Ndandingumququzeleli Wezobupolitika Kodwa Ngoku NdingumKristu Ongundilele
NGOKUBALISWA NGULADISLAV ŠMEJKAL
Emva kokuba ndigwetyiwe, ndabuyiselwa esiseleni. Ngoko nangoko, ndadlulisela umyalezo kumhlobo owayekwimigangatho emibini engasentla ngeMorse code. Wayelindele ukuva isigwebo endisifumeneyo.
Ndathi: “Ndigwetywe iminyaka elishumi elinesine.”
Akazange akholelwe. Ngoko wabuza: “Iinyanga ezilishumi elinesine?”
“Hayi, iminyaka elishumi elinesine.” Ndaphendula ngelitshoyo.
KWAKUNGOWE-1953. ELiberec, eCzechoslovakia (ngoku ebizwa ngokuba yiCzech Republic). Ndandingumququzeleli wezobupolitika one-19 leminyaka ubudala yaye ndandifuna kwenziwe iinguqu kwezobupolitika. Ukuze sivakalise izimvo zethu, thina baququzeleli bezobupolitika sasisasaza amaphecana agxeka uMbutho wobuKomanisi, owawulawula ngelo xesha. Umsebenzi wethu wawugqalwa njengokungcatsha urhulumente—kungenxa yoko le nto ndagwetywa ixesha elide kangaka.
Ndandisele ndichithe ixesha elimalunga nonyaka entolongweni ngaphambi kokuba ndigwetywe. Amabanjwa angekagwetywa ayehlaliswa ngamabini esiseleni, yaye maxa wambi ayeye agqunywe amehlo aye kuncinwa. Sasingavunyelwa ukuba sithethe xa siseziseleni zethu, ngoko sasisebeza okanye sidlulisele imiyalezo ngeMorse code.
Ndakhawuleza ndafumanisa ukuba uninzi lwamabanjwa ayelapho lwalungamaNgqina kaYehova. Kwakuyinto eqhelekileyo kuloo ntolongo ukuba emva kwenyanga okanye ezimbini banjwa ngalinye lihlaliswe nebanjwa elitsha esiseleni. Ekubeni ndandinomdla eBhayibhileni, ndavuya gqitha xa ekugqibeleni ndahlaliswa neNgqina. Ethubeni, ndaqalisa ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina.
Mhlawumbi unokuthi ezo ngxubusho sasiba nazo yayizizifundo zeBhayibhile, nangona sasingenayo iBhayibhile okanye uncwadi olusekelwe eBhayibhileni. Eneneni, ndandingazange ndiyibone iBhayibhile oko ndaba ngumntu. Kodwa xa sixubusha—eli Ngqina lalidla ngokuthetha ngemibandela yeBhayibhile eliyikhumbulayo—ndize ndibhale oko likuthethayo. Yonke le nto siyenza sisebezelana.
Ekuphela kwezinto esasinazo liphepha elisetyenziswa kwindlu yangasese nekama. Ndandibhala ngekama kweli phepha. Uninzi lwezibhalo esasizixubusha ndazigcina ngentloko. AmaNgqina endandifundisisa nawo andifundisa neengoma zoBukumkani. Elinye iNgqina lathi kum: “Ngoku uvalelwe ngenxa yokuba ungumququzeleli wezobupolitika, kodwa ngeny’ imini usenokuvalelwa kuba uliNgqina likaYehova.”
Ekugqibeleni, emva kokuncinwa into engapheliyo, ndagwetywa ndaza ndasiwa kwinkampu ekusetyenzwa nzima kuyo, kufuphi nedolophu yaseJáchymov. Ngelo xesha, ndandisele ndiqinisekile ukuba ngenye imini ndiya kuze ndibe liNgqina likaYehova.
