IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g03 11/8 iphe. 24-26
  • Ndinokuhlangabezana Njani Nokulindela Kwabantu Ukuba Ndifane Nabazali Bam?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ndinokuhlangabezana Njani Nokulindela Kwabantu Ukuba Ndifane Nabazali Bam?
  • Vukani!—2003
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukufana Nabo
  • Akubobulumko Kwaphela Ukuvukela
  • Indlela Ebhetele
  • Kutheni Ndifanele Ndithobele Abazali Bam?
    Vukani!—1995
  • Lutsha—Abazali Benu Bayachaphazeleka Zizinto Enizenzayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Bazali—Baqeqesheni Ngothando Abantwana Benu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Kutheni Ndimele Ndiphile Ngaphandle Kwabazali Bam?
    Vukani!—1998
Khangela Okunye
Vukani!—2003
g03 11/8 iphe. 24-26

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Ndinokuhlangabezana Njani Nokulindela Kwabantu Ukuba Ndifane Nabazali Bam?

“Utata ungumdala owaziwayo kwibandla lamaNgqina kaYehova. Ndiyamhlonela kodwa iny’ into endingayithandiyo, yile yokuba naphi na apho ndihamba khona ndaziwe njengonyana kaMzalwan’ uBani.”—ULarry.a

“Ngenxa yokuba utata engumdala owaziwayo, ndandivakalelwa kukuba wonk’ umntu ulindele lukhulu kum, yaye ndandingakwazi ukuphila ubomi bam.”—UAlexander.

NJENGOKO ukhula, kuyinto eqhelekileyo ukufuna ukuzimela—ukwazi ukuzenzela elakho igama nodumo. Xa wawuzalwa, abazali bakho bakukhethela igama elithandwa ngabo. Ngoku njengoko ukhula, nawe ufuna elakho ithuba lokuzenzela “igama”—ngamany’ amazwi waziwe ngento ethile.

UKumkani uSolomon wabhala: “Igama elilungileyo linokunyulwa ngaphezu kobutyebi obuninzi; ubabalo lulunge ngakumbi kunesilivere negolide.” (IMizekeliso 22:1) Nakuba uselula, mhlawumbi ubuya kuthanda ukuqala kwangoku ukuzenzela igama.

Ukufana Nabo

Kanye njengoLarry noAlexander, olunye ulutsha luvakalelwa kulindelwe ukuba lube yiloo nto bayiyo abazali balo yaye luphumeze izinto abaziphumezileyo. Mhlawumbi abazali balo bayaziwa ekuhlaleni ngenxa yemisebenzi abayenzayo okanye imfundo yabo. Okanye basenokuba bayaziwa kwibandla lamaKristu. Ukuba banjalo abazali bakho, maxa wambi usenokuvakalelwa kukuba abantu bajonge nantoni na oyenzayo. Usenokuyicaphukela into yokuziva unyanzelekile ukuba wenze izinto ngendlela ethile ngenxa nje yabazali bakho.

Ngokomzekelo uyise kaIvan ungumdala kwibandla lamaNgqina kaYehova kwindawo ahlala kuyo. UIvan uthi: “Ngenxa yokuba utata wayesaziwa kakhulu yaye ehlonelwa, ndandisoloko ndivakalelwa kukuba ndimele ndibe ngumzekelo esikolweni nasekhaya. Ndandicinga ukuba xa bebona mna, abanye abazali babona into abamele babe yiyo abantwana babo. Nangona oku kukhuthaza, kodwa kundinyanzelela ukuba ndibe ngumzekelo kwabanye. Ngenxa yoko, maxa wambi ndandiye ndibone ukuba ndingenwa likratshi ndize ndingaziboni iziphako endinazo.” UAlexander uthi: “Ndandiba ngathi ndijongiwe lonk’ ixesh’ eli yaye abantu balindele nje ukuba ndone, bazokundihlab’ amadlala.”

ULarry, ocatshulwe ekuqaleni wakha wazama ukuzenza angaziwa ngokufihla igama lentsapho yakowabo. Uthi: “Xa ndidibana nabantu ezimbuthweni, ndandidla ngokuthi, ‘Bhota, igama lam nguLarry,’ ndiphelele apho—ndingayichazi ifani yam. Kwezinye iimeko, xa ndisayina iifomu, ndandidla ngokubhala igama lam nje kuphela. Ndandisoyikela ukuba xa abantu benokwazi utata, baza kundiphatha ngenye indlela. Ndandifuna ukuphathwa ngendlela nje eqhelekileyo ngabahlobo bam.”

