Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Ndinokwala Njani Ukuba Neentlobano Zesini Esikolweni?
“Mihla le, abantwana bathetha ngesini. Amantombazana ade azibike emakhwenkweni, yaye baba neentlobano zesini esikolweni.”—UEileen, oneminyaka eli-16 ubudala.
“Kwisikolo sethu, amafanasini enza izinto ezingcolileyo abantwana bejongile yaye akukho nento le ethi thiki kuwo.”—UMichael, oneminyaka eli-15 ubudala.a
NGABA abantwana ofunda nabo basoloko bethetha ngesini? Ngaba abanye benza okungaphezu nje kokuthetha? Ukuba kunjalo, usenokuba uvakalelwa njengenye intombazana eselula eyafanisa ukuba sesikolo “nokubukela ifilimu ebonisa amanyala.” Enyanisweni, esikolweni ulutsha lunamathuba amaninzi okuthetha ngesini—mhlawumbi nawokuba neentlobano zesini.
Mhlawumbi usenokuva abantwana ofunda nabo besithi “babambisile”—ukuba neentlobano zesini ngaphandle kokuthandana. Kwezinye iimeko abantwana babambisana nabantu abangabazi nakangako. Maxa wambi baba neentlobano zesini nomntu abangamaziyo abathethe naye kwikhompyutha. Kuzo zonke ezi meko, injongo kukuba neentlobano zesini ngaphandle kokuthandana. UDanielle oneminyaka eli-19 ubudala uthi: “Akukho nto itheni ngaphandle nje kwabantu ababini abanelisa iminqweno yabo yesini.”
Akumangalisi ke ngoko kuba, ukubambisa kuba yincoko ephambili kwizikolo ezininzi. Intombazana eneminyaka eli-17 ubudala ithi kwiphephandaba lesikolo sayo: “Emva kwempela-veki nganye, kuba nguwele-wele kwiipaseji zesikolo kubaliswa ngezamvanje zokuba ubani ebebambise ubani, phofu ke, ngabahlobo kuphela abaza kuva iinkcukacha.
Ukuba uzama ukuphila ngemilinganiselo yeBhayibhile, ukuba ungqongwe ngabantu ekubonakala kungekho nto yimbi abathetha ngayo ngaphandle kwesini, usenokuzibona ulikheswa. Yaye ukuba akuhambi nomndilili, usenokuba yintlekisa. Ngomlinganiselo othile, oku kunokulindelwa, kuba iBhayibhile ithi xa abanye bengayiqondi indlela ophila ngayo ‘basenokuhamba bekutshabhisa.’ (1 Petros 4:3, 4) Phofu ke, akukho mntu uthanda ukwenziwa intlekisa. Ngoko ke, unokukuphepha njani ukuba neentlobano zesini esikolweni uze uhlale unelunda ngendlela oziphethe ngayo? Okokuqala, kubalulekile ukusiqonda isizathu sokuba inamandla kangaka iminqweno yesini.
Yazi Into Eyenzeka Kumzimba Wakho
Ngexesha lokufikisa, kwenzeka iinguqulelo ezikhawulezileyo kumzimba nakwiimvakalelo zakho. Ngeli xesha, iminqweno yesini iba namandla. Ungaxhali, le yinto eqhelekileyo. Ukuba uziva utsaleleke ngamandla kwiintombi okanye kumakhwenkwe asesikolweni, musa ukucinga ukuba ungumntu ombi okanye akunakuze ukwazi ukuziphatha kakuhle ngokwesini. Usenokukwazi ukuba uzimisele ukwenjenjalo!
Phezu kwazo nje iingxaki zokuba ngumntu ofikisayo, kukho enye into ekufuneka uyazile. Ngenxa yokungafezeki, sonke sityekele ebubini. Kwanompostile uPawulos wavuma esithi: “Ndibona omnye umthetho emalungwini am usilwa nomthetho wengqondo yam yaye undithimbela emthethweni wesono osemalungwini am.” UPawulos wathi ukungafezeki kwakhe kwakumenza azive ‘elusizana.’ (Roma 7:23, 24) Kodwa wawoyisa loo mlo, yaye nawe unako ukuwoyisa!
