Imbono YeBhayibhile
Ngaba Kuphosakele Ukutya Inyama?
“YABONANI, NDININIKILE YONKE IMIFUNO EVELISA IMBEWU, ESEMHLABENI WONKE, NAYO YONKE IMITHI ENEZIQHAMO ZEMITHI EVELISA IMBEWU: YOBA KUKUDLA KUNI.”—Genesis 1:29.
USUJATA oneminyaka eli-18 ubudala, ophuma kwintsapho yamaHindu edla imifuno kuphela, wavumelana ngokulula nomthetho kaThixo ongento eyayifanele ityiwe yindoda yokuqala, uAdam. Kodwa ngokukhawuleza wabuza: “Ngoko, kutheni abantu bebulala izilwanyana ukuze badle ngoxa kukho ezinye izinto ezininzi kangaka zokutya?”
Abantu abaninzi ehlabathini jikelele bavumelana gqitha nala mazwi. Amakhulu ezigidi eMpuma batya ukutya okungenanyama. Ukongezelela, inani labantu abangayityiyo inyama eNtshona liyanda. EUnited States kuphela, abantu abazizigidi ezili-12,4 abayityi inyama, malunga nezigidi ezi-3 ezingakumbi kwiminyaka elishumi eyadlulayo.
Kutheni abantu abaninzi kangaka bekhetha ukutya okungenanyama? Yiyiphi imbono efanelekileyo ngobomi bezilwanyana? Ngaba ukutya inyama kubonisa ukungabi nantlonelo ngezilwanyana? Ngenxa yoko kubhalwe kwiGenesis 1:29, ngaba ukutya inyama kuphosakele? Okokuqala, qwalasela izizathu zokuba bambi bengayityi inyama.
Kutheni Abanye Bengayityi Inyama?
KuSujata, ukutya akutyayo kubandakanya iinkolelo zonqulo lwakhe. Ucacisa esithi: “Ndakhula ndingumHindu, ndikholelwa kwimfundiso yokuzalwa ngokutsha. Ekubeni umphefumlo womntu unokungena esilwanyaneni, ndizigqala izilwanyana zilingana nam. Ibe xa kunjalo kubonakala kuphosakele ukubulala izilwanyana ukuze zityiwe.” Nezinye iinkonzo ziyakuxhasa ukutyiwa kwemifuno kuphela.
Ezinye izibakala ngaphandle kweenkolelo zonqulo ziphembelele abanye abantu ekubeni nokhetho ngokutya. Ngokomzekelo, uGqr. UNeal Barnard wathi: “Ekuphela kwezizathu zokutya inyama sisiqhelo okanye ukungazi.” Uluvo lwakhe oluqinileyo lusekelwe kwiimbono zakhe malunga neengozi zempilo ezibangelwa kukutya inyama, njengesifo sentliziyo kunye nomhlaza.a
EUnited States, elona qela landa ngokukhawuleza labantu abatya imifuno kuphela ngabo bakwishumi elivisayo. Ibe ukuxhalabela izilwanyana sesinye isizathu. UTracy Reiman wePeople for the Ethical Treatment of Animals uthi: “Abantwana bayazithanda izilwanyana. Xa beqalisa ukufunda ngoko kwenzekayo kwizilwanyana ngaphambi kokuba zixhelwe ukuze zityiwe kusuka nje oko kuqinise imfesane abanayo ngazo.”
Abantu abaninzi abanenkxalabo enkulu ngemekobume banxulumanisa izinto abazityayo nelahleko enkulu kubuncwane bemvelo ebakho xa kufuywe izilwanyana eziza kuba kukutya. Ngokomzekelo, kusetyenziswa iilitha zamanzi ezinokuba ngama-3300 ukuvelisa nje ikhilogram enye kuphela yenyama yenkomo neelitha ezingama-3100 ukuvelisa nje ikhilogram yenyama yenkuku. Ngoko ke, oku kuba sisizathu sabanye sokungayityi inyama.
Kuthekani ngawe? Ngaba ufanele uyeke ukutya inyama? Ngaphambi kokuphendula lo mbuzo, khawuqwalasele enye imbono. Njengokuba ifumaneka kwiNdumiso 50:10, 11, uYehova uThixo, uMenzi wezinto zonke, uthi: “Ngokuba zezam zonke iinyamakazi zehlathi, neenkomo ezisezintabeni eziliwaka. Iintaka zonke zasezintabeni ndiyazazi, nento edakasa endle inam.” Ekubeni ngokwenene zonke izilwanyana zizezikaThixo, kubalulekile ukuqonda indlela uMdali avakalelwa ngayo ngobomi bezilwanyana nangokusetyenziswa kwazo ngabantu njengokutya.
Ngaba Kuphosakele Ukubulala Izilwanyana?
