IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g98 12/8 iphe. 15-17
  • “Nawe Ungayeka—Kuba Naku Nathi Sayeka!”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Nawe Ungayeka—Kuba Naku Nathi Sayeka!”
  • Vukani!—1998
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Isigqubo Seentshayi
  • Unokwahlukana Njani Nale Nto?
  • Kutheni Ufanele Uyeke Ukutshaya?
    Vukani!—2000
  • Imidiza—Ngaba Uyayichasa?
    Vukani!—1996
  • Indlela Onokuyeka Ngayo
    Vukani!—2000
  • UThixo Ukujonga Njani Ukutshaya?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
Khangela Okunye
Vukani!—1998
g98 12/8 iphe. 15-17

“Nawe Ungayeka—Kuba Naku Nathi Sayeka!”

NGUMBHALELI KAVUKANI! EJAPAN

Kaloku ith’ eny’ imbali, kwakukho nqanawa zithile zelaseYurophu ezazimise kwizibuko laseJapan ngasekupheleni kweminyaka yee-1500 ezazithwele iindwendwe eziziintshayi, nekwakubonakala ukuba “izisu ezi zazo zazisele ziliziko.” Yayisele ingabamangalisi kangako abanye abantu le nto ngaphandle kokuba ngoku babesele befuna ukuwulinganisa lo mkhwa, kangangokuba ngeminyaka yee-1880 ukutshaya kwakusele kusisonka semihla ngemihla eJapan. Ngubani owayenokuyicinga into yokuba inzala yabo bantu baseJapan ababebamb’ ongezantsi ngelo xesha iya kube ibalwa phakathi kwawona makhendle ecuba ehlabathini xa kunamhlanje?

“SASIFUNA ukuva ukuba kunjani ukuba ngumntu omkhulu, sifuna nokuva ukuba abantu abakhulu bavakalelwa njani.”—UAkio, uOsamu noYoko.

“Ndandifuna ukuphungul’ amanqatha.”—UTsuya.

“Ndandifuna nje ukuva ukuba linjani na.”—UToshihiro.

“Asizange sicinge ukuba icuba linokusikhoboza ngolu hlobo.”—URyohei, uJunichi noYasuhiko.

“Ndandifuna nje ukuphelisa isicaphucaphu, xa ndandikhulelwe okwesibini.”—UChieko.

“Ndandidla ngokutshaya ukuze ndikhuph’ iintloni ebudeni bentlanganiso yasemsebenzini.”—UTatsuhiko.

Ezi ke zizizathu ezabekwa ngabantu abaliqela balapha xa bebuzwa ukuba baqala njani ukutshaya. Ezi zinto bazithethayo phantse zibe ziyaqondakala, kuba kaloku kuthiwa iJapan le yiparadesi yeentshayi. Noko ke, eyona nto ibangel’ umdla yile yokuba bonke aba bantu bakhankanywe ngasentla bayekile ukutshaya. Kaloku ukuba unokujonga ucelomngeni olubangelwa yindawo abahlala kuyo unokubona ukuba kwafuneka basebenze nyhani. Kumele ukuba uyazibuza ukuba benza njani ukuze bayeke, akunjalo na? Okokuqala makhe sith’ ukuhlolisisa indlela ukutshaya okuninzi ngayo eJapan namhlanje.

Isigqubo Seentshayi

Amadoda asele ekhulile aseJapan amalunga nama-56 ekhulwini akatshayi aphukuz’ umsi ngeempumlo, xa siwathelekisa nangama-28 ekhulwini kuphela aseMerika aneminyaka eli-15 nangaphezulu ubudala. Iintshayi zaseJapan ezizizi-34 000 000 ziquka malunga nama-22 ekhulwini amabhinqa alapho, amaninzi kuwo aselula. Umzekelo wabantu abakhulileyo nezibhengezo ezichuliweyo zibe negalelo ekwandeni kweentshayi eziselula. Ukubhengezwa kwemidiza kumabonwakude nakunomathotholo, okwapheliswayo eUnited States kangangeminyaka engama-20, kungokunje kuphelisiwe naseJapan.

Ngaphezu koko, imidiza ifumaneka lula koomatshini bokuthengisa abakwiimbombo zesitrato eJapan. Besakuyifumana ke ipakethe yemidiza, bambalwa kakhulu abayithobelayo imiyalelo ebhalwe kuyo eyekeyeke nebonakala ikukudlulisa nje usana kunina. Isenokubhalwa ngolu hlobo: “Masingatshayi kakhulu noko; loo nto isenokuba kukuzithezel’ olunenkume.” Ibe ukongezelela kwinto yokuba abantu basoloko bengazikhathalele oku kokuqala iingozi ezinkulu ezibangelwa licuba, umzekelo ombi omiselwa ngabantu abaliqela abadumileyo uphembelela abantu baseJapan ukuba batshaye, ngobuqili ubenza bacinge ukuba bakhuselekile.

