Kubhaliwe Kwathiwa Ndiya Kumbona
Kubalisa uRosalía Phillips
“Uza kuphum’ emagqabini! Unesiphiwo!” Umqeqeshi wethu owayehleli phambi kwepiyano yakhe wathetha loo mazwi phambi kokuba kuvulwe umkhusane. Amanye amalungu amane eli qela enza umqondiso wokundamkela. Ndandingoyena mlonjikazi usemtsha kwelo qela yaye ndandinxibe ilokhwe yam ebomvu ehonjiswe ngamaqhosha akhazimlayo. Ndandinkwantya luloyiko. Kwenye yeeholo zemiboniso ezidumileyo kwisiXeko saseMexico ndandizibonakalisa okokuqala ngqa kwezolonwabo! KwakungoMatshi wowe-1976 yaye kwakusele inyanga enye kuphela ukuba ndibe neminyaka eli-18 ubudala.
UTATA wayefe kwiminyaka emithathu ngaphambi koko yaye wayesesentliziyweni nasengqondweni yam. Nabantu ngokubanzi babesamkhumbula. Wayethandwa kakhulu njengomnye wabadlali abaphambili kwimidlalo yeqonga ehlekisayo kweli yaye wayedlale kwiifilim ezingaphezu kwe-120 ebudeni bexesha elidla ngokubizwa ngokuba lixesha lenkqubela eMexico ngokuphathelele iifilim. Igama lakhe, uGermán Valdés, “Tin-Tán,” lalixhonywe kwiiholo ezinkulu zemiboniso kulo lonke eloMbindi noMzantsi Merika nakwimimandla yaseUnited States ekuthethwa iSpanish kuyo, naseYurophu. Nanamhlanje, nakuba sele kudlule iminyaka engaphezu kwama-30 wafayo, iifilim zakhe zisadlalwa ngokuphindaphindiweyo kumabonwakude.
Kususela ndiseyintwazana encinane ekhaya kwakudla ngokuzala abantu abadumileyo. Umama kunye noodadewabo babecula yaye iqela labo lalibizwa ngokuba yiLas Hermanitas Julián (iiJulián Sisters). Umntakwabo uJulio Julián wayeyimvumi yetenala eyaziwayo eYurophu ngoxa inkosikazi yakhe ethetha iSpanish, uConchita Domínguez yayicula isoprano. Ngapha koko, abaninawa bakatata uManuel “Loco” (iphambana) uValdés noRamón Valdés, owayesaziwa njengoDon Ramón, babengabadlali abahlekisayo abaziwayo bakamabonwakude.
Mna nomntakwethu uCarlos, sasikuqhelile ukuya kwiindawo zeemovie, kwiiholo zomculo nomdaniso nakumagumbi okurekhoda kuba utata wayedla ngokuhamba nathi xa esiya kusebenza kwezo ndawo; leyo yindlela awayegcina ngayo intsapho imanyene. Ezi ndawo zolonwabo zazahluke kakhulu kwikhaya lethu apho kwakukho umanyano nothando lokwenene! Utata wayenothando kakhulu edlamkile yaye ebuthanda ubomi. Wayeyimvuzemvuze bububele yaye maxa wambi ububele bakhe babude bugqithise. Wandifundisa ukuba ulonwabo lufumaneka ngokupha kungekhona ngokuba nezinto.
Utshintsho Olwabangela Intlungu Engathethekiyo
Malunga nasekupheleni kowe-1971, umama wasixelela iindaba ezibuhlungu mna nomntakwethu, zokuba utata ufunyaniswe enesifo esinganyangekiyo. Isithuba esingangonyaka onesiqingatha ndambukela engcungcutheka ziintlungu nakuba wayesebenzisa awona mayeza aluncedo.
Ndisakhumbula mhla ndabona kufika iambulensi ekhaya iza kumsa esibhedlele. Ndandisazi ukuba akazukubuya. Kunzima ukuyichaza intlungu endaba kuyo. Ndagqiba kwelokuba ekubeni engcungcutheka nam ndimele ndingcungcutheke. Ndabeka umdiza entendeni yesandla sam ndawucimela apho ndaza ndakhala esikrakra. NgoJuni 29, 1973, utata wasweleka. Ndazibuza le mibuzo: ‘Kutheni sishiywe ngumntu obelunge nobesonwabisa kangaka? Uphi ngoku? Ngaba unokundiva xa ndithetha naye? Buza kuba njani ubomi bam ngoku ngaphandle kwakhe?’
