IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 12/06 iphe. 4-6
  • Kutheni Ebaluleke Kangaka?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Ebaluleke Kangaka?
  • Vukani!—2006
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Imibuzo Efanele Iqwalaselwe
  • Akangomntu Uqhelekileyo
  • Kwakutheni Ukuze UThixo Athumele UYesu Emhlabeni?
  • Lowo Sasimfuna Wenziwa Wabakho
  • Ukufa Nokuvuswa KukaYesu—Kunokuthetha Ntoni Kuwe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Abantu Abafileyo Baza Kuphila Kwakhona!
    Vukani!—2008
  • Utshaba Lokugqibela, Ukufa, Luya Kutshitshiswa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • UYesu Uyasindisa—Njani?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
Khangela Okunye
Vukani!—2006
g 12/06 iphe. 4-6

Kutheni Ebaluleke Kangaka?

KANGANGEMINYAKA engama-2 000 ukuza kuthi ga ngoku, kuye kwanikelwa ingqalelo ekuzalweni kukaYesu. Ngokutsho kukagqirha uLuka, ingelosi yathi kwintombi enyulu uMariya: “Khangela! uya kukhawula esibelekweni sakho uze uzale unyana, umbize ngokuba nguYesu igama lakhe.” Le ngelosi yathini ngoYesu? Yathi: “Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOyena Uphakamileyo, [uYesu] uya kulawula njengokumkani yaye ubukumkani bakhe abuyi kuba nasiphelo.”—Luka 1:31-33.

Ngokuqinisekileyo abantu bafuna umlawuli onokusesikweni noza kulawula ngothando! Kude kudala ngaphambi kokuba uYesu azalwe, iBhayibhile yathi: “Kuba sizalelwe umntwana, sinikwe unyana; yaye ukuphatha njengenkosana kuya kuba segxalabeni lakhe. Igama lakhe liya kubizwa ngokuba uBawo ongunaPhakade, iNkosana yoXolo. Akayi kuyeka ukuphatha njengenkosana, noxolo aluyi kuphela.”—Isaya 9:6, 7.

Ukuba norhulumente onokusesikweni nowenza ukuba sibe seluxolweni—lithemba eliqaqambileyo elo! Kodwa phawula ukuba lo rhulumente kwakuprofetwe kwathiwa ukuphatha kwakuya kuba segxalabeni lakhe—‘yiNkosana yoXolo’—okubonisa ukuba uKumkani wendalo yonke, uThixo uSomandla, uphathise uNyana Wakhe. Ngoko ke, uYesu ngokuphindaphindiweyo umbiza lo rhulumente aza kuba nguMlawuli wawo ngokuthi “bubukumkani bukaThixo.”—Luka 9:27, 60, 62.

Xa wayeqalisa ukushumayela uYesu wathi: “Ndimele ndizivakalise iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo nakwezinye izixeko, ngenxa yokuba ndithunywe oko.” (Luka 4:43) UYesu wade wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandazele uBukumkani bukaThixo ukuba bufike. (Mateyu 6:9, 10) Ulindixesha iChristianity and Crisis uthi, “uBukumkani ngowona mxholo ubalaseleyo weemfundiso [zikaYesu],” wongezelela ngelithi: “Ayikho enye into awayecinga ngayo okanye eyintloko kwisigidimi sakhe. Bukhankanywa ngaphezu kwezihlandlo ezilikhulu kwiingxelo zeVangeli.”

Imibuzo Efanele Iqwalaselwe

Ucinga ukuba uYesu ukwiyiphi imeko namhlanje? Ngokuqhelekileyo ngeli xesha lonyaka, uchazwa njengosana olusemkhumbini. Yinyaniso ukuba okwexesha elifutshane wayelusana olungakwazi ukuzenzela nto. (Luka 2:15-20) Kodwa ngaba yindlela leyo afanele akhunjulwe ngayo? Khawufan’ ucinga nje, Kwakutheni ukuze uYesu azalwe njengomntu? Ngokwenene, wayengubani?

