IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 8/06 iphe. 28-29
  • Ngaba Abantu Baba Ziingelosi Xa Besifa?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Abantu Baba Ziingelosi Xa Besifa?
  • Vukani!—2006
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Iingelosi—Izidalwa Ezikhethekileyo
  • Kwenzeka Ntoni Xa Umntu Efile?
  • Ngoobani Okanye Ziintoni Iingelosi?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Iingelosi—Indlela Ezisichaphazela Ngayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Iingelosi—“Oomoya Abasebenzela Uwonke-Wonke”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Iingelosi—Zingoobani?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
Khangela Okunye
Vukani!—2006
g 8/06 iphe. 28-29

Imbono YeBhayibhile

Ngaba Abantu Baba Ziingelosi Xa Besifa?

UARGYRO wafa eyintwazana, eneminyaka nje esixhenxe ubudala. Iintliziyo zilihlwili, abazali bakhe babeyijongile intombi yabo njengokuba yayisebhokisini inxityiswe impahla emhlophe. Umfundisi ebathuthuzela wathi: “UThixo wayefuna enye ingelosi yaye uthathe uArgyro ukuba abe kunye naye. Ngoku umphefumlo wakhe usetroneni kaSomandla.”

Abantu abaninzi bakholelwa ngokunyanisekileyo ukuba iingelosi ziyimiphefumlo yabantu abafileyo, nakuba zimbalwa iicawa eziyixhasayo loo ngcamango. Amajelo eendaba aye ayisasaza le ngcamango ngemifanekiso eshukumayo neenkqubo zikamabonwakude ezibonisa abantu abafileyo ‘ababa namaphiko’ njengeengelosi, benceda yaye bekhusela abantu abaphilayo.

Ngaba izalamane okanye abahlobo bakho abafayo baba ziingelosi xa besifa? IBhayibhile ifundisa ntoni ngalo mba? Ukuphendula le mibuzo, makhe siqale sihlole ukuba iZibhalo Ezingcwele zithini ngendlela iingelosi ezidalwe ngayo size emva koko sihlole nemeko yabafi.

Iingelosi—Izidalwa Ezikhethekileyo

Iingelosi azibonakali, zingabakhonzi abanamandla bakaThixo abahlala kummandla womoya. Azixhomekekanga ebantwini ukuze zibekho. Iingelosi zizidalwa zomoya ezidalwe nguThixo. IBhayibhile ithi: “Mazilidumise [iingelosi] igama likaYehova; kuba yena wayalela, zona zadalwa.”—INdumiso 148:2, 5.

IBhayibhile ityhila ukuba iingelosi ezininzi ezithembekileyo eziquka iiserafi neekherubhi zithobela zenza imisebenzi nezabelo ezikhethekileyo. (INdumiso 103:20, 21; Isaya 6:1-7; Daniyeli 7:9, 10) Ngaba kwafuneka kufe abantu ukuze uThixo abangele ukuba ezo ngelosi zibekho? Olo lulwim’ etywalweni. Ngoba?

IBhayibhile ibonisa ukuba iingelosi zadalwa ngaphambi kokuba kudalwe abantu. Xa uYehova wadala isijikelezi-langa kamva ababeza kuhlala kuso abantu, ingelosi—ekubhekiselwa kuzo njengamakhwezi okusa—‘zamemelela kunye ngovuyo, yaye zakhwaza zincoma.’ (Yobhi 38:4-7) Ngoko ke zazikho kudala ngaphambi kokuba abantu badalwe.

Ngaphezu koko, iingelosi zahluke kakhulu ebantwini kwiindlela ezidalwe ngayo nendima yazo kwinjongo kaThixo.a UThixo “umhlise kancinane kuneengelosi” umntu ngendlela awamdala ngayo. Ngoko ke, izidalwa zomoya zingaphezulu kwabantu, zinengqondo yaye zinamandla ngaphezu kwabo. (Hebhere 2:7) “Indawo yazo efanelekileyo yokuhlala” kusemazulwini. (Yuda 6) Injongo yantlandlolo kaThixo ngoluntu kukuba luphile ngonaphakade emhlabeni. (Genesis 1:28; 2:17; INdumiso 37:29) Ukuba uAdam noEva babemthobele uThixo, ngebabengazange bafe. Ngoko, kwasekuqaleni, injongo kaThixo yayikukuba abantu neengelosi bafeze iindima ezahlukileyo.