Umsebenzi Ongenanjongo
Emva kokuchitha ixesha elithile ndizikhoth’ amanxeba ndaqalisa ukufundela i-interior decorating (ukuhombisa nokulungisa indlu ngaphakathi). Noko ke, maxa wambi ndandisiba nemvukelo yaye ndasiyeka isikolo. Mna nomama sagqiba kwelokuba sichithe ixesha elingakumbi sizonwabisa. Sasisiya kumatheko aphambili ezolonwabo. Umphathi-theko wayedla ngokuqukumbela ngelithi, “Rosalía, khawusiculele enye yeengoma zakho.” Babelithanda ilizwi lam nehlombe elalivakala kwiingoma zam besithi ndinesiphiwo njengabazali bam.
Kwelinye laloo matheko, umseki nomalathisi weArturo Castro and His Castros 76 wandiva ndicula waza wandimema ukuba ndicule kunye neqela lakhe. Ekuqaleni, andizange ndiyiginye ncam le nto. Nangona ndaqalisa ukuwuthanda umculo ukususela ngoxa ndandine-14 leminyaka ubudala, ndidlala isiginkci ndiqamba neengoma, ndandingafuni ukwenza oku njengomsebenzi wempangelo. Kodwa umama wandicenga yaye intsapho yakowethu yayiyifuna inkxaso yemali ngoko ekugqibeleni ndavuma. Kulapho ndaqalisa khona ukuzibonakalisa kwezolonwabo njengoko ndiye ndachaza ekuqaleni.
Ukususela ekuqaliseni kwam lo msebenzi ndasebenza ngokusisigxina. Iqela lethu lakhenketha kwelaseMexico, sasicula izihlandlo ezibini busuku ngabunye. Saya eGuatemala, eVenezuela, eNew York naseLas Vegas. Ndaqhubeka ndikunye neli qela kangangeminyaka emibini. Emva koko ndamenyelwa ukuba ndidlale kwiimovie. Ndadlala iinxalenye ezimbini zomdlali odlala ngokusondeleyo nabadlali abaphambili kwiifilim yaye kwenye ndandingumdlali ophambili kwaye ndafumana iimbasa ezimbini.
Ngenye imini ndafumana umnxeba ovela kwelona jelo likamabonwakude liphambili kweli. Babefuna ukutyikitya isivumelwano kunye nam ukuze ndibe “ngoyena mdlali ubalaseleyo” oza kudlala indawo ephambili kwisoap opera (ibali eliqhutywa ngokweziqendu) eyayiza kuthiywa ngegama lam. Loo nto yayiza kundibeka emanqwanqweni aphezulu kwezolonwabo. Ndandiza kwamkela izityhwentywe kwanokuba andisebenzi rhoqo. Ngenxa yokuvakalelwa kukuba konke oko akundifanele nokoyika ukuphulukana nenkululeko endandinayo, andizange ndivume ukutyikitya eso sivumelwano. Kodwa ndavuma ukudlala kwelo bali ukuba nje ndandinokufumana ithuba lokuqhubeka nezifundo zam zemidlalo yeqonga eyunivesithi. Sekunjalo, ndandingonwabanga. Yayindikhathaza into yokubona abanye abadlali bezama kangangeminyaka emininzi ukufumana ithuba lokudlala indawo ephambili kumabali ngoxa mna ndanikwa eli thuba—kuba nje ndizalwa nguTin-Tán.
Emva koko kwafika ixesha lokurekhoda. Okokuqala sasiza kurekhoda ingoma eyayiza kudlalwa kwisoap opera yaye le ngoma yayiqanjwe ndim. Kamva ndarekhoda kwigumbi lokurekhoda elaziwayo laseLondon. Ndarekhoda iingoma ezingakumbi ndadlala kwiimovies, nakwiisoap operas ezingakumbi. Amaphepha okuqala kumaphephandaba kumacandelo athetha ngezolonwabo ayezaliswe ngamanqaku athetha ngam, ngoko usenokuthi ndandifikelele kwinqwanqwa eliphezulu. Sekunjalo, ndandinganelisekanga. Ndaphawula indlela ababezigwagwisa nababenomoya wokhuphiswano ngayo abadlali yaye kwakukho ukuziphatha okubi nokunganyaniseki okugqithiseleyo phakathi kwabo. Ndaphelelwa yintembelo ebantwini.
