IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g98 10/8 iphe. 18-21
  • Oko Kunokwenziwa Ngabantu Abanyamekela Abaguli

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Oko Kunokwenziwa Ngabantu Abanyamekela Abaguli
  • Vukani!—1998
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Gcina Ubomi Bulula
  • Imfuneko Yokuhlala Uxakekile
  • “Yayiyinto Endandifuna Ukuyenza”
  • Ukulondoloza Isidima Somguli
    Vukani!—1998
  • Ukujamelana Nesifo Sika-Alzheimer
    Vukani!—1998
  • Ukunyamekela Umntu Onyamekela Umguli—Indlela Abanye Abanokunceda Ngayo
    Vukani!—1997
  • Ucelomngeni Lokunyamekela Umguli
    Vukani!—1997
Khangela Okunye
Vukani!—1998
g98 10/8 iphe. 18-21

Oko Kunokwenziwa Ngabantu Abanyamekela Abaguli

“NDISOLOKO ndimangaliswa yindlela [abantu] abahlukahlukeneyo abanobuchule ngayo bokuhlangabezana nonesi sifo,” utsho uMargaret, ingcali yezonyango yaseOstreliya oye waqhubana nabantu abanesifo sika-Alzheimer kwanabo babanyamekelayo kangangeminyaka emininzi. “Ezinye iintsapho ziyakwazi ukuhlangabezana nezona meko zinzima,” aze ahlabele mgama athi, “nangona abanye phantse bengakwazi ukuqhubana nemeko kanye njengokuba umntu ebonisa ukuguquka kobuntu.”—Kucatshulwe kwincwadi ethi When I Grow Too Old to Dream.

Yintoni eyenza umahluko? Enye inkalo isenokuba luhlobo lolwalamano obelukho ngaphambi kokuqalisa kwesi sifo. Iintsapho ezinolwalamano olusondeleyo nothando zisenokukufumanisa kulula ukuhlangabezana nale meko. Yaye xa umntu onesifo sika-Alzheimer (AD) enyanyekelwa kakuhle, kusenokuba lula ukumelana nesi sifo.

Phezu kwako nje ukuncipha kwamandla obuchopho, abaguli ngokuqhelekileyo basabela ngokukhawuleza kuthando naxa bethantanyiswa de kube esi sifo sihambele phambili. Uxwebhu lwamacebiso iCommunication, olubhalwe yiAlzheimer’s Disease Society of London lubonisa ukuba: “Amazwi akakuphela kwendlela yokunxibelelana.” Ukunxibelelana ngaphandle kwamazwi kubalulekile kwabo banyamekela abagulayo kuquka imbonakaliso ebusweni efudumeleyo nenobubele kwanelizwi elinobulali. Kwakhona okubalulekileyo kukujongana emehlweni, kwanokuthetha kakuhle nangokuvakalayo kwanokusebenzisa igama lomguli ngokufuthi.

UKathy, okhankanywe kwinqaku elingaphambili uthi: “Ukugcina unxibelelwano nalowo umthandayo akunakwenzeka nje kuphela kodwa kukwabalulekile. Ukusondelelana okufudumeleyo nothando, ukuthetha ngokuzolileyo yaye, ngokwenene, ukubakho kwakho kukonke kunikela unqabiseko kwanokumqinisekisa loo mntu umthandayo.” IAlzheimer’s Disease Society of London iqukumbela isithi: “Uthando lunokuninceda nihlale nisondelelene, ngokukhethekileyo xa kunzima kakhulu ukuncokola. Ukumbamba ngesandla loo mntu, ukuhlala umangile, uthetha ngelizwi elizolileyo okanye ukumgona ziindlela zokubonakalisa ukuba usamkhathalele.”

Apho kukho ulwalamano olufudumeleyo, lowo unyamekela umguli nomguli ngokufuthi basenokuhleka kunye kwanokuba kwenziwe iimpazamo. Ngokomzekelo, omnye umyeni ukhumbula indlela umfazi wakhe owayephazamisekile engqondweni awayandlula ngayo ibhedi kodwa ngempazamo wafaka ingubo phakathi kwamashiti. Bayifumanisa le mpazamo xa babelala ebusuku. Wathi: “Owu sithandwa! Ndenze impazamo.” Yaye bobabini bahleka balala.