Iminyaka Emininzi Eluvalelweni
Into yokuqala endafika ndayenza kwinkampu ekwakusimbiwa kuyo iuranium kukukhangela amaNgqina. Kodwa ndafumanisa ukuba asiwe kwenye indawo. Noko ke, kwakusele iNgqina elinye elalipheka. Landiboleka iBhayibhile edlakadlaka ekwakucaca ukuba kudala ifihlwa kwiindawo ngeendawo. Ngoko ndakwazi ukufunda izibhalo endandizazi ngentloko. Njengoko ndifunda ndandiye ndithi, ‘Tyhini, yile nto ndayifundiswa ngabazalwana le.’
Malunga nenyanga emva koko, ndatshintshelwa kwinkampu iBytiz kufuphi nedolophu iPříbram. Kulapho ndadibana khona namanye amaNgqina. EBytiz sasisoloko sifumana uncwadi lweBhayibhile olwaluthutyeleziswa. Nangona abaphathi baloo nkampu bazama ukwazi indlela esasilufumana ngayo, abazange bawufumane umkhondo. Kwakukho amabanjwa ali-14 ayeshumayela ngokuzimisela. Isiqingatha sala mabanjwa yayingamaNgqina abhaptiziweyo, ukanti esinye isiqingatha yayingabantu nje abafana nam abamkela iimfundiso zamaNgqina entolongweni.
Uninzi lwethu lwalufuna ukufuzisela uzahlulelo kuThixo ngokubhaptizwa emanzini. Kodwa ngenxa yokuba amanzi ayenqabile—okanye mandithi, ngenxa yokungabikho kwento enkulu ngokwaneleyo yokugalela amanzi—kwakunzima ukuba singantywiliselwa. Ngoko, abantu abaninzi ngezo mini kwakufuneka balinde de bakhululwe entolongweni ukuze babhaptizwe. Noko ke, kwinkampu iBytiz, kwakukho amatanki amakhulu okupholisa umoya ongena emgodini. Phakathi kwiminyaka yee-1950, abaliqela kuthi babhaptizelwa kuvimba waloo matanki.
Kwiminyaka ethile emva koko, ngoMatshi 1960, ndabizwa lipolisa elalijongene namabanjwa ezobupolitika. Lathi isigwebo sam sasinokuncitshiswa ukuba nje ndandinokulixelela ngoko kwakusenziwa ngamanye amabanjwa. Ndathi ndakungavumi landitsho ngezithuko. Likhwaza, lathi: “Kucacile ukuba akufuni kukhululeka. Ndiza kuqinisekisa ukuba akusoze ugoduke! Uya kubolela apha.” Noko ke, kwadlula nje iinyanga ezimbini amabanjwa afana nam axolelwa aza akhululwa, yaye emva kweminyaka esibhozo ndisentolongweni ndagoduka.
Inkululeko Yethutyana
Njengoko umsebenzi wamaNgqina kaYehova wawuvaliwe eCzechoslovakia ukususela ngoApril 1949, ndakhawuleza ndaqonda ukuba ukukhonza uThixo ndikhululekile kwakuphantse kufane nokumkhonza entolongweni. Ngoko, emva kokukhululwa entolongweni, ndajamelana nenye ingxaki. Ngelo xesha kwakunyanzelekile ukuba ndoda nganye kwelo iye emkhosini kangangeminyaka emibini.
Amanye amadoda awayesebenza kumashishini kaRhulumente kwakunganyanzelekanga ukuba aye emkhosini. Ngokomzekelo, lawo ayesebenza kwimigodi yamalahle, ayengayi emkhosini. Ekubeni ndandikhe ndasebenza emgodini, ndaqeshwa komnye waloo migodi. Ndamkelwa ngezandla ezishushu apho. Kwathiwa: “Ungazikhathazi ngomkhosi. Siza kuqinisekisa ukuba akuyi apho.”
