Imbono YeBhayibhile
Ngaba Zonke Iicawa Ziziindlela Nje Ezahlukeneyo Eziya KuThixo?
UMBHALI uMarcus Borg wathi: “Ndiyifumanisa ingakholeleki into yokuba uThixo wendalo iphela akhethe ukwaziwa yicawa enye kuphela.” UDesmond Tutu owafumana iBhaso Loxolo likaNobel wathi: “Akukho cawa inokuzingomb’ isifuba ithi inenyaniso epheleleyo ngentsinda-badala yokholo.” Imbono edumileyo yamaHindu ithi “Jotto moth, totto poth,” xa iguqulelwe ngokuqhelekileyo ithetha ukuba zonke iicawa ziziindlela ezahlukeneyo eziya kwindawo enye. AmaBhuda nawo anembono efanayo. Eneneni, izigidi zabantu zikholelwa ekubeni zonke iicawa ziziindlela ezahlukeneyo eziya kuThixo.
Umbhali-mbali uGeoffrey Parrinder wathi: “Maxa wambi kuthiwa zonke iicawa zisengela thungeni linye, okanye ziindlela ezifanayo ezikhokelela kwinyaniso, okanye zonke zinemfundiso enye.” Iimfundiso, izithethe kunye nezithixo zeecawa ziyafana. Inkoliso yeecawa zithetha ngothando yaye zifundisa ukuba ukubulala, ubusela nokuxoka kuphosakele. Kwinkoliso yeecawa, abanye bazama ngokunyanisekileyo ukunceda abanye. Ngoko ke, ukuba ubani unyanisekile kwiinkolelo zakhe yaye uzama ukuphila ubomi obufanelekileyo, ngaba ibalulekile into yokuba ukhonza kwiyiphi icawa? Okanye ngaba zonke iicawa ziziindlela nje ezahlukeneyo eziya kuThixo?
Ukunyaniseka Kukodwa—Ngaba Kwanele?
Khawucinge ngemeko yendoda yenkulungwane yokuqala engumYuda uSawule, eyaba ngumpostile ongumKristu awaziwa ngokuba nguPawulos. Wayelilungu lobuYuda elalinenzondelelo gqitha, yaye oku kwabangela ukuba azame ukuluphelisa unqulo lwabalandeli bakaKristu, awayevakalelwa kukuba lwalungafanelekanga. (IZenzo 8:1-3; 9:1, 2) Kodwa, ngenceba kaThixo uSawule waqonda ukuba abantu abanokholo ngokwenene njengaye banokuba nenzondelelo ngoThixo, kodwa ngenxa yokungabi nalwazi lwaneleyo, banokuhamba ngendlela engeyiyo. (Roma 10:2) Xa uSawule wafunda okungakumbi ngokuthanda kukaThixo nangendlela aqhubana ngayo nabantu, waguquka waza wanqula kunye naba ebebatshutshisa—abalandeli bakaYesu Kristu.—1 Timoti 1:12-16.
Ngaba iBhayibhile ithi kukho amakhulu eenkolelo ekunokuthi xa ubani ekhetha nayiphi na kuzo ibe yelungileyo kuThixo? Umpostile uPawulos wafumana imiyalelo kuYesu Kristu ovusiweyo eyayithetha okwahluke ngokupheleleyo. UYesu wamthumela kubantu beentlanga ukuba ‘avule amehlo abo, abaphethule ebumnyameni, baye ekukhanyeni nakwigunya likaSathana, baye kuThixo.’ (IZenzo 26:17, 18) Ngokucacileyo ukhetho lwethu lonqulo lubalulekile. Uninzi lwabantu uPawulos awayethunyelwe kubo babesele benalo unqulo lwabo. Kodwa ‘babesebumnyameni.’ Ngokwenene, ukuba zonke iicawa ziziindlela ezahlukeneyo ezikhokelela kubomi obungunaphakade nakwinkoliseko kaThixo, kwakungekho mfuneko yokuba uYesu aqeqeshe abalandeli bakhe ukuba benze umsebenzi wokwenza abafundi awabayalela ukuba bawenze.—Mateyu 28:19, 20.
KwiNtshumayelo yakhe edumileyo yaseNtabeni, uYesu wathi: “Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba ibanzi kwaye iphangalele indlela esa entshabalalweni, yaye baninzi abangena ngayo; kanti limxinwa isango kwaye imxinwa indlela esa ebomini, yaye bambalwa abayifumanayo.” (Mateyu 7:13, 14) IBhayibhile iyibeka ngokucacileyo into yokuba “lunye ukholo.” (Efese 4:5) Ngokucacileyo abaninzi abasendleleni ‘ephangaleleyo’ bangamalungu onqulo oluthile. Kodwa abanalo ‘ukholo olunye.’ Ekubeni kukho indlela enye yokunqula, abo bafuna ukufumana ukholo olululo bafanele balukhangele.
Ukufuna UThixo Oyinyaniso
Kwasekuqaleni kwembali yabantu, uThixo ubaxelele abantu into afuna bayenze. (Genesis 1:28; 2:15-17; 4:3-5) Namhlanje iimfuno zakhe zicaciswe kakuhle eBhayibhileni. Oku kwenza sikwazi ukwahlula phakathi konqulo olwamkelekileyo nolungamkelekanga. (Mateyu 15:3-9) Bambi abantu bazalelwe kunqulo oluthile, ngoxa abanye behamba nje nomndilili ekuhlaleni. Kwabaninzi, umbandela wonqulo ngumcimbi nje wendawo nexesha ozalwe ngalo. Noko ke, ngaba umbandela wokukhetha unqulo ufanele uwenze ngamabona-ndenzile okanye uvumele abanye bakwenzele esi sigqibo?
Ukukhetha unqulo kufanele kusekelwe kulwazi nophando olwenziwe eZibhalweni. Ngenkulungwane yokuqala, abantu abathile abafundileyo babesenza okungakumbi kunokusuka nje bamkele iimfundiso zikaPawulos beqala nje ukuziva. ‘Babezincina ngenyameko iZibhalo mihla le mayela nokuba zinjalo kusini na ezo zinto.’ (IZenzo 17:11; 1 Yohane 4:1) Kutheni ungenzi okufanayo nje nawe?
IBhayibhile ichaza uThixo wendalo iphela njengalowo ukhangela abantu abaza kumnqula ngenyaniso. Njengoko kubhaliwe kuYohane 4:23, 24, uYesu wathi: “Noko ke, liyeza ilixa, nangoku selikho, xa abanquli bokwenyaniso baya kumnqula uBawo ngomoya nenyaniso, kuba, eneneni, uBawo ufuna abanjalo ukumnqula. UThixo unguMoya, nabo bamnqulayo bamele banqule ngomoya nenyaniso.” Kuphela ‘lunqulo oluhlambulukileyo nolungadyobhekanga ngokwembono kaThixo noBawo wethu’ olwamkelekileyo kuye. (Yakobi 1:27) UThixo uyisikelele imizamo yezigidi yokufumana indlela emxinwa ekhokelela ebomini. Akayi kubanika ubomi obungunaphakade abo bangakhathaliyo kunoko uya kunika abo benza umzamo wokwenene wokufumana indlela emxinwa ayibekileyo baze bahambe kuyo.—Malaki 3:18.