Gcina Ubomi Bulula

Abantu abaneAD baqhuba kakuhle kwindawo abayiqhelileyo. Kwakhona bafuna umsebenzi abanokuwenza imihla ngemihla. Ngenxa yoku, ikhalenda enkulu ephawulwe kakuhle izinto ezifanele zenziwe iluncedo kakhulu. UGqr. Gerry Bennett ucacisa esithi: “Ukufudusa umntu kwindawo yakhe ayiqhelileyo kusenokuba nemiphumo emibi. Ukugcina izinto zikwimeko enye nokusoloko kukho into ayenzayo kubaluleke kakhulu kumntu ophazamisekileyo.”

Njengokuba esi sifo sithabath’ unyawo, abantu abaneAD bafumanisa kunzima kakhulu ukuthobela imiyalelo. Imiyalelo ifanelwe inikelwe ngendlela elula necacileyo. Ngokomzekelo, ukuxelela umguli ukuba anxibe kusenokuba nzima kakhulu. Kusenokufuneka kubekwe iimpahla ngaphandle ngokulandelana kwazo aze umguli ancedwe ngokuthe ngcembe ngento nganye yokunxiba.

Imfuneko Yokuhlala Uxakekile

Bambi abantu abaneAD bayazulazula de balahleke. Ukuhamba uthe chu kuluhlobo lomthambo ofanelekileyo kumguli yaye kusenokunceda ukunciphisa uxinezeleko kuze kuphucule indlela alala ngayo. Noko ke, ukuzula kude nekhaya kusenokuba yingozi. Incwadi ethi Alzheimer’s—Caring for Your Loved One, Caring for Yourself icacisa isithi: “Ukuba lowo umthandayo uyazula-zula, ujamelene nengxaki enzulu enokuguquka ibe yintlekele. Into ekufuneka uyikhumbule musa ukubhabhazela. . . . Abantu abaza kumkhangela bafuna inkcazelo yaloo mntu bamkhangelayo. Yiba nemifanekiso enemibala yakutshanje ekhaya.” a

Kwelinye icala, abanye abagulayo basenokudangala baze bafune nje ukuhlala phantsi usuku lonke. Zamani ukubenza benze into eninokukuvuyela ukuyenza nobabini. Benze bacule, mabacule ngomlozi okanye badlale isixhobo somculo. Bambi bayakuvuyela ukuqhwaba izandla, ukushukuma okanye ukungqungqa xa kudlala umculo abawuthandayo. UGqr. Carmel Sheridan uyacacisa: “Eyona nto bayenza ngokuphumelelayo abantu abaneA.D. ngokuqhelekileyo yinto enomculo phakathi. Iintsapho ngokufuthi zikhankanya ukuba nasemva kwexesha elide zalityalwayo ezinye [izinto], izalamane zazo zisazinandipha iingoma zakudala ezaziqhelene nazo.”

“Yayiyinto Endandifuna Ukuyenza”

Umfazi othile waseMzantsi Afrika owayenendoda eyayisele igula ngamandla yiAD wayekunandipha ukuchitha usuku ngalunye naye kwikhaya lokunyamekela abaguli. Noko ke, amalungu entsapho aweyeneenjongo ezintle amgxeka ngokwenza oko. Mhlawumbi kuwo oku kwakukhangeleka ngokungathi wayechitha ixesha lakhe, ekubeni umyeni wakhe wayengasamazi yaye wayengasakwazi nokuthetha. Emva kokufa kwakhe ucacisa esithi: “Sekunjalo, ndandifuna ukuhlala naye. Abongikazi babexakeke kakhulu, ngoko xa wayezingcolisile, ndandinokumhlamba ndize ndimtshintshe impahla. Ndandikuvuyela—leyo yayiyinto endandifuna ukuyenza. Ngesinye isihlandlo, wabetheka ngoxa ndandimtyhala ngesitulo esinamavili. Ndambuza, ‘Ngaba kubuhlungu?’ waza waphendula, ‘Ewe, tyhini!’ Ngoko ndaqonda ukuba wayeseneemvakalelo yaye wayesakwazi ukuthetha.”