Kwiinyanga ezimbini kamva, xa ndafumana isijoli esithi mandiye emkhosini, iziphatha-mandla zomgodi zandiqinisekisa ngelithi: “Ungazikhathazi wena, inokuba kwenzeke nje impazamo. Siza kubhalela emkhosini siyilungise yonke loo nto.” Kodwa akuzange kulunge nto. Ekuhambeni kwexesha, esinye isiphatha-mandla saza kum sacela uxolo sathi: “Iyaqala ke ukwenzeka le nto, kodwa kuza kunyanzeleka ukuba uye emkhosini.” Ndabanjwa ndaza ndasiwa kwinkampu yamajoni eyayikufuphi kuba isazela sam singandivumeli ukuba ndiye emkhosini.—Isaya 2:4.
Ndabizwa Ukuze Ndincinwe
Emva kokuvalelwa kwidolophu yaseKladno ngoJanuwari 1961, ndacengwa ukuba ndibe lijoni. Ijoni elaliphethe apho labiza intlanganiso. Ndangeniswa kwigumbi leentlanganiso elalinetafile enkulu nezitulo ezitofotofo ezenziwe ngethwathwa. Akuzange kube kudala angena ngokungena amajoni aza angqonga le tafile. Umgcini-sihlalo wandixelela amagama awo onke. Wandula ke wahlala phantsi waza wathi: “Khawusixelele ke ngolu nqulo lwakho.”
Emva kokuthandaza entliziyweni ngokukhawulezileyo, ndaqalisa ukuthetha naloo majoni ayephulaphule ngenyameko. Le ngxubusho yahamba yaya kuma ngendaleko, yaye ema ngelithi inzululwazi iyayixhasa indaleko. Kwinkampu endakha ndasebenza kuyo ngaphambi koko, ndafunda incwadana ethi Evolution Versus the New World.a Into eyawothusayo loo majoni, kukuba ndiwaxelele ukuba abukho ubungqina obuxhasa indaleko.
Ngoko, umphathi wamajoni ekubonakala ukuba wayenofifana ngeemfundiso zamaKatolika wangenelela. Wabuza: “Uthini ke ngeNtombi Enyulu enguMariya? Wona uMthendeleko ongcwele uwujonga njani?” Emveni kokuba ndimphendule ndathi: “Mhlekazi, umele ukuba ulikholwa, kuba nemibuzo yakho yahlukile kweyabanye.”
“Hay’! Hay’! Suka! Andilokholwa mna!” wabhavumla watsho. KuRhulumente wamaKomanisi, abo babezibanga bengamaKristu babephathwa ngendledlana engenasidima okanye banganikwa zimbopheleleko. Ngoko emva kwaloo ngxubusho, loo mphathi akazange aphinde awuvule owakhe. Ndavuya ndakufumana ithuba lokuchazela loo madoda ngeenkolelo zamaNgqina kaYehova.
Amathuba Angakumbi Okushumayela
Kwiintsuku ezithile kamva, ndasiwa kwenye inkampu yamajoni yasePrague apho ndandiphantsi kweliso elibukhali. Ijoni lokuqala elalixhobile nelalabelwe ukuba lindijonge lamangaliswa kukuba ndibe phantsi kweliso elibukhali ngolu hlobo. Lathi: “Siyaqala ukugada umntu ngolu hlobo.” Ngoko ndalichazela isizathu sokuba ndivalelwe. Oku kwayithimba ingqalelo yalo kangangokuba lahlala phantsi—lifake umbayimbayi walo phakathi kwemilenze—laza laphulaphula. Emva kweeyure ezimbini laphuma elo joni kwangena elinye, nalo landihlaba imibuzo saza saqalisa ingxubusho yeBhayibhile.
Kwiintsuku ezilandelayo, ndaba nethuba lokuthetha noonogada abo bam kwakunye namanye amabanjwa ngemvume yamajoni. Aba nogada bada bakhupha namabanjwa aseziseleni ukuba aze kuphulaphula ingxubusho yeBhayibhile! Ixhala lam lalikukuba, ethubeni, inkululeko yokuthetha namanye amabanjwa endandiyinikwa ngaba nogada yayiza kwaziwa ize loo nto ibangele ingxaki. Kodwa yonke loo nto yaba yindaba yakwamkhozi.