Kwathi ke ngokwindla lowe-1980, ndabona uMalum’ uJulio kwimbutho ekwakuhlanganisene kuyo amalungu entsapho yasekhaya. Wayefikelele kwisigqibo sokuba ayeke kwezomculo yaye ndamphulaphula ethetha ngeparadesi ethenjiswe nguThixo. UMalum’ uJulio wathi ukungabikho kokusesikweni nentlungu kuza kuphela emhlabeni yaye umhlaba uya kuzaliswa luthando. Wathi igama loThixo oyinyaniso nguYehova. Eyona nto yabangel’ umdla kakhulu kum kukuva ukuba abantu abafileyo esibathandayo baya kuvuswa eParadesi. Labangel’ imincili gqitha kum ithemba lokubona utata kwakhona. Andizange ndiyeke ukumkhumbula nokulangazelela inkxaso nothando lwakhe. Hayi indlela ekuya kuba luyolo ngayo ukumbona kwakhona! Kodwa ndandithandabuza ukuba le nto inokwenzeka. UMalum’ uJulio wandinika iBhayibhile waza wasimema sinomama ukuba siye kwindibano yamaNgqina kaYehova eyayiza kubakho kwiiveki ezimbalwa ezilandelayo. Sathi mhlawumbi siya kuya.
Ndagqiba Kwelokuba Nditshintshe Indlela Endiphila Ngayo
Ngobunye ubusuku ndandingqengqe ebhedini nditshaya ngoxa ndandifunda iBhayibhile endandiyinikwe nguMalume. Oko ndandikufunda kwincwadi yeMizekeliso kwandenza ndafikelela kwisigqibo sokuba ukukhanya, ukuqonda nobomi buvela kuThixo ngoxa ubumnyama, ukudideka nokufa kuvela kumthombo owahlukileyo. Ngobo busuku ndacima umdiza endagqibelisa ngawo ukutshaya ebomini bam ndaza ndalinda umama. Iinyembezi zinqumleze umbombo, ndamcela ukuba andixhase kwizigqibo ezinzulu endandiza kuzenza. Emva koko, ndaya kwiholo yemiboniso apho ndandiqhelisela khona indawo endandiyidlala kaCordelia kumdlalo kaShakespeare othi King Lear. Ndayeka ukudlala kuloo mdlalo ndaza ndaqhawula amaqhina obuhlobo nomfana endandithandana naye, omnye wabadlali abaphambili kuloo mdlalo.
Noko ke, ndandingekafundi ngokukhonza uThixo ngoko kwakungekho nto ndayame ngayo. Ndadandatheka ngokunzulu. Ndathandaza kuThixo ukuba andincede ndenze into endiya kuyenza kuba ndiyithanda kungekhona ngenxa yesiphiwo endinaso okanye ngenxa yodumo. Ndaphelisa ulwalamano nabo bonke abantu endandibaqhelile, ndayeka nayo yonke imisebenzi endandiyenza.
Indlela Esa Kwimpumelelo Yokwenene
Ndathi ndisadideke ndinjalo, ndakhumbula isimemo sikaMalume sokuya endibanweni. Ndamtsalel’ umnxeba yaye weza kundilanda waya nam kumabala endibano. Into endayibonayo apho yandichukumisa. Ndabona abantu abanocwangco, abangathukiyo, abangatshayiyo nabangazami kukholisa mntu. Izinto endazivayo zifundwa eBhayibhileni zandikhumbuza oko ndandikufunde kwincwadi encinane ethi Is the Bible Really the Word of God?a endandiyifumene ekhaya emva nje kokufa kukatata.
Malunga neli thuba ndabizelwa ukudlala indawo ephambili kwenye isoap opera. Ndandiyithanda le ndawo ndandiza kuyidlala, kuba yayibonakala ngathi iphakamisa imigaqo yobuthixo endandiyifunde endibanweni. Ngenxa yoko, ndavuma ukudlala le ndawo. Kwelinye icala, engqondweni yam kwakumana kusithi qatha le ngcamango yeBhayibhile: “Musani ukubotshwa edyokhweni kunye nabangakholwayo. Kuba . . . kunakwabelana kuni na ukukhanya nobumnyama?”—2 Korinte 6:14.