Kwanakwiimeko apho bekungekho lwalamano luhle entsatsheni ngaphambi kokuqalisa kweAD, abo banyamekela abaguli baye bakwazi ukuhlangabezana noku.b Ukwazi nje ukuba benza okufanelekileyo nokumkholisayo uThixo kusenokubanelisa ngokwenene. IBhayibhile ithi, ‘Ububeke ubuso bexhego’ yaye ‘Ungamdeli unyoko akuba mkhulu.’ (Levitikus 19:32; IMizekeliso 23:22) Ukongezelela, amaKristu ayalelwa: “Ukuba nawuphi na umhlolokazi unabantwana okanye abazukulwana, aba mabafunde kuqala ukuqhelisela uzinikelo lobuthixo kweyabo indlu nokuqhubeka bebahlawula imbuyekezo ebafaneleyo abazali noomawokhulu babo, kuba oku kwamkelekile emehlweni kaThixo. Ngokuqinisekileyo ukuba nabani na akabalungiseleli abo bangabakhe, yaye ngokukodwa abo bangamalungu endlu yakhe, ulukhanyele ukholo kwaye mbi ngakumbi kunomntu ongenalo ukholo.”—1 Timoti 5:4, 8.

Ngoncedo lukaThixo, uninzi lwabanyamekela abaguli baye bakwazi ukwenza umsebenzi oncomekayo wokunyamekela izalamane ezigulayo, kuquka abo banesifo sika-Alzheimer.

[Imibhalo esemazantsi]

a Ngenxa yoku abanye abanyamekela abantu abagulayo baye bakufumanisa kuluncedo ukumfaka umguli into anokuphawulwa ngayo, mhlawumbi isacholo okanye intsimbi yomqala.

b Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngokunyamekela abaguli nendlela abanye abanokunceda ngayo, bona ungcelele lwamanqaku athi “Ukunyamekela Umguli—Ukuhlangabezana Nolu Celomngeni,” kwiphepha 3-13 kuVukani! kaFebruwari 8, 1997.

[Ibhokisi ekwiphepha 19]

Isifo Sika-Alzheimer Nonyango

NANGONA kuhlolwa iindlela ezinokuba ngama-200 zokunyanga isifo sika-Alzheimer (AD) okwangoku, ayikabikho indlela yokunyanga iAD. Amanye amayeza kuthiwa ayayibuyisa inkumbulo okwexeshana xa iAD isaqalisa okanye ithothise ukuhambela phambili kwesi sifo kwabanye abaguli. Noko ke, oku kufanele kulunyukelwe kuba la mayeza akasebenzi kubo bonke abaguli, yaye amanye asenokubangela umonakalo. Noko ke, amanye amayeza maxa wambi asetyenziswa ekunyangeni iimeko ngokufuthi ezihambelana neAD, njengokudandatheka, ixhala kwanokuphuthelwa. Ngokudibana nogqirha womguli, ntsapho nganye isenokujonga iingenelo kwanobungozi bonyango ngaphambi kokwenza isigqibo.

[Ibhokisi ekwiphepha 19]

Indlela Iindwendwe Ezinokunceda Ngayo

NGENXA yokungasebenzi kwengqondo abo banesifo sika-Alzheimer (AD) ngokuqhelekileyo abakwazi ukuxubusha ngokunzulu ngeziganeko zehlabathi zakutsha nje. Noko ke, kusenokubakho umahluko xa uthetha ngezinto ezadlulayo. Izinto zakudala zisenokukhunjulwa, ingakumbi xa esi sifo sisaqalisa. Abantu abaninzi abaneAD bayakunandipha ukucinga ngezinto zakudala. Ngoko bacele bakubalisele ngamabali abo abawathandayo, enoba ukhe waweva kaninzi ngaphambili. Ngaloo ndlela wenza okuthile ukuze umguli onwabe. Kwangaxeshanye, usenokumphumza lowo oqhele ukunyamekela umguli nto leyo ayifunayo. Enyanisweni, ukufuna ukunyamekela umguli ixesha elithile, mhlawumbi usuku lonke, kusenokwenza lukhulu ekuhlaziyeni lowo uqhele ukumnyamekela.

[Umfanekiso okwiphepha 18]

Mncede umguli ahlale ezazi izinto ezimngqongileyo nezenzekayo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share