IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g97 7/8 iphe. 12-15
  • Ngaba Abantwana Bakhuselekile Kwinja Yakho?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Abantwana Bakhuselekile Kwinja Yakho?
  • Vukani!—1997
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Qeqesha Umntwana
  • Qeqesha Inja
  • Inja Enoburhalarhume
  • Izilwanyana—Isipho Esivela KuThixo
    Vukani!—2004
Vukani!—1997
g97 7/8 iphe. 12-15

Ngaba Abantwana Bakhuselekile Kwinja Yakho?

NGUMBHALELI KAVUKANI! EMZANTSI AFRIKA

USYDNEY oneminyaka emibini ubudala wahambela kufutshane neRottweiler enoburhalarhume eyayibotshelelwe. Le nja yamhlasela uSydney, yaza yamxobula isikhumba sentloko, yaza yaphantse yasusa indlebe yasekhohlo. Kuya kufuneka isikhumba sakhe sixokonyezelelwe kangangezihlandlo ezininzi.

Njengokuba abantu abangakumbi besebenzisa izinja ukuzikhusela, iingxelo zokuhlaselwa kwabantwana zizinja ziyanda. Ezinye zezinja eziye zaziwa ngokuluma abantwana ziiRottweilers, iiDoberman pinschers, iibullmastiffs, iiAlsatians (izinja ezalusayo zaseJamani), kunye neebullterriers. Uhlolisiso olwenziwe eMzantsi Afrika lutyhile ukuba kwezinye zeemeko eziye zahlolisiswa, inkoliso yabantwana abalunyiweyo bahlaselwa zizinja ababezazi. Phantse isiqingatha saba siye salunywa zizinja zabamelwane, yaye ikota ilunywe zizinja zayo. Li-10 ekhulwini kuphela eliye lahlaselwa yimiduka yezinja. Ngokufuthi ixhoba, mhlawumbi lingaqondanga, liye layicaphukisa inja ngandlel’ ithile. Kuyabonakala ukuba, ukuhlasela kwezinja ezininzi kunokuthintelwa xa abanini zinja kunye nabazali bethabatha amanyathelo asisiseko.

Qeqesha Umntwana

Abaqeqeshi bezinja abaninzi bagxininisa kwelokuba abantwana abancinane kunye nezinja abafanele bashiywe bodwa ngaphandle kweliso lomntu omdala. Abantwana abancinane abayazi indlela yokuphatha izilwanyana. Bamele bafundiswe. Ngaloo ndlela, abantu abaninzi basebenzisa umthetho wokuba xa kungekho mntu mdala, izinja kunye nabantwana abancinane bahlukaniswe. Umqeqeshi uBrian Kilcommons kwincwadi ethi Childproofing Your Dog wathi: “Ngokusuka kumabali siva ukuba, inkoliso yeengxaki yenzeka xa abantu abadala bengajonganga.”

Ngokufuthi, izilwanyana zifuna ukukhuselwa ebantwaneni! Xa inja yenye intsapho yaxhakamfula umntwana kwabizwa uKilcommons ukuze anikele uncedo. Lo bawo ukhathazekileyo wacacisa ukuba unyana wakhe oneminyaka emibini enesiqingatha wabaleka waya kwinja eyayilele waza wayikhaba kanobom. Inja, ngokucacileyo isezintlungwini, yamngqavula lo mntwana. Kule meko le nja yabonakalisa ukuzibamba okuncomekayo ekubeni ingazange imlume loo mntwana. Lo mqeqeshi ucebisa abazali esithi: “Musani ukuvumela umntwana wenu enze oko beningayi kukuvumela kwenziwe komnye umntwana.”

Fundisa umntwana wakho indlela yokuphatha izilwanyana ngobubele. Mfundise ukungaze adlale ngenja. Abazali kufuneka bakuphaphele ukubona nayiphi na ingozi esenokwenzeka xa abantwana bekunye nezinja. Ukuba uphawula ukuba inja izama ukumshiya okanye ukumzimela umntwana, nqanda umntwana angayisukeli. Ukuba umntwana uyayilandela aze ayivingcele inja, ekuphela kwendlela yokuzikhusela kukukhonkotha, ukuvungama okanye de ilume. Abazali bafanele banikele ingqeqesho rhoqo, ukuze bobabini inja nomntwana bazi ukuba umzali unyanisile koko akuthethayo.