Ukubaqonda Abantwana Ofunda Nabo
Njengokuba sekutshiwo ngaphambilana, abantwana ofunda nabo basenokuba bathetha ngesini ngalo lonk’ ixesha okanye baqhayisa ngezinto ebazenzileyo. Ufanele uyilumkele impembelelo yabo embi. (1 Korinte 15:33) Kodwa akufanele ubajonge abantwana ofunda nabo njengeentshaba. Ngoba?
Abantwana ofunda nabo baneminqweno efana neyakho. Nabo batyekele ebubini. Kodwa ngokwahlukileyo kuwe, abanye kubo basenokuba ‘ngabathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo.’ Okanye basenokuba basuka kumakhaya “angenawo umsa wemvelo” kwamanye amalungu entsapho. (2 Timoti 3:1-4) Abanye abantwana ofunda nabo basenokuba abakhange bayifumane ingqeqesho yothando yaye abayazi indlela yokuziphatha efanelekileyo abazali abanothando abayifundisa abantwana babo.—Efese 6:4.
Ekubeni bengenabo ubulumko obubalaseleyo obufumaneka kwiLizwi likaThixo—iBhayibhile—abantwana ofunda nabo basenokungawazi umonakalo obangelwa kukwanelisa iminqweno yenyama ngaphandle kokuzibamba. (Roma 1:26, 27) Oku kunjengokungathi bathunywe ngabazali ngemoto ebalekayo kwindlela exakekileyo—kodwa ababafundisanga ukuqhuba. Ekuqaleni kusenokuba mnandi ukuqhuba, kodwa nakanjani na kuza kulandela ingozi. Ngoko ke, yintoni onokuyenza ukuba abantwana ofunda nabo baqalisa ukuthetha ngesini nawe ukho, okanye bazama ukukukhuthaza ukuba uziphathe kakubi ngokwesini njengabo?
Yichase Incoko Engokuziphatha Okubi Ngokwesini
Ukuba abantwana ofunda nabo baqalisa ukuthetha ngokuziphatha okubi ngokwesini, usenokufuna ukuphulaphula de nawe ufune ukuphosa amazwi athile—ukuze nje ungabonakali wahlukile. Kodwa cinga indlela abaya kukujonga ngayo. Ngaba ukuba nomdla kwakho kwincoko yabo kubonisa uhlobo lomntu ngokwenene olulo okanye ofuna ukuba lulo?
Ngoko ke, yintoni ofanele uyenze ukuba uzibhaqa sel’ uncokola nabantu abathetha ngokuziphatha okubi ngokwesini? Ngaba ufanele uphakame uze uhambe? Yiloo nto kanye ofanele uyenze! (Efese 5:3, 4) IBhayibhile ithi: “Onobuqili ubona intlekele azifihle.” (IMizekeliso 22:3) Ngoko ke, ngokuyishiya incoko enjalo, akuthethi kuthi ukrwada—kodwa unobuqili.
Enyanisweni, akufanele uve kakubi xa uhamba kubantu abancokola ngeentlobano zesini. Ngokuqinisekileyo, zikho nezinye iincoko onokuziva ungenantloni ukuzishiya, ingakumbi ukuba akunamdla kwinto ekuncokolwa ngayo okanye ukuba akufuni kuba nanxaxheba kuyo. Ngokomzekelo, ukuba iqela elithile eklasini yakho lithetha ngokuphanga ibhanki. Ngaba ubuya kuhlala uze uphulaphule xa kucetywa loo nto? Ukuba ubuya kuhlala, bekuya kuthetha ukuba uyahambisana neso senzo. Ngoko ke, bubulumko ukukhetha ukuhamba. Yenza into efanayo xa incoko ityekela kwimibandela yesini. Ngamaxesha amaninzi, unokukwazi ukuhamba ungadanga ubonakale ngathi uzenza ungcwele ngcwele, nto leyo enokubangela ube yintlekisa.
