Imbono YeBhayibhile
Ngaba UThixo Ukho Kuyo Yonke Indawo?
UTHIXO uchazwa ngokufanelekileyo njengonamandla onke nowazi zonke izinto. Noko ke, xa abanye belinga ukuchaza ubukhulu bukaThixo bongezelela ibinzana lesithathu elithi ukho kuzo zonke iindawo. Bakholelwa ukuba uThixo ukho kuzo zonke iindawo ngaxeshanye.
Amabinzana amabini okuqala axhaswa ngokucacileyo ziimfundiso zeZibhalo. (Genesis 17:1; Hebhere 4:13; ISityhilelo 11:17) Eneneni uThixo unamandla onke kwaye wazi zonke izinto ngengqiqo yokuba akukho nto ifihlakeleyo kuye. Kodwa ngaba ukho kuzo zonke iindawo okanye ngaba uThixo uhlala kwindawo ethile?
Uhlala Phi UThixo?
Kwiindinyana eziliqela zeBhayibhile ‘amazulu’ akhankanywa ‘njengendawo emisiweyo ahlala kuyo’ uThixo. (1 Kumkani 8:39, 43, 49; 2 Kronike 6:33, 39) Phofu ke, enye ingxelo yeBhayibhile ichaza ubukhulu bukaYehova uThixo ngale ndlela: “Ngaba ngokwenene uThixo uya kuhlala noluntu emhlabeni? Khangela! Izulu, ewe, izulu lawo amazulu, alikulingene; kobeka phi, ke, kule ndlu ndiyakhileyo.”—2 Kronike 6:18.
IBhayibhile ithi: “UThixo unguMoya.” (Yohane 4:24) Ngoko ke, uhlala kwindawo yokomoya kungekhona emhlabeni. IBhayibhile xa ithetha “ngamazulu” njengendawo uThixo ahlala kuyo ibhekisela kubungangamsha bendawo ahlala kuyo xa kuthelekiswa nomhlaba esihlala kuwo. Enyanisweni iBhayibhile ifundisa ukuba indawo ahlala kuyo uThixo ngokucacileyo ayifani nomhlaba kodwa yindawo ethile.—Yobhi 2:1, 2.
UThixo Ngumntu Wokwenene
UYesu wathi kubafundi bakhe ngendawo uYehova ahlala kuyo: “Endlwini kaBawo zininzi iindawo zokuhlala. . . . ndiyemka ndiya kunilungiselela indawo.” (Yohane 14:2) Wayesiya phi uYesu? Ekugqibeleni, uKristu “wangena . . . ezulwini ngokwalo, ukuze ngoku abonakale phambi kukaThixo ngenkqu.” (Hebhere 9:24) Le ngxelo isifundisa iingongoma ezimbini ezibalulekileyo ngoYehova uThixo. Okokuqala unendawo yokuhlala, kwaye okwesibini, ungumntu wokwenene, kungekhona amandla nje angachazekiyo ahlala kuyo yonke indawo.
Kungenxa yeso sizathu le nto uYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandaze ngale ndlela: “Bawo wethu osemazulwini” bebhekisa imithandazo yabo kumntu wokwenene, uYehova, ohlala emazulwini. (Mateyu 6:9; 12:50) Le mfundiso ivumelana nendlela abantu bakaThixo ababefundiswa ukuthandaza ngayo ngaphezu kweminyaka eli-1 500. Imibhalo yamandulo eyayiphefumlelwe nguThixo iqulathe lo mthandazo ulandelayo: “Khangela phantsi ukwindawo yakho yokuhlala engcwele, emazulwini, ubasikelele abantu bakho.”—Duteronomi 26:15.
Umoya Oyingcwele KaThixo Ofikelela Kuyo Yonke Indawo
Ekubeni iBhayibhile ibisoloko ibhekisela kuThixo njengonendawo ethile ahlala kuyo, ikwathetha ngomoya wakhe oyingcwele njengalowo ufikelela kuyo yonke indawo. Umdumisi uDavide wabuza: “Ndingaya phi na ndisuke emoyeni wakho, yaye ndingabalekela phi na ndimke ebusweni bakho?” (INdumiso 139:7) Bambi baye badideka ziimbekiselo ezinjengezi kwaye baye bafikelela kwisigqibo sokuba uThixo ukho kuzo zonke iindawo. Kodwa xa siqwalasela amazwi alo mbhalo, enza kucace ukuba umoya oyingcwele kaYehova—okanye amandla akhe asebenzayo—asuka kwindawo akuyo aze aye nakweyiphi na indawo emhlabeni.
Njengotata esolulela isandla sakhe emntwaneni wakhe ukuze amthuthuzele aze amxhase, isandla sikaYehova—okanye umoya oyingcwele—unokufikelela naphi na emhlabeni ukuphumeza iinjongo zikaYehova. Ngoko ke, umdumisi uthi: “Ukuba ndingathabatha amaphiko esifingo, ukuze ndihlale kolona lwandle luthe qelele, nalapho isandla sakho besiya kundikhokela isandla sakho sokunene besiya kundibamba.”—INdumiso 139:9, 10.
Unako Ukuba Ngumhlobo KaThixo
UYehova uThixo ngokuzithoba nangothando uye wavumela abantu ukuba bamchaze yaye bachaze nendawo ahlala kuyo ngendlela abanokuyiqonda. Ngale ndlela nangezinye uba ngathi “Uyagoba ukuze akhangele ezulwini nasemhlabeni.” (INdumiso 113:6, New International Version).Enyanisweni, thina njengabantu asinakuyiqonda ngokupheleleyo indlela uThixo ayiyo.
UYehova ungoyena ubalaseleyo, uphakamile, kwaye uyamangalisa ukuba angachazwa ngendlela ebesinokuyiqonda. Ngoko ke, nakuba iZibhalo zithetha ngendawo ethile ahlala kuyo ezulwini, ukwazi loo mmandla wokomoya yinto engenakwenzeka kubantu.—INdumiso 139:6.
Okuvuyisayo kukuba, uYehova uye wasazisa ngaye, kungekhona njengento engachazekiyo, amandla angengowamntu atyhutyha wonke umhlaba. Kunoko ungumntu wokwenene onendawo ekhethekileyo ahlala kuyo kwaye uneempawu zobuntu ezinjengothando nobubele. Ulwazi olunjalo lusivulela ithuba lokuba sizakhele ubuhlobo obuhlala buhleli kunye noThixo uSomandla.—Yakobi 4:8.