Ekugqibeleni, ndithe ndakuvela phambi kwenkundla ukuze ndigwetywe, ndakhuthazwa ngabo ndandishumayela kubo. Ndagwetywa iminyaka emibini, phezu kweminyaka emithandathu endandisele ndiyigwetyiwe nendandingazange ndiyisebenze ngenxa yokuba ndandixolelwe. Loo nto yathetha ukuba ndandisajongene neminyaka esibhozo ndithothoza entolongweni.
Ndandisazi Ukuba UThixo Ungakum
Ngalo lonke ixesha nditshintshatshintsha iintolongo neenkampu eCzechoslovakia ndandisazi ukuba uThixo ungakum. Ndathi ndakufika kwintolongo yaseValdice, intloko yalapho yandibuza ukuba ndikho ngabuni apho. Ndaphendula ndathi: “Ndalile ukuya emkhosini. Kuchasene neenkolelo zam ukuya emfazweni.”
Ivelana nam yathi: “Ibiya kuba ntle into yokuba wonke umntu acinge ngolo hlobo.” Kodwa emva kokuba ikhe yadla amathamb’ entloko okwethutyana yathi: “Kodwa ekubeni uninzi lwabantu lungacingi ngolo hlobo kule mihla, kuza kufuneka sikohlwaye—hayi nje kancinci!”
Ndasiwa kwicandelo lokusika iglasi, candelo elo ekwakusebenza kulo abantu abohlwayiweyo. Kaloku, nangona ndandigwetyelwe ukungavumi ukuya emkhosini njengomnye wamaNgqina kaYehova, ndandisagqalwa njengebanjwa lezobupolitika, yaye ndandinikwa imisebenzi enzima gqitha. Ukusika iiglasi zobuxhakaxhaka bezibane nobunye uburhocorhoco kwakungumsebenzi onzima gqitha ngenxa yokuba ezo zinto kwakufuneka zingabi nasiphako. Yayiqhelekile into yokuba amabanjwa eze nomsebenzi awenzileyo, suke ngemini elandelayo kubuyiswe isiqingatha sawo ukuze ulungiswe. Ngoko kwakunzima ukwenza umsebenzi kanye ngale ndlela ufunwa ngayo.
Mhla ndangena kwicandelo lokusika iglasi, kwafuneka ndiqale ndilinde umphathi weli candelo. Wathi efika nje, wab’ engxolisa amabanjwa, awayevakalelwa kukuba ayekelel’ umxakatho. Wadlula weza kum waza wathi: “Yintoni ingxaki yakho wena? Ungasebenzi nje ulinde ntoni?”
Ndamxelela ukuba ndilibanjwa elitsha. Wandisa kwiofisi yakhe waza wandibuza laa mibuzo midala yokuba kutheni ndivalelwe. Emva kokumchubela yonke imeko yam, wathi: “Oo, ungomnye wamaNgqina kaYehova?”
“Ewe,” ndaphendula ngelitshoyo.
Waqala ngoku wandijonga ngeny’ indlela. Wathi: “Ungakhathazeki. Sikhe sanamaNgqina kaYehova amaninzi apha. Siyawahlonela xa ewonke, kuba ayazimisela emsebenzini yaye angabantu abandilisekileyo. Ndiza kuqinisekisa ukuba ufumana umsebenzi okulingeneyo.”
Ndasala ndingawuvali umlomo kukutshintsha ngokupheleleyo kwesimo sengqondo salo mphathi. Ndambulela gqitha uYehova kunye naloo makholwa ndingawaziyo awabangela ukuba amaNgqina abe nodumo oluhle kangako kuloo ntolongo. Enyanisweni, ndandisazi ukuba uYehova ungakum ngalo lonke ixesha ndikuloo ntolongo.