Kambe ke, isengqiqweni into yokuba kulindelwe lukhulu kuwe xa utata wakho engumdala ongumKristu okanye isicaka solungiselelo. Ngapha koko, amadoda akwezo zigxina zembopheleleko afanele ‘abongamele kakuhle abantwana nezindlu zawo.’ (1 Timoti 3:5, 12) Kungeso sizathu abantu belindele ukuba ube ngumzekelo! Kodwa ngaba oko ngokwenene kuyinto embi? Akuyonto imbi xa usazi ukuba umKristu oselula uTimoti, ekusenokwenzeka ukuba wayesekwiminyaka yakhe yokufikisa wakhethwa nguPawulos ukuba ahambe naye nokuze abe nesabelo kumsebenzi obalulekileyo wobulungiseleli. (1 Tesalonika 3:1-3) Ngoko ufanele uzabalazele ukuba ngumzekelo, enoba utata wakho ungumdala okanye akanguye.

Akubobulumko Kwaphela Ukuvukela

Sekunjalo, olunye ulutsha luye luzame ukwahluka kubazali balo ngokuvukela. UIvan uthi: “Maxa wambi ndandidikwa kukuba ngumzekelo. Ndandidla ngokukhulisa iinwele zam ngenjongo yokubona lo mntu uza kundithethisa.”

Nomnye woonyana bakaKumkani uDavide uAbhisalom, wavukela. Uyise wayesaziwa ngokuzinikela kwakhe kuYehova yaye wayethandwa ngabantu abaninzi bohlanga lwakwaSirayeli. Kwakulindelwe lukhulu kuAbhisalom njengonyana kaDavide. Kunokuba aphile ngokuvisisana noko kwakulindelwe kuye, uAbhisalom wakhetha ukuzenzela igama ngokuvukela uyise. Ekubeni uDavide wayengumthanjiswa kaYehova, enyanisweni uAbhisalom wayevukela uYehova. Indlela yakhe yokwenza izinto yabangela usizi kwintsapho yakowabo kanti naye wazizisela ishwangusha.—2 Samuweli 15:1-15; 16:20-22; 18:9-15.

Imvukelo inokuba nemiphumo emibi nakuwe. Yiva oko iBhayibhile isixelela kona ngoNehemiya. Ezinye iintshaba zakhe zamhendela kwizenzo zokungahloneli Thixo. Ngoba? UNehemiya wathi: “Ukuze bonakalise igama endizenzele lona baze bandigculele.” (Nehemiya 6:13, Today’s English Version) Xa uvukela uzenzela igama elibi—gama elo ongenakuze ulityalwe ngalo.

Enye into esingamele siyilibale, yindlela imvukelo ebachaphazela ngayo abanye. Eyona nto kukuba, xa usenjenjalo ubenza buhlungu nje abazali bakho ngokungeyomfuneko. (IMizekeliso 10:1) Indlela ozenza ngayo izinto inokuluphazamisa olunye ulutsha. UIvan uthi: “Ihambo yam yamchaphazela kabuhlungu umntakwethu. Wakha walishiya ibandla lamaKristu ngokupheleleyo, esenza izinto ezingavisisaniyo nemilinganiselo yeBhayibhile. Okuvuyisayo kukuba, wabuyela ezingqondweni ibe ngoku ukhonza uYehova kwakhona yaye wonwabile.”

Indlela Ebhetele

Umntakwabo Abhisalom ngoyise, uSolomon wenza izinto ngendlela eyahlukileyo. Wayekulungele ukuzithoba aze afunde kuyise, uDavide. (1 Kumkani 2:1-4) Kunokuba afune ukuzizukisa, uSolomon wafuna ukuzenzela igama elihle noThixo. Ngalo lonke ixesha esenjenjalo, waphakamisa intsapho yakowabo waza wazenzela igama njengomnye wookumkani ababalaseleyo bakwaSirayeli.—1 Kumkani 3:4-14.

