Ngaba Ukulungele Ukuya?
◼ Ukuya phi? KwiNdibano YeSithili yamaNgqina kaYehova “Yokuthobela UThixo!” Ezi ndibano zeentsuku ezintathu, eziqale eUnited States kwimpelaveki yokugqibela kaMeyi, zilungiselelwe ukuba ziqhutywe kwiinyanga ezizayo kwizixeko ezininzi ehlabathini lonke. Kusenokwenzeka ukuba enye iza kuqhutywa kwisixeko esikufutshane nawe.
Kwiindawo ezininzi ucwangciso luqalisa ngomculo ngeye-9:30 kusasa. Umxholo wangoLwesihlanu uthi “Thobelani Ilizwi Lam, Ndiya Kuba NguThixo Wenu.” (Yeremiya 7:23) Emva kwentetho yakusasa enomxholo othi ‘Senziwe Ngokumangalisayo’ nethi “Uvuko—Kutheni Elo Themba Lifanele Libe Lelokwenene Kuwe” ucwangciso lwakusasa luya kuqukunjelwa ngentetho engumxholo ethi: “Landelani Umzekelo KaKristu Ngokuthobela UThixo.”
Ucwangciso lwasemva kwemini ngoLwesihlanu luza kuba nentetho enomxholo othi “Qhubeka ‘Unyamekela Umoya’ Uze Uphile,” “Nizilinde Kulo Lonke Uhlobo Lwenkanuko,” nethi Musani Ukulandela “Amabali Obuxoki ‘Ayilwe Ngobuqhetseba.’” Kuya kwandula ke kungcelele lweentetho ezimbini kuqwalaselwe iimbalasane zeBhayibhile zencwadi kaHagayi nekaZekariya. Usuku lwangoLwesihlanu luza kuqukunjelwa ngentetho enomxholo othi “Konke Ukubandezeleka Sele Kuza Kuphela!”
Umxholo wocwangciso lwangoMgqibelo usekelwe kwabaseRoma 6:17 nakweyesi-2 kwabaseKorinte 2:9, othi: ‘Ukuthobela Izinto Zonke Ngokusuka Entliziyweni.’ Ucwangciso lwakusasa luquka ungcelele lweentetho ezintathu olunomxholo othi “Zinoyolo Iintsapho Ezigcina Imigaqo KaThixo.” Le ntetho inemiboniso nodliwano-ndlebe kwaye igxininisa kwindlela amalungu entsapho—indoda, umfazi, nabantwana—abanokuba negalelo ngayo kulonwabo lwentsapho. Ucwangciso lwakusasa luqukunjelwa ngentetho ethi “UEwe Wakho Makabe NguEwe,” emva koko abakufanelekelayo ukubhaptizwa baya kwenjenjalo.
Phakathi kweentetho zangoMgqibelo emva kwemini kukho enomxholo othi ‘Amehlo Ethu Makangakuboni Oko Kungento Yanto’ nothi “Buyelani Kumalusi Wemiphefumlo Yenu.” Kulandela ungcelele lweentetho ezimbini olunomxholo othi “Bathobeleni Abo . . . Bakhokelayo.” Imbalasane yale ndibano yintetho yokuqukumbela emva kwemini, enomxholo othi “Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?”
Ucwangciso lwakusasa ngeCawa luqala ngentetho esekelwe kwiDuteronomi 12:28 enomxholo othi “Wathobele Onke La Mazwi . . . Ndikuyalela Wona Ukuze Kulunge Kuwe.” Ungcelele lweentetho ezintathu olunomxholo othi “Nceda Abanye Bathobele Oko Kufundiswa YiBhayibhile,” lunikela uncedo olusebenzisekayo lokuqalisa nokuqhuba izifundo zeBhayibhile.
Ucwangciso lwakusasa luqukunjelwa ngomdlalo onesinxibo samandulo onomxholo othi “Zama Ukufikelela Usukelo Lokuhlonela UThixo.” Emva koko kulandela intetho enomxholo othi: “Lutsha—Ngaba Usukelo Lwenu Luza Kunenza Niphumelele?” Le ntetho inikela iinkcukacha ngomdlalo weBhayibhile, obongoza ulutsha lwanamhlanje ukuba lulandele umzekelo kaTimoti wokukhonza uThixo ngomoya wokuzincama. Inxalenye yokugqibela yale ndibano, emva kwemini ngeCawa, yintetho yesidlangalala enomxholo othi: “Ngubani Esimthobelayo?”
Yenza amalungiselelo kwangoku ukuze ubekho. Ukuze ufumane indawo eza kuqhutyelwa kuyo le ndibano ekufutshane nawe, qhagamshelana namaNgqina kaYehova asekuhlaleni okanye ubhalele abapapashi beli phephancwadi.