Imbono YeBhayibhile
Ngaba Umoya Oyingcwele Ngumntu?
YINTONI umoya oyingcwele kaThixo? Kumazwi ayo okuvula, iBhayibhile ithetha ngomoya oyingcwele—“amandla kaThixo asebenzayo”—‘njengozula-zula phezu kwamanzi.’ (Genesis 1:2) Kwingxelo ethetha ngokubhaptizwa kukaYesu, ngoxa uThixo echazwa ‘njengosezulwini,’ kwabonakala umoya oyingcwele “usihla njengehobe” phezu koYesu. (Mateyu 3:16, 17) Ukongezelela, uYesu wathetha ngomoya oyingcwele “njengomncedi.”—Yohane 14:16.
Ezi nezinye iingxelo zeBhayibhile ziye zabangela ukuba abanye abantu bafikelele kwisigqibo sokuba umoya oyingcwele ngumntu njengoThixo, uYesu kwaneengelosi ezizizidalwa zomoya. Kangangeenkulungwane, iicawa zeNgqobhoko ziye zanempembelelo kwimfundiso yokuba umoya oyingcwele ngumntu. Ngaphandle nje kwento yokuba le mfundiso kudala ikho, amalungu amaninzi ecawa aye ahlala ebhidekile yaye amanye akavumelani nabefundisi. Ngokomzekelo, ngokutsho kohlolisiso lwakutshanje, ama-61 ekhulwini abantu ekuye kwadliwan’ indlebe nabo bakholelwa ukuba umoya kaThixo “ungumqondiso wobukho bukaThixo okanye amandla kodwa asiyonto ephilayo.” Noko ke, ithini iBhayibhile?
Oko Kuthethwa YiBhayibhile
Umfundi weBhayibhile onyanisekileyo uya kufikelela kwisigqibo sokuba umoya oyingcwele akangomntu njengokuba iicawa zifundisa njalo. Qwalasela le mibhalo ilandelayo.
1. Xa uMariya, umama kaYesu waya kubona umza wakhe uElizabhete, iBhayibhile ithi usana olungekazalwa olusesibelekweni sikaElizabhete lwaxhuma, “yaye uElizabhete wazaliswa ngumoya oyingcwele.” (Luka 1:41) Ngaba kusengqiqweni ukucinga ukuba umntu “angazaliswa” ngomnye umntu?
2. Xa uYohane uMbhaptizi wayethetha ngoYesu kubafundi bakhe njengalowo wayeza kulandela emva kwakhe, uYohane wathi: “Mna ndinibhaptiza ngamanzi . . . , kodwa lowo uzayo emva kwam womelele kunam, ombadada zakhe ndingakufanelekelanga ukuzikhulula. Yena uya kunibhaptiza ngomoya oyingcwele.” (Mateyu 3:11) Ngokuqinisekileyo akanakuba uYohane wayebhekisela kumoya oyingcwele njengomntu xa wayesithi abantu baza kubhaptizwa ngawo.
3. Ngoxa wayetyelele igosa lomkhosi laseRoma nentsapho yalo, umpostile uPetros wathetha ngoYesu njengothanjiswe nguThixo “ngomoya oyingcwele namandla.” (IZenzo 10:38) Kungekudala emva koko, ‘umoya oyingcwele wathululwa phezu’ kwentsapho yegosa lomkhosi. Le ngxelo ithi abantu abaninzi babemangalisiwe “ngenxa yokuba isipho sesisa somoya oyingcwele sasithululwa kwanaphezu kwabantu beentlanga.” (IZenzo 10:44, 45) Kwakhona, amabinzana asetyenziswe apha akavumelani nembono yokuba umoya oyingcwele ungumntu.
Iqhelekile into yokuba iLizwi likaThixo lizimntwise izinto ezingengomntu. Ezo zinto ziquka ubulumko, ukuqonda, isono, ukufa nobubele obungasifanelanga. (IMizekeliso 8:1–9:6; Roma 5:14, 17, 21; 6:12) NoYesu wathi “ubulumko bungqineka bububulungisa ngabantwana babo bonke,” okanye imiphumo yabo emihle. (Luka 7:35) Licacile elokuba, ubulumko asingomntu onabantwana ngokoqobo! Ngokufanayo, umoya oyingcwele asingomntu kuba nje ngamanye amaxesha kuthethwa ngawo ngokungathi ngumntu.
Yintoni Umoya Oyingcwele?
EBhayibhileni umoya oyingcwele kaThixo uchazwa njengamandla kaThixo asebenzayo. Inguqulelo echanileyo yeZibhalo zesiHebhere ibhekisela kumoya kaThixo ‘njengamandla kaThixo asebenzayo.’ (Genesis 1:2) Le ngcamango ixhaswa yiBhayibhile yonke.—Mika 3:8; Luka 1:35; IZenzo 10:38.
Ngokwahlukileyo koko kuyinkolelo yabantu ngokuqhelekileyo, uThixo akakho kuyo yonke indawo ngawo onke amaxesha. Kunoko, uhlala kummandla womoya, ‘kwindawo ahlala kuyo emisiweyo,’ okanye unendawo ahlala kuyo. (1 Kumkani 8:39; 2 Kronike 6:39) Kwakhona iZibhalo zibhekisela kwindawo ethile ekhethekileyo apho uThixo ahlala khona yaye ‘unetrone’ yakhe. (1 Kumkani 22:19; Isaya 6:1; Daniyeli 7:9; ISityhilelo 4:1-3) Noko ke, ‘ekule ndawo ahlala kuyo imisiweyo,’ esebenzisa amandla akhe asebenzayo ufikelela kuyo yonke indawo, ezulwini nasemhlabeni.—INdumiso 139:7.
Emva phayaa ngowe-1879, umphengululi weBhayibhile uCharles L. Ives wakha wakuzekelisa kakuhle ukukwazi kukaThixo ukubonisa amandla akhe ekwindawo akuyo. Wabhala: “Ngokomzekelo sithi, ‘Vula ucango ilanga lingene egumbini.’ Asithi makungene ilanga lokoqobo kodwa ilitha elivela elangeni.” Ngokufanayo, akuyomfuneko ukuba uThixo athabathe uhambo aye kwindawo ethile ukuze asebenzise amandla akhe asebenzayo. Uye nje awusebenzise yaye ufikelela naphi na kwindalo yakhe. Ukwazi into oyiyo umoya oyingcwele—amandla kaThixo asebenzayo—kusenza sibe nentembelo yokuba uYehova uya kuzizalisekisa izithembiso zakhe.
NGABA WAKHA WAZIBUZA?
◼ Ngaba iBhayibhile ifundisa ukuba umoya oyingcwele ngumntu?—IZenzo 10:44, 45.
◼ Yintoni umoya oyingcwele?—Genesis 1:2.
◼ Umoya oyingcwele kaThixo ude ufikelele phi?—INdumiso 139:7.