Kwenzeka Ntoni Xa Umntu Efile?

Eminye imibuzo ebalulekileyo ekufuneka siyihlolisise yile: Kwenzeka ntoni ebantwini xa besifa? Ngaba baqhubeka bephila kodwa bekweny’ imo, mhlawumbi beziingelosi kummandla womoya? IBhayibhile inempendulo elula necacileyo: “Abaphilayo bayazi ukuba baya kufa; kodwa abafileyo, abazi nto konke konke.” (INtshumayeli 9:5) Ngoko ke, xa abantu besifa ababikho. Abafileyo abazi nto yaye abeva nto.

Ngaba likho ithemba ngabantu abafileyo? Ewe likho! IBhayibhile ibonisa ukuba inkoliso yabantu abafileyo baza kuvuswa. Uninzi lwabantu abafileyo luya kuvuselwa kumhlaba oyiparadesi.—Luka 23:43; Yohane 5:28.

Igcuntswana linethemba lokuvuselwa ezulwini. Inani labo lincinane—xa bebonke bali-144 000. Noko ke, abantu bali-144 000 bahlukile kwiingelosi. Ngokomzekelo, aba bali-144 000 ngookumkani nababingeleli abangafiyo kunye noKristu. Banegunya lokuba ngabagwebi. (1 Korinte 6:3; ISityhilelo 20:6) Ngaba baziintsana eziye zafa? Akunjalo. Ngabalandeli bakaKristu abaye bavavanywa baza balingwa ngokupheleleyo!—Luka 22:28, 29.

Kwakhona, cinga ngomahluko okhoyo phakathi kwabantu abafileyo neengelosi eziphilayo. Nangona abantu abafileyo ‘bengazi nto konke konke,’ iingelosi zisezingqondweni, ziyakwazi ukuzikhethela yaye zenza izigqibo. Zinenkululeko yokuzikhethela. (Genesis 6:2, 4; INdumiso 146:4; 2 Petros 2:4) Abantu abafileyo bachazwa ‘njengabangenamandla,’ ngoxa iingelosi ‘zomelele ngamandla.’ (Isaya 26:14; INdumiso 103:20) Yaye ngoxa inzala ka-Adam isifa ngenxa yesono nokungafezeki, iingelosi ezihlonela uThixo zifezekile yaye zinolwalamano oluhle noYehova.—Mateyu 18:10.

Ingcamango yokuba iingelosi ziyimiphefumlo yabantu abafileyo isenokuba yimbono nje efumaneka kwiinkqubo zemilingo kumabonwakude okanye imiboniso bhanyabhanya kodwa le ngcamango ayixhaswa ziZibhalo. Inyaniso yeBhayibhile echazwe ngasentla isinceda singabi neembono ezingachananga ngezalamane nabahlobo bethu abafayo. Yaye iBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba iingelosi ezithembekileyo—ileyo naleyo iye yadalwa, zingabakhonzi bakaThixo abanamandla—zingaphezu kwabantu yaye zisoloko zikulungele ukwenza ukuthanda kukaYehova. Okuvuyisayo kukuba, kukuthanda kukaThixo ukuba iingelosi zikhusele abo ngokunyanisekileyo bahlonela uYehova nabafuna ukumkhonza.—INdumiso 34:7.

[Umbhalo osemazantsi]

a Igama elithi “ingelosi” ngokoqobo elithetha “umthunywa” maxa wambi linokuba nentsingiselo ebanzi, izidalwa zomoya ezahlukahlukeneyo kuquka abakhonzi bakaThixo abangabantu. Noko ke, kweli nqaku, sithetha ngezidalwa zomoya iBhayibhile ngokuqhelekileyo ezibiza ngokuba ziingelosi.

NGABA WAKHA WAZIBUZA?

◼ Ngaba izalamane nabahlobo bakho abafayo baziingelosi ezikhonza uThixo zisezulwini?—INtshumayeli 9:5, 10.

◼ Ngaba abantwana bafa kuba uThixo efuna ukwandisa inani leengelosi?—Yobhi 34:10.

◼ Ngaba abantu abafileyo bangabakhusela abantu abaphilayo?—Isaya 26:14.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 29]

“Mazilidumise [iingelosi] igama likaYehova; kuba yena wayalela, zona zadalwa.”—INdumiso 148:2, 5

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share