Waya ukhula ngakumbi kum umnqweno wokukholisa uThixo. Ndandifuna ukuya ezintlanganisweni kwiHolo yoBukumkani kunye noMalume noMalumekazi. Ibandla labo lalikumgama weyure ukusuka ekhaya kodwa ndaya iiCawa zantathu zilandelelana. UMalume wagqiba kwelokuba andise kwibandla elikufuphi nasekhaya. Safika xa ziphuma iintlanganiso yaye ndadibana noIsabel, ibhinqa eliselula elalilingana nam. Wayelulamile yaye enobubele. Xa uMalume wayendazisa kweli bhinqa echaza ukuba ndinguRosalía Valdés, alizange libe licinga ngeli gama lam. Ndayivuyela kakhulu loo nto. Lacela ukundiqhubela isifundo seBhayibhile ekhaya.
Saqalisa ukufunda sisebenzisa incwadi ethi Inyaniso Ekhokelela Kubomi Obungunaphakade.b UIsabel wayekulungele ukwenza uhlengahlengiso ukuze avisisanise iimeko zakhe nocwangciso lwam. Maxa wambi kwakufuneka alinde de kube sebusuku de ndigqibe ukufota kwisoap opera. Hayi indlela endandinombulelo ngayo kuba kukho umntu onomdla kum ngenxa nje yokuba ndifuna ukufunda inyaniso yeBhayibhile! Wayengumntu onyanisekileyo nochubekileyo mpawu ezo ndandicinga ukuba zifunyanwa ngokufunda intanda-bulumko nobugcisa. Senza amalungiselelo okuba sifunde iiyure eziliqela, izihlandlo ezininzi veki nganye.
Ekuqaleni kwakunzima ukwahlukana neengcamango eziphosakeleyo endandinazo kodwa ngokuthe ngcembe ezo ngcamango zathatyathelw’ indawo yinyaniso yeBhayibhile. Ndikhumbula indlela esandikhuthaza ngayo isithembiso sikaThixo esithi: “Kusele ithutyana, angabikho ongendawo; uya kuyikhangela indawo yakhe, abe engekho. Kodwa abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.” (INdumiso 37:10, 11) Ngelo xesha ithemba lokuphinda ndibone utata eParadesi laqalisa ukuba nentsingiselo ngokwenene kum. Ndandidla ngokucinga ngamazwi kaYesu athi: “Musani ukumangaliswa koku, kuba liyeza ilixa ekuya kuthi ngalo bonke abo bakumangcwaba enkumbulo balive ilizwi lakhe baze baphume, abo benze izinto ezilungileyo beze kuvuko lobomi.”—Yohane 5:28, 29.
Umsebenzi wam kwisoap opera ndawugqiba yaye ngoko nangoko emva koko kwavela amanye amathuba okudlala kumabali. Nangona loo mabali ayesenokundenza ndidume ngakumbi, ukudlala kuwo kwakuza kuthetha ukuba ndikhuthaza ukuziphatha okubi, unqulo-zithixo nezinye iingcamango zobuxoki. Ndandifundile ukuba uSathana ukho ngokwenene yaye akafuni sikhonze uYehova. Ngoko ndala ukudlala kuloo mabali ndaza ndaqalisa ukuya kuzo zonke iintlanganiso. Njengoko kwakulindelekile, umama nomntakwethu babengayiqondi into yokuba ndiyeke amathuba omsebenzi amaninzi kangaka nengako yona imali. Noko ke, babelubona utshintsho endilwenzileyo. Ndandiyekile ukungonwabi nokudakumba, ndandidlamkile yaye ndonwabile. Ekugqibeleni, ndandiphila ubomi obunenjongo!
Ndandinomnqweno wokwabelana nabanye ngoko ndandikufunda yaye ngokukhawuleza ndaba ngumvakalisi wesigidimi esimnandi soBukumkani bukaThixo. Maxa wambi xa ndishumayela kwakuba nzima ukufumana ingqalelo yomninimzi; abaninzi babendigqala njengomdlali kwezolonwabo. Kwizihlandlo eziliqela, mna neqabane endandihamba nalo sasiye sifike ezindlwini zabantu xa kudlala kumabonwakude isoap opera endandidlala kuyo. Abaninimzi babengakholelwa ukuba ndim lo umi kwiminyango yabo!
