Abantu Abaselula Bayabuza . . .
IiVidiyo Zomculo—Ndingakwazi Njani Ukukhetha Ezifanelekileyo?
“Xa ndibona kuvela igama leqela okanye ingoma ethandabuzekayo, ndiye nditshintshele kwelinye ijelo.”—UCasey.
IIVIDIYO ZOMCULO—zithandwa gqitha lulutsha oluninzi. Kodwa njengokuba inqaku elidlulileyo kolu ngcelele lwamanqaku liye labonisa, iividiyo zomculo ezininzi zibonisa imifanekiso eyothusayo yokuziphatha okubi ngokwesini nogonyamelo.a Kakade ke, umKristu ufanele aphephe naluphi na uhlobo lokuzonwabisa olukhuthaza izinto ezingafunwayo nguThixo. Noko ke, asizizo zonke iividiyo zomculo ezibonisa ukuziphath’ okubi. Ezinye zisenokubonakala zifanelekile ukusa kumlinganiselo othile. Yaye zimbi zisenokubonakala zingenabubi kangako. Sekunjalo, ngendlela engaqondakaliyo ezo vidiyo zinokudlulisela iingcamango zokuziphatha okubi ezingqubanayo neLizwi likaThixo.
Ukuba abazali bakho bayakuvumela ubukele iividiyo zomculo, kuya kufuneka ube uyakwazi ukukhetha kakuhle nokusebenzisa ‘amandla akho okuqonda’ aqeqeshwe ngeBhayibhile ukuze ukwazi ukwahlula okufanelekileyo nokungafanelekanga. (Hebhere 5:14) Yiyiphi imigaqo yeBhayibhile enokukunceda kule nkalo? Nazi ezinye iindinyana zeBhayibhile namagqabaza anokukunceda.
IMizekeliso 4:23: “Ngaphezu kwako konke okunye okumele kulondolozwe, londoloza intliziyo yakho, kuba iphuma kuyo imithombo yobomi.” Ngaba unezinto zokudlala okanye izixhobo zomculo ozithanda kakhulu? Ngokuqinisekileyo wenza konke okusemandleni akho ukuqinisekisa ukuba ziphathwa kakuhle yaye zikhuselekile. Ngokuqinisekileyo ubungayi kuzishiya esitratweni, nditsho nethutyana, ngenxa yokoyika ukuba ziya konakala okanye zibiwe. Ewe, uyazilondoloza. Ngendlela efanayo, ufanele wenze isigqibo sokuba uya kuyilondoloza intliziyo yakho, ungayichanabi kwizinto zokuzonwabisa ezingakhiyo.
Efese 2:1, 2: “Nina uThixo unenze naphila nangona nanifile kwizigqitho nezono zenu, enanikhe ngaxesha lithile nahamba kuzo ngokwenkqubo yezinto yeli hlabathi, ngokomlawuli wegunya lomoya, moya lowo ngoku osebenza koonyana bokungathobeli.” Lo moya ngumoya wehlabathi, indlela yalo yokucinga nezimo zengqondo ezikhuthaza ukungamthobeli uThixo. Lo moya uboniswa kwiividiyo zomculo ezininzi yaye uchasene ngokupheleleyo nomoya kaThixo, ovelisa iimpawu ezifana novuyo, uxolo nokuzeyisa.—Galati 5:22, 23.
2 Timoti 2:22: “Zisabe iinkanuko zobutsha.” Ukubukela abantu abenza iintlobano zesini—nokuba ngumzuzwana nje—kuya kuvuselela inkanuko. Abaselula abaninzi bayavuma ukuba imifanekiso enjalo kunzima ukuba iphume engqondweni; isenokumana isithi qatha engqondweni. Omnye umfana ogama linguDave, owabukela ividiyo engcolileyo, uthi: “Ngalo lonke ixesha ndisiva loo ngoma kuthi qatha loo vidiyo engqondweni.” Ngoko ukubukela iividiyo ezinjalo kunokuvuselela iminqweno yokuba neentlobano zesini.—1 Korinte 6:18; Kolose 3:5.
IMizekeliso 13:20: “Osebenzisana neziyatha uya kuhlelwa bububi.” Zibuze, ‘Ngaba bendiya kumemela endlwini yam abantu abanogonyamelo, abasebenzelana nemimoya, amanxila okanye abaziphethe kakubi?’ Ukubukela abantu abenza ezo zinto kumabonwakude kuyafana nokubamemela kwikhaya lakho. Ngaba ukwenjenjalo kunokwenza ‘wehlelwe bububi’? UKimberly uthi: “Kwezinye iimbutho ndiye ndibone amantombazana anxibe okanye adanisa ngendlela engcolileyo asandul’ ukuyibona kwividiyo.” Nawe usenokuba ukhe wayibona loo nto. Xa luxelisa abantu abangayihloneliyo imilinganiselo kaThixo, olo lutsha lubonisa ukuba sele luqalisile ‘ukwehlelwa bububi.’ Ngoko ke, ngandlela zonke, umele uphephe naluphi na “unxulumano olubi.”—1 Korinte 15:33.
INdumiso 11:5: “UYehova uhlolisisa lowo ulilungisa kwanalowo ungendawo, yaye umphefumlo Wakhe umthiyile ngokuqinisekileyo nabani na othanda ugonyamelo.” Ngaba ukubukela iividiyo ezikhuthaza ugonyamelo akuyi kwenza abanye abantu bacinge ukuba ‘sithanda ugonyamelo’?