Naxa iimeko zisiba nzima, ndandiqinisekile ukuba ndakuze ndidibane nabazalwana bam abangamaKristu. Ndandisiba nombono woncumo lwabo oluhle yaye oko kwakundikhuthaza. Ngaphandle kwabo, andiqondi ukuba ndandinokumelana neemeko zasentolongweni.
Kuninzi lwamabanjwa eyona nto yayibonakala iphambili kukuziphindezela ngayo yonke impatho-mbi awayeyifumana apho. Kodwa kwakungenjalo kum. Ndandisazi ukuba ndibandezeleka ngenxa yokuthobela imigaqo kaThixo yobulungisa. Ngoko ndaqonda ukuba suku ngalunye endiluchitha entolongweni, uYehova wayeya kundivuza ngokuphila kumhlaba omtsha oyiParadesi iintsuku ezininzi ezizaliswe luyolo.—INdumiso 37:29; 2 Petros 3:13; ISityhilelo 21:3, 4.
Ndinombulelo Ngeentsikelelo Endizifumanayo Namhlanje
Emva kokuchitha iminyaka engaphezu kwe-15 ndiseluvalelweni, ndakhululwa ngoMeyi 1968. Kuqala, ndakha ndamathidala ukuthetha nabantu, nto leyo eqhelekileyo kumntu ochithe ixesha elide lobomi bakhe ephakathi kwamabanjwa okanye oonogada. Kodwa abazalwana bam abangamaKristu bandinceda ndanenxaxheba kumsebenzi wokushumayela ababeqhubeka bewenza, nangona wawuvaliwe ngokusemthethweni.
Kwiiveki nje ezimbalwa ndikhululwe entolongweni, ndadibana noEva. Kwiminyaka emithathu ngaphambilana, yena nomntakwabo bamela inyaniso yeBhayibhile ngenkalipho nakuba babechaswa ngokukrakra yintsapho yakowabo. Saba nesabelo kunye kumsebenzi wokushumayela. Saphinda sasebenza kunye ekuveliseni uncwadi lweBhayibhile. Yonke le nto yayisenziwa kwiindawo zokushicilela ezifihlakeleyo. Satshata ngoNovemba 1969.
Ngowe-1970 saba nomntwana wokuqala, uJana. Ethubeni, ndaqalisa ukutyelela amabandla ngeempelaveki, njengomlungiseleli ohambahambayo wamaNgqina kaYehova, ngenjongo yokuwakhuthaza ngokomoya. Ndithe ndisekulo msebenzi ngowe-1975, ndabanjwa ndaza ndavalelwa entolongweni kwakhona. Kodwa noko ngoku ndahlala nje iinyanga ezimbalwa apho. Kuthe ngowe-1977, safumana unyana, onguŠtěpán.
Ekugqibeleni, ngoSeptemba 1, 1993, amaNgqina kaYehova amkelwa ngokusemthethweni kwiCzech Republic. Kuthe ngonyaka olandela lowo, intombi yethu uJana, yazimanya ngeqhina lomtshato noDalibor Dražan, umdala ongumKristu. Kanti ngowe-1999, unyana wethu, uŠtěpán, osisicaka solungiselelo watshata noBlanka, umlungiseleli wexesha elizeleyo. Sonke ngoku sikumabandla asePrague. Ibe sonke sikhangele phambili kwihlabathi elitsha—kodwa elona xesha ndililangazelela kakhulu lelaxa kungasekho zintolongo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Yapapashwa ngamaNgqina kaYehova ngowe-1950.
[Imifanekiso ekwiphepha 28]
Iindinyana zeBhayibhile ndandizibhala ngekama
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Inkampu iBytiz, endandivalelwe ndaza ndabhaptizelwa kuyo kamva
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Umhla esatshata ngawo
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Ndikunye noEva kunye noŠtěpán noBlanka ekhohlo kwakunye noJana noDalibor ngasekunene