IEncarta Yearbook yowe-1996 yabuza: “Ngaba uYesu wayenguNyana kaThixo, uMesiya othenjisiweyo okwiBhayibhile yesiHebhere? Okanye ngaba wayeyindoda nje, eyayingaqhelekanga?” Imibuzo enjengale ifuna sicingisise. Ngoba? Kaloku ubomi nolonwabo lwethu luxhomekeke kwindlela esimjonga ngayo uYesu nakwizinto esizenzayo. IBhayibhile ithi: “Lowo ubonisa ukholo kuNyana unobomi obungunaphakade; lowo ungamthobeliyo uNyana akayi kububona ubomi.”—Yohane 3:36.

Akangomntu Uqhelekileyo

Emva kokuba ichaze ukushumayela kukaYesu etempileni eYerusalem xa wayeneminyaka eli-12 ubudala, iBhayibhile ithi wagoduka noMariya nomyeni wakhe, uYosefu yaye “[UYesu] waqhubeka ezithobile kubo.” (Luka 2:51, 52) Kodwa emva kokuba uYesu ekhulile, kwacaca ukuba wayengengomntu nje uqhelekileyo.

Xa uYesu wakhalimela isaqhwithi esasiselwandle, umhlobo owayesoyika wadanduluka wathi: “Ngubani ngokwenene lo.” (Marko 4:41) Ekugqibeleni, uYesu ngenxa yokuba wayemangalelwa ngobuxoki, wasiwa phambi kweRhuluneli yaseRoma uPontiyo Pilato. Eqinisekile uPilato ukuba uYesu akanatyala yaye echukunyiswe yindlela uYesu awayezole ngayo nakuba wayephethwe kakubi nangokungekho sikweni, uPilato wamzisa phambi kwesihlwele waza wathi: “Khangelani! Umntu!” Kodwa amaYuda athi: “Sinomthetho, yaye ngokwaloo mthetho ufanele afe, ngenxa yokuba uzenze unyana kaThixo.”—Yohane 19:4-7.

Xa esiva kusithiwa uYesu ‘ngunyana kaThixo’ uPilato woyika. Ngaphambilana umfazi wakhe wambalisela esithi waphupha ngoYesu, yaye wambiza ngokuba ‘ngumntu olilungisa.’ (Mateyu 27:19) Ngoko ke, uPilato wazibuza ukuba wayengubani ngokwenene uYesu! Nangona wayesazi ukuba uYesu wayesuka eGalili, uPilato wabuza: “Usuka phi?” Xa uYesu wala ukuphendula, incoko yabo yaphela.—Yohane 19:9, 10.

Licacile elokuba uYesu wayengumntu, kodwa wayengafani nabanye abantu kuba wakhe wangumntu wokomoya, owaziwa ezulwini ngokuba nguLizwi. UThixo wadlulisela ngommangaliso ubomi bukaYesu kwisibeleko sikaMariya. Umpostile uYohane uthi: “ULizwi waba yinyama waza wahlala phakathi kwethu.”—Yohane 1:1, 2, 14, 18; ISityhilelo 3:14.

Kwakutheni Ukuze UThixo Athumele UYesu Emhlabeni?

Ngaphambi kokuba umntu wokuqala, uAdam abe nabantwana, waba nesono. Ingelosi enemvukelo, eyabizwa ngokuba nguSathana uMtyholi, yaphumelela ekuphembeleleni uAdam ukuba angamthobeli uThixo. Ngenxa yoko, uAdam waphulukana nelungelo awayenalo lokuba ngunyana kaThixo, kanye njengokuba uThixo wathi kuya kuba njalo ukuba akathobeli. Ngoko ke, uAdam wavuna oko wayekuhlwayele. Waba ngumntu ongafezekanga, waluphala waza ekugqibeleni wafa.—Genesis 2:15-17; 3:17-19; ISityhilelo 12:9.