Ucelo-mngeni Lokukhetha Iividiyo
Ekubeni “ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo,” kuya kusiba nzima ngakumbi ukufumana izinto zokuzonwabisa ezingaphenjelelwa sisimo sengqondo seli hlabathi. (1 Yohane 5:19) Amanye amajelo adlala iividiyo zomculo asenokubonisa izinto ezininzi ezingamanyala. Nokuba ezo vidiyo azibonisi kuziphatha okubi okanye ugonyamelo kangako, kodwa zidla ngokukhuthaza umoya wehlabathi. Enye imvumi evunyiweyo yathi elinye ijelo elaziwayo elidlala iividiyo zomculo “liyekile ukuba lijelo lomculo ngoku ‘lijelo elibonisa indlela yokuphila.’”
Isicombululo sisenokubonakala silula: Ukuba ividiyo ibonisa amanyala, tshintshela kwelinye ijelo. Kodwa ingxaki kukuba, kusenokufuneka uphaphe xa ubukele amanye amajelo kamabonwakude. Amajelo amaninzi adlala iinkqubo ezibonisa ugonyamelo okanye ezingcolileyo okanye ezinabantu abaziphethe ngendlela ethandabuzekayo. Kuyavunywa ukuba, kusenokucaphukisa ukuthi uzama ukuzonwabisa kube kufuneka utshintshatshintshe amajelo. Yaye maxa wambi, xa utshintsha ijelo, sukube sele ukubonile oko kwenzekayo. Loo mifanekiso yokuziphath’ okubi sele ibethelelekile engqondweni. Sekunjalo, unokuqiniseka ukuba uYehova uThixo uya kuwusikelela nawuphi na umgudu owenzayo wokuzama ukulondoloza intliziyo yakho.—2 Samuweli 22:21.
Akho namanye amanyathelo asenokuba luncedo. UCasey, okhankanywe ngaphambilana uchaza oko wakufumanisa kuluncedo: “Xa ividiyo iqala ukudlala kudla ngokuboniswa igama leqela eliculayo negama lengoma. Amaqela athile adla ngokwaziwa indlela aziphethe ngayo, ngoko usenokuwazi amaqela adla ngokucula iingoma ezingamanyala. Ngoko xa ndibona kuvela igama leqela okanye lengoma ethandabuzekayo, ndiye nditshintshe ijelo. Ndilitshintsha zisuka nje.”
‘Thetha Inyaniso Ngentliziyo Yakho’
Kwanokuba sele unolwazi ngemigaqo yeBhayibhile, usenokuqalisa ukuqhela izinto ezingathandekiyo. Njani? Ngokuqalisa ukuzithethelela. (Yakobi 1:22) IBhayibhile isixelela ukuba umhlobo kaYehova ngulowo ‘uthetha inyaniso ngentliziyo yakhe.’ (INdumiso 15:2) Ngoko nyaniseka kwisiqu sakho. Kuphephe ukuzikhohlisa. Xa uqalisa ukuzithethelela ngokubukela kwakho izinto ezithandabuzekayo, zibuze, ‘Ngaba uYehova uyakholiswa yile nto ndiyibukeleyo?’ Khumbula ukuba, ucelomngeni asikokwazi nje oko kulungileyo okanye kubi, kodwa kukugqiba enoba uya kwenza oko kulungileyo kusini na! Umele ugqale ulwalamano lwakho noYehova njengeyona nto ixabisekileyo kunokuzonwabisa.—2 Korinte 6:17, 18.
Xa ufuna ukwenza ukhetho kudla ngokungancedi nganto ukwenza izigqibo ongazimiselanga kuzizalisekisa. Usenokujika ngokulula kwisigqibo osenzayo xa ungaqinanga. IBhayibhile isixelela ngendlela indoda egama linguYobhi eyayisoyika uThixo eyenza ngayo isigqibo sokuhlala ithembekile kumfazi wayo. Yathi: “Ndenze umnqophiso namehlo am. Ngoko ndinokuzibonakalisa njani ndinikela ingqalelo entombini enyulu?” (Yobhi 31:1) Khawufan’ ucinge! UYobhi wenza umnqophiso, okanye isivumelwano, namehlo akhe ngoko wayefanele akujonge. Eneneni, nawe usenokwenza into efanayo. Yenza isigqibo—isithembiso—sokuba akuyi kubukela izinto ezingafanelekanga. Zibekele imiqathango engqalileyo. Kuthandazele oku. Emva koko yenza ngokuvumelana nesigqibo sakho, yaye usenokude usibhale phantsi. Ukuba ufuna ukuncedwa, kutheni ungawuxubushi lo mbandela nomntu omdala onokumthemba—ngokomzekelo, abazali bakho?
Ngenxa yeengozi ezibandakanyekileyo koku, olunye ulutsha olungamaKristu luye lwenza isigqibo sokuba lungazibukeli kwaphela iividiyo zomculo. Enoba sisiphi na isigqibo ofikelela kuso ngalo mbandela, sebenzisa amandla akho okuqonda. Hlala unesazela esicocekileyo. Ngokuzonwabisa ngendlela eyakhayo nehlaziyayo, unokukuphepha ukuzenzakalisa uze ulondoloze ubuhlobo bakho noYehova.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona inqaku elithi “Abantu Abaselula Bayabuza . . . Ngaba Ndifanele Ndizibukele Iividiyo Zomculo?” kwinkupho kaMatshi 8, 2003.
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Ezinye iividiyo zisenokubonakala zingenabubi kangako kodwa sekunjalo zikhuthaza ukuziphatha okubi
[Umfanekiso okwiphepha 22]
Yenza isigqibo sokungazibukeli izinto ezingafunwayo nguThixo