Kuyavunywa ukuba, ngamany’ amaxesha usenokungakwazi ukuyiphepha le ncoko. Ngokomzekelo, abantwana ohlala nabo eklasini basenokuzam’ ukukufaka kwincoko yabo yesini. Kwimeko enjalo usenokubanqonqozisa kodwa ngentlonelo ukuba bayeke ukukuphazamisa. Ukuba oko akusebenzi, usenokwenza into eyenziwa nguBrenda. Uthi: “Ndacela utitshala ukuba andisuse kuloo ndawo.”
Yiba Ngonengqiqo
Kungekudala abantwana ofunda nabo basenokufun’ ukwazi isizathu sokuba wena ungenanxaxheba kwiincoko zabo ezingcolileyo. Ukuba babuza iindlela oziphethe ngayo, ufanele usebenzise ingqiqo xa uphendula. Liyavunywa elokuba, abanye basenokubuza ngenjongo nje yokukugculela ingekuba bafuna ukuqonda iimbono zakho. Kodwa ukuba lowo ukubuzayo ubonakala enyanisekile, yiba nelunda xa uthetha ngeenkolelo zakho. Ulutsha oluninzi luye lwasebenzisa incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo ukunceda abanye abantwana ukuba baziqonde iinzuzo zokuphila ngemilinganiselo yeBhayibhile.b
Zimisele
Ufanele wenze ntoni ukuba omnye umfundi uqaqadeke kangangokuba ufun’ ukukuphathaphatha okanye ukukuncamisa? Ukuba uvumela ubani enjenjalo, usenokumnik’ isibindi sokuqhubeka neli khondo lakhe libi. IBhayibhile ithetha ngomfana owavumela ibhinqa eliziphethe kakubi ngokwesini ukuba limbambe lize limncamise. Lo mfana walivumela ukuba lithethe naye ngesini libonisa ukumncwasa. Oku kwaphumela entwenini? “Ngequbuliso uyamlandela, njengenkunzi yenkomo isiya ekuxhelweni.”—IMizekeliso 7:13-23.
Ngokuchasene noku, cinga ngoko kwenziwa nguYosefu xa wayekwimeko efanayo. Umfazi wenkosi yakhe wambongoza efuna ukulala naye, kodwa engacengi solalaphi akazange avume. Xa ekugqibeleni wazama ukumbamba, wazidlikidla wabaleka.—Genesis 39:7-12.
NjengoYosefu, kusenokufunek’ uzidlikidle ukuba umntwana ofunda naye okanye omnye umntu omaziyo uzam’ ukukuphathaphatha. UEileen uthi: “Xa umfana ezam’ ukundiphathaphatha, ndimxelela nje zisuka ukuba andiyeke. Ukuba akeva, ndikhwaza ngamandla ukuba andiyeke.” Ethetha ngamakhwenkwe afunda nawo esikolweni, uEileen wongezelela esithi: “Akasayi kukuhlonela ngaphandle kokuba uwenze akuhlonele.”
Nawe uya kuhlonelwa ngabantwana ofunda nabo ukuba akuphulaphuli xa bethetha ngezinto ezingcolileyo, ngentlonelo ubachazela indlela oziphatha ngayo, uze ngokungqongqo ungabavumeli bakuphathaphathe. Ngapha koko, oku kuya kukwenza uzihlonele. Okona kubalulekileyo kukuba, uYehova uya kukholiswa nguwe!—IMizekeliso 27:11.
[Imibhalo esemazantsi]
a Amanye amagama atshintshiwe.
b Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
IZINTO OFANELE UCINGE NGAZO
◼ Unokuzingxengxezela njani kwincoko ephathelele ukuziphatha okubi ngokwesini?
◼ Yintoni oya kuyithetha okanye uyenze ukuba umntwana ofunda naye ubonakala ekuncwasile?
[Umfanekiso okwiphepha 27]
Ukuba incoko ityekele ekuziphatheni okubi ngokwesini, hamba kuloo ndawo
[Umfanekiso okwiphepha 28]
Ngokungqongqo musa ukubavumela abanye bakuphathaphathe