Bambi, abanjengoSujata, abazigqala izilwanyana njengezilingana nomntu bavakalelwa kukuba ukuthabatha ubomi besilwanyana nangayiphi na injongo kuphosakele—kude kube kubi ngakumbi ukuzibulala ngenjongo yokuzitya. Sekunjalo, iZibhalo zibonisa ukuba uThixo uyabohlukanisa ubomi bezilwanyana kobabantu yaye uyakuvumela ukubulawa kwezilwanyana ngezizathu ezahlukahlukeneyo. Ngokomzekelo, kwaSirayeli isilwanyana sasinokubulawa, xa sasisongela ubomi bomntu okanye umhlambi kabani.—Eksodus 21:28, 29; 1 Samuweli 17:34-36.
Kususela kumaxesha angaphambili, uThixo wavuma ukuba kunikelwe ngezilwanyana njengamadini elunqulweni. (Genesis 4:2-5; 8:20, 21) Wakwayalela amaSirayeli ukuba enze isikhumbuzo sokuphuma kwawo eYiputa ngokubhiyozela iPasika minyaka yonke, eyayiquka ukunikela ngemvu okanye ibhokhwe nokutya inyama yayo. (Eksodus 12:3-9) Nangaphantsi koMthetho kaMoses, kwakukho ezinye izihlandlo zokunikela ngezilwanyana.
Ukuqala kwakhe ukufunda iBhayibhile, umfazi othile ongumHindu oneminyaka engama-70 ubudala wafumanisa ukuba ingcamango yokwenza amadini ngezilwanyana yayingamkelekanga. Kodwa njengokuba wayekhula kulwazi lwakhe lweZibhalo, wayebona ukuba amadini awayalelwa nguThixo ayenenjongo. Ayesalatha phambili kwidini likaYesu Kristu, elaliza kuphumeza imfuneko efanelekileyo yokuxolelwa kwezono. (Hebhere 8:3-5; 10:1-10; 1 Yohane 2:1, 2) Kwiimeko ezininzi amadini ayesebenza njengokutya kwababingeleli ibe ngamanye amaxesha njengokutya kwabanquli. (Levitikus 7:11-21; 19:5-8) UThixo, zonke izinto ezizezakhe, wayenelungelo lokumisela eli lungiselelo ngenjongo. Kambe ke, xa uYesu wafayo, amadini ezilwanyana ayengaseyomfuneko elunqulweni.—Kolose 2:13-17; Hebhere 10:1-12.
Ukusebenzisa Izilwanyana Ukuze Zibe Kukutya
Noko ke, kuthekani, ngokubulala izilwanyana ukuze zibe kukutya? Liyinyaniso elokuba ukutya kwemvelo komntu yayiyimifuno. Kodwa uYehova wakwandisa kwaquka nenyama yezilwanyana. Kwiminyaka enokuba ngama-4000 eyadlulayo—kwimihla kaNowa owayelilungisa—uYehova wabangela unogumbe womhlaba wonke waza waphelisa ubungendawo bangoko obabusemhlabeni. UNowa, nentsapho yakhe, nezidalwa eziphilayo wazithabathela emkhombeni baza basinda kuMkhukula. Emva kokuba bephumile emkhombeni, uYehova okokuqala wathi: “Zonke izinambuzane eziphilileyo mazibe kukudla kuni; njengomfuno oluhlaza, ndininikile oko konke.” (Genesis 9:3) Noko ke, kwangaxeshanye uThixo wanikela nomthetho othi: “Ophalaza igazi lomntu, igazi lakhe lophalazwa ngumntu, ngokuba umntu wenziwa ngokomfanekiselo kaThixo.” (Genesis 9:6) Ngokuqinisekileyo, uThixo akazange azibeke izilwanyana kwinqanaba elilingana nelabantu.
Enyanisweni, ingcamango kaSujata ngezilwanyana yayisekelwe kwinkolelo yakhe kwimfundiso yokuzalwa ngokutsha. Kule nkalo iBhayibhile iyacacisa ukuba nangona abantu nezilwanyana beyimiphefumlo, umphefumlo uyafa. (Genesis 2:7; Hezekile 18:4, 20; IZenzo 3:23; ISityhilelo 16:3) Njengemiphefumlo, abantu nezilwanyana bayafa bangabikho. (INtshumayeli 3:19, 20) Noko ke, abantu banethemba elivuyisayo lovuko kwihlabathi elitsha likaThixo.b (Luka 23:43; IZenzo 24:15) Nako oku kubonisa ukuba izilwanyana azilingani nabantu.
USujata wabuza: “Sekunjalo yintoni eyabangela le nguqulelo ekutyeni?” Licacile elokuba imozulu yomhlaba iye yatshintsha gqitha ngenxa yoMkhukula. Enoba uYehova wongeza inyama ekutyeni kwabantu kuba ebona kusengaphambili iimfuno zezizukulwana ezizayo eziyakuhlala kwiindawo apho kuya kubakho ukunqongophala kwemifuno, iBhayibhile ayisichazeli. Kodwa uSujata wakwamkela ukuba uMnini wezinto zonke eziphilayo wayenelungelo lokwenza utshintsho.
