Abanqolobi—Baza Kuwa Kungekudala!
IBHASI yaseYerusalem, isakhiwo saseburhulumenteni esikwisiXeko saseOklahoma, okanye isakhiwo sokuhlala saseMoscow ezo ziindawo ezisenokuhlaselwa ngabanqolobi. Nangona abanqolobi kubonakala ukuba bazama ukulumkisa abezobupolitika, iinkokeli zomkhosi, okanye iinkokeli zezoqoqosho, sidla ngokungafumaneki isizathu sokuhlasela iindawo ezithile. Amaxesha amaninzi amaxhoba aba ngabantu nje abaqhelekileyo—abantu abangenanto yakwenza neemfuno zabanqolobi. Kutheni ke ngoko abo bathabatha yonke into ngeenyawo ezinkulu bebhenela ekubeni ngabanqolobi?
Kutheni Kukho Abanqolobi?
Abanqolobi basebenzisa iindlela ezichuliweyo, zacingisiswa kusengaphambili zaza zahlolwa. Inani elikhulu labantu abenzakalayo nabafayo asiyonto iza ngamandla kubo leyo. Ukubulawa kwabantu ngolo hlobo kuyindlela yokufumana iinjongo zabo, inxalenye yomothuko noloyiko abafuna ukulutyala ukuze babonise amagunya ukuba abawakhathalele de kufezwe iinjongo zabo. Khawuhlolisise ezinye iinkalo ezibangela izenzo zogonyamelo zabanqolobi.
Intiyo. ULouis J. Freeh, ongumalathisi weU.S. Federal Bureau of Investigation wathi: “Abanqolobi . . . baqhutywa yintiyo. Abo banentiyo baphila kwihlabathi elizaliswe bubuntamo-lukhuni, eligutyungelwe ngamayelenqe, neliyilwe kukungazi.”
Ingcinezelo. UStephen Bowman ubhala athi kwincwadi yakhe ethi When the Eagle Screams: “Kuyavunywa ukuba kukho iinkokeli zamaqela namazwe ezineenjongo ezingekho ngqiqweni zokutshabalalisa abanye abantu. Kodwa kuphinde kubonakale ukuba abanqolobi abaninzi babangelwa kukungabikho kwethemba.”
Udandatheko. Umhleli wencwadi ethi Urban Terrorism, uthi: “Amaxesha amaninzi . . . eyona nto ibasela umnqolobi kukudandatheka yimeko yezobupolitika, eyasekuhlaleni neyezoqoqosho ebonakala ingentle.”
Ukungabikho kokusesikweni. Kwinqaku lakhe elinomxholo othi “The Policy of Terrorism,” UMichael Shimoff wathi: “Ukuba ngumnqolobi kuluphawu lwengxaki, kungekhona eyona ngxaki.” Uqhubeka esithi: “Usukelo lwethu oluhlala luhleli lufanele lube kukuphelisa iingxaki ezibangela abanqolobi ezingokwentlalo nezobupolitika. . . . Enye into esinokuyenza ngoxa sisilwa nabanqolobi kukwenza imigudu ngamxhelo-mnye yokumisela inkululeko, isidima, okusesikweni nemilinganiselo yobuntu. Kuphela kuxa loo migudu isebenza, apho siya kukwazi ukuyeka umlo nxamnye nabanqolobi.”
Oonobangela nembali yabanqolobi iwangqina eyinyaniso amazwi eBhayibhile athi: “Ngexesha athi umntu alawule umntu iba kukwenzakala kwakhe.” (INtshumayeli 8:9) IBhayibhile yada yazixela kwangaphambili izenzo ezibangela kubekho abanqolobi. Ithi: “Ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo. Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, . . . abangenawo umsa wemvelo, abangayifuni kwaphela imvisiswano, abanyelisi, abangenakuzeyisa, iindlobongela, abangathandi kulunga, abangcatshi abaneentloko ezilukhuni, abakhukhumele likratshi.”—2 Timoti 3:1-4.
Inyaniso isekubeni imigudu yabantu yokulwa nabanqolobi, kungakhathaliseki ukuba inyaniseke kangakanani na, ayinakuhlangabezana noonobangela bokuba kubekho abanqolobi. Ngokusengqiqweni iBhayibhile ithi: “Ayikho semntwini wasemhlabeni indlela yakhe. Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.” (Yeremiya 10:23) Noko ke, ngoxa ukucombulula ingxaki yabanqolobi kungaphaya kwamandla abantu, ngokuqinisekileyo akukho ngaphaya kwamandla kaThixo.
Isicombululo
Abo baye boniwa okanye bacinezelwa nabaziva bedandathekile banokuthuthuzelwa leli themba liqinisekileyo leBhayibhile: “Abathe tye bona baya kuhlala emhlabeni, nabangenakusoleka baya kusala kuwo. Bona ke abangendawo, baya kunqunyulwa emhlabeni; ke wona amaqhophololo, aya kuncothulwa kuwo.”—IMizekeliso 2:21, 22.
Esi sithembiso sikaThixo siya kuzaliseka kungekudala. UMlawuli wakhe, uKumkani uYesu Kristu, uya kuqinisekisa ukuba kuyenzeka oko. Isiprofeto seBhayibhile sithi ngoKristu: “Akayi kugweba ngayo nayiphi na imbonakalo nje esemehlweni akhe, engayi kohlwaya ngokwento nje eviwe ziindlebe zakhe. Uya kuzigweba izisweli ngobulungisa, abohlwaye ngokuthe tye abo balulamileyo bomhlaba.”—Isaya 11:3, 4.
Ewe, uNyana kaThixo, uYesu Kristu, kungekudala uya kususa konke okungekho sikweni, kwakunye nabo bakwenzayo. Kwihlabathi likaThixo elitsha lobulungisa abanqolobi nogonyamelo lwalo naluphi na uhlobo, ezo iya kuba zizinto zexa elidluleyo. Ngoko wonke umntu osemhlabeni uya kuhlala ekhuselekile, engoyiki kwenzakaliswa kwalo naluphi uhlobo.—ISityhilelo 21:3, 4.
[Umfanekiso okwiphepha 20]
IBhayibhile ithembisa ukuba uThixo kungekudala uya kuphelisa lonke uhlobo lwengcinezelo nokungabikho kokusesikweni