Ichaza indlela okwasichaphazela ngayo ukungathobeli kuka-Adam, njengenzala yakhe, iBhayibhile ithi: “Njengokuba isono sangena ngamntu mnye [uAdam] ehlabathini nokufa ngaso isono, ngaloo ndlela ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke bonayo.” (Roma 5:12) Ngelishwa, sonke sisizuze njengelifa isono kukhokho wethu uAdam, kuquka nemiphumo yaso, ukwaluphala nokufa.—Yobhi 14:4; Roma 3:23.

Ukuze sikhululwe kule meko kufuneka sibe nobawo ofezekileyo ongakhange abe nesono nongachatshazelwanga yimiphumo yaso. Makhe siqwalasele ukuba yintoni eye yenziwa ngulo bawo mtsha xa simthelekisa noAdam ofezekileyo.

Lowo Sasimfuna Wenziwa Wabakho

“INkosana Yoxolo” eyathenjiswayo ikwabizwa ngokuba “nguBawo Ongunaphakade.” Ukuzalwa kwakhe njengomntu kwaxelwa kwangaphambili kwathiwa: “Intombi okunene iya kumitha, izale unyana.” (Isaya 7:14; Mateyu 1:20-23) UYesu wayengenaye ubawo ongumntu, njengokuba noAdam umntu wokuqala wayengenaye. Xa siphanda ngemvelaphi kaYesu ekuqaliseni kwembali yoluntu, umbhali-mbali weBhayibhile uLuka ubonisa ukuba uAdam ‘wayengunyana kaThixo.’ (Luka 3:38) Kodwa njengokuba siye safunda, uAdam waphulukana nelo lungelo lokuba ngunyana kaThixo—kuquka nenzala yakhe. Ngoko ke sonke siyamfuna ubawo omtsha ofezekileyo onjengoAdam ngoxa wayedalwa.

UThixo wathumela uNyana wakhe ukuba abe nguAdam omtsha esikhundleni sowokuqala. IBhayibhile ithi: “‘Umntu wokuqala uAdam waba ngumphefumlo ophilayo.’ UAdam wokugqibela waba ngumoya onik’ ubomi. Umntu wokuqala uphuma emhlabeni yaye wenziwe ngothuli; umntu wesibini uphuma ezulwini.” (1 Korinte 15:45, 47) UYesu, “uAdam wokugqibela,” ‘unjengomntu wokuqala uAdam’ kuba wayengumntu ofezekileyo, ekwazi ukuba nguyise wenzala efezekileyo, enokuphila ngonaphakade emhlabeni.—INdumiso 37:29; ISityhilelo 21:3, 4.

UYesu, owayengenamntwana wahlala ethembekile kuThixo de wafa, phezu kwazo nje iintlaselo zikaSathana. Ubomi bomntu obufezekileyo uYesu awabuncamayo, bubizwa ngokuba yintlawulelo. IBhayibhile ithi: “Ngaye siye sakhululwa [kwisono nokufa esiye sakuzuza njengelifa kuAdam] ngentlawulelo ngalo igazi [likaYesu].” Kwakhona ithi: “Kuba kanye njengokuba ngokungathobeli komntu omnye [uAdam] abaninzi benziwa aboni, ngokunjalo kwanangentobelo yomntu omnye [uYesu] abaninzi baya kwenziwa amalungisa.”—Efese 1:7; Roma 5:18, 19; Mateyu 20:28.

Ukuba sinokholo kuYesu, uya kuba “nguBawo Ongunaphakade” “noMsindisi.” Uya kulawula kakuhle, njengokuba enguMlawuli woBukumkani bukaYise. Kwinqaku elilandelayo siza kuhlolisisa ukuba kuya kuba njani ukuphila phantsi kolo lawulo yaye siza kuzinandipha nini ezo ntsikelelo.—Luka 2:8-11.

[Imifanekiso ekwiphepha 5]

Ucinga ukuba uYesu ukwiyiphi imeko namhlanje?

[Umfanekiso okwiphepha 6]

Kutheni uYesu ebizwa ngokuba “nguAdam wokugqibela?”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share