NgoSeptemba 11, 1982, ndafuzisela ukuzahlulela kwam kuYehova ngokubhaptizwa. Ubomi bam ngoku babunenjongo ngokwenene yaye ndandilindelwe kukwenza uhlobo olwahlukileyo lomsebenzi. Ndakhuthazwa yinzondelelo awayenayo uIsabel ngobulungiseleli. Wayenguvulindlela othe ngxi, ngokwendlela ababizwa ngayo abalungiseleli bexesha elizeleyo abangamaNgqina kaYehova. Kungekudala, ndahamba naye xa eyokufundisisa iBhayibhile nabanye. UIsabel waba ngoyena mhlobo wam usondeleyo.
Ubukhulu becala ndandingasadlali kwezolonwabo ngoko mna nomama kwafuneka saneliseke kukuphila ubomi obulula. Kwangaxeshanye, ndaqamba iingoma zecwecwe lam lomculo lesine yaye phakathi kwezo ngoma kwakukho ezithetha ngemilinganiselo emitsha endandiphila ngayo neenkolelo zam. Ndabhala ingoma ethetha ngethemba elomeleleyo endandinalo lokuphinda ndibone utata. Umxholo wale ngoma wawusithi “Kubhaliwe Kwathiwa—Ndiya Kumbona.” Ukuqala kwam ukuyiculela umama, wachukumiseka ngokunzulu. Wabona ukuba ndeyiseke ngokwenene. Ndavuya kakhulu xa wathi unqwenela ukufundisisa iBhayibhile. Kwiminyaka emibini kamva, naye wabhaptizwa njengomkhonzi kaYehova. Usakhuthele nanamhla oku kubulungiseleli.
Ekuhambeni kwexesha, kwaya kusiba lula ngakumbi ukwala ukudlala kumabali. Into eyayindinceda xa ndijamelene nesilingo, kukuba nombono wethu sikunye notata kwiparadesi entle yaye kwakulomeleza ukholo lwam ndize ndizimisele ukuqhubeka ndikhonza uYehova.
Ngenye imini ndacelwa ukuba ndibe yinxalenye yabadlali kwinkqubo yabantwana yolwimi lweHispanic ethi Sesame Street. Ndacinga ukuba andinakukwazi ukudlala apho ndaza ndaxelela umququzeleli wale nkqubo ukuba imilinganiselo yeBhayibhile endiphila ngayo ayinakundivumela ukuba ndikhuthaze izinto ezinjengeeholide nemihla yokuzalwa. Lo mququzeleli waphendula ngelithi ukuba ndiyawamkela lo msebenzi, uya kuzihlonela iinkolelo zam yaye siya kutyikitya isivumelwano esichaza ukuma kwam. Emva koko ndavuma ndaza ndafota kwiinxalenye ezingama-200 zale nkqubo. Lowo ngumsebenzi wokugqibela endawenzayo njengomdlali kumabali.
Kwakusele nje isivumelwano esinye endandisenze nenkampani yokurekhoda; ngoko ndarekhoda kuyo iingoma ezilishumi endandiziqambile kuquka ingoma ethetha ngotata novuko. Ndafumana ithuba lokucula le ngoma kumabonwakude nakwezinye iimbutho yaye ndandisoloko ndikhankanya iinkolelo zam. Noko ke, inkampani yokurekhoda yaqalisa ukundinyanzela ukuba ndizame ukucula ngezinto ezinomtsalane. Ndafaka ileta yokurhoxa kweso sivumelwano.
Iintsikelelo Enkonzweni KaThixo
NgoDisemba 1983, sinoIsabel satyelela kwisakhiwo samaNgqina kaYehova eBrooklyn, eNew York. Apho ndadibana nendoda eyayiza kuba ngumyeni wam kwixa elizayo, uRussell Phillips. Sabhalelana malunga neminyaka emibini. Ndisayikhumbula kakuhle imini endaqalisa ngayo inkonzo yobuvulindlela obuthe ngxi—uRussell wandithumelela iintyantyambo, eseNew York!