Akumangalisi ukuba, abo bakuthiy’ egazini ukutshaya bakhalazela ukuba iJapan isong’ izandla yaye ayikhathali xa inokuvumela abona bemi bayo baninzi ingabanqandi koku kwaphula umthetho. Kodwa abahlohli bayaqala bayayibona ngoku indlela ekubaluleke ngayo ukulumkisa abantu ngeengozi zokutshaya kwimpilo nakubomi babantu. Ewe, iintshayi zaseJapan zifunyanwa ngendlel’ efanayo licuba neentshayi ezikwamanye amazwe—isicaphucaphu, ukubefunyeka, ukukhohlela ngokuzingisileyo, isisu esibuhlungu, ukungakucaceli ukutya, ukungenwa lula ngumkhuhlane ibe mhlawumbi ekuhambeni kwexesha zisenokufa ngaphambi kwexesha ngenxa yomhlaza wemiphunga, isifo sentliziyo nezinye izifo.

NgoAprili 1, 1985, amashishini ecuba aseJapan azimela, aphuma phantsi kolawulo lukarhulumente, nto leyo ibiqhubeka kangangamashumi eminyaka. Kodwa ke asaqhubeka esebenzisana ngokusondeleyo norhulumente nto leyo ephazamisana nayo nayiphi na imigudu eyenziwayo ekupheliseni ukutshaya. Yiloo nto ke, esenza sibone isizathu sokuba amaqela alwa nokusetyenziswa kwecuba eyigqala iJapan kutshanje njengesigqubo seentshayi. Kwaye isenza sibone isizathu sokuba iThe Daily Yomiuri inikele ingxelo yokuba oogqirha balapha bakhalazela ukuba iJapan “libutho elikhuthaza ukutshaya.”

Ukuze ubone indlela abanye abaphuncula ngayo kulo mkhwa, bona ibhokisi ethi “Indlela Esayeka Ngayo.”

Unokwahlukana Njani Nale Nto?

La macebiso avela kwabo babekhe baziintshayi, njengaba bakhankanywe kule bhokisi athetha nto nye, le yokuba: Yiba nezizathu ezicacileyo zokuyeka ukutshaya. Esona sizathu sibalulekileyo luthando ngoThixo nomnqweno wokufuna ukumkholisa. Kanti esinye isizathu esiphambili kukuthanda ummelwane wakho. Zibekele usukelo uze unamathele kulo. Wonke umntu makazi ukuba uyayeka—xelela abahlobo bakho, uze ufune uncedo lwamalungu entsapho yakho. Ukuba kunokwenzeka, yeka ngoko nangoko. Ibe yenza unako nako wokuphepha indawo enabantu abatshayayo.

Ukuba ufundisisa iBhayibhile, nxulumana ngakumbi namaNgqina kaYehova. Ngokuba phakathi kwawo, kuya kuphela ukunqanqatheka. Kwelinye icala, ukuba uliNgqina likaYehova, ufundisisa iBhayibhile nomntu otshayayo, musa ukumncama. Mncede athande uYehova kunalo mkhwa mbi.

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 16, 17]

“Indlela Esayeka Ngayo”

UMieko: “Ekuqaliseni kwam ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova, ndandiqinisekile ukuba andinakuze ndahlukane nokutshaya. Injongo yokufundisisa kwam yayikukuba ubuncinane ke, abantwana bam bafunde indlela yobomi. Kodwa akuzange kube lithuba elide ndaqonda ukuba umzali ufanele amisele umzekelo, ngoko ndaqalisa ukuthandaza ngokunyanisekileyo ndicela uYehova uThixo ukuba andincede. Ndenza umgudu wokusebenzela kuloo nto ndandiyithandazela, ibe ndandinxunguphele kangangethuba elithile. Kodwa andinakuze ndiyilibale imvakalelo emangalisayo, yokuziva ndinesazela esicocekileyo xa ekugqibeleni ndada ndakhululeka kulo mkhwa ungcolileyo.”

UMasayuki: “Emva kokuyeka ukutshaya iipakethe ezintathu ngosuku nasemva kobunzima obuninzi, ndacima umdiza wokugqibela ndaza ndaba luphumo ekutshayeni. Intsapho yam, amaNgqina endandikhonza nawo noYehova uThixo bandinceda ndayeka. Kubo bonke endandisebenza nabo ebhankini yayingathi yintsomi into yokuba ndiyekile ukutshaya. Ndeza necebiso lokuba, ukubonisa imbeko kubathengi bethu, bonke abasebenza kwiiofisi ezikufutshane nendawo engena abantu abeze kuvalela imali mabangatshayi ngexesha lomsebenzi. Kwavunyelwana neli cebiso lam, nangona ama-80 ekhulwini aba basebenzi ayeziintshayi. Ngoku le nkqubo iyasetyenziswa kumasebe angama-260 ebhanki yethu.”