Musa ukuphatha inja njengekheswa. Xa isibini esitshatileyo nesinenja sifumana umntwana waso wokuqala, utyekelo lungase lube kukutyeshela inja ize iye kuvalelwa ngasemva kwendlu. Nakuba kusengqiqweni ukulumka, umqeqeshi uRichard Stubbs ucebisa esithi: “Inja ayimele iphathwe njengekheswa. Kunoko, yenza oko ubuqhele ukukwenzela inja kangangoko kunokwenzeka, uze uyinikele ingqalelo esengqiqweni.”

Qwalasela indlela umntwana wakho aya kusabela ngayo kwizinja angazaziyo. Ukuba ubona umntu angamaziyo ehamba nenja esitratweni, uya kwenza ntoni? Ngaba ngokwesiqhelo ebeya kubaleka aye kudlala naloo nja? Mfundise ukuba angakwenzi oku. Umele kuqala acele imvume kumniniyo. Andule ke, xa umniniyo evuma, aye kuloo nja ecotha, ukuze angayothusi. Ufanele azazise kuyo ngokuma qelele kancinane aze athethe naloo nja ngokuzolileyo. Inja enobuhlobo iyakusondela kumntwana wakho. Izinja ezihamba zodwa ezitratweni kuhle ukuba ziyekwe.—Bona ibhokisi ethi “Oko Kuthethwa Zizimbo Zomzimba Zezinja,” iphepha 14.

Qeqesha Inja

Lonke ixesha yincome inja yakho yaye ngeneka. Isohlwayo okanye amazwi arhabaxa akakukhawulezisi ukufunda kodwa ayenza ifunde kade. Kulungile ukuba inja ifunde ukuza xa ibizwa nokuthobela imiyalelo esisiseko enjengokuthi “hlala phantsi!” Inja ifunda ukuthobela umniniyo, yaye oko kumenza umniniyo akwazi ukuyilawula kwiimeko ezinokuba nzima. Amagama alula namabinzana ngawona asebenza kakuhle. Sebenzisa afanayo ngalo lonke ixesha. Xa inja yakho yenze isenzo esifunekayo, yivuze ngoko nangoko ngokuyincoma, ukuyiphulula okanye uyiphe into emnandi. Ukuze uyiqinisekise ukuba yenze loo nto ibifuneka, umvuzo mawunikelwe ngoko nangoko emva kwesenzo. Into elandelayo kukuyiphindaphinda loo nto de inja iyiqhele ngokupheleleyo.

Ukuba ufumana inja, umbundlwana okanye inja endala, isenokufuna uncedo ukuze iqhelane nabantwana. Abantwana basabela ngokwahlukileyo kubantu abadala. Bayangxola kwaye bayangxama bebubaleka xa besiya enjeni, nto leyo engase iyothuse. Kulungile ukuba wenze iqabane lakho elisisilwanyana liyiqhele le ndlela yokuphathwa eguquguqukayo. Xa abantwana bengekho, yenze inja iqhelane nengxolo equbulisayo. Yenze indlela oyiqeqesha ngayo ibe ngumdlalo. Yiyalele okuthile uze uye kuyo. Yandula ke uyivuze ngoko nangoko inja yakho. Imiyalelo yakho yenze ivakale ngakumbi. Sincome gqitha isilwanyana sakho esiliqabane uze usiphulule. Kungekudala siya kuwunandipha lo mdlalo.

Abantwana abancinane bayakuthanda ukuwola izinja, kodwa bafanele bafundiswe bangakwenzi oku, ekubeni ezinye izinja zivakalelwa kukuba ziyasongelwa kukubanjwa ngolo hlobo. Kwimeko yaxa abantwana beyiwola inja yakho, ungayiqeqesha ukuba ikwamkele oku. Yiwole inja yakho okwethutyana, uyiphe into ethile yaye uyincome. Yiwole ixesha elide ngokuthe ngcembe. Ukuba inja yakho iyavungama okanye igragrame, funa uncedo kumqeqeshi ovunyiweyo.