Ndaba nguvulindlela noIsabel ixesha elingangonyaka. Emva koko wamenyelwa ukuba aye kukhonza kwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova yaseMexico. Iincoko zakhe ngokuphathelele isabelo sakhe esitsha zandenza ndanomnqweno wokwandisa ubulungiseleli bam, yaye uYehova ethanda, ndikhonze naseBheteli.
URussell uyenye intsikelelo ebomini bam. Ngenxa yokuthanda kwakhe uYehova nentlangano yakhe, ndiye ndafunda ukuyixabisa inkonzo yexesha elizeleyo. Wayeyithanda iBheteli yaye wayekhonze kwiBheteli yaseBrooklyn iminyaka emithathu. Emva kokuba sitshatile, sobabini sakhonza njengoovulindlela abathe ngxi eColorado, eUnited States. Kamva, samenywa ukuba sibe ngabasebenzi bokwakha izakhiwo zamasebe kumazwe ngamazwe. Hayi indlela esothuka ngayo xa safumanisa ukuba sabelwe eMexico! NgoAprili 1990, samkela ngezandla ezishushu ilungelo lokuya kuba ngamalungu entsapho yaseBheteli eMexico. Umzekelo kaRussell wandikhuthaza ngeyona ndlela. Ndachukunyiswa ngumoya awayenawo wokuzincama owamshukumisela ukuba ashiye ilizwe lakowabo ngenjongo yokuhambisela phambili izilangazelelo zoBukumkani apha eMexico.
Mna noRussell salinandipha gqitha ilungelo lethu lenkonzo kwisebe laseMexico. Kodwa izinto zatshintsha ngesiquphe ndakukhulelwa. Ezi ndaba zasothusa. Noko ke, sasisoloko sichukunyiswa ngabazali abakhulisela abantwana babo kwindlela yenyaniso yaye sasamkela ngazo zozibini esi sabelo sitsha. Ngo-Oktobha 1993, kwazalwa uEvan yaye kwiminyaka emibini enesiqingatha elandelayo kwazalwa uGianna. Nangona ukukhulisa abantwana kungumgudu, siyavuya ngalo lonke ixesha xa umntwana wethu one-11 leminyaka noneminyaka esi-8 ubudala bevakalisa ukholo lwabo kubulungiseleli.
Ngoku, uRussell ukhonza kwiKomiti Yokwakha Yenqila YeeHolo Zobukumkani yaye mna ndisandul’ ukuqalisa ubuvulindlela obuthe ngxi. Kule minyaka ingama-20 ndiye ndanceda amalungu entsapho ali-12 nabanye abasi-8 ukuba bafunde inyaniso yeBhayibhile baze bakhonze uYehova.
Xa abantwana bam bendibuza besithi, “Mama, ngaba kwaba nzima ukuyeka imidlalo yeqonga?” Ndiye ndicaphule amazwi kampostile uPawulos athi: ‘Ndizigqala zonke izinto ziyilahleko ngenxa yexabiso eligqwesileyo lolwazi olungoKristu Yesu iNkosi yam. Ngenxa yakhe ndiye ndalahlekelwa zizinto zonke yaye ndizigqala njengenkunkuma eninzi, ukuze ndimzuze uKristu.’ (Filipi 3:8) Hayi indlela endinombulelo ngayo kuba uYehova wandihlangula ekuphileni ubomi obulilize nobungenanjongo waza wandivumela ukuba ndibe yinxalenye yabantu bakhe abathandekayo! Ndimbulela ndingayeki ngentabalala yeentsikelelo asinike zona ngoNyana wakhe uYesu Kristu. Ngovuyo ndidla ngokucula ingoma endayibhalayo ethetha ngotata. Eneneni, ndinethemba lokuba ndiya kumbona.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova kodwa ngoku ayisashicilelwa.
b Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova kodwa ngoku ayisashicilelwa.
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Ndim nabazali bam nomntakwethu xa ndandinonyaka ubudala
[Imifanekiso ekwiphepha 28, 29]
Ndicula neArturo Castro and His Castros 76
[Inkcazelo]
Angel Otero
[Umfanekiso okwiphepha 30]
Ndim kunye nentsapho yam namhlanje
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 26]
Activa, 1979