IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g01 4/8 iphe. 17-19
  • Liyintoni Ikamva Lokulawulwa Kwezixhobo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Liyintoni Ikamva Lokulawulwa Kwezixhobo?
  • Vukani!—2001
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Imiba Eshukuxwa Shushu
  • Ukukhanda Amakrele Abe Ngamakhuba
  • Izixhobo Ezincinane Zibangela Izintsompothi Zeengxaki
    Vukani!—2001
  • Imipu—Indlela Yokuphila
    Vukani!—1990
  • Indlela Eyiyo Imfazwe Kule Mihla
    Vukani!—2001
  • Imipu—Indlela Yokufa
    Vukani!—1990
Khangela Okunye
Vukani!—2001
g01 4/8 iphe. 17-19

Liyintoni Ikamva Lokulawulwa Kwezixhobo?

KWIMINYAKA yakutshanje ehlabathini lonke oorhulumente baye baxubusha iindlela zokulwa nokuthengiswa ngokungekho mthethweni kwezixhobo ezincinane. Lo mbandela uye waqwalaselwa yiNgqungquthela YeZizwe Ezimanyeneyo. Kuye kwaqulunqwa iingxelo, kwenziwa uncomelo kwaza kwamkelwa nezindululo. Noko ke, abahlalutyi bathi ukunikela ingqalelo kwizixhobo ezithengiswa ngondlela-mnyama kuthetha ukuba abona barhwebi baphambili bezixhobo—oorhulumente—abahlalutywa bona.

Enyanisweni, awucaci ncam umahluko phakathi kwezixhobo ezithengiswa ngokusemthethweni nangokungekho mthethweni. Izixhobo ezininzi ezingekho mthethweni zakha zasemthethweni. Izixhobo ezazidla ngokuthengiselwa imikhosi nezikhululo zamapolisa zidla ngokubiwa zize zithengiswe ngondlela-mnyama. Ngokubhekele phaya, kuyinto eqhelekileyo ukuba izixhobo ziphinde zithengiselwe omnye umntu ngaphandle kolwazi okanye imvume yomntu wokuqala owazithengisayo. Elinye inqaku lolindixesha othi Arms Control Today lithi: “Oorhulumente bamazwe kuya kufuneka basebenze ngamandla ukulwa nokuthengiswa ngondlela-mnyama kwezixhobo ezilula nokuzihlola ukuba bona bami ndawoni kurhwebo olusemthethweni lwezixhobo.” Nangona abaninzi benethemba lokuba amazwe ekugqibeleni aya kuluphelsa urhwebo ngezixhobo ezincinane, enye intatheli yathi: “Njengoko amalungu amahlanu asisigxina ebhunga [lokhuseleko lweZizwe Ezimanyeneyo] ebandakanyeke kurhwebo olungama-80% lwezixhobo ehlabathini lonke, mhlawumbi asifanele sizinike ithemba.”

Ukongezelela kwingxaki yokulawula intaphane yezixhobo ezincinane kwanezilula kukuba kulula ukuzivelisa. Ngoxa embalwa amazwe enza izixhobo ezintsonkothileyo njengeenkanunu, iinqwelo-moya neenqanawa zemfazwe, kukho imizi-mveliso engaphezu kwama-300 kumazwe amalunga nama-50 ngoku evelisa izixhobo ezilula. Imizi-mveliso emininzi yemipu ayandisi nje kuphela izixhobo zamazwe kodwa iphindaphinda amathuba okunika izixhobo imikhosi, amahlokondiba emvukelo nemibutho yezaphuli-mthetho.