Inja Enoburhalarhume

Ezinye izinja zinoburhalarhume ngendalo yaye zisenokuba yingozi kumalungu entsapho. Izinja ezingamaduna zezona ziye zibonakalise ezi mpawu zoburhalarhume.

Inja engalawulekiyo ayikuthandi ukubanjwa, ngakumbi kwiindawo ezibuthathaka ezinjengobuso nentamo. Noko ke, ngamanye amaxesha inja isenokuza kuwe, ikukrwece, okanye de ibeke amathupha ethangeni lakho “icela” ingqalelo. Isenokukhusela iindawo ezibalulekileyo zekhaya, de ingavumeli namalungu entsapho ukuba afikelele kuzo. Ngokufuthi ithanda ukuthathela kuyo izinto zokudlala zabantwana yaye isenokuvungama yaye iyeke ukuzihlafuna xa umntu esiza kuyo ngoxa isaxakeke zizo.

Ukuqinisekisa ukuba zizo ezilawulayo, izinja ezinjalo ziya kuyityeshela ngabom imiyalelo. Zisenokubangquba abantwana yaye zilindele ukuphuma kuqala emnyango. Zisenokutyekela ekukhweleni abantu. UBrian Kilcommons uthi “esi sisenzo sokulawula” “kungekho ngenjongo yesini.” Ulumkisa esithi “le isoloko iyimbonakaliso yokuba inja icinga ukuba iphethe. Ngokuqinisekileyo iza kuba yingxaki.” Inja isenokuvelisa umkhwa wokufaka isandla somniniyo emlonyeni wayo ifuna ngenkani ingqalelo.

Ezi mpawu zoburhalarhume azifanele zityeshelwe. Uburhalarhume abunakusuka lula; bunokukhula yaye abantwana ekhaya basenokuba sengozini. Abaqeqeshi abaninzi bancomela ukuba inja enjalo ithenwe, kungakhathaliseki ukuba yeyesiphi isini, ekubeni oku ngokuqhelekileyo kunceda ekunciphiseni uburhalarhume.

Akunconyelwa ukucela umngeni inja enoburhalarhume ukuze uyibonise ukuba ngubani induna. Enyanisweni, ukujongana ngoburhalarhume nokuyiqeqesha rhabaxa, kusenokuba yingozi. Ngeendlela ezichuliweyo eziliqela, inja inokuboniswa ukuba ngubani ophetheyo.

Lonke ixesha inja enoburhalarhume isiza kuwe ukuze ifumane ingqalelo yaye uyinike, womeleza inkolelo yayo yokuba iyalawula. Ngoko xa inja enjalo ifuna ngenkani ingqalelo, musa ukuyihoya. Yonke intsapho imele isebenzisane nale mpatho. Inja isenokudideka ekuqaleni yaye isenokude ikhonkothe ize ijonge kuwe ifuna ingqalelo, kodwa melana nesilingo sokuyekelela. Xa ithe yoyisakala okanye mhlawumbi yade yaya kulala kwindawo yayo, ngoko lixesha lokuba uyinike ingqalelo encinane. Ngale ndlela inja ifunda ukuba nguwe obambe iintambo yaye nguwe ogqiba ngexesha lokunikela ingqalelo.

Imidlalo enogonyamelo enjengokutsalana ngentambo ukuze kubekho ophumelelayo nokungqulana inokufaka utyekelo lokufuna ukuphatha enjeni yaye lumele luphetshwe. Kunoko, sebenzisa imidlalo engenagonyamelo.

Kuhle ngenja ukuba ingalali kwigumbi lokulala. Igumbi lokulala liyindawo ebaluleke gqitha, yaye ukulala kulo kungaphakamisa iwonga lokuba ibonakale ikwinqanaba eliphezulu kunabantwana endlwini. Kunoko, beka umandlalo wenja kwigumbi lokuphekela okanye kwindlu yenja engaphandle. Ngokufuthi abanini-zinja baye balunywa zizinja ezinoburhalarhume emagumbini abo okulala.

