Ukubakho Kwethemba Phezu Kwazo Nje Iimeko Ezimasikizi
“ZONKE IZAKHIWO EZAZIKUFUTSHANE NAM ZAZIZAMAZAMA ZILEPHUZ’ AMALANGATYE. NJENGOKO NDANDIBALEKA, ABANTU MACALA ONKE BABEKHALA, BETHANDAZA YAYE BECELA UNCEDO. NDANDISITHI LIYAPHELA IHLABATHI.”—UG. R., OWASINDA KWINYIKIMA.
NYAKA ngamnye kubakho ukushukuma okungapheliyo okwenzeka emazantsi esi sijikelezi-langa sethu. Kambe ke, ubukhulu becala oku kushukuma akuvakali kuthi.a Sekunjalo, phantse kangangezihlandlo ezili-140 ngonyaka, oku kushukuma kuphumela ekubeni ziinyikima zomhlaba “ezinamandla,” okanye “ezinkulu ngokugqithiseleyo.” Ukutyhubela imbali, ezi nyikima ziye zabulala izigidi ngezigidi zabantu zaza zashiya nomonakalo ongathethekiyo.
Kwakhona iinyikima zishiya abasindileyo bengxwelerhekile ngokweemvakalelo. Ngokomzekelo, emva kokuba iinyikima ezimbini zathi zadlakazelisa iEl Salvador ebutsheni bowama-2001, umalathisi wekomiti ejongene nempilo yengqondo yesebe lezempilo lelo lizwe wathi: “Abantu ngoku baneengxaki engqondweni eziquka ukudakumba, ukuphelelwa lithemba nomsindo.” Akumangalisi ukuba, abasebenzi kwezempilo e-El Salvador banikela ingxelo ngolwando lwama-73 ekhulwini kwinani labaguli abanoxinezeleko nokuxhalaba. Enyanisweni, uhlolisiso lwabonisa ukuba phakathi kweentswelo zabo bakwiinkampu zabasabi, ukunyangwa kwengqondo kwakulandela kwindawo yesibini emva kwentswelo yamanzi.
Kodwa inyikima ayibangeli ukufa, ukutshatyalaliswa nokuphelelwa lithemba nje kuphela. Kwiimeko ezininzi, ezi ntlekele ziye zabangela ukuba abantu babonise umoya omhle nokuzincama ngendlela engaphaya kwengqondo. Enyanisweni, abanye baye basebenza bengadinwa ukuze balungise izakhiwo ezonakalisiweyo nabantu abenzakeleyo. Intsebenziswano elolo hlobo iye yanikela intlantsi yethemba phezu kwazo nje ezo meko zimasikizi, njengoko siza kubona.
[Umbhalo osemazantsi]
a Oku kushukuma kuquka iinyikima ezincinane gqitha, amawaka azo enzeka mihla le.
[Umfanekiso okwiphepha 17]
EAtene, eGrisi, omnye ubawo uvuyiswa kukufumanisa ukuba intombi yakhe eneminyaka emihlanu ubudala iye yahlangulwa
[Inkcazelo]
AP Photos/Dimitri Messinis