Ukubonisa Intlonelo Ngobomi Bezilwanyana
Sekunjalo, uSujata wabuza, ‘Ngaba asimele sibonise intlonelo ngobomi bezilwanyana?’ Ewe, simele. Yaye uMdali wezinto zonke usixelele indlela yokukwenza oku. Umyalelo wakhe okwiGenesis 9:4 uthi, “Yinyama yodwa enomphefumlo wayo enegazi layo eningasayi kuyidla.” Kutheni kukho umgaqo ngokutyiwa kwegazi? “Kuba umphefumlo [ubomi] wenyama usegazini wona,” itsho iBhayibhile. (Levitikus 17:10, 11) UYehova wathi: ‘Woliphalazela emhlabeni njengamanzi igazi lesilwanyana osibuleleyo.’—Duteronomi 12:16, 24.
Oku akuthethi kuthi ilungiselelo lokutya inyama liyimvume yokuzanelisa ngokungeyomfuneko ngokuchitha igazi lezilwanyana kuba nje ukuthanda ukuzingela okanye ubonisa ukukhalipha kwakho. Eneneni uNimrodi wakwenza oku. IBhayibhile imchaza ‘njengegorha lezingela phambi kukaYehova.’ (Genesis 10:9, akekeliswe sithi.) Nanamhlanje, bambi basenokuba nemihlali ngokuzingela nokubulala izilwanyana. Kodwa umoya onjalo uhambisana nokungabi nankathalo ngobomi bezilwanyana, ibe uThixo akavumelani noko.c
Ukuba Nemfesane Kwizilwanyana
Bambi abantu abatya imifuno kuphela namhlanje banenkxalabo enzulu ngendlela eziphathwa ngayo izilwanyana ziinkampani zenyama zanamhlanje. Incwadi ethi The Vegetarian Handbook ithi “Osomashishini bezolimo abanamdla ungako ngethuku lemvelo lezilwanyana.” Le ncwadi ithi, “Zikhuliswe kwiindawo ezixinene gqitha nakwiimeko-bume ezingezozamvelo izilwanyana zanamhlanje zixhatshazwa ngokupheleleyo kunezilwanyana zangaphambili.”
Nangona ukusetyenziswa kwezilwanyana njengokutya kungekho nxamnye nokuthanda kukaThixo, kodwa uyakuchasa ukuphathwa kwazo ngenkohlakalo. “Ilungisa liyawazelelela umphefumlo wenkomo yalo,” itsho njalo iBhayibhile kwiMizekeliso 12:10. Ibe uMthetho kaMoses wayalela ukuba izilwanyana zasekhaya ziphathwe ngendlela efanelekileyo.—Eksodus 23:4, 5; Duteronomi 22:10; 25:4.
Ngaba UmKristu Ufanele Atye Imifuno Kuphela?
Njengokuba bekubonisiwe kwangaphambili, umbandela wokutya imifuno kuphela—okanye ukuqhubeka unjalo—ngokungqongqo sisigqibo somntu ngamnye. Ngenxa yempilo, ezoqoqosho, inzululwazi ngezidalwa nemekobume okanye ukuba nemfesane ngezilwanyana, umntu usenokhetha ukulandela iqela labo batya imifuno kuphela. Kodwa umele aqonde ukuba oku kulukhetho lukabani lokutya. Akamele abagxeke abo bakhetha ukutya inyama, njengokuba nalowo utya inyama engamele agwebe lowo utya imifuno kuphela. Ukutya inyama okanye ukuzikhwebula kuyo akwenzi nabani na abe ngumntu obhetele kwabanye. (Roma 14:1-17) Kungafanele ukuba into umntu ayityayo ibe yeyona nto ayixhalabeleyo ebomini bakhe. UYesu wathi: “Umntu umele aphile, kungekhona ngesonka sodwa, kodwa ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.”—Mateyu 4:4.
Ngokuphathelele ingxaki yokuphathwa kakubi kwezilwanyana nokusebenzisa kakubi ubuncwane bomhlaba, uYehova uthembise ukuyiphelisa lenkqubo yonakeleyo nebawayo aze ayithabathele indawo ngehlabathi lakhe elitsha. (INdumiso 37:10, 11; Mateyu 6:9, 10; 2 Petros 3:13) Kwelo hlabathi litsha, abantu nezilwanyana baya kuba seluxolweni ngonaphakade, ibe uYehova ‘uya kwanelisa umnqweno wento yonke ephilayo.’—INdumiso 145:16; Isaya 65:25.
Ukuba ungayivuyela inkcazelo engakumbi okanye ungathanda ukuba uthile eze kuwe ukuze akuqhubele isifundo seBhayibhile sesisa, nceda ubhalele kwiWatch Tower, Private Bag X2067, Krugersdorp, 1740, South Africa, okanye kwikhelingi efanelekayo kwezidweliswe kwiphepha 5.
[Imibhalo esemazantsi]
a Bona uVukani! kaJulayi 8, 1997, iphepha 21-31.
b Bona IMboniselo kaMeyi 15, 1997, iphepha 3-8, epapashwe yiWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 30]
Punch