Ukuba inja yakho ayisabeli kwimizamo yakho, okanye ukuba ngethuba uyiqeqesha, okanye nangaliphi na ixesha, uziva usoyika, fumana uncedo kumqeqeshi ophum’ izandla wezinja. Ugqirha wezilwanyana wakho usenokuncomela omnye umqeqeshi. Thetha naye kuqala ngeendlela aqeqesha ngazo, yaye mqinisekise ukuba uyabuvuyela ubuchule bakhe ngaphambi kokuba umqeshe. Umqeqeshi uRichard Stubbs uyalumkisa: “Nakuba inja enoburhalarhume isenokusabela kumqeqeshi onobuchule, oko akusosiqinisekiso sokuba iya kuba njalo kumniniyo.” Umnini-nja umele aqiniseke ukuba uza kukwazi ukulawula inja yakhe kwanakwiimeko ezinzima.

Izinja ezimbalwa ziya kuhlala zinoburhalarhume kwanasemva koqeqesho olulunge ngakumbi, yaye ukuzigcina kuya kubeka intsapho esichengeni. Emva kokuba uzame konke okusemandleni akho, usenokuvakalelwa kukuba kulunge ngakumbi ukuba wahlukane nalo nja kunokubeka ubomi bakho esichengeni. Kulungile ukulumana indlebe nogqirha wezilwanyana okanye umqeqeshi wazo ukuze ufumane icebiso. Usenokufunela inja yakho elinye ikhaya, kodwa ngokuqhelekileyo unembopheleleko yokuxelela umnini-nja omtsha ngeengxaki obunazo ngaloo nja.

Umqeqeshi uPeter Neville uyacebisa: “Izinja ezinoburhalarhume zimele zikhokelwe ngenyameko yaye kuqinisekiswe ukuba ngubani oza kuqhubeka esesichengeni kwaye kangakanani. Ukuba akuqinisekwa ngenkuseleko yomntu osentsatsheni ongoyena usesichengeni, kulunge ngakumbi ukuba isiwe kwelinye ikhaya kumnikazi omtsha okhethwe ngenyameko, okanye ibulawe.”

Abantwana banokufunda yaye bangenelwe ngokweemvakalelo ekubeni nezinja njengamaqabane abo azizilwanyana. Ngokunikela ulwalathiso olufanelekileyo, abazali banceda baqiniseke ukuba zonke iinkumbulo zabantwana babo ngamaqabane abo azizilwanyana zeziyolisayo.

[Ibhokisi ekwiphepha 14]

Oko Kuthethwa Zizimbo Zomzimba Zezinja

Uphawu lwenja enoburhalarhume lubhenca izenzo zokungabi nabuhlobo. Ngokufundisa umntwana wakho ukukuqonda oko kuthethwa yinja ngezimbo zomzimba, unokumnceda aziphephe iimeko eziyingozi.

● Inja enoburhalarhume iya kuzama ukubonakala inkudlwana. Uboya obungasemva kwentamo yayo bunokuphakama. Inja isenokuvungama okanye ikhonkothe umsila wayo ujonge phezulu. Ukuba umsila utshikiza uqinile, ngokukhawuleza utshikiza ngemihlali, ayibonakalisi buhlobo. Le nja imele iyekwe.

● Inja eyoyikayo inokubuthuma intloko neendlebe zayo zijonge phantsi nomsila ujonge phantsi okanye uphakathi kwemilenze yayo. Ukuba ubani uya kuloo nja isenokuba noburhalarhume ngenxa yoloyiko. Mayiyekwe.

● Inja ekhululekileyo ayiyiphakamiseli phezulu okanye iyithobe kakhulu intloko yayo, ivule umlomo, yaye umsila ubengaphantsi nje kancinane kumgca osemqolo kodwa ungajingi phantsi. Umsila otshikizayo ubonakalisa ububele. Ngokuqhelekileyo unokubakha ubuhlobo nale nja.

(Ithatyathwe kwincwadi ethi Childproofing Your Dog, ebhalwe nguBrian Kilcommons noSarah Wilson.)

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 15]

Ukhuseleko Lwezinja

1. Yiba liliso kubantwana abancinane nasezinjeni.

2. Fundisa umntwana wakho ukuba angaze adlale ngenja.

3. Cela imvume yomniniyo ngaphambi kokudlala nenja ongayaziyo.

4. Qeqesha inja yakho ukuba ithobele imiyalelo esisiseko.

5. Yenza inja yakho iqhelane nokuwolwa.

6. Phepha imidlalo enoburhalarhume.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share