Imiba Eshukuxwa Shushu

Ukuza kuthi ga ngoku, besigxininisa ekusetyenzisweni kwezixhobo ezincinane kumazwe adlavulwe yimfazwe. Noko ke, imiba ephathelele ukulawulwa kwemipu ishukuxwa shushu kumazwe abonakala ezinzile nangenazo iimfazwe. Abo bakumele ngeenyawo ukubekwa kwemithetho engqongqo ephathelele ukulawulwa kwemipu bathi imipu emininzi ibangela ukubulawa okugqithiseleyo kwabantu. Bema ngelithi eUnited States, apho kungekho mithetho ingqongqo nalapho imipu iyintaphane, kubulawa abantu abaninzi, kodwa eNgilani, apho imipu ilawulwa ngokungqongqo, akubulawa bantu kangako. Abangavisisaniyo nokubekwa kwemithetho elawula imipu bakhawuleza bathi eSwitzerland abantu abaninzi bayifumana lula imipu, kodwa umlinganiselo wokubulawa kwabantu uphantsi.

Enye into ephinda ixake, uhlolisiso lubonisa ukuba eUnited States abantu babulawa kakhulu kungasetyenziswa mipu, umlinganiselo ongaphezu kwesimbuku sokubulawa kwabantu kumazwe amaninzi aseYurophu. Kodwa kukho amanye amazwe anomlinganiselo wokubulawa kwabantu kungasetyenziswa mipu ongaphezulu kwesimbuku somlinganiselo wokubulawa kwabantu eUnited States.

Kuyinto eqhelekileyo ukusebenzisa—nokusebenzisa kakubi—uhlolisiso ngelokuzama ukuxhasa imbono ethile. Yaye kumbandela wokulawula imipu, kubonakala ukuba ngembono nganye, kukho imbono ephikisana naleyo isengqiqweni. Le miba intsonkothile. Noko ke, iingcali ziyavumelana kwelokuba kukho iinkalo ezininzi, ngaphandle kokuba nemipu, ezikhuthaza umlinganiselo wokubulawa kwabantu nolwaphulo-mthetho.

INational Rifle Association enamandla yaseUnited States idla ngokuthi: “Imipu ayibulali bantu, kodwa ngabantu ababulalayo.” Oku kuthetha ukuba, umpu nangona wenzelwe ukubulala, kodwa awubulali ngokwawo. Ngumntu othulula irhuluwa, ngabom okanye ngengozi. Kambe ke, abanye baqiqa ngelithi imipu yenza kube lula ngabanye abantu ukubulala abanye.

Ukukhanda Amakrele Abe Ngamakhuba

Ngokutsho kweBhayibhile, ingxaki yokubulalana kwabantu ayinakuconjululwa ngokuthabatha imipu ezandleni zabo bathanda ukubulala. Ulwaphulo-mthetho yingxaki yabantu, kungekhona ingxaki yokuba nezixhobo. Isicombululo sokwenene siquka ukutshintsha isimo sengqondo sabantu. Umprofeti uIsaya waphefumlelwa ukuba abhale athi: “[UThixo] uya kugweba phakathi kweentlanga aze alungelelanise imicimbi phakathi kwezizwana ezininzi. Ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba nemikhonto yazo ibe zizikere zokuthena imithi. Uhlanga aluyi kuphakamisela uhlanga ikrele, zingayi kuphinda zifunde nemfazwe kwakhona.”—Isaya 2:4.

Le asiyonto ingenakwenzeka njengoko abanye besenokucinga. Isiprofeto sikaIsaya siyazaliseka namhlanje phakathi kwamaKristu okwenyaniso ehlabathini lonke. Ukutshintsha kwawo ngokomfuziselo izixhobo zibe zezoxolo kubonisa umnqweno wawo osentliziyweni wokuvuyisa uThixo nowokuphila ngoxolo nabanye. Ekuhambeni kwexesha, ngaphantsi koBukumkani bukaThixo, wonke umntu osemhlabeni uya kuhlala eluxolweni ngokupheleleyo enqabisekile. (Mika 4:3, 4) Imipu ayisayi kubulala mntu. Abantu abasayi kubulalana. Izixhobo zokufa ziya kuba ziphelelwe lixesha.

[Imifanekiso ekwiphepha 18]

“Ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share