Umzekelo omhle kaSolomon ubalaselisa iingongoma ezimbini ezibalulekileyo: Okokuqala, unokuzenzela elakho igama, kungekhona ngokumela kude nentsapho yakowenu, kodwa ngokufunda kwizinto ezintle ezenziwe yintsapho yakowenu. Ulindixesha iAdolescence uthi: “Ukuba oselula ufuna ukuzenzela igama elihle akanakumela kude nabazali bakhe ngexesha lokufikisa.” Lo lindixesha walek’ umsundulo usithi: “Ulwalathiso lwabazali bakho aluphazamisani nokuzenzela kwakho igama kodwa luyakunceda.”

Okubangel’ umdla kukuba, uSolomon wathi: “Mphulaphule uyihlo okuzeleyo, yaye ungamdeleli unyoko ngenxa nje yokuba emdala.” (IMizekeliso 23:22) Licacile elokuba uSolomon wayengabhaleli abantwana abancinane kuba xa abazali sele ‘bebadala,’ umntwana uba sele engumntu okhulileyo naye. Wayezama ukuthini? Kwanaxa sele ukhulile unowakho umzi, usenokungenelwa kubulumko babazali bakho. UIvan wazibonela ngokwakhe loo nto. Uthi: “Njengoko ndikhula, ndizama ukuxelisa iimpawu ezintle zabazali bam ngoxa ndizama ukuphepha iimpazamo zabo.”

Ingongoma yesibini ebalulekileyo yeyokuba, ukuzenzela “igama” kwakungeyiyo eyona nto iphambili kuSolomon, kodwa wayefuna ukukholisa uYehova. Liyinyaniso elokuba, kwakulindelwe lukhulu kuye njengonyana kaDavide. Kodwa ukuthembela kukaSolomon ngoYehova kwamnceda ekuthwaleni imbopheleleko yakhe. NoAlexander ulandela umzila ofanayo. Uthi: “Ngoku sele ndisamkele isibakala sokuba kulindelwe lukhulu kubantwana babadala. Ndigqibe kwelokuba ndikusebenzise ngendlela eyingenelo oku, yaye kuye kwandikhusela. Ngoku ndiyayiqonda into yokuba, okona kubalulekileyo yindlela andijonga ngayo uYehova. Ubazi kakuhle obona buntu bam enoba ndizalwa ngubani na.”

UDaryn, onoyise owaphumelela kwiSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadib—isikolo esiqeqesha abavangeli basemazweni—sele ekufundile ukuhlangabezana nokuba nabazali abaziwayo. Uthi: “Ukubhaptizwa kwam, ndazahlulela kuYehova kungekhona komnye umntu. Njengoko ndiphila ngokuvisisana nokuzahlulela kwam, ndinoxolo lwengqondo olubangelwa kukwazi ukuba uYehova uyakholiswa ndim, kwanokuba andikwazi kufikelela kuzo zonke izinto ezaphunyezwa ngabazali bam.”

UKumkani uSolomon wathi: “Kwangoqheliselo lwayo inkwenkwe izenza iqondwe enoba usulungekile na yaye uthe tye na umsebenzi wayo.” (IMizekeliso 20:11) Ekugqibeleni, abantu baya kukukhumbula ngezenzo nentetho yakho. Yiba ngumzekelo ‘ngokuthetha, ngehambo, ngothando, ngokholo, nangobunyulu.’ Ukuba kunjalo, abantu baya kukuthanda baze bakuhlonele ngenxa yobuntu bakho!—1 Timoti 4:12.

Noko ke, olunye ulutsha lunengxaki yokuhlangabezana nokulindela kwabantu ukuba lufane nabantwana abazalwa nalo abaphumelelayo. Inqaku elilandelayo liza kuxubusha ngendlela onokuhlangabezana ngayo nolu celomngeni.

[Imibhalo esemazantsi]

a Amanye amagama atshintshiwe.

b ISikolo saseGiliyadi salathiswa ngamaNgqina kaYehova.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 26]

Ukuvukela kuya kubangela intlungu kubazali bakho kuze konakalise igama ozenzele lona

[Umfanekiso okwiphepha 26]

Umzekelo wakho omhle unokuba yingenelo kwabanye

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share