UOsamu: “Njengoko ndandifunda inyaniso ekwiLizwi likaThixo, iBhayibhile, ndayiqonda kakuhle into yokuba kwakuza kunyanzeleka ndiyeke ukutshaya. Kwathabatha isithuba esingangonyaka ngaphambi kokuba ndiyeke. Kwanaxa ndandisele ndiyekile, kwathabatha ezinye iinyanga ezintandathu ndisilwa nokunqanqatheka. Ndandisazi kum ngaphakathi ukuba kwakuza kufuneka ndizinyanzele ndiyeke.”

UToshihiro: “Idini lentlawulelo likaYesu landichukumisa ngokunzulu gqitha kangangokuba ndaqonda ukuba ndimele ndenze idini ngokuyeka ukutshaya.”

UYasuhiko: “Isigqibo sam sokuthobela uYehova uThixo ngokuyeka ukutshaya sabusindisa ubomi bam. Ngeny’ imini, igesi ekuthiwa yipropane yavuza yaza yazalisa igumbi endandisebenza kulo. Ngokuqhelekileyo ngendandilumeke umdiza, nto leyo engeyayibangele ukuba kudubule apho. Kodwa ekubeni ndandisandul’ ukuyeka ukutshaya kwiintsuku ezimbalwa ngaphambi koko, ndim lo namhlanje ndiyakwazi ukubalisa ngaloo nto.”

UAkio: “Ukuqala kwam ukumana ndisiba nesicaphucaphu ngamaxesha athile, ndarhana ukuba icuba liyandichana. Loo nto ayizange indenze ndiyeke. Umntu wokuqala owandibekel’ izibakala ngalo mbandela yayingumfazi wam, owayengomnye wamaNgqina kaYehova. Kungekudala ndaqalisa ukufundisisa iBhayibhile, ndaza ndafunda nakwiimpapasho zeWatch Tower ukuba umntu otshayayo akenzakalisi yena nje kuphela kodwa wenzakalisa namalungu entsapho yakhe. Ndayeka ngoko nangoko!”

URyohei: “Umfazi wam wayedla ngokundithengela imidiza—iipakethe ezingama-20 ngexesha. Kodwa emva kokufundisisa kwakhe iBhayibhile namaNgqina, wala ukundithengela into awayesazi ukuba iyingozi kum. Ngoko ndavula elam ishishini lecuba. Ndanditshaya iipakethe ezintathu ezinesiqingatha ngosuku. Emva koko ndaqalisa ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina. Kungekudala ndafuna ukuba sisithethi esiphumelelayo kwiingxubusho zeBhayibhile. Ngoko ndayeka ukutshaya ukuze ndifanelekele ukufundiswa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo.”

UJunichi: “Intombi yam eselula, eliNgqina yayibuxhalabele gqitha ubomi bam. Yathi mandiyithembise ukuba ndiza kuyeka ukutshaya, ibe ndayeka.”

UTsuya: “Ukuqala kwam ukuya kwiHolo yoBukumkani, ndangena nje ndacela isitya sokugalela uthuthu nemicinga. Eyona nto yandimangalisayo kukuxelelwa ukuba akukho mntu utshayayo apho. Ndahla ndayiqonda into yokuba kuza kufuneka ndiyeke ukutshaya. Iintsuku ezinzima esibhedlele zandenza ndaqonda ukuba andisokuze ndiphinde ndityhubele intlungu yokufuneka ndiyekile kwakhona.”

UYoko: “Ndafunda ngalo mbandela kumaphephancwadi nezinye iimpapasho zamaNgqina kaYehova, ndafunda ukwala kukaYesu ukusebenzisa iziyobisi awazinikwa xa wayesele eza kubethelelwa kumthi wentuthumbo. Ndathandaza kuYehova uThixo, ndimxelela ukuba ndifuna ukuba ngumdumisi ococekileyo wegama lakhe. Emva koko, andizange ndiphinde ndilifake icuba emlonyeni wam. Xa abantu abakufuphi kum babetshaya ndandidla ngokusondela kubo ngelokuzama ukusezela umsi wabo, kodwa ndandikhawuleza ndimele kude kuba ndandingafuni ukuphinda ndibuyele ekunqanqathekeni.”

Aba babesakuba ziintshayi bazimisele ukungaphindi batshaye. Ngaba nawe uyintshayi efuna ukwahlukana nalo mkhwa?

UMieko

UOsamu

UYasuhiko

UAkio nomfazi wakhe, uSachiko

UJunichi nentombi yakhe uMeri

UYoko

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share