unganikezeli kubuthathaka bakho, uThixo uya kwaneliswa ‘ngumgudu wakho wenyameko’ ibe uya kusoloko enguMhlobo wakho.—2 Petros 1:5.

Ukusebenza NoThixo

Enye indlela yokungenelwa kuncedo lukaThixo kukwamkela isimemo sakhe sokuba ngomnye ‘wabasebenzi abangamadlelane’ naye. (1 Korinte 3:9) Oku kuquka ukuba nesabelo ekuncedeni abanye bazi ngoThixo. (Mateyu 28:19, 20) Xa uziva ubandezelekile okanye udimazekile, usenokungafuni ukwenza naluphi na uhlobo lomsebenzi. Noko ke, ‘ukuba nokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi’ kunokukunceda ngokwenene. (1 Korinte 15:58) Ubuncinane, uya kuyeka ukusoloko ucinga ngeengxaki zakho. (Thelekisa IMizekeliso 18:1.) URobin, ocatshulwe ngaphambilana, uthi ngamaxesha axa esengxakini: “Into eyandincedayo ndanyamezela yayikukusebenzela uYehova!”

Kwakhona ukusebenza noThixo kunokukunceda woyise ukusoloko uvakalelwa kukuba uThixo ukushiye kwesinomhlwa. Xa abantu ababini besebenza kunye njengeqela benosukelo olufanayo, ngaba abasoloko besondelelene njengabahlobo? Njengoko usenza umsebenzi wokushumayela, usoloko ujamelana nocelomngeni. Uzifumana sele usiya kuThixo ukuze ufumane uncedo. Ibe njengoko uThixo esikelela ukubulaleka kwakho, ubuhlobo bakhe buba yinto yokwenene. Utsho uyiqonde intembelo uThixo anayo kuwe njengomsebenzi olidlelane kunye naye. Oku kunokukwenza uzithembe ngakumbi.

Ngokomzekelo, uCarol wayengazithembanga gqitha. Unina wayezibulele, ibe uyise owayemxhaphaza wayesoloko emjongela phantsi. Kodwa xa wayeneminyaka eli-17 ubudala waba ngomnye wamaNgqina kaYehova waza waqalisa ukwenza umsebenzi wokushumayela. Ngoku emva kweminyaka elishumi engumhambisi wevangeli wexesha elizeleyo, uthi: “Lo msebenzi uye wandinceda ngendlela emangalisayo ngenxa yokuba ndiye ndayibona indlela uYehova aye wandisikelela ngayo. Ndizixelela ukuba, ‘Ukuba uThixo uyandithanda, ndixabisekile.’ Ukusetyenziswa nguYehova ukuba ndivakalise igama lakhe kuye kwandenza ndazithemba ngakumbi.”

“Yivani Nibone Ukuba Ulungile UYehova”

“[UThixo] wandihlangula kwiinto zonke endinxunguphala zizo,” wabhala watsho uKumkani uDavide emva kokuba esinde ngezikaSibi kwingxaki eyayisongela ubomi bakhe. (INdumiso 34:4, 6; 1 Samuweli 21:10-12) Ngenxa yoko, uDavide ngokusuka kumava wayenokuthi: “Yivani, nibone ukuba ulungile uYehova. Hayi, uyolo lomfo ozimela ngaye!”—INdumiso 34:8.

Nangona ubomi bakho busenokungabi sengozini njengoDavide, ngokuqinisekileyo maxa wambi, usenokufumana uxinezeleko nobunzima. Xa ‘iimbandezelo zentliziyo yakho ziphangalalisiwe,’ yenza isikhungo kuThixo. (INdumiso 25:17) Musa ukoyika ukuba uThixo uya kubuphelisa ubuhlobo nawe. Njengoko unyamezela ngomonde uze ufumane ngokuthe ngqo inkxaso nenkathalo kaYehova, uya ‘kuva uzibonele’ ngokwakho “ukuba ulungile uYehova.” Ibe uya kuhlala enguMhlobo wakho ngonaphakade.—Yakobi 4:8.

[Imibhalo esemazantsi]

a Bona inqaku elithi “Abantu Abaselula Bayabuza . . . Ngaba Ngokwenene Ndinokuba Ngumhlobo KaThixo?” kwinkupho yethu ka-Agasti 8, 1995.

b Wambi amagama atshintshiwe.

c Bona isahluko 25 nesama-26 sencwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.

[Umfanekiso okwiphepha 15]

Ngaba uThixo uyabashiya abahlobo bakhe ngamaxesha embandezelo?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share