Iingxaki Abajamelene Nazo Oomama
“Ezona zinto zibalulekileyo eluntwini zizinto eziphathelele ikhaya. . . . Ukuba umama akawenzi umsebenzi wakhe, akuyi kubakho sizukulwana silandelayo okanye ukuba sikho siya kuba neengxaki ezingathethekiyo.”—UTheodore Roosevelt, umongameli waseUnited States wama-26.
LICACILE elokuba umama unendima ebalulekileyo ebomini, kodwa oku akupheleli nje ngokuzala abantwana. Ngokuphathelele indima yoomama kwimimandla emininzi ehlabathini namhlanje, omnye umbhali wathi: “Umama unendima enkulu ekulondolozeni impilo yomntwana ngamnye, nguye omqeqeshayo nomncedayo akwazi ukusebenzisa ingqondo, nguye oxonxa ubuntu bakhe, indlela yokuziphatha nokuba ngumntu ozinzileyo.”
Omnye wemisebenzi emininzi eyenziwa ngumama kukufundisa abantwana bakhe. Amagama okuqala athethwa ngumntwana uwafunda kunina. Suku ngalunye ngumama odla ngokuchitha ixesha elininzi nabantwana bakhe ngaphezu kweqabane lakhe, ngoko nguye onendima ephambili ekubafundiseni nasekubaqeqesheni. Ngoko isaci saseMexico esithi “Imfundo incancwa ebeleni” singqina ukuba oomama banendima ebalulekileyo ekukhuleni kwabantwana babo.
NoMdali wethu uYehova uThixo uyabahlonela oomama. Eneneni, omnye weMithetho Elishumi owabhalwa emacwecweni amatye “ngomnwe kaThixo,” ubongoza abantwana usithi: “Beka uyihlo nonyoko.” (Eksodus 20:12; 31:18; Duteronomi 9:10) Ngapha koko, umzekeliso weBhayibhile uthetha ‘ngomthetho kanyoko.’ (IMizekeliso 1:8) Ukubaluleka kokufundiswa kwabantwana kwiminyaka emithathu yokuqala yobomi babo—xa ubukhulu becala besanyanyekelwa ngoonina—sele kusamkelwa ngokubanzi.
Ziziphi Ezinye Zeengxaki Abajamelana Nazo?
Ukuphangela ngenjongo yokuxhasa iintsapho kubangela kube nzima ngoomama abaninzi ukufundisa abantwana babo ebudeni beminyaka ebalulekileyo yokukhula kwabo. Uphando olwenziwe ziZizwe Ezimanyeneyo lubonisa ukuba kumazwe amaninzi ahambele phambili kwezoqoqosho, oomama abanabantwana abangaphantsi kweminyaka emithathu ubudala, abangaphezu kwesiqingatha, bayaphangela.
Ukongezelela, oomama badla ngokukhulisa abantwana babo bebodwa ekubeni abayeni bedla ngokuya kufuna umsebenzi kwesinye isixeko okanye elinye ilizwe. Ngokomzekelo, kuthiwa kweminye imimandla yaseArmenia, indoda enye kwamathathu ifudukela kwelinye ilizwe ukuze iye kufuna umsebenzi. Abanye oomama babakhulisa bebodwa abantwana babo ngenxa yokushiywa ngabayeni okanye kuba befile.
Kwamanye amazwe oomama abaninzi batsala nzima kuba bengafundanga. Isebe Lezoqoqosho Nentlalo leZizwe Ezimanyeneyo liqikelela ukuba, kubantu abangafundanga abangama-876 ezigidi abasehlabathini lonke, ababini kwabathathu kubo ngamabhinqa. Eneneni, eli sebe lithi eAfrika, kumazwe ekuthethwa kuwo isiArabhu, kwiMpuma nakuMzantsi Asia, amabhinqa angaphezu kwama-60 ekhulwini akafundanga. Ngapha koko, amadoda amaninzi akholelwa ukuba akuyomfuneko ukufundisa amabhinqa yaye kuwenza angakwazi ukuphumeza indima yawo yokuzala abantwana.
Iphephancwadi iOutlook lithi kwesinye isithili saseKerala eIndiya, apho amantombazana adla ngokuba nabantwana eneminyaka eli-15 ubudala, akukho ndoda ifuna ukutshata nomntu ofundileyo. EPakistan, ilizwe elikufuphi nalapho, ngokukhethekileyo kufundiswa oonyana. Oku kubanceda bafumane imisebenzi ehlawulayo ukuze bakwazi ukuxhasa abazali babo xa sele baluphele. Kanti, incwadi ethi Women’s Education in Developing Countries ithi, “abazali abachithi mali ekufundiseni amantombazana kuba abalindelanga ukuba anokunceda intsapho ngemali.”
Kwakhona kukwakho nengxaki yamasiko asekuhlaleni. Ngokomzekelo, kwamanye amazwe umama ulindeleke ukuba avumelane nesiko lokutshatisa intombi yakhe iselula ukuze afumane imali nelokwaluswa kwamabhinqa. Kwakhona oomama abavumelekanga ukufundisa nokuqeqesha oonyana babo. Ngaba umama umele alandele amasiko anjalo, avumele ukuba oonyana bakhe bafundiswe ngabanye abantu?
Kumanqaku alandelayo, siza kubona indlela abanye oomama abayisingatha ngayo le ngxaki. Kwakhona siza kuqwalasela indima ebanzi oomama abanayo size sibe nembono elungeleleneyo ngegalelo abanalo ekufundiseni abantwana babo.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 12]
“Ngokuphathelele ukuqeqeshwa kwengqondo yomntwana nokwaneliswa komnqweno anawo wokufuna ukwazi, nokukhulisa ubugcisa anabo, umama unendima ebalulekileyo.”—IBhunga Lesithili Lamalungelo Abantwana, eBurkina Faso, ngowe-1997.
[Imifanekiso ekwiphepha 11]
Oomama banendima ebalulekileyo kwimpilo, imfundo, ubuntu neemvakalelo zomntwana ngamnye